Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokufaka isicelo semvume yokushishina ngokuthumela intlanzi kwamanye amazwe
Ukuthumela intlanzi kwamanye amazwe, njengentlanzi yaselwandle oko ukwenzela ingeniso, kufuneka ufake isicelo semvume kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba.
Ukuba ufaka isicelo sokuthumela iintlobo zeentlanzi ezibizwa ngokuthi yityhuna, ibigeye nebluefin, iswordfish, Antarctic toothfish, kunye nePatagonian toothfish, kufuneka uqhoboshele uxwebhu lweenkcukachamanani zokubambisa ezifanelekileyo ngomthwalo ngamnye othunyelwayo. Amaxwebu eenkcukachamanani zokubambisa ziyafumaneka kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba, iCandelo: uLawulo lokuLoba.
Qaphela: Le mvume yokuthumela iintlanzi kwamanye amazwe iyaphelelwa emva kweenyanga ezintathu kwaye ayiquki iintlanzi ezibanjiswe emilanjeni nasemadameni. Kufuneka ufake isicelo semvume entsha xa onayo iphelelwe lixesha. Ukungaphumeleli ukuthobela imiqathango yemvume kungakhokelela kwiziphumo zokunqunyanyiswa okanye kucinywe imvume leyo.
Ukuthumela iintlobo zezilwanyana zaselwandle ezidweliswe yiCITES (iNgqungquthela yoShishino lwaMazwe ngaMazwe ngeZilwanyana zaseLwandle eziseMngciphekweni wokuTshabalala) ungaqhagamshelana neSebe lezeMicimbi yokusiNgqongileyo.
Ofanele kukwenza
- Yazisa elona sebe likufutshane kuwe leQumrhu leMigangatho laseMzantsi Afrika (SABS) malunga nomthwalo wakho owuthumela kwamanye amazwe ukuba intlanzi ayikulungelanga ukusetyenziswa/ukutyiwa ngabantu; ukuba intlanzi isandul’ ukulotywa kwaye ikulungele ukusetyenziswa/ukutyiwa ngabantu, kufuneka wazise iZibuko lezeMpilo.
- Yiya kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba eKapa: Ground Floor, Branch: Fisheries Management, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town ukuze ufumane iSicelo semvume yokuthumela intlanzi kwamanye amazwe.
- Zalisa la maxwebhu esicelo ufake ezi nkcukacha zilandelayo:
- Iidilesi zezakhiwo zabangenisa intlanzi evela kwamanye amazwe kwilizwe elo uya kulo umthwalo
- amagama aqhelekileyo kunye nawenzululwazi eentlobo zezilwanyana zaselwandle ozithumela kwamanye amazwe
- ubungakanani bomthwalo wezilwanyana zaselwandle ozithumela kwamanye amazwe
- Iikopi zamaxwebhu eenkcukachamanani zokubambisa kufuneka zinikezelwe ukuba uloba ibigeye tuna, southern bluefin tuna, swordfish, Antarctic toothfish, kunye nePatagonian toothfish ethunyelwa phantsi kwemiqathango yemvume yangaphambili yokuthumela intlanzi kwamanye amazwe
- isazisi sakho kunye namaxwebhu okubhalisa inkampani yakho, iqumrhu loshishino (thedti) okanye umanyano lwabarhwebi
- Iimvume zokuthumela intlanzi kwamanye amazwe ezivela kwiSebe lezoRhwebo noShishino okanye izaziso zemvume
- isiqinisekiso sokubhaliswa nokuhlawulwa kwerhafu njengokuba siphunyezwe sakhutshwa ziiNkonzo zeNgeniso zaseMzantsi Afrika (SARS).
- Kwimeko apho kubandakanywa i-arhente, isivumelwano phakathi kwamaqela amabini kufuneka siqhotyoshelwe kunye neekopi zezazisi zabo batyikityayo.
- Ukuba akunayo imvume yelungelo lokuloba, kufuneka ufake noku kulandelayo:
- Ubungqina bokuthengiselwa kunye needilesi zezakhiwo zabo bakuthengisela intlanzi yaselwandle oyithumela kwamanye amazwe
- Amagama aqhelekileyo nawenzululwazi eentlobo zezilwanyana zaselwandle ozithumela kwamanye amazwe
- Ubungakanani beentlobo zezilwanyana zaselwandle ozithumela kwamanye amazwe.
- Hlawula umrhumo omiselweyo kule akhawunti yebhanki:
Ibhanki: First National Bank
nombolo ye-akhawunti: 62123256382
Uhlobo lwe-akhawunti: Itshekhi
Igama le-akhawunti: Marine Living Resources Fund
Igama lesebe: Corporate Account Service Cape Town
Inombolo yesebe: 204109
Tsalela umnxeba kwiziko lenkonzo yabaxhasi ukuze ufumane inombolo yesazisi (021 402 3911 / 0860 000 3474) - Faka amaxwebhu esicelo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba : Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012 . Kufuneka upose okanye ufake izicelo zoqobo; ukuba awuphumelelanga ukwenza oko akuyi kuyikhutshelwa imvume.
Ixesha elimiselweyo
Kungathatha iintsuku ezisixhenxe zokusebenza okanye ngaphezulu, kuxhomekeke ekubeni isicelo sifakwe ngokufanelekileyo na kunye nokuvunywa kobungqina bentlawulo.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Yiya kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba eKapa: Ground Floor, Branch: Fisheries Management, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town ukuze ufumane uxwebhu lwesicelo sokuthumela iintlanzi kwamanye amazwe.
Ungaqhagamshela nabani
- Department of Forestry, Fisheries and the Environment, Branch: Fisheries Management.
Tel: 086 111 2468
callcentre@dffe.gov.za - Port Health
- South African Bureau of Standards