Isicelo sokubhalisa intsimbi yeletele yokunombola nokuphawula imfuyo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokubhalisa uphawu lwesilwanyana

Ukuba ufuye inkomo, igusha, ibhokhwe okanye ihagu, kunyanzelekile ukuba uphawule imfuyo yakho. Kufanele ufake isicelo sophawu olubhalisiweyo kwisebe Lwezolimo, amahlathi nokuloba.

Uphawu lwesilwanyana lubonisa ukuba isilwanyana sesika bani. Ukuba isilwanyana silahlekile okanye sibiwe kwaye sifunyenwe, kulula ukufumana umnini.  Uphawu lunamagama angadluli isithathu e Alfabhethi okanye izimeli.

Uphawu lwanaphakade lungenziwe kwisilwanyana ngentsimbi eshushu, ngomkhence okanye nge inki engasukiyo (tatoo).

Ukuba uthenga isilwanyana okanye sisipho, kufanele ufake uphawu zingadlulanga iiveki ezimbini. Izilwanyana ozithengisayo kufanele zibe nophawu lwakho.

Uphawu lwakho lufakwa kuludwe elisemthethweni kwaye akukho namnye ongalusebenzisa ngaphandle kwe mvume yakho.

Qaphela: awukwazi kufaka uphawu kwisilwanyana sakho ukuba awulubhalisa lona

Ofanele kukwenza

  1. Fumana ngekhompuyutha okanye fumana uxwebu lwesicelo kumagosa ezokwandisa, kwa mantyi, emapoliseni ajongene nokubiwa kwemfuyo okanye umbhexeshi: Amaphawu ezilwanyana ePitoli.
  2. Thenga izitampu ukuzeubhatalele ukubhalisa, uzincamthisele emazantsi oxwebu apho kuboniswe khona.
  3. Thumela nge posi ubungqina  bokuthi uhlawulile ebhankini kunye noxwebu lwesicelo apha: The Registrar of Animal Identification, Private Bag X 138, Pretoria, 0001 Okanye hambisa uxwebu lwesicelo ulise e Delpen Building, apho kudinana izitalato u Annie Botha Avenue kunye noUnion Street, Riviera, Pretoria.
  4. Bonakalisa izitampu ezisebenzileyo ngoku bhala amagama akho nezimeli magama akho nosuku phez’ukwezitampu.
  5. Ukuba awusayinanga ngokwakho kwisicelo kufanele uvese ileta enika igunya ize ihambe noxwebu lwesicelo.

Ubhaliso lufakwa kwincwadi ka zwelonke yokuphawulwa kwezilwanyana.

Ixesha elimiselweyo

Kungathabatha iiveki ezimbini ukubhalisa uphawu.

Ingaba kubiza malini na

R 200

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for registration of an identification mark

Uxwebu lwesicelo ungalifumana kumagosa ezokwandisa, kwa mantyi, emapoliseni ajongene nokubiwa kwemfuyo okanye umbhexeshi: Amaphawu ezilwanyana ePitoli.Umbhexeshi: Amaphawu ezilwanyana ePitoli.

Ungaqhagamshela nabani

 

Tel: 012 319 7637
Fax: 012 319 7551
Email: animalid@dalrrd.gov.za

Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Postal address: Registrar: Animal Identification, Private Bag X138, Pretoria, 0001

Share this page