INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-15 kweyeNkanga ngowama-2017

IKhabhinethi ibihlangene ngoLwesithathu, umhla we-15 kweyeNkanga ngowama-2017 eTuynhuys, eKapa.

A. Imibandela Engundaba-mlonyeni

1. Utyalomali

1.1. IKhabhinethi iyalwamkela utyalomali olwenziwe yiFord Motor Company oluyimali ezibhiliyoni ezintathu zeerandi kuMzi-mveliso wakwaFord oseSilverton, ePitoli, eGauteng. Olu tyalomali luza kudala amathuba emisebenzi kulo mzi-mveliso ngqo nakumanye amashishini asebenzisana nawo ngenxa yemveliso ekulindeleke ukuba inyuke yohlobo lwemoto yakwaFord, oluyi-Ford Ranger.

1.2. La maphulo otyalomali abubungqina bomsebenzi esisoloko siwuqhuba njengorhulumente wokukhulisa uqoqosho nowokulwa imingeni yentswela-ngqesho. Ngenxa yesibonelelo-mali sikarhulumente esizibhiliyoni zeerandi eziyi-7.8 esiya kwiNkqubo yokuVelisa noKwakha iziThuthi, iinkampani zabucala ziye nazo zatyala imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-28.5.

1.3. Olu tyalomali luquka isibhengezo sakwaToyota sokwenza iintlobo zabo ezintsha ze-Toyota Hilux ne-Fortuner njengenxenye yotyalomali oluzibhiliyoni zeerandi eziyi-6.1. Kwakhona, u-BMW unesicwangciso sokwakha umzi-mveliso wala maxesha wokuvelisa iimoto oxabisa imali ezibhiliyoni ezintandathu zeerandi. I-Beijing Automobile International Corporation iceba ukutyala imali ezibhiliyoni zerandi ezili-11 kumzi-mveliso wokwenziwa kwezithuthi eMzantsi Afrika.

2. Ixesha leRhafu ngowama-2017

2.1. IKhabhinethi ibabulela kakhulu bonke abahlawuli berhafu asebezingenisile iifomu zabo zerhafu zonyaka werhafu wama-2016/2017.

2.2. Ingeniso efunyenwe kwirhafu ebalwa ngokwengeniso yomrhafi iqinisekisa ukuba urhulumente uyakwazi ukunikela ngeenkonzo ezidingeka kakhulu kunye nezibonelelo zentlalo ezinikwa izigidi zabantu baseMzantsi Afrika abasweleyo.

2.3. IKhabhinethi ikhumbuza abahlawuli berhafu ukuba usuku lokugqibela lokufaka iifomu zerhafu zabo lungoLwesihlanu, umhla wama-24 kweyeNkanga ngowama-2017 kwaye bayakhuthazwa ukuba bazingenise iifomu zabo zerhafu.

3. INkomfa kaZwelonke yokuQala yoPhuhliso loQoqosho lweeNgingqi (i-LED)

3.1. IKhabhinethi ikholiwe ziziphumo zeNkomfa ye-LED kaZwelonke ebibanjwe kutshanje. Le Nkomfa ibikhokelwe nguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli, uMnu Des van Rooyen kunye noMphathiswa woPhuhliso lwaMashishini amaNcinci, uNksz Lindiwe Zulu.

3.2. Inike ithuba lokuqingqa ngobugcisa i-ajenda entsha yaseMzantsi Afrika yoPhuhliso loQoqosho lweeNgingqi ngokukhokelwa yimicimbi ephambili kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP). Iziphumo zayo ziquke ukusekwa kweBhunga laseMzantsi Afrika loPhuhliso loQoqosho (i-EDCSA) lokuqala, elineenjongo zokwenza icandelo lophuhliso loqoqosho libe lelobungcali. 

3.3. Njengequmrhu lobungcali, i-EDCSA iya kulawula iphinde ibeke iliso kwindlela yokuziphatha emsebenzini kweengcali ezininzi ezinenxaxheba kumaphulo ahluka-hlukileyo ophuhliso.

3.4. Kwakhona iKhabhinethi iphawule ngokuphehlelelwa okuyimbali kweVeki yeHlabathi yoShishino lwabasaQalayo (i-GEW) e-22 on Sloane, iziko losungulo lwamashishini, ngomhla we-10 kweyeNkanga ngowama-2017, apho uMphathiswa uZulu ebesingethe ingqanga yehlabathi kwezosungulo lwamashishini, uMnumzana Richard Branson. Eli ziko lelokuqala ukuvulwa liQumrhu leHlabathi loSungulo lwaMashishini. Linikela ngoncedo ngqo koosomashishini abasaqalayo nangoncedo olunikezelwa nge-intanethi kuyo yonke i-Afrika ngokunjalo nendlela yokufikelela kubacebisi ehlabathini, kubatyali-mali nakwimibutho yenkxaso yabasunguli bamashishini.

3.5. Ngethuba le-GEW, zizigidi ezimalunga nezili-10 abathathi-nxaxheba abathathe inxaxheba kwimisitho, iindibano kunye nemidlalwano yokhuphiswano engama-35 000, kumazwe angaphezu kwali-165 ehlabathini jikelele.  

4. INgxelo yeKomishoni kaHeher

4.1. IKhabhinethi iphawule ngokukhutshwa ngoMvulo, umhla we-13 kweyeNkanga ngowama-2017 kweNgxelo yeKomishoni yoPhando Malunga Nokubaba iMfundo ePhakamileyo noQeqesho Ingasimahla Na eMzantsi Afrika. IKhabhinethi imema bonke abemi boMzantsi Afrika ekubeni bayifunde nzulu le ngxelo nokuqukwa yiyo malunga nelizwe ngelixa iingcebiso zisaqwalaselwa ngurhulumente.

4.2. UMongameli uya kwenza isaziso ngexesha elifanelekileyo emva kokuba igqithe kwiKomiti yabaPhathiswa Abahlukeneyo malunga neNkxasomali yeMfundo ePhakamileyo kunye neKomiti yeNgxowamali ye-Ofisi kaMongameli. URhulumente usazimisele ukususa imiqobo ebangela ukuba imfundo ephakamileyo ingafikeleleki, kwaye izimisele ukufumana isisombululo esiza kuhlala ixesha elide malunga nenkxasomali yemfundo ephakamileyo.

5. Imbalela

5.1. Umthamo wamanzi emadamini elizwe uyaxhalabisa kuba amanzi ala madama atsha ngaphezu kokuba efumana imvula. Into yokuba uMzantsi Afrika awukafumani mvula yaneleyo enokugcwalisa amadama ethu amanzi abe nomthamo owaneleyo ithetha ukuba ilizwe alikaphumi kwimeko yembalela. Iingxelo zoqikelelo lwemozulu zithi ilizwe liza kuzifumana iimvula ezinkulu kuphela ekuqaleni kweyoMqungu ngowama-2018.

5.2. IKhabhinethi ifuna ukuqinisekisa uluntu ukuba urhulumente kazwelonke, owamaphondo nowemimandla (oomasipala) babambisene kwaye bayasebenzisana ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika awuphelelwa ngamanzi.  IKhabhinethi ikhuthaza wonke umntu ukuba enze indima yakhe ekulondolozeni nasekusebenziseni amanzi ngononophelo nangokuwonga.

6.  IZimbabwe
6.1. IKhabhinethi iyaluxhasa ungenelelo olwenziwe nguMongameli Jacob Zuma, ngokwesikhundla sakhe njengoSihlalo woMbutho woPhuhliso laMazwe eAfrika eseMzantsi (i-SADC) ukusabela kwimeko yaseZimbabwe. Uthumele abaThunywa boMbuso abaBodwa, uMphathiswa wezoKhuselo namaGqala eMfazwe, uNksz Nosiviwe Mapisa-Nqakula kunye noMphathiswa woKhuseleko lweLizwe, u-Adv Bongani Bongo. Bafanele ukudibana noMongameli Robert Mugabe noMkhosi woKhuselo waseZimbabwe. Emva koko, baza kunika ingxelo emfutshane kuMongameli wase-Angola uJoão Lourenço ngokwesikhundla sakhe njengoSihlalo weCandelo le-SADC lezoPolitiko, ezoKhuseleko nezoKhuselo. I-Ofisi kaMongameli iza kuqhuba ngokuxela iindaba ezivelayo ngalo mbandela.

7.  IsiBonakude esiyiKhilomitha Ubude Nobubanzi (i-SKA)
7.1. IKhabhinethi iyawamkela amaphulo ophuhliso loqoqosho nezentlalo enzeke ngenxa yotyalomali olujolise kuphuhliso lwentlalo kummandla we-SKA eMzantsi Afrika. Iindawo ezimelene nommandla weSKA ziyaqhuba ngokuxhamla ngemfundo ephucukileyo neeprojekthi zoqeqesho, utyalomali kumashishini amancinane namathuba engqesho andileyo.

7.2. ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, eliphantsi koMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe, uNksz Naledi Pandor, liza kubamba iindibano zokufakana imilomo noluntu ukuze kubhiyozelwe imisebenzi ebeyimpumelelo nabantu bemimandla melene neCarnarvon, eMntla Koloni ukususela ngomhla we-16 ukuya kowe-19 kweyeNkanga wama-2017.

B. IziGqibo zeKhabhinethi

8. Iingxelo zenkqubela zekota yesibini zomgangatho wokusebenza zowama-2017/18

8.1. IKhabhinethi yaziswe ngokusesikweni ngeengxelo zenkqubela zekota yesibini zomgangatho wokusebenza zowama-2017/18 (ukususela kweyeKhala ukuya kweyoMsintsi ngowama-2017) zizo zonke zontlanu iintlanganisela. Oku yinxalenye yomsebenzi obanzi owenziwa yiKhabhinethi wokuhlola nokuvavanya iNkqubo yokuSebenza esuka kwisiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sowama-2014 ukuya kowama-2019.

8.2. ISebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya kunye neekomiti yeeNtlanganisela zabaPhathiswa liza kubamba iintlanganiso noondaba ukuze kuhlalutywe ezi ngxelo zenkqubela.

8.3. IZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulument (i-GCIS) liza kuququzelela ezi ntlanganiso noonondaba lize lipapashe uluhlu lwamaxesha neendawo eziza kubanjelwa kuzo ku-www.gov.za ngexesha elifanelekileyo.

9. Ingxelo entsha ngephulo lokukhangela nokunika iidilesi

9.1. IKhabhinethi yaziswe ngokufutshane ngomgama osele uhanjiwe malunga nokuqaliswa kwemigqaliselo eyayiphakanyiswe sisiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko sokuba kufakwe iidilesi kumqulu wabavoti. IKhabhinethi iphakamise ukuthotyelwa ngokupheleleyo kweengxelo zenkqubela ezinikelwa kwiNkundla yoMgaqo-siseko qho emva kweenyanga ezintandathu.

9.2. Kude kube ngoku iKomishoni yoNyulo eziMeleyo (i-IEC), ngokusebenzisana nezinye ii-arhente zombuso, sele iqokelele iidilesi zabavoti ezieziphantse zibe ngama-75%. IKhabhinethi iphinde yanikwa ingxelo emfutshane ngenkqubo ecetywa yi-SAPO yokunceda abo bangenazo iidilesi zeendawo abahlala kuzo.

9.3. IKhabhinethi ikholiwe yinkqubela nangumsebenzi wobambiswano oqhutywa yi-SAPO, yi-IEC nezinye ii-arhente zombuso ezenza umsebenzi kwiprojekthi yeedilesi.

9.4. IKhabhinethi iphinda icela abo bangekazihlaziyi iidilesi zabo ukuba benze njalo kwiveki yobhaliso lwabavoti elandelayo kweyoKwindla wama-2018.

C. Imisitho Ezayo

10. Iseshoni yesine yeKomishoni yaMazwe Amabini, uMzantsi Afrika neBotswana (i-BNC)

10.1. UMongameli Zuma uza kutyelela ngomsebenzi ukuze abe nenxaxheba kwaye abe ngomnye woosihlalo beSeshoni yesiNe ye-BNC yoMzantsi Afrika neBotswana eza kubanjelwa eGaborone, eBotswana ngoLwesihlanu, umhla we-17 kweyeNkanga ngowama-2017.

10.2.  UMzantsi Afrika neBotswana zihlangana ngonyaka ngamnye kwinqanaba leeNtloko zeMibuso ngokwesikhokelo-nkqubo se-BNC sokuphengulula ubambiswano lwamacala amabini nokuxoxa ngemibandela ebalulekileyo kula mazwe omabini.

10.3. La mazwe mabini anobudlelwane bobuhlobo obulawulwa likhonkco leenkcubeko kunye nobumelwane. Abambisana kwimibandela eliqela kuquka, uthutho, urhwebo notyalomali kunye nemibandela yezokusingqongileyo, njalo njalo.

10.4.  UMzantsi Afrika ngomnye wamazwe aphambili iBotswana erhweba nawo, kwaye iinkampani ezininzi zaseMzantsi Afrika zishishina kweliya lizwe.

11. Utyelelo lwasebuRhulumenteni nguMongameli wase-Angola

11.1. UMongameli Zuma uza kwamkela oHloniphekileyo, uMongameli weRiphablikhi yase-Angola, uJoão Lourenço, kuTyelelo lwasebuRhulumenteni oluyimbali oluza kwilizwe lethu ukususela ngomhla wama-23 kweyeNkanga ngowama-2017. Olu luza kuba luTyelelo lwasebuRhulumenteni lwakhe lokuqala kwilizwe lethu oko wabekwa esikhundleni.

11.2. La mazwe mabini anobudlelwano ngokuba emelene futhi obaqala kudala ngexesha lomzabalazo wenkululeko xa i-Angola yayilikhaya futhi ixhasa amatshantliziyo ayesilwela inkululeko yaseMzantsi Afrika kwiikampi ezahlukeneyo kweliya lizwe.

11.3. Ubambiswano kurhwebo nakuqoqosho phakathi kwala mazwe mabini lukhule kakhulu, kangangokuba uMzantsi Afrika ulelona lizwe liphambili elirhwebelana ne-Angola kweli lizwekazi. Iinkampani ezininzi zaseMzantsi Afrika ziqhuba ushishino e-Angola kumacandelo ngamacandelo kuquka elezokwakha, elezemigodi, elobonelelo lwezindlu, elezevenkile ezinkulu, elezokutya neziselo, iihotele nolonwabo, iinkonzo zokubhanka nezonyango.

Ngelixa lolu tyelelo, uMongameli uLourenço uza kwenza intetho yesiFundo ngoLwesihlanu, umhla wama-24 kweyeNkanga ngowama-2017 kwiSakhiwo iOR Tambo ePitoli.

12. Iintsuku ezili-16 zobuTshantliziyo

12.1. IKhabhinethi iyabaxhasa bonke abantu baseMzantsi Afrika ababonakalisa ukuchasa ukuxhatshazwa kwamabhinqa nabantwana.

12.2. Iphulo leentsuku ezili-16 zobuTshantliziyo zokuLwa uBundlobongela oBenziwa kooMama nasebaNtwaneni liqhutywa phakathi komhla wama-25 kweyeNkanga nowe-10 kweyoMnga wama-2017. Lo ngunyaka we-19 weli phulo eMzantsi Afrika kwaye liza kuqhutywa phantsi komxholo othi: “Ndibale Njengomnye Nam: Sisonke Siwuqhubela uMzantsi Afrika ongenaBundlobongela Phambili”.

12.3. UMongameli Zuma uza kuphehlelela iphulo leentsuku ezili-16 zobuTshantliziyo eMpuma Koloni ngoMgqibelo, umhla wama-25 kweyeNkanga ngowama-2017. Eli phulo liza kugxininisa ekuqhutyweni kweeNgxoxo zeSizwe, ezikhuthaza abantu ukuba bathethe ngomkhuba wobundlobongela obusekelwe kwisini. Oku kuza kukhokelwa luSuku lweHlabathi lwaMadoda ngeCawa, ngomhla we-19 kweyeNkanga ngowama-2017, olumema amadoda ekubeni enze indima yawo ekwakhiweni kwesizwe esikhuselekileyo nesimanyeneyo ngokwentlalo.

12.4. ISebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko liza kuqhuba iphulo lesibini likanomathotholo woluntu phantsi kwinkqubo yalo ethi: Let’s Talk Justice, ezisa iinkonzo zikarhulumente ebantwini ngokunika ithuba kubaphulaphuli lokubamba iingxoxo namagosa aseburhulumenteni ngemibandela esematheni. Ukuvulwa ngokusesikweni kweNkundla yoLwaphulo-mthetho lwezeSondo ngethuba leli phulo nako kuza kuqinisekisa ukuba bonke abantu bayazixhamla iinkonzo zezobulungisa.

12.5. IKhabhinethi iqinisekile ukuba ngobambiswano sinakho ukuwuphelisa umkhuba woxhatshazo. Xa sinokusebenzisana singakuthintela ukuxhatshazwa ngelixa siqinisekisa ukuba kukho isizwe esikhuselekileyo kumabhinqa nasebantwaneni.

12.6. Bonke abantu eMzantsi Afrika bayacelwa ukuba banxibe iribhoni okanye isipeliti esimhlophe esiluphawu lokuxhasa idabi lokulwa lo mkhuba kwisizwe sethu.

13. Amalungiselelo oSuku lweHlabathi lweSifo sikaGawulayo (i-AIDS)

13.1. IKhabhinethi imema wonke umntu ukuba athathe inxaxheba kwimisitho engamaqalela eRed Ribbon Friday eyandulela uSuku lweHlabathi lweSifo sikaGawulayo ngomhla woku-1 kweyoMnga kude kube sekupheleni kwale nyanga. Ukunxiba iribhoni ebomvu ngumqondiso wokuzimanya nokuzinikela ekulweni iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) ne-AIDS.

13.2. USuku lweHlabathi lwe-AIDS lithuba lokuba wonke umntu azibandakanye kwidabi lokulwa i-HIV, ukubonisa inkxaso ebantwini abane-HIV nokukhumbula abo balishiyileyo eli limagad’ahlabayo. Isikhumbuzo salo nyaka siza kuba phantsi komxholo othi: “ILungelo loKwazi iMeko yam, uThintelo luXanduva Lwam”, nesihambelana nomxholo wehlabathi othi: “ILungelo leMpilo”.

13.3. Oku kuxhasa ukuphunyezwa kwesiCwangciso esiQiqisisiweyo seSizwe (i-NSP) soMzantsi Afrika se-HIV, iSifo sePhepha (i-TB) neziGulo eziSulela ngokuDibana ngeSondo sowams-2017 – 2022, esiyintsika esentloko kumalinge oMzantsi Afrika okuqinisekisa ukuba iinkonzo zezempilo zifunyanwa ngumntu wonke njengoko kugxininiswa kwi-NDP, ekhuthaza isizwe esinempilo, esomeleleyo nesinolingwano.

14. IVeki yeSizwe yokuGxininisa kwiiMbizo

14.1. IKhabhinethi icela uluntu  ukuba luthathe inxaxheba kwiVeki eseyiza kufika yesixhenxe yeSizwe yokuGxininisa kwiiMmbizo, ekulindeleke ukuba ibanjwe ukusuka kumhla wama-27 kweyeNkanga ukuya kowesi-3 kweyoMnga ngowama-2017.

14.2. Le Veki iza kukhokelwa liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS), iliqonga elikhuthaza ukufakana imilomo kunye nokubonisana phakathi kwamalungu eKhabhinethi noluntu. Le Veki iza kubanjwa ngethuba kubhiyozelwa iminyaka elikhulu yokuzalwa kuka-Oliver Reginald Tambo, owayexhasa ukuphathwa ngokufanayo kwamadoda nabafazi. Ezi ndibano ziza kubanjwa kule Veki zijoliswe ekuxhaseni iphulo lobuTshantliziyo leeNtsuku ezili-16.

14.3. Imisitho eza kubanjwa iza kufakwa kuluhlu lwezinto eziza kwenziwa sisizwe ize ifakwe kwiwebhusayithi karhulumente (www.gov.za).

D.  Imithetho eYilwayo

15. IKhabhinethi yamkele upapasho lwesaziso ngokwecandelo lama-74(5) loMgaqo-siseko weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika wowe-1996. Injongo kukusungula inkqubo kazwelonke neyamaphondo yokucela izimvo ngeenjongo zokutshintsha imida yamaphondo kuMasipala woMmandla waseMatatiele eMpuma Koloni kunye neendawo ezithile eBa Ga Mothibi eMntla Ntshona.
Injongo ekujoliswe kuyo yokusikwa ngokutsha kwemida yamaphondo isuka kuluntu lweendawo ezichaphazelekayo oluqwenela ukufuduselwa kwamanye amaphondo angabamelwane.

E. Imiyalezo

16. IKhabhinethi ivuyisana neFrance njengelizwe elikhethelwe ukusingatha iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMbhoxo ngowama-2023 kwaye iyababulela abathunywa bakarhulumente, ebebekhokelwe nguSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa, uMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo uThulas Nxesi kunye noMbutho weBhola yoMbhoxo eMzantsi Afrika (i-SARU), ngomsebenzi omhle abawenzileyo wokufaka isicelo soMzantsi Afrika sokusingatha le tumente.

17. IKhabhinethi ivuyisana noMphathiswa Pandor, owongwe ngeBhaso loMhlohli weMfundo oBalaseleyo. Eli bhaso linikelwe kuMphathiswa Pandor yiNgqonyela yeYunivesithi yoMzantsi Afrika (i-Unisa), owayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki.

IBhaso loMhlohli weMfundo oBalaseleyo, elinye kwizintlu ezine, libalula igalelo lakhe nawuphi umhlohli wemfundo obalaseleyo ongumpondo zihlanjiwe okanye okhuthaze intumekelelo yokufundisa, ukufunda, uphuhliso lwezakhono zobuchule okanye nophando kwinkalo ayingcaphephe kuyo.

18. IKhabhinethi incoma umsebenzi owenziwe liZiko loMzantsi Afrika leNzululwazi ngeeNkwenkwezi (i-SAAO), eliyinxalenye yeqela leWide Angle Search for Planets elizingela iiplanethi elibhaqe iiplanethi ezintathu ezintsha.

19. IKhabhinethi iqhwabela izandla abathathi-nxaxheba kunye nabagqwese kwiimbasa iGovan Mbeki Awards owama-2017, eziwonga abo bakwicandelo lobuchule bezokwakha abagqwese kunikelo lwezindlu. Ezi mbasa zifika kanye xa ilizwe liqhuba ngokubhiyozela ukunikelwa kwezindlu kunye nezindlu ezisisibonelelo ezizigidi ezi-4.6 ukususela ngowe-1994.

20. IKhabhinethi izibulela kangangoko izenzo zobugorha zeenkonzo zikaxakeka, abacimi-mlilo nawo onke amavolontiya ancedise ekucinyweni kwemililo yakutshanje eNtshona Koloni. 

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – UMlawuli-Jikelele oBambeleyo (GCIS)
Iselfowuni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore