Isicelo sokubandakanyeka kwimisebenzi yokuloba ngeenjongo zorhwebo

Malunga | Ofanele kukwenza | Ixesha elimiselweyo | Ingaba kubiza malini na | Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa | Ungaqhagamshela nabani

Malunga nelungelo lokulobela ingeniso
Ukuloba okanye imisebenzi enxulumene nkulobela ingeniso, kufanele ube nelungelo lokuloba ngenjongo yokwenza ingeniso kuqala. Unga faka isicelo selungelo lokulobela ingenisa emva kokupapashwa kwezimemo kwi Gazethe ka Rhulumente. Isimemo sokugqibela sesika 2005 kanti esilandelayo sizakuvulwa ngo 2013.

Abalobi abathile banganikwa ilungelo lokulobela ingeniso ngenxa yomlinganiselo wabo weentlanzi  okanye ukuzama (TAC/R).

Wakuba nelungelo lokulobela ingeniso, faka isicelo sephepha mvume lokuloba ngenjongo yokwenza ingeniso kwiSebe Lezolimo, Amahlathi noKuloba, eCape Town.

Qaphela: akekho umtnu ongazibandakanya nokulobela inzuzi ngaphndle kwe phepha mvume. Ngaphezulu kokuba kufuneka iphepha-mvume ufanele ube nelungelo loku hambisa ezintlanzi.

Kufanele uvuselele iphpha mvume lkanye ngonyaka. Ukuba awuthobeli imiqathango yephephamvume, ingaxhonywa okanye imvume.

Ofanele kukwenza

  1. Isimemo esipapashwa kwi Gazethe ka rhulument sizakuba neenkcukacha zendawo apho ungalanda uxwebhu lwesicelo.
  2. Funda uxwebu lwesicelo kakuhle kwaye uqinisekise ngemiqathango nemibandela.
  3. Gcwalisa, utyikitye, ufake uxwebhu lakho lesicelo selungelo lokuloba lukhatshwe ziincwadi eziqinisekiseweyo ezilusekayo kanti zona ziza kudweliswa kwisimemo seGazethe ka Rhulumente.
  4. Bhata imali engazubuyiswa e bekiweyo kwindawo ekethwe liSebe Lezolimo, Amahlathi Nolimo kwiGazethe.

Ixesha elimiselweyo

Ilungelo lokuloba:

isicelo singathatha inyanga ukuya kwezintathu okanye ngaphezulu ukuya ngomthamo wezicelo. Uhlolo luqala emva kokuvalwa welzicelo kwaye iSebe Lezolimo,Amahlathi nokuloba lizaku papasha iziphumo.

Iphepha-mvume lokuloba:

isicelo sephepha mvume singathatha intsuku ezisixhenxe naga phezulu kuxhomekeka kumthamo wezicelo nokulandelwa kwemiqathango.

Ingaba kubiza malini na
Ikhutshwa kuphela kwisimemo esipapashwa kwiGazethe ka Rhulumente.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu ezicelo afumaneka kwindawo ezipapashwa kwizimemo zezicelo zamalungelo okuloba kwigazethi xa amalungelo angoku ephelelwa.

Ungaqhagamshela nabani

Indawo yenkonzo zoncedo yluntu
Tel: 021 402 3911
Fax: 021 402 3367
City/town: Cape Town
Province: Western Cape
Physical address: Customer Service Centre, Department of Agriculture, Forestry and Fisheries, Ground Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town, 8000.
Postal address: Department of Agriculture, Forestry and Fisheries, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012

 

Share this page