Isicelo sokunikezela intsimbi yokunombola nokuphawula izilwanyana

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokudluliselwa kophawu lwesilwanyana

Uphawu lwesilwanyana lungadluliswa ukusuka komnye ukuya komnye umnini wemfuyo. Ukwenze njalo, umnini omtsha kufanele afake isicelo sokudluliselwa kophawu lwesilwanyana kwisebe lwezolimo, Amahlathi nokuloba.

Xakusweleka umnikazi osemthethweni, uphawu linga dluliselwa kuwe ukuba umgcini mafa unika ilungelo lokuthi uphawu ludluliswe okanye ukuba akunamgcini mafa umnini omtsha angaveza isiqinisekiso sokusweleka kunye “nencwadi egunyazayo”  ekhutshwe yinkundla ephakamileyo echaza ukuthi ungumnini osemthethweni wezilwanyana.

Ofanele kukwenza

  1. Fumana uxwebhu lwesicelo kwikhompuyutha okanye okanye fumana uxwebhu lwesicelo kwiofisi zikamantyi, emapoliseni ajongene nokubiwa kwemfuyo okanye umbhexeshi: Amaphawu ezilwanyana ePitoli.
  2. Isigaba sesibini soxwebhu kufanele sigcwaliswe nguwe okanye umgcini mafa (apho kuswelekwe khona)okanye ikopi yesiqinisekiso sokusweleka “nencwadi egunyazisayo” kufuneka sifakiwe ukuba akukho Mgcini mafa.
  3. Hlawula imali engange R120 kwisebe lwezolimo, amahlathi kunye nokuloba apha:Standard Bank, Branch: Arcadia, Branch Number: 051001, Account Number: 011252871
  4. Thumela nge posi ubungqina bokuhlawula kunye noxwebu lwesicelo apha: The Registrar of Animal Identification, Private Bag X 138, Pretoria, 0001 okanye hambisa uxwebu lwesicelo ulise e Delpen Building, apho kudibana izitalato u Annie Botha Avenue kunye noUnion Street, Riviera, Pretoria.

Ixesha elimiselweyo

Kungathabatha iiveki ezimbini ukudluliselwa kophawu.

Ingaba kubiza malini na

R 200

Ungaqhagamshela nabani

 

Tel: 012 319 7637
Fax: 012 319 7551
E-mail: animalid@dalrrd.gov.za

Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera Pretoria
Postal address: Registrar: Animal Identification, Private Bag X138, Pretoria 0001

Share this page