INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-22 kweyeThupha 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-22 kweyeThupha 2018 eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba Engundaba-mlonyeni
1. Imiba yezoqoqosho

1.1 Umbhodamo wezoqoqosho ubusanda kwenzeka eTurkey ubangele ukuhla kumandla ezimali zamazwe anoqoqosho olusahlumayo kuquka neRandi yoMzantsi Afrika.

1.2 Umthamo wemali ephuma kwiimarike zezimali zala mazwe uye wenyuka, inzala eyenziwe kwizabelo nayo yenyuka, into leyo ebangele ukuba isantya sokuhluma koqoqosho nesokudalwa kwemisebenzi sehle. Amatyala amakhulu elizwe laseTurkey abalwe ngokwezimali zangaphandle kunye novimba omncinci wezimali zamazwe angaphandle oku kubangele ukuphuma kwesi sixa sikhulu sezimali kwiimarike zezimali, njengokuba imeko yezimali kumazwe atyebhileyo iqala ukuzinza.  

1.3 IKhabhinethi ikuqaphele ukuba uMzantsi Afrika unawo amaxhadi exhathise ngawo, aquka ibhanki enguvimba ezimeleyo, imithetho yokuqinisekisa ukuba izinga ehla ngalo amandla emali liyalawuleka, ityala elincinci lezimali zangaphandle kunye nesicwangciso esicacileyo sokuqinikisa ukuba imali isetyenziswa ngononophelo nangoqoqosho. IKhabhinethi izimisele ukuqinisekisa ukuba la maxhadi ayasetyenziswa.

1.4 Ngaxesha nye, urhulumente uza kuqhubeleka esenza utshintsho ukuze aphucule amathuba okuhluma koqoqosho kunye nendlela eqondwa nebonwa ngayo imigaqo-nkqubo yeli lizwe. 

1.5 Urhulumente uza kuqhubeleka esebenzisana nabecandelo lezoshishino, abasebenzi kunye nemibutho yoluntu ukuze onke la mahlakani aphinde alithembe kwakhona uqoqosho lweli, kuze kususwe nemiqobo enxulumene nendlela olwakheke ngayo uqoqosho lweli ebangela ukuba lungahlumi uqoqosho ngesantya esifanelekileyo. Ngokubambisana singaziguqula izicwangciso zethu ezisephepheni zibe yimisebenzi ebonakalayo eza kuqhubela uqoqosho loMzantsi Afrika phambili.

2. Imiba yeRhafu-ntengo (i-VAT)

2.1 IKhabhinethi iyayamkela ingxelo ekhutshwe liQela leeNgcali loMphathiswa elithe laqwalasela ngokutsha uluhlu lwezinto ezingazikubhataliswa i-VAT laze laphakamisa ukuba kongezwe isonka esimhlophe, iflawa yokuxova isonka, iflawa yokwenza ikeyiki, iitawuli zoomama kunye neyunifomu yesikolo kolu luhlu. 

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba bahlomle kule ngxelo. Ithuba lokuhlomla kule ngxelo livuliwe ngoku kwaye liza kuvalwa ngomhla wama-31 kweyeThupha. UMphathiswa wezeMali, uMnu Nhlanhla Nene, ngoku uza kucacelwa kakuhle ngeziphakamiso ekufuneka azilandele. Abantu bangathumela izimvo zabo ezibhalwe phantsi kule imeyile: vatsubmissions@treasury.gov.za.

3. INyanga yooMama

3.1 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi beli ukuba baqhubeleke namaphulo okuqinisekisa ukuba abantu abangoomama bakhuselekile futhi baxhotyiswa nangezakhono. Siwaqhwabela izandla onke amacandelo athe akhokela amaphulo okulwa ingxaki yobundlobongela obujoliswe kwabesini esithile (i-GBV).

3.2 Njengoko siqukumbela iNyanga yooMama, iKhabhinethi iyaqhubeleka nokuhlonipha oomama banamhlanje ngendlela efanayo nale sihlonipha ngayo oomama abebekhona ngowe-1956 kumngcelele owawusiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli besilwa urhulumente wocalu-calulo owawufuna ukusebenzisa imithetho yamapasi ecalulayo ukubahluthela izidima zabo.

3.3 Ukusukela oko eli lathi lafumana inkululeko ngowe-1994, mkhulu umsebenzi esele wenziwe ukuqinisekisa ukuba oomama baxhamla amalungelo afanayo nawamadoda kwezemfundo, emisebenzini, kwezemihlaba nezindlu, indlela ekwabiwa ngayo ilifa kunye nezobulungisa. Ngelinge lokuqinisekisa ukuba sinoqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, senza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba oomama bathatha inxaxheba ngokuzeleyo kuqoqosho futhi ngabo abantu abaphambili kumaphulo okuqinisekisa ukuba uqoqosho lweli luxhanyulwa ngumntu wonke.  

3.4 Njengenxalenye yokubhiyozela iNyanga yooMama, iSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba - lisebenzisana neSebe lezoPhuhliso lwamaPhandle nokuBuyekezwa koMhlaba, kunye no-Total South Africa - ngoLwesine, umhla wama-23 kweyeThupha ngowama-2018, baza kubamba umsitho i-19th Annual Female Entrepreneur Awards eMonti eMpuma Koloni.

3.5 Urhulumente kunye namahlakani akhe, baza kubamba iNgqungquthela yeSizwe yezoBuni ukuze kukhangelwe indlela ekunokuliwa ngayo i-GBV.

3.6 UMphathiswa wezamaPolisa, uMnu Bheki Cele, uthe uyaqinisekisa ukuba amapolisa angamalungu oMbutho wamaPolisa woMzantsi (i-SAPS) aza kukhokelisa phambili amatyala angokuxhatshazwa koomama nabantwana. Xa umntu ongumama okanye umntwana emangalela ityala okanye ingxaki yokuxhatshazwa, kufuneka amapolisa athathe amanyathelo ngoko nangoko kwaye ityala elo liphandwe lide liyokuqukunjelwa. 

4. Ukuthathwa komhlaba 

IKhabhinethi ibulela abemi boMzantsi Afirka abathe bathatha inxaxheba kwiindibano zovakaliso-zimvo ebeziququzelelwa yipalamente ebeziqwalasela umba wokuhlaziywa kweCandelo 25 loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 ukuze uvumele ukuba umhlaba uthathwe ngaphandle kwembuyekezo. IKomiti yokuHlaziya uMgaqo-siseko yasePalamante iziqukumbele kuwo onke amaPhondo iindibano zovakaliso-zimvo. Iingxoxo zezi ndibano zovakaliso-zimvo kunye nezimvo ezibhalwe phantsi ezithunyelweyo ziza kuqwalaselwa yiPalamente.

Iingxoxo ngomba womhlaba eMzantsi Afrika zibalulekile kwaye xa sisebenzisana singaqinisekisa ukuba iinguqu kwezomhlaba zinganceda kumalinge okukhulisa uqoqosho lweli lizwe ingakumbi icandelo lezolimo kwaye kulungiswe nengxaki yomhlaba osezandleni zegcuntswana kweli.

UMongameli Cyril Ramaphosa uchonge iKomiti yabaPhathiswa (i-IMC), usihlalo wayo enguSekela-Mongameli uDavid Mabuza ukuba ikhokele futhi iphumeze iziphakamiso eziza kukhawulezisa ukubuyiselwa komhlaba, ukwandiswa kwenani labantu abanomhlaba, ukunikwa inkxaso ngezixhobo zezolimo kunye nokulungiswa kwengxaki yomhlaba osezandleni zegcuntswana, kusetyenziswa inkqubo ebanzi negcweleyo yokubuyiswa komhlaba nophuhliso lezolimo.

5. IPhulo loKwakhiwa kweziSeko zoGutyulo eziFanelekileyo eziKolweni (i-SAFE)

5.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kwePhulo i-SAFE nguMongameli Ramaphosa. Eli phulo liyanxelenye yeenkqubo zikarhulumente zokulungisa iingxaki yokunqongophala kweziseko zogutyulo izikolo ezisokolayo kweli lizwe ezijongene nayo. 

5.2 IPhulo le-SAFE likhokelwa liSebe leMfundo esiSiseko, lisebenzinsana ne-National Education Collaboration Trust kunye neNelson Mandela Foundation.

5.3 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo kweli lizwe, kuquka amashishini amakhulu kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente, ukuba axhase eli phulo lokulwa ingxaki endala yeziseko ezingundoqo ezinqongopheleyo kwizikolo ezikwimimandla engathathi ntweni.

6. ISkimu seSizwe soNcedo lwezeziMali sabaFundi (i-NSFAS)

IKhabhinethi inikwe ingxelo nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uNksz Naledi Pandor, engeengxaki ezambethe i-NSFAS. Ukuze kuziswe uzinzo futhi kulungiswe neengxaki i-NSFAS ejamelane nazo kumba wokunika imali abafundi abafanelekileyo, iKhabhinethi ikuxhasile ukwenyulwa koMlawuli, uGq Randall Carolissen.

Ukuchongwa kukaGq Carolissen kuthetha ukuba iBhodi ye-NSFAS ichithiwe. Lo Mlawuli kunye nabaphathi be-NSFAS baza kwenza konke okusemandleni kulungiswe umba wezemali zabafundi ezingekabhatalwa kunye nezinye iingxaki ezambethe eli qumrhu ukuze kuqinisekiswe ukuba imali yokuncedisa kwizifundo inkinkishwa ngokufanelekileyo ngowama-2019, nokuba yonke imiba ebingekasonjululwa yowama-2017 nowama-2018 iyasonjululwa.

7. Ukudendwa kwabasebenzi

IKhabhinethi ixhalabile zizibhengezo ebezisanda kwenziwa ezingokudendwa kwabasebenzi kunye nokuphela kwemisebenzi kumacandelo athile kuquka icandelo lezemigodi nelamajelo eendaba. IKhabhinethi iyaphinda kwakhona iyawacela amashishini ukuba umba wokudenda abasebenzi awuthathe njengenyathelo lokugqibela xa sele bezame onke amanye amacebo okuqinisekisa ukuba abantu abaphelelwa yimisebenzi.

Urhulumente usaqhubeleka esebenzisana namashishini kunye nabasebenzi, kwaye uqinisekile ukuba xa sibambisene, singalihlumisa uqoqosho lweli lizwe size sidale nemisebenzi emitsha. 

8. Ezosasazo

IKhabhinethi iyazamkela iindaba ezincumisayo zokuba iQumrhu lezoSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC) liza kusasaza imidlalo ye-English Premier League. Nangona oku kuza kuyenzela imali i-SABC, urhulumente unethemba lokuba ukusasaza le midlalo akuzikubangela ukuba imidlalo yeli lizwe ingasasazwa futhi liyenze imeko yezezimali yeli qumrhu losasazo ibe maxongo nangakumbi, njengokuba siyazi ukuba ayintlanga nangoku.

IKhabhinethi isibonile isaziso esikhutshwe liZiko eliziMeleyo lezoNxibelelwano loMzantsi Afrika (i-Icasa) esingokuba kuFakwe iziCelo zelayisenisi yokusasaza yequmrhu leenkonzo zosasazo ezihlawulelwayo. 

Nangona imiba enxulumene nokukhutswa kweelayisenisi zosasazo ichotshelwa yi-Icasa yodwa, amasolotya eCandelo le-192 loMgaqo-siseko kufuneka aselwe iso, ke ngoko inkqubo yokuqwalaselwa izicelo zeelayisenisi kufuneka yenziwe ngendlela engazikuphazamisa iinkonzo zosasazo ezihlawulelwayo ngethuba kutshintshwa kusukwa kuhlobo losasazo lwe-anologi kusiyiwa kweledijithali okanye ikhuthaze imikhwa enxamnye nokhuphiswano. Kufuneka iqinisekise ukuba loo maqumrhu aza kufumana ilayisenisi arhweba ngendlela engadleli ndlala amanye amaqumrhu futhi evulelekileyo.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi ivumile ukuba singeniswe ePalamente isiVumelwano esiza kumisela uMmandla weliZwekazi lase-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-AfCFTA) ukuze sityikitywe. Esi sivumelwano siza kubangela ukuba sikwazi ukurhweba nabathengi abatsha abahluka-hlukaneyo kwi-Afrika iphela, ingakumbi abathengi abatsha kummandla weNtshona Afrika noMntla Afrika. Esi sivumelwano siza kuvula neendawo ezintsha ezinokuthunyelwa kuzo iimveliso zoMzantsi Afrika. Oku kuza kuhambelana nenkqubo yophuhliso oluhlangeneyo esetyenziswa kweli lizwekazi. Siza kuba negalelo kuphuhliso lwamashishini, utyalo-mali kunye namaphulo okudala imisebenzi kweli lizwekazi.

2. Uphando ngeelayisenisi zosasazo

IKhabhinethi izamkele iziphumo zophando ebeligunyazisiwe ebeliqhutywa yi-Council for Science and Industrial Research (i-CSIR), ebeliphanda ngomthamo wamaza osasazo akhoyo angasetyenziswanga kunye neenkqubo zokukhutshwa kweelayisenisi zosasazo kweli candelo. Olu phando luyangqina ukuba la maza osasazo akhoyo ngoku ingakhutshwa ilayisenisi yawo inikwe amaqumrhu obuXhaka-xhaka boNxibelelwano obuVuleleke Kuye Umntu obungaFuni ziNgcingo (i-WOAN) kunye namaqumrhu ezosasazo ngokubanzi. 

Phakathi kwezinye izinto, oku kuza kuzalisekisa izithembiso ezenziwe kwimigaqo-nkqubo yeli, iindleko zonxibelelwano; kususwe izinto eziyimiqobo ethintela amashishini amancinci naphakathi ukuba athathe inxaxheba kwezosasazo kunye nokuqinisekisa ukuba la mashishini akhoyo ngoku kweli candelo awatshoni. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, uGq Siyabonga Cwele, uza kubamba iintlanganiso noonondaba acacise le ngxelo.

3. Ingxelo ngezaseMntla Ntshona

IKhabhinethi ifumene ingxelo yesine ngomsebenzi osele wenziwe kumalinge okungenelela ngokweCandelo 100(1) eMntla Ntshona. IKhabhinethi yanelisekile ngomsebenzi osele wenziwe kwinqanaba lokuqalisa ngamanyathelo okungenelela, apho amabakala amaninzi sele kugqithiwe kuwo amayelana nokwenziwa kwala manyathelo inxalenye yeenkqubo zolawulo kweliya phondo. 

  • IsiVumelwano sokuQondana (i-MoU) phakathi kukarhulumente kazwelonke nowephondo esisuka kwiQela labaPhathiswa eliJongene noMba (i-IMTT) waseMntla Ntshona sele sityikityiwe   
  • Abalawuli abahlanu bamasebe afakwe phantsi kweCandelo 100(1)(b) sele beqeshiwe baze babekwa ngokusesikweni njengamagosa aphendulayo.
  • Iintlobo zezivumelwano ezahluka-hlukeneyo phakathi kwabaPhathiswa bakaZwelonke kunye noogxa babo bamaPhondo sele zityikityiwe njengoko iCandelo 100(1)(b) lisitsho; kwaye
  • Nomququzeleli jikelele wokulawula iphulo lokungenelela eMntla Ntshona sele etyunjiwe.
     

IKhabhinethi ibulela kakhulu ngokungenelela ngokukhawuleza koMbutho weSizwe woMzantsi Afrika wezoKhuselo (i-SANDF) kunye neQumrhu eliXhasa isiSeko zoPhuhliso kooMasipala (i-MISA) kwingxaki yokuchithakala kwelindle kuMasipala weNgingqi waseDitsobotla eMntla Ntshona. Sele ilungisiwe le ngxaki yokuchitheka kwelindle, ebelisele libeke impilo yabantu esichengeni.   

IKhabhinethi iwuncoma kakhulu umsebenzi osele wenziwe ngabaLawuli ukuza kuthi ga ngoku bekhokelwa yi-IMTT, enosihlalo onguMphathiswa Nkosazana Dlamini Zuma.

4. IsiCwangciso esiHlanganisiweyo seziXhobo zokuSebenza (i-IRP)

IKhabhinethi ivumile ukuba ipapashwe i-IRP ehlaziyiweyo ukuze uluntu luhlomle.

IsiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) sigxininsa ukuba kufuneka uMzantsi Afrika utyale imali eninzi kwiziseko zophuhliso loqoqosho ezizinzileyo ezilungiselewe ukuxhasa izicwangciso zeli lizwe zezoqoqosho nezentlalo ekufuneka zifezekiswa ngokukhawuleza nakule minyaka izayo. Iziseko zophuhliso lwezamandla zibaluleke kakhulu kuqoqosho kunye nohlumo lweli lizwe; kufuneka zibe zezale mihla futhi zibe zintlobo ezahluka-hlukeneyo ukuze zikwazi ukunceda imizi-mveliso emikhulu, amashishini kunye namakhaya.

Ukuqukunjelwe kwe-IRP kuza kutsho zehle izibilini zamaqumrhu ahlukeneyo akweli candelo kwakunye nabathengi abasele benexhala ngengxaki yokucima kombane phakathi kwezi nyanga zizayo ukuya kule minyaka izayo.  

UMphathiswa wezaMandla, uMnu Jeff Radebe, kunye nesebe baza kubamba indibano neKomiti yoLawulo (i-EXCO) yeBhunga leSizwe loPhuhliso loQoqosho nezaBasenzi (i-Nedlac) ngoLwesihlanu, umhla wama-24 kweyeThupha apho kuza kuxoxwa ngengxelo eyidrafti, neza kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente kunye newebhusayithi yeSebe lezaMandla (www.energy.gov.za) ungedlulanga uMvulo, umhla wama-27 kweyeThupha ngowama-2018.

5. IKhabhinethi iwamkele uMgaqo-nkqubo wezoNxibelelwano kaRhulumente oza kusetyenziswa kuye wonke urhulumente. Lo mgaqo-nkqubo umisela imiqathango nemigangatho ekufuneka isetyenziswe zingcali zezonxibelelwano zikarhulumente. Lo mgaqo-nkqubo unyanzelisa onke amasebe karhulumente ukuba abe nohlahlo lwabiwo-mali lwezonxibelelwano kunye nesicwangciso sokuqasha esinezikhundla ezibekelwe imali yazo zonke. Lo mgaqo-nkqubo uza kutyebisa le miGaqo yokuziPhatha ikhoyo yabaSebenzi bakaRhulumente.

6. IKhabhinethi isamkele isiCwangciso-qhinga esiGqityiweyo soMzantsi Afrika sokuLwa uNgcoliseko loMoya kwiiNdawo eziXineneyo zaBantu abaMkela imiVuzo ePhantsi ukuba singaqalisa ukusetyenziswa. Esi sicwangciso-qhinga sicacisa iindlela kunye namaqhinga ahambelanayo okuphungula ungcoliseko lomoya olubangwa zizibaso zefosili ezifana nepararafini, amalahle, njl njl, kwiindawo ezixineneyo ezihlala abantu abamkela imivuzo ephantsi.   

Izinga lokufuthaniseleka kwezi ndawo lingaphezulu kwemiGangatho yeSizwe yoMgangatho woMoya oBethayo (i-National Ambient Air Quality Standards) emiselwe ngokoLawulo lweSizwe lwezokusiNgqongileyo: uMthetho woMgangatho woMoya, wowama-2004 (uMthetho uNombolo 39 wowama-2004). Esi sicwangciso sicacisa amanyathelo okungenelela anokuthathwa ukuphungula ungcoliseko kwaye sivumela nokuba kuqhutywe amaphulo okufundisa ngomonakalo owenziwa lungcoliseko kwiimpilo zabantu. Kwaye siyakuvumela nokuba kusetyenziswe ezinye iintlobo zamandla.

7. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga seziThuthi ezingeyoNgozi kokusiNgqongileyo, esiza kuba negalelo kumaphulo okuphungula iigesi ezinefuthe kumaqondo obushushu (ii-GHG) okusingqongileyo. Kungoku nje, icandelo lezothutho likhupha ii-GHG eziyi-10,8%, izithuthi ezihamba ezindleleni zenza ii-91.2% yezi GHG. 

Esi sicwangciso-qhinga sithetha ngamanyathelo okungenelela amaninzi aza kukhokelela ekubeni kungakhutshwa zisi ze-GHG zininzi. Sicebisa nokuba kusetyenziswe ezinye iindlela zothutho ezingakhuphi zisi ze-GHC zininzi. Esi sicwangciso sahlalutywa sahliwa amahlongwane sagqitywa luluntu ngowama-2017.

8. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente umqulu wokumisela uMbutho woKhuseleko kwezoPhapho (i-SASO) woMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC). Lo mqulu ucacisa imithetho kunye noluhlu lwezikhundla namacandelo e-SASO, ukuze uncede aMazwe angamaLungu e-SADC kumsebenzi wokubeka iliso kukhuseleko lezophapho kwiinqwelo-moya ezisetyenziswa ngabantu. Ukwancedisa nokuba kwakhiwe iziseko zophuhliso lwezophapho ezisebenzayo neziluncedo kuMazwe angamaLungu e-SADC.

9. IKhabhinethi ilivumile iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezobuGcisa, ezeNkcubeko kunye nezaMafa wowama-2018. Eli Phepha liCacisa lo Mgaqo-nkqubo liphelisa imiba ethile yePhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezobuGcisa, ezeNkcubeko kunye nezaMafa wowe-1996. Eli Phepha lisisiphumo somsebenzi onzima wokuhlaziya iPhepha lokuCacisa uMgaqo-nkqubo lowe-1996, elalicacisa wonke umsebenzi oyimpumelelo owenziweyo kuwo onke amabakala ezobugcisa, ezenkcubeko kunye nezamafa kwaye lichaphazela nemiba eseneengxakana neyimiqobo kumaphulo okwakha isizwe nokukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo kulo mbuso wethu ulawulwa ngokwentando yesininzi.   

Eli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo lineenjongo zokwaka icandelo loMzantsi Afrika lezobugcisa, inkcubeko nezamafa elinodumo, elilale mihla futhi elibonakalisa utshintsho eliza kuba negalelo kumaphulo okwakha isizwe, okukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo phakathi kweentlanga ezahlukeneyo nelingokubandakanya wonke umntu kwezentlalo nezoqoqosho.

10. IKhabhinethi isiphumezile isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo weSizwe esingoButyebi beNkcubeko obuPhantsi kwaManzi, esihambelana nesiVumelwano soMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi nezeNkcubeko weZizwe eziManyeneyo (i-Unesco), noMthetho weSizwe wobuTyebi baMafa, wowe-1999 (uMthetho uNombolo 25 wowe-1999) kunye neminye imithetho yesizwe efanelekileyo.

Lo mgaqo-nkqubo usekelwe kuluvo lokuba ubutyebi bezenkcubeko bobabo bonke abantu boMzantsi Afrika. Unika uluhlu lwamahlakani kunye namanyathelo okukhuthaza nokufundisa ngobutyebi bezenkcubeko obuphantsi kwamanzi, kunye nokufundisa uluntu ngokubaluleka kwabo kunye nokuqeqeshwa kwabantu abaza kusebenza kweli candelo.

11. IKhabhinethi iyamkele iNkqubo yoNyaka yeziTampu yowama-2018 nama-2019 yePosi yoMzantsi Afrika. Ezi zitampu zibonisa iinkcubeko ezahlukeneyo, isizwe ngokwaso, imbali, amasiko namafa atyebileyo, amaqhawe namaqhawekazi kunye nendalo yoMzantsi Afirka kwakunye nophuhliso lezentlalo nezoqoqosho. Ezi zitampu ziza kusebenza njengoonozakuzaku abangamaphetshana boMzantsi Afrika xa zityhutyha lonke eli limiweyo zincanyathiselwe kwiileta ezithunyelwa kwiiposi zehlabathi ezahlukeneyo.

12. IKhabhinethi iluvumile uyilo lweegqekembe ezisisikhumbuzo ezingazikusasazwa kuluntu eziza kukhutshwa ngowama-2019 yi-South African Mint.

3. ImiThetho esaYilwayo

1. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo wemiThetho yoNyulo wowama-2018. Lo Mthetho uYilwayo ulungisa imithetho emithathu, eyile: uMthetho weKomishini yoNyulo, wowe-1996 (uMthetho 51 wowe-1999), uMthetho woNyulo, wowe-1998 (uMthetho 73 wowe-1998) kunye nooRhulumente beNgingqi: uMthetho woNyulo lukaMasipala, wowama-2000 (uMthetho 27 wowama-2000).

Lo Mthetho uYilwayo wenze izilungiso ezininzi ezitshintsha iinkqubo zolonyulo zeKomishini eziMeleyo yoNyulo (i-IEC). Ezinye izilungiso ezenziweyo zivumela i-IEC ukuba isebenzise bonke oovimba bolwazi ukuze ifumane iinkcukacha ezifunekayo ukuze iqulunqe futhi ilungise uluhlu lwabavoti. Ukwacicasa nomba wokungavunyelwa kokusetyenziswa kwegama, isishunqulo, uphawo okanye iimpahla ezisetyenziswa okanye ezizeze-IEC.

2. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo wezoNxibelelwano nge-Intanethi. Lo Mthetho uYilwayo ulungisa uMthetho wezoNxibelelwano nge-Intanethi, wowama-2005 (uMthetho 36 wowama-2005) ukuze kuqalise ukusebenza iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weSizwe we-ICT eHlanganisiweyo, ukuze kwenziwe iinguqu eMzantsi Afrika apho siza kuba sisizwe apho wonke umntu asebenzisa ulwazi nobuchwepheshe obunobuchule. Ukwavumela ukuba kwenziwe iinguqu kweli candelo ngokunyanzelisa ukuba kusetyenziswe inkqubo ebanzi yophuhliso lwabamnyama ngezoqoqosho (i-BBBEE).

Phakathi kwezinye izinto, ucacisa nokuba zithotywe iindleko zezonxibelelwano. Ukwanciphisa nengxaki yokwakhiwa kweziseko ezifanayo futhi ukhuthaza nokhuphiswano olusekelwe kwiinkonzo kusetyenziswa i-WOAN.

3. IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe uMthetho-sihlomelo oYilwayo weMiba yezeMali wowama-2018 ukuze uluntu luhlomle. Ezi zilungiso zikwimithetho emihlanu.

  • UMthetho wokuBhangiswa kweShishini wowe-1963, ukuqinisa isivumelwano ezisekhusini ezingaphunyezwa ngamaqumrhu afanelekileyo, ngokuhambelana nezivumelwano ze-G20.
  • UMthetho woMhlala-phantsi waseMkhosini wowe-1976, ukuze kulungiswe amasolotya acalulayo kuqinisekiswe ukuba awubhekisi kumba omalunga nesini kunye nokuquka iintlobo ezahlukeneyo ezikhoyo zobudlelwano phakathi kwabantu.
  • UMthetho weeBhanki wowe-1990, oza kuvumela amaqumrhu karhulumente afanalekileyo ukuba afake isicelo sokuvula ibhanki, sicelo eso siza kuxhomekeka ekuvunyweni yiKhabhinethi.
  • UMthetho woMhlala-phantsi wabaSebenzi bakaRhulumente wowe-1996, ukuze utshintsho lo mthetho usetyenziswayo ngoku wokuba xa kuqhawulwa umtshato elinye iqabane lifumane isixa salo semali yomhlala-phantsi ngoko nangoko. Iinjongo zoku kukuqinisekisa ukuba imali yomhlala-phantsi yelungu xa kuthe kwaqhawulwa umtshato ayipheli sele ilityala; kunye
  • noMthetho weKhondo lezoPhicotho-zincwadi wowe-2005, ukuze kulungiswe iingxaki nemingeni iBhodi eziMeleyo yokuLawula abaPhicothi-zincwadi ethi ijongane nazo xa isenza umsebenzi wayo wokunyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho nowokuba liliso.
     

4.  IKhahinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente uMthetho wokuziPhatha eMkhosini wowama-2018. Lo mthetho ulungisa imiba emalunga nolawulo lwenkqubo yezobulungisa yasemkhosini, ukuvulwa nokuqashwa kwamapolisa ecandelo lomkhosi kunye nokuqhutywa kweentlanganiso zokulungisa isimilo.

Lo Mthetho uYilwayo ungena endaweni yalo Mthetho ukhoyo waManyathelo okuNcedisa kwiNdlela yokuziPhatha eMkhosini, wowe-1999 (uMthetho 16 wowe-1999). Lo Mthetho uYilwayo uza kuhambelana nemiGaqo yokuziPhatha eMkhosini kwe-SANDF ye-UN, ingakumbi emajonini atyalwe kumaphulo ogcino-xolo.    

5. IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe uMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkampani wowama-2018 kwiGazethi kaRhulumente ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ungena endaweni yoMthetho weeNkampani, wowama-2008 (uMthetho uNombolo 71 wowama-2008). Uphungula uxanduva olunxulumene nemithetho nolawulo olubekwa kubanikazi bamashishini kwaye wenza ukuba uMzantsi Afrika ube nomtsalane nangakumbi kubatyali-zimali.

4. Imisitho ezayo

1. INyanga yezoKhenketho ngeyoMsintsi iphehlelelwe ngomhla we-16 kweyeThupha ngowama-2018 eTsitsikamma eMpuma Koloni phantsi komxholo othi: "Ezokhenketho neenguqu kwezobuchwepheshe", mxholo lowo uhambelana nowoSuku lweHlabathi lwezoKhenketho loMbutho wezoKhenketho lweHlabathi we-UN oluza kubanjwa ngomhla wama-27 kweyoMsintsi 2018.  

Ngokwengxelo yeBhunga leHlabathi lezokuHamba nezoKhenketho ekhutshwe ngeyeNkanga yowama-2016, icandelo lezokhenketho eMzantsi Afrika liqeshe abantu abasisigidi esiyi-1.55 ngqo kulo nakumanye amacandelo asebenzisana nalo kwaye igalelo lalo lilodwa kwimveliso yelizwe yonyaka (i-GDP) yimali ezibhiliyoni zeerandi ezili-118.

IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balixhase eli candelo libaluleke kangaka kuqoqosho lweli lizwe. Kubalulekile nokuba sisebenzele ukwakha icandelo lezokhenketho elixhanyulwa ngumntu wonke neliza kukwazi ukuvula amathuba okuqala amashishini amatsha, awezoqoqsho kunye nemisebenzi kwiindawo ezihlala abantu bakuthi.

2. IKhabhinethi iyivumile iNkqubo yeNyanga yabaSebenzi bakaRhulumente yowama-2018 enomxholo othi: 'Thuma Mna: Ukusa iiNkonzo zikaRhulumente eBantwini: Batho Pele: "Singabenu, Siyakhathala futhi Siyasebenza". Iinkqubo yenyanga yonke enoluhlu lwezinto eziza kwenziwa iza kufakwa kwiwebhusayithi karhulumente (www.gov.za).

3. USuku lweSizwe lwesiKhumbuzo le-SAPS ingomhla wesi-2 kweyoMsintsi 2018, kodwa zona iinkonzo nemisitho yesikhumbuzo iza kuqala ngomhla wama-31 kweyeThupha. Olu Suku lwenzelwa ukukhumbula amapolisa nabo basebenza njengamapolisa ancedisayo abathi babulwa besemsebenzini, oko kukuthi amagorha awe ekhusela eli lizwe.

IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bahloniphe futhi bakhumbule igalelo nemisebenzi yala magorha namagorhakazi athi awa esemsebenzini. Iflegi ziza kuthotywa futhi nabantu bayacelwa ukuba bathathe umzuzu wokunqumama bazole ezinkonzweni zabo phakathi komhla wama-31 kweyeThupha nowe-2 kweyoMsintsi, njengendlela yokubonisa inkxaso kwi-SAPS.

4. Ukusuka ngomhla wama-24 ukuya kowama-25 kweyeThupha uMzantsi Afrika uza kubamba iNkomfa yaMazwe ngaMazwe yezobuNzululwazi, ubuChwepheshe, ubuNjineli kunye nezoLawulo, eza kube iququzelelwe yi-Research World. Le nkomfa iza kunika ithuba kubathathi-nxaxheba ukuba bavakalise izimvo zabo babalise nangezinto abazaziyo kubathunywa behlabathi, ingqina ukuba uMzantsi Afrika ulilizwe elihlonitshwa jikelele ngokwesakhono sokusingatha imisitho ekumgangatho wehlabathi.

5. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwimibhiyozo yokonwabela iNyanga yaMafa ngeyoMsintsi. INyanga yaMafa ibanjwa rhoqo ngonyaka ngeenjongo zokukhuthaza abantu ukuba bazingombe isifuba ngokuba bephuma kwisizwe esineentlanga nezizwana ezahlukeneyo kodwa ezimanyeneyo kwaye baqhubeleke nokwakha isizwe esinobubele, inkathalo nembeko.

5. Imiyalezo

1. Ukuphakamisa amagama abantu abaza kuwongwa ngeeMbasa zeSizwe

IKhabhinethi nayo iyasibethelela isicelo sikaMongameli Ramaphosa sokuba uluntu lutyumbe abahlali nabantu abahlonitshwayo bamazwe angaphandle abacinga ukuba bafanele kukuhlonitshwa ngelona wonga liphezulu kweli lizwe, iMbasa yeSizwe. Umhla wokugqibela wongenisa amagama abantu abatyunjiweyo ngumhla wesi-7 kweyoMsintsi 2018.

2. I-Eid

IKhabhinethi ithumela iminqweno emihle kubantu benkolo yobuSilamsi eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela njengoko bebene-Eid-ul-Adha izolo, ngoLwesithathu umhla wama-22 kweyeThupha 2018. Abantu benkolo yobuSilamsi abangaphezulu kwama-2 500 abaphuma eMzantsi Afrika baphumile baya eKingdom of Saudi Arabia besiya kuba yinxalenye yabanye bale nkolo abaqikelelwa kwizigidi ezibini abaphuma kwihlabathi liphela kuhambo lwezonqulo lwe-Hajj.

3. Amazwi ovelwano

3.1 IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithi akuhlanga lungehliyo kusapho nezihlobo zikaMama Zondeni Sobukwe, obebizwa ngokuba ngu-"Mother of Azania". UMongameli Ramaphosa ubhengeze ukuba uza kukhatshwa ngoMngcwabo kaRhulumente oKhethekileyo okwiNqanaba 2. Ebeliqhawekazi lomzabalazo nejoni elalwela inkululeko yabo bonke abemi boMzantsi Afrika, futhi waqhubeka neli dabi kwada kwangena umbuso olawulwa ngokwentando yesininzi. Ngomhla wama-28 kuTshazimpuzi 2018 - kumsitho owawusongeza kwimibhiyozo yoSuku lweNkululeko - uMongameli Ramaphosa wawonga uMama Sobukwe ngembasa i-Order of Luthuli in Silver. Ebengunkosikazi kaMongameli wokuqala we-Pan Africanist Congress (i-PAC) uRobert Mangaliso Sobukwe. Lo nyaka wama-2018 ngowama-40 uMnu Sobukwe waswelekayo. UMama Sobukwe uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo umhla wama-25 kweyeThupha 2018, eKroonvale Cemetery eRhafu eMpuma Koloni.

3.2 IKhabhinethi njengoMongameli Ramaphosa nayo iyangqukruleka kukusweleka koHloniphekileyo uKofi Atta Annan, nowayenguNobhala-Jikelele we-UN (i-UNSG). UMnu Annan ungumdaka omnyama wokuqala ophuma kweli lizwekazi ukuba yi-UNSG kwaye wasebenzisa esi sikhundla ukulwela izinto ezibalulekileyo kwilizwekazi le-Afrika. Ukufa kwakhe kuza kushiya isikroba esingenakuvaleka kwihlabathi.

3.3 IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano ngokusweleka komlonji wemvumi ehlonitshwa lihlabathi liphela kunye netshantliziyo lamalungelo oluntu lase-United States, u-Aretha Franklin.

3.4 IKhabhinethi njengehlabathi nayo ithi tutuni kuRhulumente wase-Italy nabantu beliya lizwe, kunye neentsapho zamaxhoba athe asweleka, emva kokudilika kwebhulorho enqumla indlela yaseMorandi kwisixeko sase-Italy esisemntla-ntshona. IKhabhinethi inqwenelela bonke abonzakeleyo ukuchacha ngokukhawuleza.      

3.5 IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba usapho nezihlobo zikasoqoqosho wezopolitiko kunye nesifundiswa seli lizwekazi le-Afrika uSamir Amin, olandulele eli phakade ngomhla we-12 kweyeThupha eneminyaka engama-86. Ubomi bakhe bonke ubuchithe esilwela inkululeko yamazwe asahlumayo, kwaye imibono yakhe yayitshintsha indlela esiyiqonda ngayo inkqubo yobukhapitali kunye neyokugonyamela kuthathwe amanye amazwe enziwe amathanga.

3.6 IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kurhulumente nabantu base-India ngokusweleka kwabantu kwizikhukula kunye nokudilika kweengqimba zodaka kutshanje kwiphondo laseKerala.

3.7 Amazwi ovelwano athunyelwa nakurhulumente kunye nabantu baseSudan kulandela ukusweleka kwabantwana besikolo abangama-24 ngokutshona kumlambokazi iNile River.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. UNksz Deshni Subbiah njengoMlawuli weBhodi ye-Export Credit Insurance Corporation of South Africa SOC Limited.
2. UNksz Thezi Rosemary Mabuza, uqeshiwe kwakhona njengeSekela-Mkomishala weKomishini yeSizwe yabaThengi.
3. Abalawuli abangeyonxalenye yesigqeba solawulo kwiBhodi yabaLawuli beBhanki yezoMhlaba nezoLimo:

  • U-Adv Sandra Coetzee (uqeshiwe kwakhona); kunye
  • noNksz Mathane Eveline Makgatho (uqeshiwe kwakhona).
     

4. Abalawuli abangeyonxalenye yesigqeba solawulo beBhodi yeNkampani yeziKhululo zeeNqwelo-moya zoMzantsi Afrika (i-ACSA):

  • UGq Nolulamo Nobambiswano Gwangwa (uSihlalo);
  • UNksz Phydelis Ntombifuthi Mvelase;
  • UMnu Yershen Pillay;
  • UMnu Bonang Francis Mohale;
  • UMnu Pascalis Mathealira Mokupo;
  • UNksz Nosizwe Nokwe-Macamo; kunye
  • noMnu Nqobizitha Irvin Phenyane.
     

5. Amalungu angeyonxalenye yesigqeba solawulo beBhodi ye-Arhente yeSizwe yezeeNdlela zoMzantsi Afrika (i-Sanral):

  • UMnu Themba Barrange Mhambi (uSihlalo);
  • UMnu Alderman Robert Haswell;
  • UNksz Nkareng Mpobane;
  • UMnu Thamsanqa Piet Matosa; kunye
  • noNksz Dladla.
     

6. Ibhunga lesizwe i-National Advisory Council on Innovation:

  • UNksz Claire Busetti (uqeshiwe kwakhona);
  • UMnu Paul Steenkamp (uqeshiwa kwakhona);
  • UNksz Thulile Mthethwa;
  • UMnu Isaiah Clive Engelbrecht;
  • Rejoyce Gavhi-Molefe;
  • UNjing. Derrick Ian Swartz (uSihlalo);
  • UGq Tiisetso Elizabeth Lephoto;
  • UNksz Ilse Karg (uqeshiwe kwakhona kwaye ungummeli weSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti);
  • UGq Molapo Qhobela (uqeshiwe kwakhona);
  • UNjing Crain Arthur Soudien (uqeshiwe kwakhona);
  • UGq Thulani Humphrey Dlamini (uqeshiwe kwakhona);
  • UMnu Dhesigen Pydiah Naidoo (uqeshiwe kwakhona);
  • UGq Shadrack Moephuli (uqeshiwe kwakhona);
  • UNjing Roseanne Denise Diab (uqeshiwe kwakhona);
  • UGq Boitumelo Phakathi; kunye
  • noNksz Mamello Matikinca.
     

7. I-Arhente yesizwe iSouth African National Space Agency:

  • UNksz Xoliswa Kakana (uSihlalo);
  • UNjing Azwinndini Muronga;
  • UMnu Johan Prinsloo (uqeshiwe kwakhona);
  • UMnu Willie van Biljon (uqeshiwe kwakhona);
  • UMnu Eugene Jansen (uqeshiwe kwakhona);
  • UMnu Ashley Naidoo (uqeshiwe kwakhona futhi ungummeli weSebe lezeNdalo);
  • UMnu Lindelwa Simphiwe Hamilton (uqeshiwe kwakhona kwaye ungummeli weSebe lezoKhuselo);
  • UNksz Nomfuneko Majaja (ummeli we-dti);
  • UNksz Mariam Paul (ummeli weSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi);
  • UNksz Leago Stella Takalani;
  • UNksz Lumka Msibi;
  • U-Adv Icho Kealotswe Matlou;
  • UNksz Matsie Matooane (uqeshiwe kwakhona);
  • UNksz Innocentia Mmule Pule (uqeshiwe kwakhona); kunye
  • noNkszi Mbaliyethu Mfeka (uqeshiwe kwakhona).
     

8. UMbutho weSizwe wezoPhando-nzulu (i-NRF):

  • UNjing Tinyiko Maluleke (uqeshiwe kwakhona);
  • UNjing Nadine Felicity Petersen;
  • UGq Sarah Mosoetsa (uqeshiwe kwakhona);
  • UGq Nompumelelo Obokoh (uSihlalo);
  • UNjing Haroon Bhorat;
  • UNjing Zebion Vilakazi;
  • UNjing Sinah Saurabh;
  • UNjing Nomalanga Mkhize;
  • UNjing Glenda Elisabeth Gray;
  • UGq Bongani Ngqulunga;
  • UNksz Mpho Letlape (uqeshiwe kwakhona);
  • UMnu Mashangu Ronny Lubisi (uqeshiwe kwakhona); kunye
  • noNksz Claire Busetti (uqeshiwe kwakhona).

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore