INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-6 kweyeSilimela ngowama- 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wesi-6 kweyeSilimela ngowama-2018 kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli.

A.Imiba Engundaba-mlonyeni

1. Imiba yezoqoqosho  
IKhabhinethi ikuqaphele ukuhla nge-2.2% kweMveliso yeLizwe yoNyaka (i-GDP) kwikota yokuqala yowezi-2018. Iziko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afirika (i-StatsSA) likhuphe iinkcukacha-manani kule veki. Icandelo lezolimo, elezimigodi kunye nelemizi-mveliso abe negalelo kule ngxaki yokuhla kwe-GDP kwikota yokuqala. IKhabhinethi igunyazise iNtlanganisela yabaPhathiswa bezoQoqosho ukuba badibane ngokukhawuleza beze neqhinga lokusabela kule ngxaki yokuhla kwe-GDP.  

Ukuhla kwe-GDP kubonisa ngokuphandle ukuba onke amacandelo eli lizwe kufuneka asebenzisane ukuze kuxhaswe uqoqosho lwalapha eMzantsi Afrika. Icandelo lezamashishini nelabasebenzi kufuneka aqhubeleke esebenzisana norhulumente ukuxhasa amaphulo namalinge afana nesiCwangciso esiManqaku aliThoba ukuze kukhwezelwe uhlumo loqoqosho kudalwe nemisebenzi efunwa ngabomvu. Enye yeentsika eziphambili sisiCwangciso sokuSebenza soMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP), sona esigxininisa ekunyuseni iimveliso zemizi-mveliso, ekudalweni kwemisebenzi kunye nasekuthumeleni iimveliso zorhwebo zeli kumazwe angaphandle. IKhabhinethi iyithembile i-IPAP ukuba iza kuncedisa ekukhuliseni icandelo lethu lemizi-mveliso kunye noqoqosho.

Emaphelo alo nyaka, urhulumente uza kubamba iNgqungquthelela yezoTyalo-mali yaMazwe ngaMazwe apho kuza kuthengiswa uMzantsi Afrika njengelizwe elinamathuba amaninzi otyalo-mali. Injongo yale Ngqungquthela kukuqokelela imali eyitriliyoni eyi-1.2 yeerandi kumaphulo otyalo-mali amatsha kule minyaka mihlanu izayo, mali leyo iza kwenza umahluko omkhulu kuhlumo loqoqosho nakumalinge okudala imisebenzi.

2. Utyalo-mali
IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa komzi-mveliso omtsha owenza izixhobo zobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano eMonti kwiphondo laseMpuma Koloni ngomhla wesi-5 kweyeSilimela yowama-2018 yinkampani yabantu abamyama, iYekani Manufacturing. Le mali ityalwe kulo mzi-mveliso iyibhiliyoni yeerandi iza kudala imisebenzi esemgangathweni eli-1 000 ukongeza kule sele ikho ingama-450, uninzi lwayo ebanjwe ngabantu basetyhini nolutsha.

Le mali igalelwe kulo mzi-mveliso ivela kwiSibonelelo seziSeko zoPhuhliso seMimandla eYodwa yezoQoqosho kunye neSikimu soSomashishini abaMnyama (i-BIS). I-BIS ifumene inkxaso-mali esisibonelelo evunywe liSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti) yokuncedisa koosomashishini abali-103 kule minyaka-mali mibini idlulileyo. Iinkampani ezingama-48 ziye zanikwa uncedo ngamacebo neendlela zokufumana abathengi. Ezisibhozo kwezi nkampani ziseMpuma Koloni.

3. UMvuzo weSizwe omiSelweyo ongoWona uPhantsi (i-NMW)
IKhabhinethi iyavuyiswa kukuphunyezwa koMthetho-sihlomelo we-NMW yiNdlu yeSizwe yoWiso-mthetho (i-NA). Ivakalisa umbulelo kuwo onke amahlakani ayinxalenye yeBhunga leSizwe loPhuhliso loQoqoqsho nezaBasebenzi (i-Nedlac) ngendima ayidlalileyo kwesi sivumelwano. Esi sivumelwano singamaqalela amalinge okuphungula umahluko omkhulu kwimivuzo, ingakumbi kwabo banto bamkela imivuzo ephantsi. Abasebenzi abamalunga nezigidi eziyi-6.4 baza kuxhamla wakuba lo Mthetho-sihlomelo utyikitywe wangumthetho. Noko kunjalo, iKhabhinethi iyakuqonda ukuba kusekude engqinibeni, mninzi umsebenzi ekusafuneka wenziwe ukuphungula lo mahluko mkhulu ukhoyo kwimivuzo kweli.

Lo Mthetho-sihlomelo ngoku uthunyelwe kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP) ukuba liwuhlalutye lize nalo liwamkele phambi kokuba utyikitywe nguMongameli ube ngumthetho.

4. Iinkonzo ezisisiseko
IKhabhinethi iyavuyiswa ziziphumo zoPhando ngeeNkonzo zikaMasipala ezingeyoMali lowama-2017 ezikhutshwe sisi-StatsSA. Ezi ziphumo zibonisa ukuba, xa kuthelekiswa nowama-2016, abantu abaninzi bazifumemene iinkonzo ezisisiseko ezifana nombane, amanzi, ugutyulo ngowama-2017. Urhulumente usazimisele ekuboneleleli bonke abemi beli, ingakumbi abantu abahlelelekileyo ngeenkonzo ezisiseko yonke imihla. Iprojekthi yamanzi esanda kugqityezelwa kutsha nje yiMhlathuze Water Project etyabule imali ezizigidi zeerandi ezingama-96 eRichards Bay kwiphondo laKwaZulu-Natal. Ngale projekthi, amakhaya angaphezulu kwama-6 000 aza kufumana amanzi acocekileyo aphuma empompeni.

5. Iingxoxo zeMivuzo yabaSebenzi bakaRhulumente
IKhabhinethi inikwe ingxelo nguMphathiswa wezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo ngendlela eziqhuba ngayo iingxoxo zemiVuzo yabaSebenzi bakaRhulumente. IKhabhinethi iyawubulela umoya wokuzimisela oboniswe ngabo bonke abathathi-nxaxheba ngethuba kufunwa isisombululo ekuvunyelenwe ngaso esiza kwanezisa iimfuno zawo onke amahlakani. IKhabhinethi iyaphinda iyakubethelela ukuba urhulumente uzimisele ukubamba iingxoxo nabasebenzi ukuze kufikelelwe kwisivumelwano esiza kwanezisa bonke abachaphazelekayo.

6. Izibonelelo-mali zikarhululumente
IKhabhinethi iqinisekisa bonke abantu abafumana izibonelelo-mali zikarhulumente okanye inkam-nkam ukuba urhulumente uza kuqhubeleka ehlawula ezi zibonelelo-mali zibalulekileyo, njengoko kunyanzeliswa nguMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996. Izibonelelo-mali zikarhulumente ziza kuqhubeleka ukubhatalwa kwaye inkqubo yokutshintsha ikhadi elidala le-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (u-SASSA) ngelitsha iza kuqhuba kude kube sekupheleni kwenyanga yoMsintsi ngowama-2018.

Isivumelwano sokusebenzisana phakathi kuka-SASSA nePosi yoMzatsi Afrika sineziphumo ezincumisayo njengoko abantu abaninzi abamkela imali yenkam-nkam, ukusukela ngenyanga kaCanzibe ngowama-2018, beze ngaphambili ukuza kutshintsha amakhadi wabo.
IKhabhinethi icela abantu ukuba bangazithatheli ingqalelo ezi zijungqe zemiyalezo (ii-SMS) bezisanda kuthunyelwa zisithi bonke abantu abamkela imali yenkam-nkam mabaye kubhalisela imali yenkam-nkam kwakhona ukuze bangabi sengxakini yokungayifumani imali yabo. Le miyalezo ingeyonyani ithunyelelwe ukuba ilahlekise abantu abasokolayo futhi iphazamise nezicwangciso zikarhulumente zokuqinisekisa ukuba imali yenkam-nkam ibhatalwa rhoqo ebantwini ngaphandle kweziphazamiso.  

7. EzaseMntla Ntshona
IKhabhinethi ifumene ingxelo yesithathu ngomsebenzi osele wenziwe yiKomiti yabaPhathiswa eJongene noMba (i-IMTT) waseMntla Ntshona. IKhabhinethi yanelisekile ngumsebenzi osele wenziwe wokuqinisekisa ukuba amasolotya eCandelo 100 (1) (a) no-(b) ekusetyenziswe wona ukuze kungenelelwe kumasebe ephondo laseMntla Ntshona. Kuphindwe kwavunyelwana ukuba ukususela ngoku i-IMTT iza kunika iKhabhinethi ingxelo kanye rhoqo ngenyanga ukuze kuqinisekiswe ukuba la maqela athunyelwe kweliya liphondo ayaqhubeleka esebenza.
 IKhabhinethi ilixhasile utyelelo obelusiya eMntla Ntshona ngomhla wesi-7 kweyeSilimela ngowama-2018 ukuya kunika ingxelo iKhabhinethi yaseMntla Ntshona, iNdlu yoWiso-mthetho yela Phondo kunye nabaphicothi-zincwadi bangaphandle abaphicotha iincwadi zela phondo.

8. Uqhankqalazo
IKhabhinethi iyayigxeka imingcelele yoqhankqalazo yakutsha nje ebineziganeko zobundlobongela ebibanjwe kulo lonke eli. Idane nangakumbi zizenzo zobundlobongela nokugrogrisa izigulane kunye nogqirha nabongikazi eCharlotte Maxeke Johannesburg Academic Hospital. Abaqhankqalazi abaxhamla ilungelo labo lokuqhankqalaza kufuneka bakwenze oku ngaphandle kokunyhasha amalungelo abanye abantu, ingakumbi abo babuthathaka. Akukho sikhalazo sinokusetyenziswa njengesebe lokuzimela okanye isizathu sokwenza ubundlobongela kunye nezenzo zokugrogrisa esizibone kule veki iphelileyo.

9. Ukhuselo nokhuseleko
IKhabhinethi iyasamkela futhi isixhasa 'isicwangciso sokungenelela nokuzisa uzinzo' soMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), oza kusebenzisana nabemi boMzantsi Afrika kumalinge okulwela ukuba eli lizwe likhuseleke. Icebo lokuqinisekisa ukuba aphithizela futhi ebonakala kakhulu amapolisa anxibe iyunifomu ahamba ngeenyawo amanye esezimotweni - encediswa licandelo lezomoya le-SAPS, amaphulo ogqogqo abanjwa rhoqo, ukuvalwa kweendlela ngamapolisa, ukuhlala ekhondweni labarhanelwa bezingelwa - kuza kunceda kakhulu kumalinge okuqinisekisa ukuba abantu beli lizwe abaziva nje bekhuselekile koko bakhuselekile ngenene.

Abantu bayakhuthazwa ukuba bazise ngaphambili kwizikhululo zamapolisa ezikufutshane nabo ulwazi abanalo olunxulumene nokhuseleko lwabo okanye batsalele umnxeba inombolo engahlawulelwa ye-Crime Stop ethi: 086 00 10111. IKhabhinethi icela abantu ukuba bangadlali ngenombolo yomnxeba ye-Crime Stop. Ukudlalisa ngale nombolo yomnxeba kungaphazamisa nalapho kukho umntu obenokusinda ekonzakalisweni nasekubulaweni ukuba ebefumene uncedo kule nombolo kwangexesha.

10. Inyanga yoLutsha
IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba badlale eyabo indima kwiinkqubo zokuxhobisa ulutsha ngezakhono ngale Nyanga yoLutsha iphawulwa ngenyanga yeSilimela. Kulo nyaka kubhiyozelwa iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaTata Nelson Rolihlahla Mandela kunye noMama u-Albertina Nontsikelelo Sisulu kwaye le Nyanga yoLutsha yowama-2018 iwamkele umxholo othi: "Nawe yiba ngumzekelo: Endleleni eya kuphuhliso lolutsha ngezentlalo nezoqoqosho".

Abantu abatsha kufanele basebenzise le mizekelo mihle yezi ngqanga zimbini babe nesibindi sokudlala indima ebonakalayo kumaphulo okuphuhlisa uluntu ngeenjongo zokuba kubekho intsebenziswano eMzantsi Afrika. Urhulumente usebenza imini nobusuku ezama ukuqinisekisa ukuba ulutsha bayakwazi ukuyifumana inkxaso kwiinkqubo zezemfundo zikarhulumente ezilungiselelwe ukuphucula amathuba abo okuthatha inxaxheba kuqoqosho.

11. Iimviwo zikaJuni nezaphambi kwezokuphela konyaka
IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubazali nabagcini-bantwana ukuba bancedise abantwana babo, ngako konke abanakho, ababhala iimviwo zikaJuni eziqhuba kulo lonke eli lizwe.  

IKhabhinethi ibulela ngokungazenzisiyo kwindima ebaluleke kakhulu edlalwa ngootitshala nafundisi-ntsapho ekuqeqesheni iinkokeli zangomso zeli ngeli thuba beqinisekisa ukuba iindawo zokufunda zikhuselekile futhi zinako konke okufunekayo ukuze abantwana bafunde kakuhle. Sikwakhuthaza nabafundi ukuba baqhubeleke befunda ngokuzimisela.

IKhabhinethi iyavuyiswa nakukuvulwa kwezikolo kwiindawo ezininzi kwiphondo laseMntla Ntsona, eziquka iKoster neRustenburg. Ukuvulwa kwezikolo kulandela uqhankqalazo oluqhube iiveki ezininzi kunye nezinye izinto eziphazamise ukufundisa nokufunda kweziya ndawo. IKhabhinethi icela abazali, abafundi kunye nootitshala ukuba basebenzisana kuzanywe ukuleqwa umsebenzi osemva neli xesha lilahlekileyo kwaye bonke bazimisele ukuthatha inxaxheba kwinkqubo zokuleqa umsebenzi osemva.

12. Imbalela nemililo
IKhabhinethi ikhumbuza abemi boMzantsi Afrika ukuba eli lizwe liyaqhubeka nokuthaxwa yimbalela. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe ehlabathi kwangama-30 anengxaki yokunqongophala kwamanzi kwaye imvula ezine ngaphantsi kunomthamo wesiqhelo kuyenze ingxaki yembalela yambi kakhulu. Bonke abantu mabasebenzisana norhulumente kongiwe amanzi ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho amanzi aneleyo kumntu wonke.

Njengoko kungena ubusika, iKhabhinethi icela abantu ukuba banonophele nangakumbi ukuze bathintele imililo yamadlelo nokutsha kwamatyotyombe. Urhulumente uyaqhubeleka nokusebenzisana noluntu ukukhuthaza iindlela zokusebenzisa umlilo, izinto zokubasa nokuzifudumeza ngokukhuselekileyo ngeli xesha lobusika.   

13. EzeNzululwazi nobuChwepheshe
IKhabhinethi ivile ngeendaba ezincumisayo ngokwenzikileyo kwezenzulwazi ngeenkwenkwezi kule mpelaveki iphelileyo apho iingcali zenzululwazi ngeenkwenkwezi zisebenzisana ne-Catalina Sky Survey e-Arizona, u-United States of America (i-USA), zibone isijikelezi-langa esincinci, i-asteroid encinci, (i-2018 LA) kufutshane nomzila weNyanga, ethe emva kweeyure yangena kwi-atmosfera yoMhlaba.

Ukudubula okwenzeke ngenxa yale asteriod kubangele amaza ebenesandi esiphantsi kwi-atmosfera athe aviwa sisixhobo sokumamela izandi ezingavakaliyo ngeendlebe eMzantsi Afrika, esisetyenziswa njengenxalenye yeNkqubo yeHlabathi yokuHlola yesiVumelwano esiGcweleyo sokuBhangisa ukuVavanywa kweziXhobo zeNyukliya.  

Oku kubonakalisa ukukhula kwesakhono seli lizwe sokuphonononga isibhakabhaka ukuze kubonwe ii-asteriod eziza kubetha umhlaba kunye nobunganga boMzantsi Afrika kweli candelo obuhlonitshwa lihlabathi liphela.  

B. Izigqibo zeKhabhinethi

14. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente ingxelo yowama-2016/17 yendlela eqhuba ngayo iNkqubo yezaPhulelo zeRhafu kwezoPhando noPhuhliso (i-R&D). Le nkqubo yezaphulelo incede inkampani ezininzi ukuba ziqhube iinkqubo zazo ze-R&D ezahlukeneyo, zivelise imisebenzi yobugcisa noyilo kunye neemveliso ezintsha. Le nkqubo yezaphulelo, yaqaliswa ngeyeNkanga ngowama-2006, iqhutywa liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe libambisene neZiko lezeRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS) kunye noNondyebo weSizwe.

Ukususela ngeyoKwindla ngowama-2016 ukuya kweyoMdumba ngowama-2017, kufunyenwe izicelo zesaphulelo serhafu se-R&D ezili-153 zivela kwiinkampani ezili-117, kwezi nkampani ezingama-58 ibizinkampani ezifaka isicelo okokuqala. Ezi zicelo ibizezeeprojekthi ze-R&D ezingama-571 ezixabisa imali emalunga neebhiliyoni zeerandi eziyi-3.6. IKhabhinethi iyavuyiswa kukwanda kwenani leenkampani ezigalela imali kumaphulo e-R&D kwaye iyaqhubeleka nokuhlaba ikhwelo kumashishini ukuba atyale imali nangakumbi kumaphulo e-R&D, nawo esisawathatha njengentsika ebalulekileyo kumalinge ethu okukhulisa uqoqosho.  

15. IKhabhinethi ivumile ukuba lupapashwe uphando-nzulu lowama-2016/17 ngendlela ancediswa ngayo ngemali amaPhulo ezeNzululwazi nobuChwepheshe. Olu phando-nzulu kumaxa amaninzi luhlola indlela eliqhuba ngayo icandelo lezenzululwazi nezobuchwepheshe, kwaye nendima eliyidlalayo kuhlumo nophuhliso loMzantsi Afrika. IKhabhinethi iyiqaphele ingxaki yezimali ebangelwe kukuhla kwemali echithwa kwiinkqubo ze-R&D kuwo onke amasebe.  

16. IKhabhinethi isamkele isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo esihlaziyiweyo sokuKhutshwa kweziQinisekiso zeeNkonzo zokuTshintsha iziMilo eMzantsi Afrika. Esi sicwangciso-sikhokelo somgaqo-nkqubo saqala ukusebenza ngowama-2010 futhi sihambisana noMthetho wobuLungisa babaNtwana (uMthetho uNombolo 75 wowama-2008). Le nkqubo yokuhlaziya ifuna ukuqinisekisa ukuba iinkampani ezinikela ngeenkonzo zoqeqesho lokutshintsha izimilo kunye neenkqubo zoqeqesho lokutshintsha izimilo ngawo onke amaxesha ziyahambelana nemigaqo eyiyeyona iphantsi ibekiweyo. Izahluko ezithandathu zalo mgaqo-nkqubo zitshintshiwe kusenzelwa ukuba ziphucule umgangatho kunye namazinga eenkonzo ezinikwa abantwana abenza izinto ezinxamnye nomthetho.

17. IKhabhinethi isamkeke isiCwangciso-qhinga sokuThethana kweNgingqi soKhuseleko lweeMveliso zamaChiza kuye nokuqaliswa kwaso. Icandelo lezobuchwepheshe bezamachiza lithathwa njengelibaluleke kakhulu elinokunceda kuhlumo loqoqosho kwaye lingasisixhobo esiyinkunzi esinokusetyenziswa kwidabi lokulwa indlala nentsokolo, ingakumbi kumazwe asahlumayo.

Esi sicwangciso-qhinga siza kunceda kurhwebelwano phakathi kwamazwe ase-Afrika size senze lo mmandla ukwazi ukukhuphisana namazwe ehlabathi. Siza kuphucula indlela uMzantsi Afrika osebenzisana ngayo namazwe ase-Afrika.

C. ImiThetho esaYilwayo
18. IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho oYilwayo we-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) wowama-2018 ukuba upapashwe kwiGazethi kaRhulumente ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uneenjongo zokumisela iNgxowa-mali ye-NHI yoMzantsi Afrika, njengequmrhu likarhulumente, ukuze ubonelele ngeenkonzo zezempilo ezingazikuwa esithubeni, ezifikelelekayo kunye nezisemgangathweni ophezulu kumntu wonke. Lo Mthetho uYilwayo ukwacacisa imisebenzi kunye namagunya eNgxowa-mali ye-NHI.

Lo Mthetho uYilwayo unika isikhokelo esiza kuncedisa xa kuthengwa iinkonzo zezempilo yile ngxowa-mali ye-NHI egameni labantu abasebenzisa i-NHI futhi uze nendlela elinganayo, esebenzayo nebonakalisa ubunono yokusetyenziswa kwemali yale ngxowa-mali ukuze izanelise iimfuno zezempilo zabantu abasebenzisa iinkonzo ze-NHI. UMphathiswa wezeMpilo kule veki izayo uza kubamba intlanganiso noonondaba apho eza kunika ingcaciso egcweleyo ngalo Mthetho uYilwayo.

19. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo weMithetho yezeNzululwazi nezobuChwepheshe wowama-2017. Lo Mthetho uYilwayo ulungelelanisa izibonelelo ezilawula imisebenzi kunye nolawulo lwamaqumrhu karhulumente aphantsi koMphathiswa wezobuNzululwazi nezobuChwepheshe. Oku kuza kuqinisekisa ukuba ziyafana zonke izinto ezifunwayo ekufanele ukuba zibe khona kunye neendlela ezenziwa ngayo izinto.

D. Imisitho ezayo

20. INgqungquthela yaMazwe asiXhenxe aTyebileyo (i-G7)
IKhabhinethi iyasamkela isimemo esithunyelwe uMzantsi Afrika sokuba uzimase le Ngqungquthela izayo ye-G7 iza kubanjelwa eCanada. UMzantsi Afrika wagqibela ukuthatha inxaxheba kule ngqungquthelo kwisithuba seminyaka esixhenxe eyadlulayo. Ukumenywa koMzantsi Afrika kule ngqungquthela kubonakalisa ukuba liyathenjwa eli lizwe noqoqosho lwalo.
Urhulumente wethu uza kusebenzisa eli thuba ucenge abatyali-zimali ukuba batyale imali kuqoqosho lweli. Utyalo-mali lubalulekile kuhlumo loqoqosho nakumaphulo okudala imisebenzi emininzi kakhulu eza kuphungula ngokubonakalayo inani labantu abangasebenziyo ngoku.

21. UMsitho woMzantsi Afria ne-India wokuKhumbula isiGaneko esenzeka kwimiNyaka eli-125 Eyadlulayo
Njengenxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu yokuzalwa kukaNelson Mandela no-Albertina Sisulu, iKhabhinethi iyasamkela isikhumbuzo somhla wesi-7 kweyeSilimela ngowama-2018 sokothulwa ngendlondlo kuloliwe kukaMahatma Gandhi esitishini sikaloliwe sasePietermaritzburg iminyaka engama-125 eyadlulayo. Esi siganeko someleza nangakumbi umthetho kaGandhi owawubizwa nge-Satyagraha, (ukuqhankqalaza ngoxolo), owaba nefuthe elimandla kwiinkokeli zeli zezopolitiko kwaye wanegelelo kumzabalazo wethu wenkululeko.  

22. Utyelelo lwasebuRhulumenteni yiSaharawi Arab Democratic Republic
UMongameli Cyril Ramaphosa wamkele ugxa wakhe waseSaharawi Arab Democratic Republic, uBrahim Ghali, ngomhla wesi-4 kweyeSilimela ngowama-2018 ngethuba ekuTyelelo lwasebuRhulumenteni kweli lizwe.
IKhabhinethi iyabaxhasa abantu baseSaharawi kwidabi labo lokulwela ukuzimela kwaye imemelela izizwe zehlabathi ukuba zinike inkxaso efunekayo kubantu baseSaharawi.

E. Imiyalezo

23. Amazwi ovelwano
23.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithi akuhlanga lungehliyo kwiintsapho nezihlobo zamakhwenkwana amahlanu abulewe ngamadangatya omlilo ngethuba kusitsha amatyotyombe aseMasiya ePhillipi eKapa.
Lo mlilo ubangele ukuba abantu abangama-30 bale ndawo balahlekelwe ngamakhaya abo. Urhulumente wenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba bonke abantu boMzantsi Afrika bafumana izindlu, bakhuselekile futhi bahlala kamnandi.

24. Amazwi okuvuyisana
24.1. IKhabhinethi inqwenelela igqala le-African National Congress uBaba Andrew Mokete Mlangeni imini yokuzalwa emnandi, nangona sele ligqithile. UBaba Mlangeni ebegqiba iminyaka engama-93 ezelwe ngoLwesithathu, umhla wesi-6 kweyeSilimela ngowama-2018. Ungomnye wabantu bokuqala ukuthunyelwa kumazwe angaphandle ukuba ayokufumana uqeqesho lezomkhosi, kwaye emva kokubanjwa kwakhe ngethuba ebuyela kweli, waye wafunyanwa enetyala waze wagwetywa ubomi esiqithini saseRobben Island.

24.2. IKhabhinethi imqhwabela izandla umdlali weProteas oyi-fast bowler uKagiso "KG" Rabada, obe ngundaba-mlonyeni kumsitho weembasa zeqakamba, i-Cricket South Africa Awards, ububanjelwe eSandton eGauteng kutsha nje. Uye wawongwa ngeembasa ezintandathu, eziquka neyokuba ngoyena mdlali ubalaseleyo, i-Cricketer of the Year kunye nowokuba ngumdlali obaleseleyo okhwethwe ngabanye abadlali, i-Players' Player of the Year. Lo nyaka ubumhle kakhulu kweli tyendyana lakwaRabada elithe, phakathi kwezinye izinto ezintle azenzileyo, langumdlali okwindawo yokuqala kuluhlu lwehlabathi lwabadlali abangabajiji (iibhowula) kwimidlalo yoVavanyo yeqakamba. Sithetha nje ngowama-2018 ungumdlali ophambili okhupha abanye abadlali kwaye ukwindawo yesixhenxe kuluhlu kwiMidlalo yeQakamba yeHlabathi yoSuku oLunye (ii-ODI).

24.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukuchongwa kukaSiya Kolisi njengomdlali wokuqala omnyama ukuba ngukhapteni weSpringbok kwimidlalo yovavanyo emithathu eza kudlalwa ne-England. Siqinisekile ukuba akazikuwudanisa uMzantsi Afrika njengekhapteni wethu, kwaye imisebenzi yakhe nezakhono zakhe zobunkokeli esebaleni nakubomi nje ngobubanzi, ziza kuvuselela abanye abantu.

24.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukuchongwa koMphathiswa wezeMali uNhlanhla Nene njengoSihlalo weBhodi yeeRhuluneli zeBhanki eNtsha yezoPhuhliso (i-NDB). I-NDB yibhanki yephuhliso yezizwe ngezizwe evulwe yiBrazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika (i-BRICS) ngowama-2014. Igunyaziswe ukuba iqokelele izixhobo zokusebenza zokwakhiwa kweziseko zophuhliso kunye nokuncedisa kuphuhliso oluzinzileyo kumazwe eBRICS kunye namanye amazwe asahlumayo nasakhulayo. Umsebenzi wayo uza kuncedisana namanye amalinge enziwa ngamaziko ezoqoqosho ezizwe ngezizwe naweengingqi ukuncedisa kuhlumo nophuhliso loqoqosho lwehlabathi.

F. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
25. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Ebrahim Mohamed njengoMkomishinala weKhomishini yeSizwe yabaThengi.

26. IBhodi yeSouth African National Accreditation System:
a. UNksz Fezile Flip Wetes;
b. UMnu Lulama Lloyd Mayedwa;
c. UMnu Tom Tshitangano;
d. UMnu Samuel Mlangeni;
e. UNksz Lerato Herriette Mothae;
f. UGq Matshwenyego Sarah Mohlala;
g. UNksz Patricia Lindi Tlou; kunye
h. noNksz Anna-Marie Lotter (uqeshiwe kwakhona njengommeli we-dti).

27. I-National Metrology Institute of South Africa (i-NMISA):
a. UMnu Ndwakhulu Samuel Mukhufhi (uqeshiwe kwakhona njengoMlawuli oMkhulu wesiGqeba soLawulo (i-CEO)).

28. Amalungu angekho kwisigqeba solawulo eBhodi ye-NMISA:
b. UMnu Molelekoa Petrus Mohlomi;
c. UMnu Odirile Welcome Dingoko;
d. UNksz Bavelile Gloria Hlongwa;
e. UNksz Nobom Gcinashe Mfabana;
f. UNksz Lindie Lankalebalelo;
g. UNksz Jabu Vuyiswa Mogadime (uqeshiwe kwakhona) kunye
h. noGq Tshengedzeni Demana (ummeli we-dti).
29. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Rakesh Garach njengoSihlalo Ongekho kwisiGqeba soLawulo weBhodi yamaLungu eTrasti yeNgxowa-mali yeSizwe yokuXhobisa ngezaKhono (i-NEF).

30. IBhodi yeSouth African Special Risk Insurance Association:
a. UMnu Norman Tinyiko Baloyi (UMlawuli Ongekho kwiGqeba soLawulo noSihlalo);
b. UNksz Priscilla Onkgodisitse Mokonyane (UMlawuli Ongekho kwiGqeba soLawulo noSekela-Sihlalo);
c. UNksz Bajabulile Luthuli (UMlawuli wesiGqeba); kunye
d. noMnu Christiaan Johannes van Dyk (UMlawuli Ongekho kwisiGqeba soLawulo).

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams
IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore