Ilayisenisi yenkonzo yosasazo lwesandi lomgama omfutshane

Malunga 
Ofanele kukwenza 
Ixesha elimiselweyo 
Ingaba kubiza malini na 
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa 
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nelayisenisi yenkonzo yosasazo lwesandi lomgama omfutshane

UMthetho wezoSasazo, wowe-1999 (uMthetho uNombolo 4 wowe-1999), uchaza inkonzo yosasazo lwesandi lomgama omfutshane njengenkonzo yosasazo yoluntu, yenkampani yabucala okanye karhulumente engasebenzisi mandla angaphezulu kwe-watt enye.

Ilayisenisi yosasazo lwesandi lomgama omfutshane ingakhutshwa kwezi meko zilandelayo:

  • Iinkonzo zosasazo lwesandi lomgama omfutshane zenkampani erhwebayo – iinkonzo zosasazo eziqhutyelwa kumaziko anodederhu lweevenkile, emabaleni emidlalo, kumabala emiboniso nakumaziko emiboniso-bhanya-bhanya (iifilimu) asasazela ngaphandle okanye naluphi na uhlobo lwenkonzo olufanelekileyo ngokokubona kweZiko eliziMeleyo lezoNxibelelwano eMzantsi Afrika (i-Icasa)
  • Iinkozo zosasazo lwesandi lomgama omfutshane zoluntu – iinkonzo zosasazo eziqhutyelwa kumakhaya okugcina abantu abadala, unxibelelwano phakathi kweendawo zokukhonza, unxibelelwano phakathi kweendawo zokukhonza namakhaya okugcina abantu abadala, okanye naluphi na uhlobo lwenkonzo olufanelekileyo ngokokubona kwe-Icasa.

Ilayisenisi yeenkonzo zosasazo lwesandi lomgama omfutshane yenkampani erhwebayo kunye neyoluntu zisebenza isithuba seminyaka emithathu, ize yona ilayisenisi yeenkonzo zosasazo lwesandi lomgama omfutshane lwemisitho ekhethekileyo isebenze iintsuku ezingama-30.

Ofanele ukwenza

  1. Khangela isitishi samaza esifanelekileyo esiza kukwazi ukusetyenziswa kusasazo lomgama omfutshane.
  2. Khangela indawo ekuza kusasazelwa kuyo nekuza kusasazelwa yona.
  3. Thatha isigqibo ngequmrhu eliza kujongana nomba wokufaka isicelo neliza kudlala indima yokuba ngumfaki-sicelo egameni labaququzeleli balo msitho uza kubanjwa.
  4. Eli qumrhu kufuneka:
    • Liye eluntwini lifune imvume ebhalwe phantsi ngokusebenzisa utyikityo.
    • Libhale isicwangciso seshishini
    • Lichophele umcimbi wokonyulwa kwamalungu eBhodi ngokwentando yesininzi
  5. Cela ikopi yefomu yokufaka isicelo senkonzo yokusasaza kunye nesokuhambisa umqondiso wonxibelelwano kwa-Icasa.
  6. Gcwalisa le fomu ngesandla, usebenzise oonobumba abakhulu.
  7. Ngenisa ifomu yokufaka isicelo engeyokopi kunye nezinye ezili-16 ezizikopi eziqinisiweyo zayo kwa-Icasa kunye nomrhumo wokufaka isicelo.

Iifomu zokufaka isicelo ezingagcwaliswanga ngokupheleleyo ziza kubuyiselwa kumfaki-sicelo kwaye i-Icasa ayizikuthatha xanduva ukuba oku kuye kwabangela inkxamleko.

Kuthatha ixesha elingakanani

Inkqubo yokukhupha le layisenisi ingathatha iinyaga ezimbini ukuya kwezintathu.

Kubiza malini

 

Iifom ezigcwaliswayo

Ifomu yokufaka isicelo iza kuba yinxalenye yamaxwebhu azizihlomelo aza kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente.

Iinkcukacha zonxulumano

 

ICASA head office
Tel: 012 568 3000/3001
E-mail: info@icasa.org.za 

Physical address: 350 Witch-Hazel Ave, Eco-Park Estate, Centurion, 0144
Postal address: Private Bag X10, Highveld Park 0169

Regional offices

 

Share this page