INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-13 kweyoMsintsi yowama-2017

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla we-13 kweyoMsintsi yowama-2017, eTuynhuis, eKapa.

1. Imiba Engundaba-mlonyeni

1.1. Uqoqosho

1.1.1. IKhabhinethi iyalwamkela uhlumo oluhle kwiSambhuku seMveliso yeLizwe (i-GDP) oluyi-2.5% kwikota yesibini yowama-2017, noluthe lwakhupha eli lizwe kumngcipheko wokudodobala koqoqosho. Kule veki iphelileyo iziko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA) likhuphe la manani, nabonakalisa uhlumo oluyi-1.1 % lonyaka ngonyaka.

1.1.2. Nangona iKhabhinethi inethemba kodwa imincile, iqinisekile ukuba eli lizwe libonisa iimpawu zokuqala ezikhombisa ukuphucuka koqoqosho into leyo yenzeke ngenxa yokuqaliswa kokufezekiswa kwesiCwangciso esiManqaku aliThoba, nesijongise ekukhuliseni uqoqosho lwaseMzantsi Afrika nokudala imisebenzi edingeka kakhulu.

Oku kukhokelele ekumiselweni kwamaziko ezoshishino nokukhula kwesambuku semveliso zezolimo ezingekasetyenzwa ezithunyelwa kumazwe angaphandle ngomyinge oyi-14.6% ngonyaka ukususela kowama-2012.

1.1.3. INkqubo yooSomashishini abaMnyama ixhase iiprojekthi ezingama-62 nezithe zatsala utyalo-mali oluzibhiliyoni ezingama-26 zeerandi kwicandelo labucala yadala nemisebenzi engama-19 859 ukuza kutsho ngoku. Ukuxhasa ukusetyenziswa kweemveliso zalapha ekhaya, kumiselwe iimveliso namacandelo angama-21 ukuba ajongane nokuveliswa kunye nokusetyenziswa kweemveliso zalapha ekhaya.

Iphulo i-Operation Phakisa ukuza kuthi xhaxhe ngoku selivulele utyalo-mali oluthelekelelwa kwiibhiliyoni ezingama-24 eerandi kuQoqosho lwaseLwandle, apho uRhulumente enze igalelo elizibhiliyoni ezili-15 zeerandi kwesi sixa-mali. Nangona olu tyalo mali lukuphuhliso lweziseko ezingundoqo kumazibuko, ekuvelisweni kweziseko ezisetyenziswa emanzini ingakumbi ekwakhiweni kwezikhitshana, ukufama ngeemveliso zasemanzini nophando lwezenzulu-lwazi kwicandelo lwe-oli negesi, amasebe kaRhulumente aliqela enze igalelo elibonakalayo ekuqinisekiseni ngohlumo lweli candelo. Kudalwe imisebenzi engama-6517 kumacandelo ahlukeneyo.

1.1.4. IKhabhinethi iyaphinda ihlaba ikhwelo kubo bonke kweli, ingakumbi urhulumente, abezoshishino nemibutho yoluntu, ukuba lwakhele phezu kokuhluma okuhle okuthe kwenzeka kwikota yesibini ukuze kugcinwe izinga lohlumo lwezoqoqosho nophuhliso luphezulu, nokunceda kugcinwe imisebenzi.

1.1.5. UMphathiswa wezeMali, uMalusi Gigaba, usaqhuba ukuthetha namacandelo awohlukeneyo ngesicwangciso sokusebenza sohlumo lwezoqoqoso oluxhanyulwa nguye wonke, esimiselwe ukuba sivuselele intembeko kweli lizwe. UMphathiswa uza kuphinda akucacise oku kwiNtetho yoHlahlo lwabiwo-mali yesiGaba esiPhakathi ePalamente, eKapa, ngomhla we-8 kweyeDwarha yowama-2017.

1.2. Iziko lotyalo-mali elingunto-zonke, i-InvestSA One Stop Shop – eNtshona Koloni

1.2.1. IKhabhinethi ikuncomile ukumiselwa kweziko lotyalo-mali elingunto-zonke,i-InvestSA One Stop Shop. UMongameli uJacob Zuma umisele ngokusesikweni i-InvestSA One Stop Shop eNtshona Koloni waza ngolo hlobo wakubethelela ukuzimisela kukarhulumente ukuphucula imeko yotyalo-mali eMzantsi Afrika, nolilizwe elinomtsalane kwabo banokuba ngabatyali-mali.
1.2.2. I-InvestSA One Stop Shop yehlisa iindleko zokuqhuba ushishino kwaye yenza kube lula ukuqhuba ushishino kweli lizwe ngokubonelela ngesikhokelo sobuchule, ukunciphisa ukungasebenzi kakuhle kwemimiselo yolawulo nokususa imiqobo kunye nobunye ubucukubhede obuthandwa ngabasemagunyeni obuphazamisa abatyali-zimali.

1.2.3. I-InvestSA One Stop Shop yeSizwe kaRhulumente yamiselwe kweyoKwindla kulo nyaka ngeSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti), kuza kuvulwa ezinye ii-InvestSA One Stop Shop kuwo olithoba amaphondo – eyokuqala yile iseNtshona Koloni emva kwayo kuza kulandela iKwaZulu-Natal ize ibe yiGauteng emva koko.

1.3. IsiKhumbuzo soNyaka wesi-5 wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP)

1.3.1. IKhabhinethi nayo njengabo bonke abemi boMzantsi Afrika ibhiyozela isiKhumbuzo soNyaka wesi-5 wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP), nesamkelwa yiPalamente ngomhla we-12 kweyoMsintsi yowama-2012 njengesicwangciso sophuhliso lwezoqoqosho nentlalo ukulwa umngeni ontlandlo-ntathu wentlupheko, intswela-ngqesho nokungalingani ngowama-2030.
1.3.2. Njengomlimandlela welizwe oya empumelelweni, i-NDP yeyabo bonke abantu baseMzantsi Afrika kwaye ibonakalisa amathemba nolangazelelo lwabo kwiinkalo zonke zoluntu, zoMzantsi Afrika ongcono.

1.3.3. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bawuxhase ngokupheleleyo uMbono we-NDP wama-2030.

1.4. INgqungquthela ye-BRICS

1.4.1. IKhabhinethi iyiphawule iNgqungquthela yesi-9 yeBrazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika (i-BRICS) ebeyimpumelelo, nebibanjelwe e-Xiamen ePeople’ s Republic of China (i-PRC) ukususela ngomhla we-3 ukuya kowe-5 kweyoMsintsi yowama-2017 phantsi komxholo othi: “I-BRICS: UbuDlelwane oboMelele ngaKumbi beNgomso eliQaqambileyo”. 
1.4.2. Le ngqungquthela ithathe izigqibo ezibalulekileyo ezilungiselelwe ukwakha imbumba yamanyama eyomelele ngakumbi nentsebenziswano phakathi kwamazwe asaphuhlayo ukuba afezekise i-Ajenda yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo.

1.4.3. Ubudlelwane boMzantsi Afrika kwi-BRICS busekelwe ekukhokeliseni phambili izinto ezibalulekileyo nezingundoqo zeli lizwe, ukukhuthaza ukudibana kommandla nokulwela ulawulo lwehlabathi olungenzeleli amazwe athile luze amanye luwadlelelele.

1.4.4. Urhwebo oluphakathi koMzantsi Afrika namanye amazwe e-BRICS luphelele lufikelele kwiibhiliyoni ezingama-29 eedola zaseAmerika (i-US$29) kulo nyaka uphelileyo. Elona lizwe uMzantsi Afrika uthumela kakhulu kulo imveliso yawo kumazwe angaphandle kula mazwe e-BRICS ihleli iyi-China ilandelwe yi-India, iBrazil kuze kugqibele iRussia. Oku kunjalo nakwiimveliso nempahla yezorhwebo engena kweli isuka kumazwe angaphandle, iChina lilelona lizwe lithumela iimpahla zorhwebo ezininzi eMzantsi Afrika. Nangona uMzantsi Afrika ulilizwe elinobutyebi bendalo obuninzi, kubalulekile ukufezekiswa kweenkqubo zokuxhamlisa ukuxhasa umgaqo-nkqubo wethu wokwakha imizi-mveliso.

1.4.5. Ukwamkelwa kwesiBhengezo se-BRICS sase-Xiamen neSicwangciso sokuSebenza kuqaqambise isiseko esiluqilima esenziwe yi-BRICS ngokuseka iindlela zamaziko zokudala intsebenziswano ephathekayo.

1.4.6. IKhabhinethi iyalibulela iwonga lokuba uMzantsi Afrika nguwo oza kuba nguSihlalo we-BRICS kwaye ifuna ukukubethelela kwangoku ukuba ifuna  ukwakhela kwinkqubo yophuhliso ye-BRICS kunye nekamva eliqaqambileyo lamazwe angamalungu e-BRICS, njengoko ulungiselela ukusingatha iNgqungquthela ye-10 ye-BRICS ngowama-2018. 

1.5. UMzantsi Afrika neRussia utyikitya isivumelwano

1.5.1. IKhabhinethi iyakwamkela nokutyikitywa kwesivumelwano esiphakathi koMzantsi Afrika neRussia kwiNgqungquthela yesi-9 ye-BRICS, nezakuvelisa isixa-mali esizizigidi ezingama-400 eedola zaseMelika (i-US$400) ngokusityala kuphuhliso lwecandelo le-oli negesi laseMzantsi Afrika.

1.5.2. Inkampani ye-oli karhulumente yaseMzantsi Afrika, iPetroSA, kunye nenkampani yezimbiwa yaseRussia, i-Rosgeo, zivumelene ngokuphuhliswa kommandla wokuhlolwa okwibhloko ye-9 neye-11 kuNxweme lwaseMazantsi (South Coast) laseMzantsi Afrika. 

1.5.3. Ukukhangela i-oli negesi eMzantsi Afrika kubaluleke kakhulu kumalinge eli lizwe okuqinisekisa ukuba kukho amandla awaneleyo kweli.

1.5.4. IRosgeo yaseRussia iza kwenza umsebenzi wohlolo lwezimbiwa kunye nowokugrumba amaqula okukhangela i-oli. Le projekthi ingakhokelela ekukhutshweni kwegesi ezizigidi ezine zeekyubhiki mitha yonke imihla ize emva koko ithunyelwe kwisikhululo sokucokisa i-Gas-To-Liquid se-PetroSA e-Mosselbay, kuNxweme lwaseMazantsi.

1.6. Amazwe angaphandle uMzantsi Afrika othumela kuwo iimveliso zorhwebo

1.6.1. IKhabhinethi iyavuyisana ne-dti ekukhokeleni iqela leenkampani ezingama-20 zaseMzantsi Afrika ukuya kumboniso woKutya kweHlabathi (i-World Food) wase-Moscow wowama-2017, oqhubayo ngoku noza kuphela ngomhla we-15 kweyoMsintsi yowama-2017.

1.6.2. Ngeli xesha ikhuthaza icandelo lokuhlelwa nokusetyenzwa kweemveliso zezolimo zaseMzantsi Afrika, ukuthatha inxaxheba kwezi nkampani zalapha ekhaya zecandelo lokuhlelwa nokusetyenzwa kweemveliso zezolimo, kuqinisekisa ukuba ziyabonakala futhi zivakala izingqi zamashishini oMzantsi Afrika e-Russia.

1.6.3. Ezi nkampani zincedwe yi-Export Marketing and Investment Assistance Scheme ye-dti, enceda kakhulu ekukhangeleni amazwe angaphandle ekunokurhwetywa nawo ngeemveliso neenkonzo zoMzantsi Afrika, kwakunye nokugaya utyalo-mali oluthe ngqo lwamazwe angaphandle luze kweli lizwe.

1.6.4. Urhwebo oluphakathi koMzantsi Afrika neRussia lukhule kakhulu ukusuka kwisihlanu seebhiliyoni zeerandi kowama-2012 ukuya phantse kwiibhiliyoni ezisibhozo zeerandi kowama-2016. Ezona mveliso zaseMzantsi Afrika zithunyelwa kumazwe angaphandle zingundoqo ziquka iziqhamo neentlobo ezahlukeneyo zamantongomane, imanganisi, iziselo, iziselo ezinxilisayo, ivinika, iwayini, oomatshini abasebenza ngombane nezixhobo zombane.

1.7. Ukuqeshwa kwabantwana
1.7.1 IKhabhinethi ixhalabile zizehlo zakutsha nje zokuqeshwa kwabantwana apho kufumaneke khona abantwana besebenza kwiifama, eMntla Ntshona naseFreystata. IKhabhinethi iyayigxeka le mpatho-mbi nokuxhatshazwa kwabantwana abangenakuzikhusela.

1.7.2 IKhabhinethi iyababulela abantu abathe bazisa iSebe lezabaSebenzi nelithe, likunye neSebe loPhuhliso loLuntu, asebenza ngokukhawuleza ngolu hlobo lukhohlakeleyo lwempatho-mbi.

1.7.3 IKhabhinethi ixolile kukuba abantwana abachaphazelekayo sebefuduselwe kwimizi yokugcina abantwana nakukuba iSebe lezabaSebenzi liza kuzomeleza amaphulo alo okuhlola lize lisebenzisane kunye nee-arhente zogcino-mthetho ukumangelela abo benzi bobu bubi. 

1.7.4 Abantwana bethu balikamva lelizwe. IKhabhinethi izigxeka zonke iindidi zokuqeshwa kwabantwana ikwamema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba bahlale bephaphile ngalo lonke ixesha baze babamangalele abo bophula imimiselo yoMgaqo-siseko wethu.

1.7.5 UMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, we-1996 (uMthetho 84 we-1996), kunye noMthetho waBantwana, wama-2005 (uMthetho 38 wama-2005), ucacisa phandle ukuba bonke abantwana abaneminyaka yobudala ephakathi kwesixhenxe neli-15 banyanzelekile ukuba baye esikolweni. Ngokomthetho, abazali nabalondolozi babantwana kufanele baqinisekise ukuba abafundi abayile ntanga bayabhaliswa baze baye esikolweni rhoqo okanye basiwe emthethweni ukuba abaqinisekisi ukuba oku kuyenzeka.

1.8. Imbalela
1.8.1. IKhabhinethi iyababulela abo bathe basabela kwikhwelo lokonga amanzi eMzantsi Afrika.

1.8.2. UMzantsi Afrika ulilizwe elinamanzi anqongopheleyo kwaye iimeko zembalela ezizingisileyo kwiindawo ezithile zelizwe zisisikhumbuzo kubo bonke abantu ukuba bonge ithontsi ngalinye ngokusebenzisa amanzi ngobulumko nangononophelo.

1.8.3. Nangona amalinge okonga amanzi enceda ukwenza ukuba singade sifikelele kwiimeko apho amadama ethu eza kutsha imvula engaphantsi kunesiqhelo yexesha lemvula ebikiweyo eNtshona Koloni naKwaZulu-Natal bubungqina bokuba kusekuninzi okusadinga ukwenziwa ukonga amanzi.

1.8.4. IQela labaPhathiswa eliThweliswe uXanduva ngeMbalela, likhokelwa liSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli, liyaqhubekeka ukubeka esweni iimeko zembalela nokubonelela ngenkxaso efanelekileyo ngamasebe wamacandelo afanelekileyo ukuthomalalisa iimeko. 

1.8.5. Urhulumente wabe imali engama-74 zezigidi zeerandi ngenkxaso-mali yoncedo ukuhlangabezana nembalela engapheliyo eNtshona Koloni. 

1.8.6. ISebe lezaManzi noGutyulo nalo liqhuba kakuhle kakhulu ngamalungiselelo okuqaliswa kwe-Berg River  to Voelvlei Augmentation Scheme. Iinkcukacha zesigqibo soHlolo lweFuthe Loku kokusiNgqongileyo kufanele zinikezelwe ekupheleni kweyoMsintsi. UMphathiswa wezaManzi noGutyulo, uNksz Nomvula Mokonyane, ususela ngoko uyalele uGunyaziwe weTonela iTrans-Caledon ukuba lifune imali kuze kuqaliswe le projekthi. Sebeqalisile ukuthetha nabasebenzisi abangabona bakhulu kwaye baza kuya kuMphathiswa kungekudala ukwenzela uvumelwano kunye noMphathiswa wezeMali ukwenzela ukuba bayazi ukuba ingakanani na imali enokubolekwa eza kusetyenziswa kule projekthi.  

1.8.7. IKhabhinethi iyoleka kwizibongozo ezibhekiswa kubo bonke abaseMzantsi Afrika ukuba baqinisekise ukuba amanzi ayongiwa njengenxalenye yobomi babo bemihla ngemihla.

1.9. ILesotho
1.9.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uZuma iyakugxeka ukubulawa ngolunya kweNkumanda yoMkhosi wezoKhuselo waseLesotho, uNjengele uKhoantle Motšomotšo.

1.9.2. Esi sehlo sakutsha nje sobundlobongela asamkeleki. Eli lixesha lokuba abantu kunye neenkokheli zaseLesotho mabaqiniseke ukuba kubuyelwa kwinzolo nemeko yesiqhelo ngokukhawuleza kweliya lizwe.

1.9.3. Sisathembile ukuba iQela labaPhathiswa eliza kuPhanda loMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC) liza kukwazi ukunceda iLesotho kugqitywe ngamanyathelo okungenelela afanelekileyo. I-SADC ayigungqi kwinjongo yayo yokomeleza, ikhusele ize igcine ulawulo lwentando yesininzi, uxolo, ukhuselo nozinzo kulo mmandla ngokusebenzisana neenkokheli zaseLesotho.

1.10. ILibya
1.10.1. IKhabinethi iyazamkela iziphumo ezivela kwiKomiti yeNqanaba eliPhezulu yeMbumba yaMazwe ase-Afrika (i-AU) malunga neLibya kwiNqanaba leeNtloko zeMibuso nooRhulumente, nebibanjelwe eBrazzaville, kwiRiphabliki yaseCongo.

1.10.2. UMongameli uZuma uthathe inxaxheba kwiKomiti yeNqanaba eliPhezulu, ebixoxa ikwahlola amalinge abhekisele ekufumaneni isisombululo esohlala sihleli kule mbambano yaseLibya.

1.10.3. Njengelungu leKomiti yeNqanaba eliPhezulu ngeLibya, uMzantsi Afrika uyawaxhasa onke amalinge we-AU ajolise ekuziseni isisombululo soxolo kungquzulwano olwenzeka eLibya.

1.10.4. IKhabhinethi iyasiphinda isibhengezo esenziwe nguMongameli uZuma sokuba uMzantsi Afrika ukulungele ukunceda iLibya kumalinge asemva kokwaKhiwa ngokuTsha noPhuhliso nokuxelela eliya lizwe ngezinto eli lizwe elazifundayo ngomba woxolelwano, ukwakha umgaqo-siseko kunye nenguqu yolawulo lwentando yesininzi kuMbuso.

1.10.5. IKhabhinethi ikwaphinda nokubaluleka kothethathethwano lwezizwe-ngezizwe oluququzelweyo nolunemvisiswano.

1.11. INkomfa yaMazwe angamaLungu (i-COP13)

1.11.1. IKhabhinethi iyavuma ukuba uMzantsi Afrika, njengelinye lamazwe atyikitya isiVumelwano sokuThintela ubuNtlango seZizwe eziManyeneyo (i-UN), uthatha inxaxheba kwiSeshoni ye-13 ye-COP13 eqhubeka e-Ordos, eChina ukususela ngomhla we-6 ukuya kowe-16 kweyoMsintsi yowama-2017.

1.11.2. Kulindeleke ukuba le nkomfa iza kugqibezela ize yamkele inkqubo-sikhokela yobuchule entsha yexesha elisuka kowama-2018 – 2030 neququzelelwe phantsi komxholo othi “Ngokubhekisele kumhlaba oseMpilweni ukwenzela isiZukulwana saNgoku neseXesha Elizayo”. UMzantsi Afrika uza kusebenzela ukuqinisekisa ukuba imigaqo-nkqubo esephepheni itshintshe ibe yimisebenzi ebonakalayo.

1.11.3. UMzantsi Afrika uza kusebenzisana nawo onke amazwe ase-Afrika uvakalise izimvo zeli lizwe kunye nezo zelizwekazi. ICandelo elikwiNqanaba eliPhezulu lale nkomfa liza kuqwalasela lize libonelele ngesikhokelo sezopolitiko kwimingeni kwimiba evelayo ngokuba yintlango, ukuhla kwezinga lomhlaba nembalela.

1.11.4. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bakhusele futhi bakhathalele indalo esingqongileyo khona ukuze siyilondolozele izizukulwana ezizayo.

1.12. Aboshishino lwezithuthi zikawonkewonke

1.12.1. IKhabhinethi iyazigxeka izenzo zobundlobongela, ukutshiswa kwezithuthi zabolu shishino kunye nezenzo zokugrogrisa phakathi kwaboshishino lwee-Meter Taxi kunye nabe-E Hailing Partners olwenzeke eSandton, eRhawutini.

1.12.2. IKhabhinethi icela ii-arhente zogcino-mthetho ukuba zithathe amanyathelo ngabenzi bobu bundlobongela nokugrogrisa ngokuhambelana noMgaqo-siseko.
1.12.3. Ezi zenzo ziphazamisa amalinge eli lizwe enziwe ngamxhelo-mnye okudala imeko yorhwebo olukhululekileyo nokhuphiswano olungenamkhethe.

1.13. Ooceba
1.13.1.1. IKhabhinethi iyakugxeka ukuhlaselwa nokubulalwa kooceba kumaphondo athile ikwavakalisa namazwi ovelwano kwiintsapho nabahlobo babo bagetyengiweyo. Oku kuchasene nomoya kunye nemithetho ekuMgaqo-siseko, kwaye kuphazamisa kumalinge ethu okumilisela ulawulo lwentando yesininzi kunye nelungelo labantu lokuzikhethela abameli babo.

1.13.2. Ukususela ekuqaleni konyaka, baninzi abantu abaswelekayo KwaZulu-Natal,, kwezi ntsukwana zimbalwa zidlulileyo kuvele neengxelo ezithi lo mkhuba ugqithele naseMpuma Koloni.
1.13.3. Ubundlobongela bubulale amatsha-ntliziyo asematsha, kuquka negorha lowayesakuba nguNobhala-Jikelele wePhiko loLutsha lwe-African National Congress (i-ANCYL), uSindiso Magaqa, obesenegalelo elikhulu abenokulenza ekwakheni uMzantsi Afrika ohlumayo.

1.13.4. Sicela amaqela ezopolitiko ukuba akhuthaze ukunyamezelana phakathi kwamalungu wawo sikwabongoza uluntu ukuba lixhase amaPolisa oMzantsi Afrika kuphando lawo.

1.14. INyanga yaMafa
1.14.1. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke ngokuphawula iNyanga yaMafa yalo nyaka phantsi komxholo othi: “Unyaka ka-Oliver Reginald Tambo: Sibhiyozela iNkululeko Yethu Elilifa”. 

1.14.2. Le nyanga ingqamana neminyaka elikhulu yokuzalwa kuka-O. R. Tambo, um-Afrika onguMthandi-weSizwe, owabonakalisa ukuzinikela ngokungagungqiyo ekukhonzeni abantu baseMzantsi Afrika, belizwekazi nabehlabathi. Sikwaphawula neminyaka engama-40 yokusweleka kuka-Steve Bantu Biko, nowabulawa ngokungenalusini ngurhulumente wocalucalulo.
1.14.3. UMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko, uMnu Nathi Mthethwa, ukhuphe inkqubo yokubhiyozela le nyanga.

2. Izigqibo zeKhabhinethi
2.1. IKhabhinethi iye yaxelelwa ngeengxelo zenkqubela yokusebenza yoku-1 yekota nekota yowama-2017/18 ekufezekisweni kweziphumo eziphambili zexesha eliphakathi kwekaTshazimpunzi neyeSilimela yowama-2017.

2.2. Urhulumente uyaqhubeka ukwenza inkqubela ebonakalayo ekufezekiseni iziphumo ezili-14 eziphambili, ezivela kwiNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) yowama-2014 – 2019, nesisondezayo ekuphumezeni uMbono wama-2030 we-NDP.

2.3. IKhabhinethi yazisiwe nageendawo ezifumana ukulibaziseka ekufezekisweni nokuhlolwa kumanyathelo alindelekileyo ukukhawulezisa ukunikezela.
Kuza kubanjwa iintlanganiso noonondaba ngabaPhathiswa beeNtlanganisela ezahlukeneyo ukuze bacacise  malunga neziphumo zezi ngxelo kula veki yomhla we-6 kweyeDwarha ukuya kumhla we-15 kweyeDwarha yowama-2017. Iinkcukacha ngamaxesha neentsuku eziza kubanjwa ngazo ezi ntlanganiso ziza kulungiswa rhoqo zifakwe kule webhusayithi: www.gov.za.

2.4. IKhabhinethi isamkele isiphakamiso sokuba uMzantsi Afrika usingathe umboniso obizwa i-International Telecommunication Union Telecom World Exhibition kweyoMsintsi yowama-2018. Lo ngumboniso owenziwa rhoqo ngonyaka noliqonga leenkokeli zikarhulumente nezoshishino ukuba zihlalutye imingeni, zingene kwizivumelwano zokusebenzisana zikhangele nezisombululo, zize zichonge amathuba otyalo-mali neendlela ezingcono zokusebenza ngophuhliso lwezentlalo noqoqosho ngobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano (i-ICTs).

Oku iza kuba kokokuqala ukuba lo msitho ubanjelwe e-Afrika. Ngexesha lalo msitho, icandelo le-ICT laseMzantsi Afrika liza kunikwa ithuba lokubonisa iimveliso zalo ezahlukeneyo. Necandelo lezokhenketho leli lizwe liza kuxhamla nalo ngeli xesha.

3. Imisitho ezayo
3.1. UMongameli uZuma uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika ukuya kwiSeshoni yama-72 yaRhoqo yeNdibano eNkulu yeZizwe eziManyeneyo phantsi komxholo othi, “Ukugxila eBantwini: Ukuzamela uXolo noBomi obuNdilisekileyo kuMntu Wonke kwiHlabathi eliZinzileyo” eNew York, e-United States of America. UMzantsi Afrika uza kuqhubeka ukusebenzela ukuba kuqaliswe iinguqu kwi-UN futhi ihlaziywe njengokuba uthatha inxaxheba kwiSeshoni yama-72.

3.2. UMongameli uJacob Zuma njengoSihlalo we- -SADC, uza kubiza iNgqungquthela ye-Double Troika yeeNtloko zaMazwe nooRhulumente ngomhla we-15 kweyoMsintsi yowama-2017 ePitoli. 

Le Ngqungquthela ye-Double Troika ibanjwa ngenxa yezakutsha nje zopolitiko nokhuseleko eLesotho.

3.3 Igqiza eliphezulu loMzantsi Afrika liza kufaka ingxelo yalo yokuqala yesicelo sokusingatha iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMboxo yowama-2023 eLondon ngomhla wama-25 kweyoMsintsi yowama-2017. UMzantsi Afrika unobungqina obaziwayo obuliqima bokusingatha imisitho ekumila kunje. IKhabhinethi ifuna ukuphinda ivakalise ukuba isixhasa ngokupheleleyo esi Sicelo sokuSingatha kwaye icela abantu baseMzantsi Afrika ukuba basixhase esi Sicelo sokuSingatha le midlalo siza kwenza igalelo elikhulukazi kumanyano loluntu nokwakha isizwe kwakunye nokwenza igalelo kuphuhliso lwezemidlalo. 

4. Imiyalezo
4.1. IKhabhinethi inqwenela abemi baseGermany impumelelo kumalungiselelo onyulo lwezwelonke kweliya lizwe oluza kubanjwa ngomhla wama-24 kweyoMsintsi yowama-2017 lokonyula amalungu e-Bundestag ye-19, nezakuthi yona yonyule iNgqonyela imisele norhulumente omtsha. Ilizwe laseGermany ngumtyali-mali obalulekileyo eMzantsi Afrika, nesisanqwenela ukuqhubeka nonxulumano, intsebenziswano nobudlelwane nayo. 

4.2. IKhabhinethi ithumela amazwi ayo ovelwano kubantu bommandla wase-Carribean kwakunye nabendawo ezithile zaseCuba nase-United States emva kwentshabalalo ebangelwe yiNkanyamba u-Irma. Sithumela amazwi ethu ovelwano kwizizalwane zabo bathe baphulukana nobomi babo nempahla yabo kulo mbodamo.

4.3. IKhabinethi nayo njengesizwe ivuyisana noKevin Anderson ngokufikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi we-US Open. Ungumdlali wokuqala waseMzantsi Afrika ukufikelela kumagqibela kankqoyi kumdlalo wobuntshatsheli omkhulu wentenetya ukususela ngowe-1994. Sinethemba lokuba uza kuqhubeka ukwakhela kwiimpumelelo yakhe eqaqambileyo nokuvuselela ulutsha lwaseMzantsi Afrika olunetalente.

4.4. IKhabhinethi ivuyisana noTrevor Noah ngokuphumelela iMbasa ye-Emmy kudidi lwe-Best Short Form Variety Series ngumboniso wakhe owodwa ku-YouTube, othi The Daily Show: Between the scenes.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – UMlawuli-Jikelele oliBambela (GCIS)
Selula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore