Ukufaka isicelo sokwamkelwa njengeQumrhu lokuXhamlisa uLuntu (i-PBO)

Ukuba ngaba ufuna ukuba inkampani yakho yamkelwe njengeQumrhu lokuXhamlisa uLuntu (i-PBO) kufuneka ufake isicelo kwiZiko leNkonzo yerhafu loMzantsi Afrika (i-SARS).

Ukuze ikwazi ukuba nokwamkelwa njenge-PBO umbutho kufuneka ubandakanywe okanye usekwe eMzantsi Afrika nje :

  • ngenkampani engenzi nzuzo enesivumelwano sokubandakanyeka njengexwebhu elingumgaqo
  • ngetrasti enexwebhu lesiqinisekiso setrasti njengomgaqo
  • ngequmrhu labantu elinomgaqo-siseko njengomgaqo walo.

Inkampani leyo iza kuxolelwa kwirhafu yengeniso ukuba ngaba yamkelwe liZiko leRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS) kwaye ibe iyahambisana neemfuno ezicwangcisiweyo kuMthetho weRhafu yeNgeniso.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga namaqumrhu okuxhamlisa uluntu okanye  qhagamshelana nabakwa-SARS kwa-012 483 1700 okanye kwa: teu@sars.gov.za.

 

SARS Contact Centre 0800 00 7277

Share this page