Bhalisa njenge kholeji yabucala yemfundo noqeqesho

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa njenge kholeji yabucala yemfundo noqeqesho

Ingaba iziko mfundo lakho lifuna ukunikezela ngezifundo ezigcweleyo kwizinga lesibini ukuya kwelesine kwiNational Qualifications Framework (NQF)?  Ukuze unikezele ngale mfundo kumele ubhalise njenge kholeji ye-FET kwi Sebe lemfindo ephakamileyo noqeqesho malunga nemiqathango ekuMthetho ka 2006 weeKholeji ze-Mfundo noqeqesho (Act  No. 16 of 2006).

ii-FET ziikholeji zabucala okanye ezikarhulumente nezisungulwe, okanye ezibhaliswe phantsi koMthetho ka 2006 weekholeji zeFET,  kodwa oku kulandelayo akudingeki ukuze ubhalise kunye ne DHET:

  • Isikolo esinikezela ngemfundo ebhekele phayaa neenkonzo zoqeqesho phantsi koMthetho weziKolo zaseMzantsi Afrika:
  • Iphiko likarhulumente elinikezela ngemfundo noqeqesho

Amaziko mfundo anikela iikhosi ezimfutshane, iinkqubo ezingezoze-NQF okanye iinxalenye zezifundo, awachatshazelwa lubhaliso malunga nemiqathango yoMthetho we-FET  (Act 16 of 2006).

Ofanele kukwenza

  1. Gcwalisa ifomu yesicelo uze uyifake kwiDHET.
  2. Hlawula imali engabuyiswayo yesicelo engamakhulu amahlanu eerandi kwiDHET ngetshekhi, iodolo yeposi okanye ngeenkozo. 

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha ukuya kwiinyanga ezintandathu ukubhalisa iziko-mfundo lakho.

Ingaba kubiza malini na

Tariffs for 2023/24

Ungaqhagamshela nabani

Department of Higher Education and Training
Tel: 080 087 2222    
Fax: 012 323 8817    
Physical address: Department of Higher Education and Training, Directorate: Private FET Colleges, 6th Floor, Room 629, 123 Francis Baard Street, Pretoria.    
Postal address: Private Bag X174, Pretoria, 0001.
Website: www.dhet.gov.za

 

Share this page