Isibonelelo-mali somntwana okhuliswa ngomnye umntu

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesibonelelo-mali somntwana okhuliswa ngomnye umntu

Fumana isibonelelo-mali sokukhathalela ukhulise umntwana ongengowakho ngokwegazi. Umntwana okhuliswa ngomnye umntu kule meko ubhekisa kumntwana onikezelwe kuwe yinkundla ukuba abe phantsi kweliso lakho ngegunya lenkundla ngenxa yokuba:

  • eyinkedama
  • elahliwe
  • esemngciphekweni
  • ephethwe kakubi
  • engakhathalelwanga.

Uzazi njani ukuba ufanelekile?

Ukuze ube ufanelekile:

  • kufuneka ube ngummi waseMzantsi Afrika, ummi osisigxina okanye imbacu
  • wena kunye nomntwana lowo kufuneka nihlale eMzantsi Afrika
  • umntwana omkhulisa ngokunikwa igunya yinkundla kufuneka abe kanti unikwe wena ngokusemthethweni kwaye kufuneka ahlale ephantsi kweliso lakho
  • umntwana lowo kufuneka abe uneminyaka engaphantsi kweli-18.

Uza kufumana malini?

Uza kufumana imali engama-R1 180 eerandi ngenyanga ngomntwana ngamnye.

Uza kuhlawulwa njani?

I-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) iza kukuhlawula esi sibonelelo ngenye yezi ndlela zilandelayo:

  • ngokunika imali esandleni kwindawo eyodwa ekuhlawulelwa kuyo ngosuku oluthile
  • ngokuyifaka kwi-akhawunti yakho yebhanki isebenzisa i-ntanethi okanye kwi-akhawunti yasePostbank (ibhanki isenokuhlawulisa ngalo nkonzo)
  • kwiziko elisebenza njengomlawuli wesibonelelo-mali (umz. umbutho wezentlalo-ntle)

Qaphela: Ukuba awukwazi ukuyilanda ngokwakho le mali, ungazichongela umntu kwi-ofisi yakwa-SASSA oza kumnika ilungelo lokwamkela imali egameni lakho, okanye unike omnye umntu ilungelo lokulanda imali yesibonelelo-mali egameni lakho.

Singahlaziywa nini isibonelelo-mali somntwana?

Esi sibonelelo sizakuhlaziywa xa umyalelo wenkundla uphelelwe lixesha. Ngokwangoku oku kwenzeka qho kunyaka wesibini. Uza kwaziswa kwisithuba seenyanga ezintathu phambi kwexesha lokuhlaziywa kwesibonelelo.  

Ukuba imali yakho uyifumana ngebhanki, ngeziko okanye kumntu wakwa-SASSA omchongileyo onelungelo lokutyikitya, uyakulindeleka ukuba ugcwalise isatifikethi sobomi (ixwebhu eliqinisekisa ukuba usaphila kusini na) kwi-ofisi yakwa-SASSA qho ngonyaka.  

Singarhoxiswa xa kutheni isibonelelo-mali sakho?

Oku kulandelayo kungakhokelela ekurhoxisweni kwesibonelelo-mali sakho:

  • ukutshintsha kweemeko yakho
  • iziphumo zohlaziyo
  • ukuba khange kufunyanwe ntsebenziswano kuwe ngexesha lokuhlaziywa kwesibonelelo-mali
  • xa uthe wenza ubumenemene okanye wanikezela ngolwazi olungeyonyani ngawe
  • ukuba kwathi kanti bekukho impazamo ekuvunyweni kwesibonelelo sakho.

Siphelelwa nini lixesha isibonelelo-mali sakho?

Isibonelelo-mali siyakuphelelwa:

  • xa umntwana eswelekile okanye xa kusweleke umzali obekukuphela kwakhe osaphilayo kwabo bebenikwe igunya lokukhulisa umntwana lowo yinkundla
  • xa umntwana lowo ethe wangeniswa wamkelwa kwiziko likarhulumente
  • ukuba isibonelelo-mali asilandwanga kwade kwadlula iinyanga ezintathu zilandelelana
  • xa ungekho kweli lizwe
  • ukuba umntwana akasekho phantsi kwakho
  • ukuba awuseyiyo imbacu.

Kokuphi omawukwenze

  1. Yiya kwi-ofisi ye-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) ekufutshane nalapho uhlala khona uze noku kulandelayo:
    • Incwadi-sazisi (i-ID) enebhakhowudi enamanani ali-13 kunye nesatifikethi sokuzalwa somntwana.
    • Ukuba uyimbacu, iphepha-mvume yobume bakho ne-ID yobumbacu.
    • Ukuba awunayo i-ID yakho okanye isatifikethi sokuzalwa somntwana:
      • Gcwalisa ifomu yakwa-SASSA elungiselelwe ukwenza ingxelo efungelweyo phambi koMfungisi ongelilo igosa lakwa-SASSA.
      • Zisa lo ngxelo ifungelweyo ityikitywe ngumntu obekekekileyo (ofana noceba, inkokheli yemveli, unontlalo-ntle, umfundisi wakwalizwi okanye inqununu yesikolo) okwaziyo wena kunye nomntwana lowo.  
      • Igosa lwakwa-SASSA liza kunyathelisa iminwe yakho. Uyakude uthunyelwe nakwiSebe leMicimbi yezeKhaya ukuba uyokufaka isicelo se-ID ngeli xesha isicelo sakho kusetyenzwa ngaso. Ukuba awude uyifumane i-ID isicelo sakho siyakurhoxiswa.
      • Velisa isiqinisekiso sokuba usifakile isicelo se-ID kunye nesatifikethi sokuzalwa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
      • Velisa i-ID yakho yethutyana oyikhutshelwe liSebe leMicimbi yezeKhaya (ukuba iyafuneka).
      • Nikezela ngesatifikethi sokuphehlelelwa ukuba sikhona.
      • Ngenisa ikhadi lasekliniki ukuba likhona
      • Ukuba umntwana uhamba isikolo, isatifikethi sakhe sesikolo.
    • Isatifikethi somntwana sokuzalwa/izatifikethi zabantwana zokuzalwa, okanye iincwadi-zazisi ezivela kumazwe wabo okuzalwa
    • Umyalelo wenkundla onikezela umntwana kuwe
    • Isiqinisekiso sakho sobume bomtshato.
  2. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo phambi kwegosa lakwa-SASSA (qaphela ukuba nguwe kuphela njengomfaki-sicelo okanye igosa lwakwa-SASSA abanokugcwalisa ifomu yokufaka isicelo).
  3. Uza kunikwa irisiti. Yigcine njengesiqinisekiso sokuba usifakile isicelo.

Ukuba asivunywanga isicelo sakho?

Ukuba isicelo sakho asivunywanga, abakwa-SASSA bayakwazisa ngembalelwano ukuba kutheni isicelo sakho singaphumelelanga,

Ukuba awuvumelani neso sigqibo, ungafaka isibheno kuMphathiswa woPhuhliso loluNtu kwi-ofisi yesizwe yeSebe loPhuhliso loluNtu. Kufuneka ufake isibheno zingadlulanga iintsuku ezingama-90 emva kokuba wazisiwe ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.

Ithatha ixesha elingakanani

  • Inkqubo yokuqwalasela isicelo ingathatha iinyanga ezingafika kwezintathu.
  • Ukuba isicelo sakho siphumelele, uza kuhlawulwa ukususela ngomhla inkundla eyathi yamnikela phantsi kwakho ngawo umntwana.

Kubiza malini

Le nkonzo isimahla.

Iifomu emazigcwaliswe

Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki ku-intanethi, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yakwa-SASSA ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshelana nabani

I-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi saseMzantsi Afrika (i-SASSA)

SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email:  GrantEnquiries@sassa.gov.za

Share this page