INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-4 kweyoMsintsi wama-2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi yamkela ukusungulwa koMqulu weeNkonzo zikaRhulumente kwaye incoma iimanyano zeenkonzo zikarhulumente noRhulumente njengomqeshi kwizibophelelo ezenziwe ngalo Mqulu.

Lo Mqulu wazisa imigangatho yeenkonzo kwakwiinkonzo karhulumente neemanyano zabasebenzi bakarhulumente zibonakalisa ukuzinikela ekuxhaseni kwazo imigangatho yeenkonzo.

1.2. IKhabhinethi iqaphela ukuba amacandelo amaninzi akwiingxoxo zothethathethwano ngonyuso lwemivuzo okanye ebekade ekuzo. IKhabhinethi yamkela izivumelwano ekufikelelwe kuzo kwamanye amacandelo kwaye iqaphela ukuba iingxoxo zothethathethwano zisaqhubeka kwamanye. IKhabhinethi iqonda ukuba kulawulo lwentando yesininzi, abasebenzi banelungelo lokugwayimba. IKhabhinethi igxininisa ukuba ilungelo elinjalo kufanele lisetyenziswe ngendlela engenadushe nokuthotyelwa komthetho ngokupheleleyo.

Kukho uxanduva olujongene neenkokeli zeemanyano, abaqeshi neenkonzo zokhuseleko zikarhulumente lokuqinisekisa ukuba umthetho ugciniwe, kwaye amanyathelo axhokonxayo kufanele aphetshwe nentshukumo yokugwayimba yenziwa ngendlela enoxolo.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amaqela ukuba asebenzise iinzame zawo afikelele kwisivumelwano seengxoxo ngokukhawuleza kwaye aphephe iimbambano ezithatha ixesha elide. Izivumelwano ezikhawulezayo ezinjalo ziza kunceda ekunciphiseni iindleko kwezoqoqosho kwaye zikhuthaze ukufikelela kwiinjongo zelizwe zemisebenzi nohlumo.

1.3. IKhabhinethi ivume iLekgotla yezeMigodi yoNyaka yesibini ebibanjwe kwiveki ephelileyo. Le Lekgotla ize nelinye ithuba lokuba abadlala indima ebalulekileyo nabachaphazelekayo kwishishini lezemigodi baqhubeke ukuzibandakanya ekufumaneni izisombululo eziza kusebenza ixesha elide kwimingeni ehlupha eli candelo. Phantsi kwesikhokelo sikaSekela Mongameli uKgalema Motlanthe urhulumente usekwaqhubeka nokuxhasa isivumelwano senkqubo-sikhokelo nokufezekiswa kwaso ukuze kubekho icandelo lezemigodi elomeleleyo nelizinzileyo.

1.4. Kwingabula-zigcawu ekhokelela kwiMinyaka engama-20 yeNkululeko ngomhla wama-27 kuTshazimpunzi wama-2014, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi bonke boMzantsi Afrika ukuba bakhumbule imbali yethu kwaye babhiyozele iinkcubeko zethu ezohlukileyo ngexesha leNyanga yaMagugu.
Imibhiyozo yalo nyaka iza qatshelwa phantsi komxholo othi: "Ukuzuza kwakhona, ukuBuyisela nokuBhiyozela aMagugu Ethu aPhilayo”.

Imibhiyozo yoSuku lwaMagugu iza kubanjelwa kwiBala lezeMidlalo iSisa Dukashe eMdantsane, kuMasipala oMbaxa weSixeko iBuffalo, kwiPhondo leMpuma Koloni ngomhla wama-24 kweyoMsintsi wama-2013.

Njengenxalenye yephulo leMinyaka engama-20 yeNkululeko, intsebenziswano kunxibelelwano lwesizwe iza kuqaphela ukusungulwa kuka ‘Lwesihlanu weNkululeko’ ngomhla wama-20 kweyoMsintsi wama-2013, oza kubonelela ngeqonga kubemi boMzantsi Afrika lokuba baxabise inkululeko yethu elwelwe nzima ukuqinisekisa ukuba izizukulwana ezizayo ziza kukwazi ukuxhamla kulawulo lwethu lwentando yesininzi olusaphuhlayo.

Ngenyanga yoMsintsi, ukuxhasa iinzame zokhenketho lwethu lwasekhaya, iKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba batyelele iziza zamagugu ukuze sizikhumbuze ngohambo lwethu oluya enkululekweni.  Kananjalo, baxhase amagugu ethu endalo ngokutyelela imimandla emiselwe ukubuka ubuhle bendalo simahla ukususela ngomhla we-9 ukuya kowe-13 kweyoMsintsi kowama-2013 njengenxalenye yemibhiyozo yonyaka wesi-8 weVeki yeePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika esingathwa rhoqo ngonyaka. (iSANParks).

1.5. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abazali nabagcini babantwana ngokusemthethweni ukuba baxhase abantwana babo kumalungiselelo azayo oHlolo loNyaka lweSizwe (ANA) kubuchule bokufunda nokubhala kunye nezibalo olubanjwa phakathi komhla we-10 nowe-13 kweyoMsintsi kowama-2013.

Abazali nabagcini babantwana ngokusemthethweni kufuneka baqinisekise ukuba bayaxoxa ngeziphumo ze-ANA zowama-2013 njengoko oku kusebenza njengesixhobo sokuxilonga amandla okufunda nobubhetyebhetye babafundi.
Ekulungiseleleni i-ANA ezayo, abazali, abagcini babantwana ngokusethethweni nabafundi bayakhuthazwa ukuba basebenzise izixhobo abazinikwe liSebe lezeMfundo esiSiseko. Zona zingafunyanwa kwiwebhusayithi yeSebe kule dilesi: (www.education.gov.za).

1.6. IKhabhinethi ivakalisa umyalezo wenkxaso kumajoni oMkhosi woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika atyalwe empuma yeDemocratic Republic of the Congo ukususela kumhla we-13 kweyeSilimela kowama-2013 ukuya kowama-31 kweyoKwindla wama-2014. Kuhlatywa ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase kwaye banike ingqwalasela kula majoni abaluleke kangaka nanceda ekuqondiseni ngendlela  uMzantsi Afrika ozinikele ngayo kuxolo, kuzinzo nasekomelezeni intando yesininzi kwizwekazi i-Afrika.

1.7. IKhabhinethi ivuyisana nokuqeshwa ngumongameli kukaMnu. Mxolisi Sandile Oliver Nxasana njengoMlawuli weGunya-bantu loTshutshiso lweSizwe noVasantrai Soni (SC) njengeNtloko yeCandelo loPhando oluLodwa.

1.8. IKhabhinethi inqwenela uluntu lwamaJuda loMzantsi Afrika iRosh Hashanah emnandi kakhulu (ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-6 kweyoMsintsi wama-2013). I-Rosh Hashanah inentsingiselo enzulu kuLuntu lwamaJuda kuba iqaphela inkqubo yesiqalo sokuzigocagoca nokucinga nzulu okukhokela nokuphelela kwiYom Kippur, kuSuku lweNtlawulelo.

1.9. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kuMphathiswa uMthethwa nakusapho lwakhe ngokusweleka kukamama wakhe uNks Nurse Gumbi ngomhla wesi-3 kweyoMsintsi wama-2013.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo ngeziphumo zeSixhobo sokuHlola uLawulo lokuSebenza (MPAT) yamasebe kazwelonke nawamaphondo kunyaka-mali wama-2012/13. Le ngxelo sesinye isixhobo esifuna ukuphucula umgangatho weenkonzo ezibonelelwa ngamasebe. Sihlola imimandla emine nebanzi yolawulo eyile ulawulo lothungelwano lwemisebenzi; ulawulo lwabasebenzi; isicwangciso sobuchule nokuphuculwa kokuhanjiswa kweenkonzo. Uhlolo lwenziwa kumanqanaba amathathu, elokuzihlola; ize ibe yinkqubo ehlolwa luphicotho-zincwadi lwangaphakathi ekugqibeleni ibe luhlolo olwenziwa liqela labahloli abazimeleyo.

Ingxelo iza kucazululwa ngakumbi liSebe loHlolo noVavanyo lweNtsebenzo ngexesha  elucwangcisiweyo lokusungula kweMPAT kwiveki ezayo eKapa.

2.2. IKhabhinethi ifumene yaze yaphumeza iingxelo zekota yokuqala zowama-2013/14 ezingofezekiso lweZivumelwano zokuHanjiswa kweZiphumo. Ezi ngxelo ziza kucazululwa ngexesha lothotho olucwangcisiweyo lwamagqabantshintshi koonondaba ngeSiphumo ngasinye kwezili-12.

2.3. IKhabhinethi iqaphele ingxelo ‘yeProjekthi yokuSuswa kweeNkcukacha zeNtengo ngeTyala eziChaseneyo’ yaze yaphumeza izindululo zeKomiti ejongene neMicimbi yoRhwebo neNtsebenziswano yaMazwe ngamazwe.

Le ngxelo ijonge ukushukuxa umba wokufikelela kwintengo ngetyala kwabemi boMzantsi Afrika abanako ukuhlawula ityala. Aba ngabathengi mhlawumbi abawahlawula ngokupheleleyo amatyala abo kwaye ngoku bakwimeko apho bangathi babenako ukulihlawula ityala kodwa abakwazi ukufikelela ngenxa yeenkcukacha zentengo ngetyala ezisemagameni abo ezenza ukuba bangavunyelwa bathenge ngetyala kwakhona kuba babonwa njengabangathembekanga.

Okubalulekileyo kukuba oku kuqinisekisa ukuba uMthetho weNtengo ngeTyala weSizwe, uMthetho Nombolo wama-34 wama-2005 usebenza ngokweenjongo zawo ukuqinisekisa ukuba abathengi abanakho ukulihlawula ityala bangakwazi ukulenza. Ukungafikeleli okanye intengo ngetyala exabisa kakhulu ithintela uhlumo. Ukufikelela kwintengo ngetyala kubaluleke kuzo zonke iinjongo zophuhliso.

2.4. IKhabhinethi ivume iPhepha loMgaqo-nkqubo lokuMiswa kwetyala useluValelweni nokwaziswa kwalo ePalamente.

Iphepha loMgaqo-nkqubo eliyilwayo lijonge ukuphucula ulawulo lwenkqubo yokuvalelwa kwabalinde ukuxoxa ityala kwiintolongo zoMzantsi Afrika. Eli phepha lizoba imithetho-siseko eza kunyanzelisa ulawulo lokuvalelwa kwabo bavalelwe besalinde ukuxoxa amatyala abo. Le ngxelo iza kukhutshwa ngokulandela iinkqubo zasePalamente.

2.5. IKhabhinethi yavuma ukuba iNkomfa yeQela engeziXhobo zemfazwe eziNinzi eziHlasela ngexesha elinye ithunyelwe ePalamente ukuze iphunyezwe. IKhabhinethi ixhasa ukutshatyalaliswa kweentlobo-ntlobo zezixhobo zemfazwe eziselugcinweni zeqela ukuthobela imithetho yale Nkomfa.

NgeyeNkanga yowama-2006 inkomfa yeZizwe eziManyeneyo (UN) ayizange ifikelele kwisigqibo sokuba iza kushukuxwa njani impembelelo embi kuluntu yezi zixhobo. Oku kwakhokelela kwiqela lamazwe angama-46, kuquka uMzantsi Afrika, elathi laqalisa inkqubo ngaphandle kwe-UN, ebizwa ngokuba yi-Oslo Process, yokuyeka ukusetyenziswa kwezixhobo zemfazwe ezininzi ezihlasela ngexesha elinye.

UMzantsi Afrika kunye namanye aMazwe angama-93 batyikitya iSivumelwano kweyoMnga wama-2008. Ngomhla woku-1 kweyeThupha yowama-2010 iSivumelwano saba sisinyanzeliso. Isivumelwano siphelisa ukusetyenziswa, ukuveliswa, ukugcinwa nokugqithiselwa kweendidi ezithile zezixhobo zemfazwe. Ukuphunyezwa kweNkomfa kuyahambisana nezibophelelo zoMzantsi Afrika zokugcina amalungelo oluntu nomthetho wobulungisa xa kusiliwa imfazwe.

2.6.  IKhabhinethi yavuma ukufakwa kwengxelo engoPhicotho loMhlaba kaRhulumente oBhalisiweyo nohlalutyo lwe-desktop kuBumnini boMhlaba waBucala eMzantsi Afrika, nguMvavanyi Jikelele oyiNtloko, ePalamente.
Iinkcukacha zomhlaba zibaluleke kakhulu kwimpumelelo yophuhliso lomhlaba uwonke kweli lizwe. Injongo yokupicotha umhlaba karhulumente obhalisiweyo kukuqinisekisa ukuba ungakanani ongokarhulumente, usetyenziselwa ntoni kwaye ngubani ohlala kuwo/owusebenzisayo.

Oku kuza kusetyenziswa ukuncedisa ekumiseleni isidima sencwadi ekubhaliswe kuyo wonke umhlaba, neza kusebenza njengentsika yokuncedisa ucwangciso nolawulo lomhlaba, kuquka eminye imisebenzi enxulumene nolawulo lwezemihlaba nokuziswa kweenkonzo.

2.7. IKhabhinethi yavuma uyilo loShicilelo lweengqekembe zemali yoMzantsi Afrika lowama-2013 R2 (1/4 oz) uthotho lweengqekembe zegolide yesikhumbuzo  zama-24 ct olusisikhumbuzo nolwama-2013 R1 (1/10 oz) uthotho lweengqekembe zegolide  zama-24 ct zesikhumbuzo.

Uyilo lwengqekembe yegolide exabisa R2 lwama-2013 luza kuqaqambisa ulwimi lamaSAN luze uyilo lwengqekembe  yegolide exabisa R1 lowama-2013 noluza kuba lolwesithathu ushicilelo luqaqambise iLulwane lesiQhamo. Uyilo lwezi ngqekembe kunye neziBhengezo zalo ziza kubhalwa kwiPhepha likaRhulumente elibizwa ngokuthi yi-Government Gazzette. Emva koko ziza kuveliswa zize zithengiswe ngamajelo aqhelekileyo.

2.8.  IKhabhinethi yavuma ukufakwa kwiKomiti ye-UN yamaLungelo oMntwana neKomiti yeNgcali zeManyano ye-Afrika iingxelo ezi-3 ezinxulumene nenkqubela eyenziweyo ekufumaneni amalungelo nentlalo-ntle yabantwana. Ezi ngxelo zibonelela ngethuba eliselubala nelibalulekileyo kuMzantsi Afrika ukuba uhlole inkqubela oyenzileyo kule mimandla:

a) INgxelo yeLizwe kuMgaqo wokuziKhethela kwiNtengiso yaBantwana, ubuHenyu obuqhutywa kusetyenziswa aBantwana naManyala akwaqhutywa kusetyenziswa aBantwana
b) Ingxelo yesibini, eyesithathu neyesine ezidityanisiweyo zeNkomfa ye-UN yamaLungelo oMntwana.

UMqulu we-Afrika ongamaLungelo neNtlalo-ntle yoMntwana: Ingxelo yokuqala yeLizwe kwiKomiti yeNgcali zeManyano ye-Afrika ngamaLungelo neNtlalo-ntle yoMntwana.

IKhabhinethi ibulela uthotho lwemibutho yoluntu yasekuhlaleni ezinikezeleyo namaqabane amazwe ngamazwe asebenzisana norhulumente ekufezekiseni izibophelelo kubantwana ezikuMgaqo-siseko wethu.

3. IMithetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi yavuma ukufakwa koMthetho-Sihlomelo wamaLungelo okuBuyiselwa koMhlaba.

Lo Mthetho oYilwayo uhlomela uMthetho woBuyiselo ukuze kubhekeliswe 2875 453 umhla wokufakwa kwamabango okubuyiselwa umhlaba kude kube ngumhla wama-31 kuDisemba wama-2018; ukwenziwa ibe lulwaphulo-mthetho ukufakwa kwebango lobuqhinga; ukwenziwa lula kwenkqubo yokonyulwa kweJaji kwiNkundla yaMabango oMhlabo; kunye nesihlomelo sezibonelelo ezithile ezijolise ekukhuthazeni ukuqalisa kokusebenza kwalo Mthetho kakuhle. Ukuvulwa ngokutsha kokufakwa kwamabango kukhokelwa ngumbono weSicwangciso soPhuhliso seSizwe kwakunye neNkqubo yoPhuhliso lwaMaphandle ngokuBanzi nezinye izicwangciso zobuchule zokukhula ekujongwe ukukhuthaza uxolelwaniso lwesizwe nentlalo-ntle ngazo.

3.2. IKhabhinethi yavuma ukwaziswa koMthetho weNzululwazi noBugcisa, uMthetho-siHlomelo wama-2013 kwiPalamente.

UMthetho-siHlomelo ujongene nezihlomelo zokuphuculwa kweMithetho elawula ukusebenza kwamaqumrhu karhulumente (amabhunga enzululwazi) awasekwa ngokweMithetho ekhankanyiweyo. UMthetho oYilwayo ufuna ukufezekisa inkqubo yokumiswa nokunyulwa kwamalungu kwakunye nokuvalwa kwezithuba zomsebenzi kwiiBhodi okanye amaBhunga ala mashishini karhulumente. Lo Mthetho uYilwayo uqaqambisa imfezeko nokungagungqi ekusebenzeni nolawulo lwamashishini karhulumente anika ingxelo ngemisebenzi yawo kuMphathiswa wezeNzululwazi noBugcisa.

Ekomelezeni umsebenzi wokongamela wePalamente, uMthetho oYilwayo ufuna ukukhulula iPalamente kolunye uxanduva lokulawula isigqeba olunxulumene nokunyulwa kwamalunga nokuzaliswa kwezithuba zomsebenzi kwiiBhodi okanye kumaBhunga. Oku kuhambelana nemithetho-siseko yoMgaqo-siseko yokwahlukana kwamagunya olawulo ngamacandelo ombuso azimeleyo.

3.3. IKhabhinethi yavuma upapasho loMthetho oYilwayo weMicimbi yezeMveli kwiPhepha ezibhengezo likaRhulumente ukuze uluntu luphefumle.

UMthetho oYilwayo ubonelela ngokusemthethweni ngokwamkelwa kwamaKhoi-San kwaye ushukuxa unyino nemida yomthetho olawulayo ngokuphathelele  kubunkokeli bemveli nolawulo.

Ukususela kowe-1994 urhulumente unike ingqalelo imingeni enxulumene namaKhoi-San kwaye ngokukodwa, ulwamkelo loluntu lwamaKhoi-San neenkokheli zawo. Lo Mthetho oYilwayo uza kubanegalelo kokujoliswe kuko okungundoqo kwiSicwangciso soPhuhliso seSizwe ngokunxulumene nokwandiswa kwentlalo-ntle nobunye lo gama kushukuxwa ukungalingani kwexesha elidlulileyo.

3.4. IKhabhinethi yavuma isiKhokelo-nkqubo semithetho-siseko yoHlaziyo loMthetho weSizwe weNtengo noMthetho Sihlomelo weNtengo yeSizwe ukuba waziswe ePalamente.

UMthetho weNtengo weSizwe, wama-2005 (uMthetho Nombolo wama-34 wama-2005) waqalisa ngokupheleleyo ngowoku-1 kweyeSilimela wama-2007 usazisa ixesha elitsha lemimiselo yentengo kwinkqubo yomthetho yaseMzantsi Afrika.
UMthetho oYilwayo ujonge ukomeleza amandla okusebenza koMlawuli weNtengo weSizwe (NCR) ukushukuxa imingeni ethile ngokukodwa ngokuphathelele kwiinkqubo zenkundla nokomeleza unyanzeliso nofezekiso lwezibonelelo zoMthetho weNtengo weSizwe wama-34 wama-2005.

ISebe lezoRhwebo noShishino (dti) nalo lagqiba ukuba isikhokelo-nkqubo semithetho-siseko yeNtengo yoMthengi, ekusekwe ngayo uMthetho weNtengo weSizwe wama-34 wama-2005, ulungile kwaye ufanelekileyo. Oku kulandela ingqwalasela ebanzi yohlaziyo, ngowama-2012 liSebe lezoRhwebo noShishino.

3.5. IKhabhinethi yavuma ukufakwa koMthetho-Sihlomelo wokuMiselwa kweMivuzo yaMalungu aMaziko eMiba yoMgaqo-siseko, ngowama-2013.

UMthetho oYilwayo ujonge ukudala ukufana ngokumiselwa kwemivuzo, izibonelelo neminye imimiselo nemiqathango yengqesho yamalungu asebenza kumaZiko axhasa intando yesininzi, ukuze ngoko kuqaqanjiswe ukusebenza kwawo kakuhle nokungaguquguquki ekusebenzeni nakulawulo lwala maziko angundoqo.

4. Izikhundla

4.1. IKhabhinethi yavuma ukuqeshwa kukaMnu. Mokutule Joseph Kgobokoe kwisikhundla sikaSekela Mlawuli Jikelele: Ukufumaneka koKutya noVuselelo lwezoLimo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba.

4.2. IKhabhinethi yavuma ukuqeshwa kukaNks. Zandile Yvonne Mathe kwisikhundla sikaSekela Mlawuli Jikelele: Iziseko zoncedo nophuhliso zoMthombo waManzi zeSizwe kwiSebe leMicimbi yaManzi.

4.3. IKhabhinethi yavuma ukuqeshwa kwaba bantu balandelayo njengamalungu ebhodi kwi-Arhente yoPhuhliso yeBhanki yaMaqumrhu:
a) uSethe Patricia Makhesha (uSihlalo)
b) uPeter Koch (wonyulwe kwakhona njengoSekela Sihlalo)
c) uVenete Jarlene Klein
d) uLufuno Nevondwe
e) uThabo Vaughan Shenxane
f) uSamuel Senalor Akrong
g) uDavid Ginsburg
h) uRenganayagee Kisten.

4.4. IKhabhinethi yavuma ukonyulwa kwamalungu alandelayo kwiBhunga loPhando lezoLimo ngokwecandelo lesi-9(1) loMthetho woPhando wezoLimo, uMthetho Nombolo wama-86 we-1990 kangangexesha elingagqithanga kwiminyaka emi-3.

a) uMnu. Jonathan Winston Alexander Godden (uqeshwe kwakhona)
b) uNjingalwazi Michael Jeffrey Kahn (uqeshwe kwakhona)
c) uNjingalwazi Sibusiso Vil-Nkomo (uqeshwe kwakhona)
d) uGqr. Joyce Chitja (uqeshwe kwakhona)
e) uNksz. Wilna Jansen Van Rijssen (uqeshwe kwakhona)
f) uNksz. Dudu Msomi (wonyulwe kwakhona)
g) uMnu. Mzolisi Dyasi (uqeshwe kwakhona)
h) uNjingalwazi Frans J.C Swanepoel (uqeshwe kwakhona)
i) uMnu. Gerard John Martin
j) uNks. Dora Ndaba
k) uMnu. Ismail Cassim Motala
l) uNks. Muhle Joyce Mashiteng
m) uNks. Rowen Graham Nicholis
n) uMnu. Clive Douglas Kneale
o) uNjingalwazi Louw C. Hoffman
p) uMnu. Allen Henry Bishop.

4.5 IKhabhinethi yavumelana nokuqeshwa kwaba bantu balandelayo kwiBhunga leGunyabantu loLawulo loShishino loKhuseleko lwaBucala, kangangexesha elingagqithanga kwiminyaka emithathu:
a) uMnu. Daniel Claude Mojalefa Rathebe (uSekela Sihlalo)
b) uMphathi-mkhosi Cynthia Lindiwe Philison (uceba)
c) uMnu. Benjamin Somangamane Ntuli (uceba)
d) uNksz. Nontokoza Mthembu (uceba).

4.6. IKhabhinethi yavuma ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaGqr. Vuyelwa Nhlapo njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba le-Arhente yoPhuhliso yeSizwe, kangangexesha leminyaka emi-2 ukususela ngomhla woku-1 kweyoMsintsi wama-2013 ukuya kowama-31 kweyeThupha yawama-2015.

4.7. IKhabhinethi yavuma ukuqeshwa kukaMnu. Mokadi Max Mathye njengeGosa eliyiNtloko yeSiqgeba  leGunyabantu leCandelo lezeMfundo ngoKutya neZiselo noQeqesho.

4.8 IKhabhinethi yavuma ukuqeshwa kwakhona kwalo malungu aqinisekisa ukufumaneka kwawo ukuze aqhubeke ekhonza kwiBhunga loPhuhliso lwaBasebenzi eMzantsi Afrika ukususela kweyoMsintsi wama-2013 ukuya kweyeThupha yowama-2018.

Eli bhunga lokucebisa amacandela amaninzi elinosihlalo onguSekela Mongameli uKgalema Motlanthe kwaye liquka aBaphathiswa abali-13 abahlala ngokusisigxina bemele urhulumente. Ngaphezulu yenziwe ngabameli abasuka kwimibutho yoshishino nabasebenzi, abemfundo ephakamileyo, imibutho yoluntu nabamkelwe njengamalungu jikelele (Amagama akwiSihlomelo soku-1).

IKhabhinethi ikwavumew aba baqeshwa batsha balandelayo:
a) uMnu. Mongwena John Maluleke (imanyano yabasebenzi)
b) uMnu. Thero Micarios Lesego Setiloane (imanyano yoshishino)
c) uMnu. Seeraj Mohamed (wezemfundo ephakamileyo)
d) uGqr. Octavia Khabelani Mkhabela (owamkelwe njengelungu)
e) uGqr. Raymond Patel (owamkelwe njengelungu)
f) uGqr. Duduzile Rosemary Mkhize (owamkelwe njengelungu)
g) uNks. Happy Mavis Sibande (owamkelwe njengelungu).


ISIHLOMELO SOKU-1

IKhabhinethi yavuma ukuqeshwa kwakhona kwaba bantu balandelayo ukuze basebenze kwiBhunga loPhuhliso lwaBasebenzi eMzantsi Afrika ukususela kweyoMsintsi wama-2013 ukuya kweyeThupha yowama-2018, ukongeza kwabo baqeshiweyo nabatsha abasi-7 abakhankanywe ngentla.

a) uMnu. Dennis George (FEDUSA)
uMnu. Narius Moloto (NACTU)
uNks. Nolitha Fakude (SASOL)
uNks. Lulama Nare (SADTU)
(uNks. Fezeka Loliwe (SADTU)
uMnu. JJ Mbana (East Cape Midland College)
g) uGqr. Jeffrey Mabelebele (iMfundo ePhakamileyo eMzantsi Afrika)
h) uGqr. Rob Adam (AVENGE GROUP)
i) uMnu. Bheki Ntshalintshali (COSATU)
uMnu. Nape Maepa (SA Academy of Engineering)
uMnu. Brian Whittaker (VUMELANA)
uGqr. Allyson Lawless (iZiko loMzantsi Afrika leeNjineli)
uMnu. Ravi Naidoo (-Infrastructure and Development Advisory Practice)
uNjingalwazi Cheryl de la Rey (iYunivesithi yasePitoli)
uNjingalwazi Vuyiswa Mazwi-Tanga (Cape Peninsula University of Technology)
uNks. Buelah Mosupye (BLH Consulting)
uMnu. Sizwe Nxasana (First Rand Bank)
Nks. Mzolisi Toni (iSebe lezabaseTyhini, aBantwana naBantu abaKhubazekileyo) uNjingalwazi. Peliwe Lolwana (iYunivesithi yaseWitwatersrand )
uMnu. Brian Angus (Sikhokelo kwezaMashishi oMzantsi Afrika)
uGqr. Florus Prinsloo (iSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho)
uNks. Janet Lopes)
u-Adv Rams Ramashia (Rand Refinery Limited)
uGqr. Xolani Mkhwanazi (BHP Billiton)
uNjingalwazi. Edward Webster (iYunivesithi yaseWitwatersrand )
uMnu. Edward Majadibodu (iGunyabantu leZakhono leSizwe)
aa) uMnu. Elija Litheko (iZiko loLawulo lwaBantu)
bb) uNjingalwazi Lekoa Solly Mollo (uBunkokeli boLawulo loLuntu neSikolo semfundo ephakamileyo soLawulo)
uNks. Jenny Cargill (uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni)
) uMnu. Yershen Pillay (i-Arhente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe)
uNks. Jenna Ferreirinha (iQumrhu lamaPhuthukezi)

Imibuzo: uPhumla Williams (iBambela Sithethi seKhabhinethi)
Umnxeba woqhagamshelo: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore