Faka isicelo semvume yokusebenzisa indawo yokuLungiselela ukuba iNtlanzi ingoNakali

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokusebenzisa indawo yokuLungiselela ukuba iNtlanzi ingoNakali

Ukuzibandakanya ekusebenziseni iNdawo yokuLungiselela ukuba iNtlanzi ingoNakali, kufuneka ube nemvume yokusebenzisa iNdawo yokuLungiselela ukuba iNtlanzi ingoNakali. Ungafaka isicelo seNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali xa unelungelo olifumene ngokumenywa kwincwadi karhulumente iGovernment Gazette. Kodwa ke, liSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba ngoku elamkela izicelo zokukhululwa ukuba kusetyenziswe iNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali.  

INdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali ingaba sisithuthi, inqanawa, isakhiwo okanye indawo apho kwenziwa khona iimveliso ezivela kwintlanzi.  Imveliso ingenziwa nangayiphi na indlela, efana nokuyisika, ukuyinqunqa, ukohlula amalungu, ukuyicoca, ukuyihlela, ukuyondlalela kunye nokulungiselela ukuyigcina ixesha elide intlanzi. INdawo isekwaquka indawo apho intlanzi inkonkxwa khona, ipakishwe, yomiswe, ikhutshwe amathumbu nokunye, ifakwe ityuwa ukuyigcina ixesha elide, ibandiswe, ikhenkceziswe okanye ilungiswe ukuba ingonakali ukuze ithengiswe eMzantsi Afrika okanye kwamanye amazwe.

Inkqubo yokuhlalutya izicelo iya kuqalisa emva komhla wokuvalwa kwezicelo. ISebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba liya kubhengeza iziphumo. Ukuba ufumene ilungelo leNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali, kufuneka ufake isicelo semvume yokusebenzisa iNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali kwaye wonelise iimfuneko zokufumana loo mvume.

UMphathiswa uya kusivuma isicelo sokukhululwa ukuba usebenzise iNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali phantsi kweemeko ezingaqhelekanga. Ukuba ukhululwe ukuba usebenzise iNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali kufuneka ufake isicelo semvume yokusebenzisa iNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali.  

Qaphela: Kufuneka uyihlaziye imvume rhoqo ngonyaka. Ukungaphumeleli ukuthobela imimiselo yemvume kungakhokelela ekubeni inqunyanyiswa, icinywe okanye irhoxiswe.

Ofanele kukwenza

Inkqubo yokufaka iSicelo seLungelo lokuLoba: 

  • Ukuba isimemo sipapashwe kwincwadi karhulumente iGovernment Gazette, kufuneka uye kwiziko lokusasaza eliya kubhengezwa uphethe isimemo eso sipapashiweyo.
  • Funda ngononophelo, uqonde kwaye uqinisekise ukuba wonelisekile ziimfuneko kunye nemimiselo.  
  • Hlawula umrhumo omiselweyo nongabuyiselwayo oya kubhengezwa kwiGovernment Gazette.

Inkqubo yokufaka iSicelo sokuKhululwa:

  • Lowo ufaka isicelo kufuneka afake isicelo sokukhululwa ngokubhala incwadi ephembelelayo.
  • Incwadi ephembelayo kufuneka iposelwe kwiSebe kule dilesi: Private Bag X2, Roggebaai, 8012.

INkqubo yokufaka iSicelo seMvume:

  • Zalisa, utyikitye uze ufake uxwebhu lwesicelo semvume kunye nala maxwebhu alandelayo:
    •  Ikopi eqinisekisiweyo yesazisi 
    • Incwadi egunyazisayo evela kumnini-lungelo enyula wena ukuba ufake isicelo egameni lomthengi / lomnini-lungelo
    •  Ikopi eqinisekisiweyo yamaxwebhu okubhalisa inkampani
    •  Isiqinisekiso esisemthethweni sokubhalisa nokuhlawula irhafu kwiSARS
    •  Ubungqina bobunini okanye bemvume yokuqesha iNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali ( apho ifuneka khona, umzekelo indawo esemhlabeni)
    •  Ikopi eqinisekisiweyo ye(e)mvume nabathengisi beemveliso eziza kulungiselelwa ukuba zingonakali 
    • Apho kufuneka khona, isiqinisekiso nguMlawuli weeNkcukacha eziBalulweyo zikaZwelonke 
    • Ukuba intlanzi ilungiselelwe ukutyiwa ngabantu, isiqinisekiso sokwamkeleka kwendawo yokutya esivela kwigunyabantu lasekhaya/igunyabantu lephondo kufuneka ifunyanwe kunye nekopi eqinisekisiweyo yesicelo soqobo iqhotyoshelwe (ukuba indawo isemhlabeni) (ukuba kuyimfuneko)

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sokukhululwa kunye nesemvume yeNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali singathatha inyanga e-1 ukuya kwezi-3 kuxhomekeke ekubeni incwadi ephembelelayo ifakwe ngokufanelekileyo na nesicelo semvume kunye namaxwebhu axhasayo.

Ingaba kubiza malini na

Imali

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Yiya kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba eKapa: Customer Service Centre, Ground Floor,  Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town ukuze ufumane iinkcukacha okanye ufumane isicelo semvume yokusebenza kwiNdawo yokuLungiselela iNtlanzi ingoNakali okanye yiya kwindawo yokusasaza eya kubhengezwa lisebe xa isimemo sokufaka isicelo selungelo siye sapapashwa kwiGovernment Gazette.

Ungaqhagamshela nabani

 

Fisheries Customer Service Centre:
Tel 086 000 3474 / 021 402 3443
E-mail: cscenquries@environment.gov.za

Physical address: Ground Floor, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town 8000
Postal address: Department of Agriculture, Forestry, and Fisheries, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012

Share this page