INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-9 kweyoMnga 2015

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyavuyiswa kukutyikitywa kwezivumelwano ezingama-26 ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-94 ngethuba loTyelelo lasebuRhulumenteni nguMongameli waseChina u-Xi Jinping. Ezi zivumelwano zityikityiweyo ziquka imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-12 yokwakha umzi-mveliso weemoto eMzantsi Afrika, imali-mboleko ezizigidi ezingama-500 zeedola zaseMelika (i-US$) eya kwa-Eskom yokuphuhlisa iziseko ezingundoqo kunye nemali ezibhiliyoni eziyi-2.5 zeedola zaseMelika eqinisikiweyo eza kuya kwa-Transnet isuka kwiBhanki yoPhuhliso yaseChina.

Njengenxalenye yeQonga lesiBini leNtsebenziswano phakathi kweChina ne-Afrika (i-FOCAC), uMongameli u-Xi Jinping uthembise ngemali ezibhiliyoni ezingama-60 zeedola zaseMelika.

Ukwamnkelwa kwesiBhambathiso esitsha kunye nesiCwangciso sokuSebenza (sowama-2016-2018) ngethuba le-FOCAC kuqinisa amatyathanga akhulayo entsebenziswano phakathi kwe-Afrika neChina, nto leyo iza kuvula amathuba amatsha orhwebo notyalo-mali aze ancede ukukhwezela uhlumo loqoqosho.

Uqoqosho lweli luphinde lafumana enye inkxaso ngokuthi icandelo eliseMzantsi Afrika leNkampani yakwa-BMW lazisa utyalo-mali oluzizigidi zeerandi ezithandathu kumzi-mveliso wayo oseRosslyn, ePitoli, into leyo ibubungqina obuchaza ubudlelwano bentsebenziswano obubalulekileyo obukhoyo phakathi kukarhulumente kunye namashishini, kunye nendima edlalwa licandelo lamashishini kuphuhliso loqoqosho.

1.2. NgoLwesibini, umhla wesi-8 kweyoMngqa, uMongameli Zuma uwonge ngeeMbasa zeSizwe abemi boMzantsi Afrika kunye nezinye iingangalala zezikhulu zamazwe angaphandle ezidlala indima emandla kumaphulo okuphucula ubomi boluntu. Ixesha lokunikezela ngeeMbasa zeSizwe lixesha lokuba sihlafune sicamngca, sigiye kwaye sizive sinelunda singabantu beli. Ngezi mbasa sibulela ngemisebenzi yoluntu, iziganeko zokuzinikela kunye namalinge abo agqibeleleyo awenza ukuba eli lizwe libe lilizwe elingcono namhlanje. Sibothulela umnqwazi bonke abo bawongiweyo kwiMbasa zeSizwe zowama-2015.

1.3. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise amanzi ngononophelo. Ngokwenza oku bakube baxhasa amalinge athathiweyo ukuphungula ingxaki yokunqongophala kwamanzi, eya ifuna ukuthatha unyawo ngenxa yelanga ebelitshisa ngokumandla kulo lonke eli kwezi veki zimbalwa zidlulileyo. Nangona imvula kwindawo ezithile zeli zize nethontsana zaphungula ubuzaza bembalela, ingxaki yokunqongophala kwamanzi yona isemi kwaye ifuna ukuba sonke sisebenzise amanzi ngobunono nangenkathalo.

1.4. IKhabhinethi iyababulela bonke abemi boMzantsi Afrika ngokuthatha inxaxheba kwiphulo leeNtsuku ezili-16 zokuLwa ubuNdlobongela obujoliswe kwabaseTyhini naBantwana, eliphele izolo. Iziphumo zophando zakutsha nje zibonisa ukuba baninzi abantu abasulelwa okokuqala yiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV), ingakumbi kwabasetyhini abaselula kunye namantombazana e-Afrika abaphakathi kweminyaka eli-15 nama-24 ubudala.

Abemi beli bayakhuthazwa ukuba baliqhubele phambili eli phulo libe likhubalo labo kwizinto abazenza imihla ngemihla njengenxalenye yephulo le-#365 Days Campaign lokuLwa ubuNdlobongela obuJoliswe kwabaseTyhini naBantwana kunye nephulo i-#CountMeIn eliza kuqhubeka kuwo wonke lo nyaka uzayo.

Ngamaphulo i-#365 Days Campaign kunye ne-#CountMeIn, eli lizwe kufuneka liqhubeleke likhuthaza abantu, ingakumbi amadoda, ukuba babambisane norhulumenete ukulwa lo bhubhane.

Luxanduva lesizwe, umntu emnye okanye thina sisonke, ukuphelisa ukunwenwa kwale ntsholongwane ngokuthi sizibophelele ekukhathaleleni impilo yethu neyabanye.

 IKhabhinethi iyawubulela umsebenzi owenziwe liBhunga loPhando ngezobuNzululwazi namaShishini (i-CSIR) ngokuza nenkqubo yokuvelisa yezobunzululwazi yamachiza okulwa ne-HIV.

Oku kulinyathelo elikhulu kwiphulo lokuzama ukuza nechiza elingazikubiza mali ininzi lokuthintela i-HIV. Nangona eli lizwe lisasokola ukufumana ichiza eliza kunyanga i-HIV noGawulayo (i-Aids), abemi beli kulindeleke ukuba bazikhusele xa besabelana ngesondo kwaye balandela imiqathango ye-ABC (Ukungazibandanyi nesondo, Ukunyaniseka nokuSebenzisa iKhondom) ukuze kungabikho abantu abatsha abasulelekayo.

1.6 IKhabhinethi ibaqhwabela izandla abafundi, ootitshala, abahlohli izikolo kunye namaziko emfundo ephakamileyo ngokuqukumbela lo nyaka ngempumelelo, nangona bekukho imingeni namagingxi-gingxi ebekudityenwe nayo apha enyakeni. IKhabhinethi inqwenelela okuhle kodwa nabo bavumileyo ukuzirhoxisa iimviwo zabo bavuma ukuzibhala ngowama-2016.

1.7 ISebe loPhuhliso loLuntu, lisebenzisana neSebe lezoKhuselo kunye ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha (i-NYDA), liza kubamba iNgqungquthela yoLutsha yesiThandathu. Le yinkqubo yokuphuhlisa izakhono zobunkokeli zolutsha efuna ukutshintsha izimilo, iingqondo kunye nokukhuthaza ulutsha ukuba luxhamle amathuba la aphambi kwalo. Le ngqungquthela ikwaliqonga lokuqeqesha amakhwenkwana aselula aze akhule abe ngamadoda okwenyani abaxabisileyo nabahloniphileyo abantu basetyhini.

1.8 Isivumelwano esityikitywe phakathi koMpathiswa weMfundo noQeqesho, uGq Blade Nzimande kunye namanya amazwe e-BRICS – iBrazil, iRussia, i-India kunye neChina – sineenjongo zokuqulunqa isicwangciso-sikhokelo sezivumelwano zentsebenziswano kwezemfundo zelixa elizayo.

Esi sivumelwano siquka imiba yezemfundo ngobubanzi, isicwangciso-qhinga somgaqo-nkqubo wezemfundo, iikholeji zeMfundo noQeqesho lobuGcisa nobuChule (i-TVET) kunye nemfundo ephakamileyo. Iikholeji ze-TVET zingadlala indima enkulu ekuvuleleni abantu abatsha amathuba ezoqoqosho, zibe ngaxeshanye zisilwa imingeni yentswela-ngqesho, ukungalingani kunye nendlala ethwaxa uluntu lweli.

Esi sivumelwano, esiza kuphucula umgagatho wokufundisa kunye nowemfundo yootitshala, sikwabophela iidyunivesiti zamazwe akwi-BRICKS ukuba zixhase amaphulo ophando ekubanjiswene ngawo kukhuthazwe iinkqubo zokufunda eziza kuqhutywa ngokusebenzisana nabo sele benaso isidanga sokuqala, abaqhuba izifundo zomgangatho wobugqirha nezabo sele beziphumele izidanga zobugqirha kunye nokupapasha ngokubambisana amaphepha neziphumo zophando zezobunzululwazi.

1.9 ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe belisingathe iNgqungquthela yaseMzantsi Afrika yezeNzululwazi phantsi komxholo othi: “ukukhuthaza inkcoko ngezenzululwazi”. Ebengaphezulu kwama-45 amazwe athathe inxaxheba kwiingxoxo ebezingonxulumano phakathi kwenzululwazi, ubuchwepheshe kunye nokuyila izinto ezintsha noluntu, ngokubhekisele ingakumbi kuphuhliso. Le ngqungquthela ibisetyenziselwe ukuqinisa amatyathanga entsebenziswano kwezobunzululwazi, ubuchwepheshe kunye noyilo phakathi koMzantsi Afrika namazwe ehlabathi.

1.10 UMzantsi Afrika uza kumelwa kwiBhunga loMbutho weHlabathi wezaseLwandle. Eli linyathelo lokuqala elibalulekileyo eliza kwenza eli lizwe kunye neli lizwekazi liwaxhamle amathuba akhoyo kwicandelo lezaselwandle.

Lo mbutho nguwo owamnkela izigqibo ezingemiba yezaselwandle yehlabathi, ukusuka kuQoqosho lwaseLwandle, ukuya kumalinge ohlangulo kunye nemiba yezokhuselo nokhuseleko elwandle.

Ukuthatha inxaxheba kulo mbutho kuza kuxhasa inkqubo karhulumente yokuvula amathuba kwicandelo lezaselwandle ngokusebenzisa isiCwangciso-qhinga soQoqosho lwaseLwandle olungenabuNgozi kwiNdalo kunye ne-Operation Phakisa, enjongo zayo ikukudala imisebenzi esisigidi ngowama-2033.

‎1.11 UMkhosi weSizwe woMzantsi Afrika woKhuselo (i-SANDF) uqalisile ngenkqubo yokuhlaziya iSiqithi iSalisbury esisisiKhululo soMkhosi waManzi eDurban ukuba ube liziko lomkhosi wamanzi elisebenza ngokupheleleyo. Ukuhlaziywa kweli ziko kuza kuphucula ukhuselo kwaye kube negalelo kuqoqosho lwaselwandle.

1.12 ISebe lezeMpilo, lisebenzisana neSoul City kunye neTimes Media, liphehlelele ijelo losasazo olulungiselwe ezempilo nendlela yokuziphatha, i-The Good Life Network kwijelo unombolo 199 ku-DStv. Eli jelo lisasaza iinkqubo ezahluka-hlukeneyo, ezonwabisayo nezididiyelwe apha ekhaya ngesondlo, impilo nokuphila qete, amalungelo oluntu, ezesondo zolutsha, i-HIV nesifo sephepha (i-TB) kunye namalungelo abathengi nawesini. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balibukele eli jelo.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwePhepha lokuCacisa i-Inshorensi yeSizwe yezeMpilo (i-NHI) yoMzantsi Afrika, ukuze uluntu luhlomle. I-NHI iyinxalenye yeenguqu ezingundoqo ezize norhulumente kwicandelo lezempilo.

Lo mgaqo-nkqubo uphakamisa ukuba kufuneka urhulumente abonelele ngeenkonzo zonyango wonke umntu oya kumaziko ezonyango karhulumente. I-NHI iza kuxhaswa ngemali ephuma kurhulumente wezwelonke futhi ekuza kuhlawulwa ngayo kunye neengcali zonyango zabucala ezifuna ukuthatha inxaxheba kwi-NHI. Wakuba uqukunjelwe lo mgaqo-nkqubo, uza kuqaliswa ukusetyenziswa ngezigaba ezahlukeneyo kodwa uza kugxininisa kakhulu kwiindawo ezineenkonzo zezempilo ezinqongopheleyo.

UMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi, namhlanje uza kubamba intlanganiso noonondaba ngendlela eza kuqaliswa ukusetyenziswa ngayo i-NHI.

2.2 IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo weSizwe woPhuhliso oluHlanganisiweyo lwaBantwana abaseLula (i-ECD).

Lo mgaqo-nkqubo uqulunqwe kuboniswene nabadlali-ndima abaninzi kweli candelo. Wawuyile naseluntwini ngeyoMdumba kowama-2015 ukuba luhlomle ngawo.

Lo mgaqo-nkqubo uhlanganisiweyo we-ECD uza kuqinisekisa ukuba bonke abantwana abaselula neempelesi zabo bayakwazi ukuba banakho ukufumana iinkonzo ze-ECD ezisemgangathweni nezizeleyo ukusuka besesiswini ukuba xa bekwiBanga R. Lo mgaqo-nkqubo ubethelela nokuba ezi nkonzo kufuneka ziquke nabantwana abaneenzima ngokukhula ababudala bunokude kufike kwesibhozo. Lo mgaqo-nkqubo ukwanaso nesicwangciso-sikhokelo sokuba liliso futhi sivavanye ukuqinisekisa ukuba izibonelelo zawo zixhanyulwa ngabo bonke abantwana ngokungakhethi bala, sini okanye nkolo.
 
2.3 IKhabhinethi ilivumile iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wamaLungelo abaNtu abaKhubazekileyo kunye nesiCwangciso sokuPhunyezwa kwayo. Oku kuhambelana neeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo oluquka nabo bakhubazekileyo, ezamnkelwa yiNtlanganiso eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA) ngeyoMsintsi kowama-2015.

Lo mgaqo-nkqubo uza kukhawulezisa iinguqu kunye nokulungiswa ngokubhekisele ekuqukeni ngokupheleleyo, ukuhlanganiswa kunye nolingwano kubantu abakhubazekileyo.

2.4 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMgaqo-nkqubo weSizwe woGutyulo ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo mgaqo-nkqubo ukhokelisa phambili ubomi babantu ngokuthi uzame kangangoko ukuba ubekele bucala imali yokuxhasa amaphulo eenkonzo ezikumgangatho ophezulu, kubonelelwe ngeenkonzo amakhaya angafumani zinkonzo zaneleyo, ngelithuba uzama ngaxeshanye ukulungisa nokuhlaziya iziseko ezingundoqo zogutyulo ezikhoyo.

2.5 IKhabhineti ikuvumile ukungeniswa ePalamente kweNgxelo yoMzantsi Afrika yesiHlanu yamaXesha aThile (yowama-2009-2014) malunga nokuFezekiswa kwesiVumelwano sokuLwa zonke iiNtlobo zoCalu-calulo oluJoliswe kwabaseTyhini. Le ngxelo inika isishwankathelo sokuba ingaba uthotho lwemithetho, imigaqo-nkqubo neenkqubo ezisetyenziswayo iyasebenza na iphinde futhi inyathele kwizinto ezenziwe ngempumelelo lilizwe malunga nokuxhotyiswa kwabasetyhini kunye nolingwano ngokwesini. Le ngxelo iyakwamnkela nokuba kukho imingeni nemiqobo engapheliyo esokolisa kwidabi lokulwa ukungalingani nocalu-calulo kweli lizwe.

2.6 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kweDrafti yesiCwangciso seSizwe sokuSebenza sokuLwa ubuHlanga, uCalu-calulo ngokobuHlanga, ukuBukulwa kwaBantu bangaPhandle kunye nokuNye ukungaNyamezelani okuFana Noku, ukuze uluntu luhlomle ngawo.

Esi sisicwangciso licebo lesizwe elihlangeneyo neliqiqisisiweyo esinjongo zaso ikukulwa ubuhlanga nokwakha uMzantsi Afrika ongacaluli ngabuhlanga nangobuni. Sikwanika isikhokelo samanyathelo angazi kuphela sithubeni nahamba kunye aza kuthathwa sisizwe sisonke ukulwa ubuhlanga nocalulo-calulo ngokobuhlanga. Oku kuza kunceda uMzantsi Afrika ukuba uzalisekise izivumelwano zawo zehlabathi, zeli lizwekazi kunye nezesiwe, ingakumbi isiVumelwano saseDurban kunye nesiCwangciso sokuSebenza esamnkelwa yi-UN kwiNkomfa yeHlabathi yokulwa ubuHlanga ngowama-2001.

2.7 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomgama osele uhanjiwe ngenkqubo yokufudukela kwidijithali. Ikuvumile ukuqaliswa kwexesha apho zombini indlela zosasazo le idijithali nale i-anologi ziza kusetyenziswa ngaxeshanye kusasazo olidijithali eMzantsi Afrika ngomhla woku-1 kweyoMdumba ngowama-2016.

Ukufuduka kusukwa kuhlobo lokusasazo olu-analogi kuyiwe koludijithali kuza kuvulela amaza osasazo amaninzi afuneka kakhulu ukuze kukwazi ukuba kufumaneke usasazo ngeeselula olukhawuleza kakhulu. Oku kuza kwenza ukuba uqoqosho loMzantsi Afrika lukwazi nangakumbi ukumelana nokhuphiswano ngokuhlaziya icandelo lezosasazo loMzantsi Afrika, ukomeleza icandelo lokuveliswa kobuxhakaxhaka be-elektronikhi, kudale imisebenzi kuze kukhuthaze nokuba kudidiyelwe kuveliswe neenkqubo zosasazo ezahluka-hlukeneyo zalapha ekhaya.

2.8 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphumo zeNgxelo yoMzantsi Afrika yowama-2014 yezaLathisi zobuNzululwazi, ubuChwepheshe kunye noYilo kunye nezinto ezingundaba-mlonyeni kwindlela eqhuba ngayo iNkqubo yeSizwe yokuYila (i-NSI), ebhalwa rhoqo ngonyaka liBhunga leSizwe lokuCebisa ngoYilo.

Le ngxelo isebenzisa izalathisi ezingundoqo ukuvavanya inkqubo kunye negalelo le-NSI kwimiba engundoqo ephambili yesizwe ecaciswe kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) kunye namanye amaxwebhu ezicwangciso-nkqubo anegalelo kuphuhliso lwezentlalo nezoqoqsho.

2.9 IKhabhinethi iluvumile uhlenga-hlengiso lwezithili zikamantyi eLimpopo naseMpumalanga, kunye nokubekwa ngokusesikweni kweNkundla kaMantyi yaseLephalale njengokuba yiyo eza kusebenza okwethutyana njengeNkundla ePhakamileyo yaseLimpopo kude kwakhiwe iNkundla ePhakamileyo endaweni yayo kulo mmandla.

Ukuhlenga-hlengiswa kwezithili zikamantyi kunye nemimandla ezinkundla zamaCandelo eNkundla ePhakamileyo kuyinxalenye yeenguqu ezenziwayo kumgaqo-nkqubo ezineenjongo zokulungisa umonakalo wangaphambili wokwabiwa kwemihlaba. Kukwayinxalenye yamalinge okuzisa iinguqu ezibalulekileyo ukwenzela ukuba wonke ubani akwazi ukuzixhamla iinkonzo zobulungisa, nto leyo ihambelana nezithembiso zoMgaqo-siseko woMzantsi Afrika wowe-1996.
 
2.10 IKhabhinethi iyivumile ingxelo emalunga nomgama osele uhanjiwe ngomba wokuphunyezwa kwemiyalelo yeKhabhinethi eLimpopo ngokweCandelo 100 (1) (a) loMgaqo-siseko.

IKhabhinethi ikuvumile ukurhoxiswa, phantsi kwemiqathango, kweCandelo 100 (1) (a) okuza kwenziwa ngomhla wama-31 kweyoKwindla ngowama-2016 kula masebe alandelayo ephondo laseLimpopo: elezeMpilo; elezoThutho; elezemiSebenzi kaRhulumente; elezeeNdlela neziSeko ezinguNdoqo kunye nonoNdyebo wePhondo.

IKhabhinethi ikwakuvumile nokurhoxiswa, phantsi kwemiqathango, kweCandelo 100 (1) (a) kwiSebe lezeMfundo into leyo iza kuvulela indlela uNondyebo wePhondo, encediswa ngurhulumente kazwelonke, ukuba aqalise ngokwenyani ukusebenzisa iCandelo 18 loMthetho wokuLawulwa kweMali kaRhulumente, wowama-1999 (uMthetho uNombolo 1 wowama-1999) kwiSebe lezeMfundo lephondo laseLimpopo.

IKhabhinethi iyivumile le miqathango ilandelayo iya kwiNkulumbuso kunye noMphathiswa wePhondo (i-MEC) wezeMali kunye nowezeMfundo:
a) Ukuxhobisa ngezakhono amasebe ephondo ngokuthi kuqeshwe abantu abanezakhono ezifanelekileyo;
b) Ukuqukunjelwa komba wokuqeshwa kwabantu abaza kungena kwizikhundla zabalawuli abaphezulu;
c) Ukusonjululwa kwengxaki yorhwaphilizo kunye nezikhulu eziphezulu ezingawenzi kakuhle umsebenzi wazo.
 
2.11 IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNkomfa yeeNgxoxo ezingokuLwa iziYobisi ekwizinga eliphezulu ukusuka ngomhla we-11 ukuya kowe-12 kweyoKwindla ngowama-2016, eza kube iququzelelwa yiMbumba ye-Afrika (i-AU).

Le Nkomfa iza kusetyenziswa njengeseshoni elandela iiNgxoxo zeRussia ne-Afrika ezingokuLwa iziYobisi, enjongo zayo ikukunika ingxelo enye malunga nokulwa ingxaki yeziyobisi kwihlabathi. Le ngxelo iza kuthiwa thaca kwiSeshoni eKhethekileyo ye-UNGA ngekaTshazimpunzi ngowama-2016.

Umba wedabi lokulwa iziyobisi ezingekho mthethweni uhambelana ne-NDP kwaye ezi Ngxoxo ziza kunika ithuba lokuqinisa nangakumbi isiCwangciso esiBanzi seSizwe seziYobisi (sowama-2013-2017).
    
2.12 IKhabhinethi ikuvumile ukuba iSebe lezokuHlaliswa koLuntu lisingathe kunye neNkqubo ye-UN yokuHlaliswa koLuntu iNkomfa yokuKhokela uTshintsho esiXekweni: Ukusuka kumaTyotyombe ukuya kwiNdawo zokuHlaliswa koLuntu ezingenaMkhethe, eziKhuselekileyo, ezoMoleleyo kunye neziZinzileyo, ngeyoKwindla ngowama-2016.

Le nkomfa ixhasa amaphulo ehlabathi ophuhliso kunye nawalapha ekhaya ngokubethelela iNjongo ye-11 yeeNjongo zoPhuhliso eziZinzileyo ethi: ‘Yenza izixeko kunye neendawo zokuhlalisa uluntu zingabi namkhehe, zikhuseleke, zomelele kwaye zizinze.’

Le nkomfa iyinxalenye yeengxoxo ezingokuphunyezwa kwe-Ajenda yoPhuhliso ye-UN yasemva konyaka wama-2015 kunye “ne-Ajenda eNtsha ngeeDolophu” eza kwamnkelwa yi-UN ngowama-2016.

2.13 IKhabhinethi ivumile ukuba iBhunga loPhando lezoLimo lisingathe iNkomfa yesiThathu engoPhando ngezoLimo kuPhuhliso ngekaTshazimpunzi ngowama-2016. Le nkomfa iza kukhetha: imiba ephambili yophando noyilo lwezinto ezintsha kwihlabathi kwaye nezinto ezifunekayo kwiinkqubo zesizwe zokuyila izinto ezintsha ukuze kufezekiswe injongo zexa elizayo, ingakumbi kumafama alimela nje ukuzondla wona neentsapho zawo kunye nemimandla engathathi ntweni.

3. ImiThetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho osaYilwayo wezokuCwangciswa kweMimandla eseLwandle wama-2015 ukuba uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho usaYilwayo ulikhubalo elisemthethweni elicacisa iindlela zokuvula amathuba kuqoqosho lwaselwandle ngokukhuthaza ucwangciso lwemimandla yaselwandle ekubanjiswanayo ngalo. Lo Mthetho osaYilwayo uza kuncedisa kumaziko e-Operation Phakisa la akhoyo. Ufuna ukukhuthaza intsebenziswano kunye neendlela yokulawula ulwandle ebonakalisa inkathalo.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli Zuma uza kukhokela imibhiyozo yoSuku loXolelwaniso ngomhla we-16 kweyoMnga eza kubanjelwa eBhayi, kwiphondo laseMpuma Koloni phantsi komxholo othi: “Ukuvala umsantsa: Ukwakha isizwe soMzantsi Afrika esibambeneyo kulungiselelwa isizwe esikhulayo”.

4.2. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, uGq Siyabonga Cwele, uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika kwi-UNGA ngeNgqungquthela yeHlabathi yezobuChwepheshe ngoLwazi (i-WSIS) ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyoMnga ngowama-2015, apho kuza kunikwa ingxelo eluluvo loMzantsi Afrika, luncedisa kwi-WSIS+10 eyingxelo engeyonxalenye yeengxoxo ze-WSIS.

5. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

5.1. UMzantsi Afrika usingathe ngempumelelo iNgqungquthela yesiXhenxe yeziXeko zase-Afrika yezixeko noomasipala base-Afrika eRhawutini ukusuka ngomhla wama-29 kweyeNkanga ukuya ngomhla wesi-3 kweyoMnga ngowama-2015. Phantsi komxholo othi:  “Ukulungiselela ikamva le-Afrika kubanjiswene nabantu: igalelo loomasipala base-Afrika kwiiNjongo zowama-2063 zeMbumba ye-Afrika”, le ngqungquthela, ibizinyaswe ngoosodolophi abangama-15 000 kunye nooceba abangama-500 000, yenye yamalinge abambekayo okwakha ubumbano e-Afrika.

Le ngqungquthelo ibigxininisa kumba wokomeleza oorhulumente basekhaya kwilizwekazi le-Afrika, ingakumbi umba wokuphathwa kwemali kunye nokuqinisekisa ukuba kukho imithombo ezinzileyo yokwenza ingeniso, kulungiselelwa ukufezekiswa iiNjongo zowama-2063 – i-Afrika esiyifunayo.

Le ngqungquthela ixhasa iinjongo ze-NDP apho izixeko kunye norhulumente wasekhaya zidlala indima ebalulekileyo kulo lonke uphuhliso.
 
5.2. IKhabhinethi ayikalilahli ithemba lokuba iingxoxo eziqhubayo kwiseshoni yama-21 yeNkomfa yamaZwe athatha iNxaxheba (i-COP21) engeSivumelwano se-UN ngokuTshintsha kweMozulu (i-UNFCCC), ziza kufikelela kwisivumelwano esingazikudala makhwiniba nesiza kubophelela onke amazwe.

Ingxaki yokutshintsha kwemozulu yingxaki yehlabathi lonke efuna izisombululo ezinokuphakanyiswa lihlabathi liphela, zithathwe ngamazwe ehlabathi ahlukeneyo amaninzi, ekhokelwa yi-UNFCC ehlonitshwa ivunywe lihlabathi ngobubanzi, futhi onke amazwe athatha inxaxheba efaka isandla.

EMzantsi Afrika, singatsho ngokungathandabuziyo, ukuba sinemigaqo-nkqubo ebonakalisa inkqubela, eqiqisiweyo kunye nehlakaniphileyo, kwaye nezicwangciso zokukwazi ukumelana neemeko zezulu ezitshintsha imihla nezolo. Le migaqo-nkqubo ingummiselo ongagungqiyo wophuhliso oluzinzileyo, oyintsika ephambili yoMbono wama-2030 okwi-NDP.

5.3 Njengokuba le iyintlanganiso yeKhabhinethi yokugqibela yowama-2015, iKhabhinethi inqwenelela bonke abemi boMzantsi Afrika okuhle kodwa kwiholide zokuphela konyaka. Ngomoya weli xesha loyolo kunye nathi njengabantu abakhonza Ubuntu, iKhabhinethi imelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bancede abantu kunye neentsapho ezingathathi ntweni kwiindawo abahlala kuzo. Sisizwe esikhathalelanayo, esihloniphanayo kwaye nesibancedayo aba basweleyo. Lo Nyaka Mtsha uzayo usinika ithuba sonke sokuba sizibophelele kwakhona ekusebenzeleni ikamva eliqaqambileyo lethu sonke.

6. Imiyalezo yovelwano

6.1. IKhabhinethi ivakalisa intlungu kunye namazwi ayo ovelwano kusapho nezihlobo zikaMohamed Ismail (obeteketiswa ngelika-“Issy”) Dinat, olandulele eliphakade ngoLwesibini umhla wesi-8 kweyoMnga. Ukuzinikela kunye nokuthatha inxaxheba kwakhe kuMzabalazo weNkululeko kwabanegalelo kwinkululeko yethu.

7. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwezifundo nokuba msulwa okufaneleyo.

7.1. IKomishini yoPhando ngaManzi

a) UGq Nozibele Mjoli (USihlalo);
b) UNjing Sibusiso Vil-Nkomo (USekela-Sihlalo);
c) UNjing Aldo Stroebel;
d) UNksz Nompumelelo Msezane;
e) UGq Mosidi Makgae;
f) UNksz Masaccha Khulekelwe Mbonambi;
g) UMnu Mxolisi Adolphius Cassius Ndhlovu;
h) UGq Ntombifuthi Patience Nala; and
i) Omele iSebe lezeNzululwazi nezobuChwepheshe

7.2. IBhodi ye-Amatola Water:
a)    UNksz NN Mnqeta (USihlalo);
b)    UMnu A Hadebe (USekela-Sihlalo);
c)    UMnu EV Jooste;
d)    UMnu AP Le Roux;
e)    UMnu BE Hollingworth;
f)    UMnu C Mbande;
g)    UNksz TF Maenetja;
h)    UNksz M Nzimande; kunye
i)    noNjing L Louw.

7.3.    IBhodi yeeNkonzo zeziKhalazo zeziKimu zoLuntu

a)    UMnu Vukile Charles Mehana, (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSihlalo);
b)    UNksz Beauty Nomhle Dambuza;
c)    UMnu Bhekumusa Gorden Dlamini;
d)    Taureen Dylan Holmes;
e)    Rajesh Jock;
f)    Oupa Moshongoane Moshebi; kunye
g)    noNomazotsho Yvonne Memani (uqeshiwe kwakhona).

7.4.    IBhodi ye-Arhente yeSizwe yoPhuhliso:
a)    UNksz Judy Hermans (uSihlalo);
b)    UMnu Zolile Thando Ngcakani (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSekela-Sihlalo);
c)    UNksz Suraya Bibi Khan (uqeshiwe kwakhona);
d)    UMnu Abram Stefanus Hanekom;
e)    UNksz Sebenzile Matsebula;
f)    UNksz Mashila Matlala;
g)    UMnu Moses Mabokela Chikane (umele urhulumente);
h)    UNksz Bernice Makgoro Mannya (umele urhulumente);
i)    UNksz Thabitha Shange (umele urhulumente);
j)    UNksz Farzana Suliman Varachia (umele urhulumente).

7.5.    IBhodi yoQumrhu loMzantsi Afrika loNcedo ngezoMthetho:

a)    UNjing Yousuf Abdoola Vawda;
b)    UMnu Nkosana Mabhuti Francois Mvundlela;
c)    UNksz Thulisile Mhlungu;
d)    UNksz Nonhlanhla Mgadza;
e)    UNksz Marcella Naidoo;
f)    UMnu Matome Leseilane; kunye
g)    noNksz Adila Chowan;
h)    UNksz Aneline Rhoda (ilungu elililalela); kunye
i)    noMnu Langelihle Ezrome Mtshali (ilungu elililalela).

7.6.    UKwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaMnu uThabane Wiseman Zulu njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) kwiSebe lezaMandla.

7.7.    UGq Mmaphaka Ephraim Tau njengeSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DGG) kwezokuPhathwa kwezaMahlathi nobuTyebi beNdalo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba.

7.8.    UNksz Kelebogile Sybil Sethibelo njenge-DDG: uLawulo lweZiko kwiSebe lezobuGcisa neNkcubeko.

7.9.    UMnu Omega Shelembe njenge-DDG: uLawulo lwamaShishini kaRhulumente kunye neQumrhu loPhuhliso lobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano kwiSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi (i-DTPS)

7.10.    UMnu Edward Xolisa Makaya njenge-DDG: Afrika kwiSebe lezobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano.

7.11.    UNksz Thulisile Glory Manzini njenge-DDG: ezoLawulo kwi-DTPS.

Ngelokuqumbela, iKhabhinethi yenza umbulelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abathobele umthetho bangenisa iingxelo zabo zerhafu, into ebonakalisa ukuba zingxelo zerhafu ezizigidi eziyi-5.94 ezingenisiweyo ngabahlawuli berhafu abenimivuzo kuphela.

Eli nani linyuke nge-11.52% kwelama-2014, kwaye abo bafake iingxelo zerhafu kwangexesha bangaphezulu kwama-90% iminyaka emithathu ilandelelana.

Eli nani liphezulu labo bafake iingxelo zabo zerhafu ngexesha kunceda urhulumente ukuba akwazi ukuhambisa iinkonzo futhi aphucule umgangatho wobomi babo bonke abemi beli.

Ngeli thuba leeholide zokuphela konyaka, urhulumente uza kuqalisa ngamaphulo ahlukeneyo aza kufuna bonke abemi boMzantsi Afrika nabo basindwendweleyo ukuba badlale eyabo indima ukuqinisekisa ukuba eli xesha leeholide zokuphela konyaka lonwatyelwa kwiimeko ezikhuselekileyo nezingenazingozi.
 
IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke umntu ukuba asebenzisane nabeNkonzo zesiPolisa zoMzantsi Afrika (i-SAPS) kwaye baxele kwabasemagunyeni zonke izenzo zolwaphulo-mthetho kumakhaya ethu neendawo esihlala kuzo.

Ukuze sikwazi ukumelana nabahambi abaninzi abaphuma kumazwe angaphandle, onke amasebe karhulumente kumazibuko okungena kweli ukusuka ngomhla we-10 kweyoMnga kowama-2015 ukuya kutsho kowe-14 kweyoMqungu ngowama-2016 aza kuwandisa amaxesha omsebenzi.  La masebe aquka elezeMpilo, elezoLimo, elezamaPolisa, eleMicimbi yezeKhaya kunye neeNkonzo zeRhafu zoMzantsi Afrika.

Inkcukacha ezithe vetshe ziyafumaneka kule webhusayithi: www.home-affairs.gov.za.

Bonke abasebenzisi bendlela bayabongozwa ukuba bathobele imithetho yendlela, kuquka nokuqhuba ngokwesantya esifanelekileyo; ukuqinisekisa ukuba iimoto zabo zikulungele ukuba sendleleni; bangaqhubi benxilile futhi banxibe iibhanti zokuzikhusela.

Abahambi ngeenyawo bayacelwa ukuba baqinisekise ukuba xa besendleleni ababeki ubomi babo okanye obabaqhubi engozini. Ii-arhente zogcino-mthetho ziza kube zikuyo yonke indawo zikhangela abo baza kwaphula umthetho.

Imibuzo:
UNksz Nebo Legoabe (iSithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Iselula: 082 453 2874

Share this page

Similar categories to explore