INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-20 kweyeNkanga wowama- 2019

INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla wama-20 kweyeNkanga 2019, eTuynhuys eKapa.

A.  Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.  INkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika (i-SAIC)


1.1.  IKhabhinethi izihlafunile iziphumo ezincumisayo ze-SAIC ebibanjwe ukususela ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-7 kweyeNkanga nezeNkomfa yezoTyalo-mali yase-Afrika (i-AIF) ebibanjwe ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-13 kweyeNkanga.

1.2.  Kwi-SAIC yesibini yoMzantsi Afrika kubhengezwe ukuba kwenziwe izithembiso zotyalo-mali oluxabisa imali ezizigidi-gidi ezingama-363 zeerandi kwaze kwi-AIF kwabhengezwa ukuba kwenziwe izithembiso zokutyala imali emalunga nezigidi-gidi ezingama-40 ze-US$. Oku kubonisa kwakhona indlela oluthenjwe ngayo uqoqosho lweli lizwe.

1.3.  Inkampani enkulu yamaphepha nokusilwa kwawo u-Sappi kunye neyeziselo ezinxilisayo uHeineken ziphakathi kwezinye iinkampani ezininzi ezithembise ukuba ziza kugalela izigidi-gidi zeerandi kuqoqosho lweli lizwe. Kwinkomfa yotyalo-mali yokuqala, kulo nyaka uphelileyo, kwenziwe izithembiso zokutyala imali ezizigidi-gidi ezingama-300 zeerandi. Ezi zithembiso zenziwe yinkampani yezorhwebo nge-intanethi nayo erhweba namazwe ngamazwe, i-Amazon, i-Aspen kunye neyezobuchwepheshe enondlunkulu wayo ose-Rwanda, i-Mara Corporation. Zonke ezi zithembiso zotyalo-mali zenziweyo zibubungqina bokuba uMongameli Cyril Ramaphosa uza kusifezekisa isicwangciso sakhe sotyalo-mali oluza kungena kweli oluyitriliyoni yerandi eyi-1.2 yeerandi kule minyaka mihlanu izayo.

1.4.  Kule veki iphelileyo, uMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo (i-SEZ) oneMizi-mveliso yeeMoto oseTshwane ubhengeze amaphulo otyalo-mali ekulindeleke ukuba angenise imali ezizigidi-gidi ezi-3.6 zeerandi uze udale imisebenzi kuyo ngqo engama-6 700. U-Ford SA, naye oza kusebenzela kule SEZ yaseTshwane, unezicwangciso zokwandisa inani leemoto eziluhlobo lwe-Ranger azivelisayo, eziza kuthengiswa kweli nakumazwe angaphandle, lisuke kwiimoto ezingama-520 liye kwezingama-720 ngosuku. Inkampani yaseJapan, u-Isuzu nayo yenze isithembiso sokutyala imali ezizigidi-gidi eziyi-1.2 yeerandi kumzi-mveliso wakhe oseBhayi, into leyo eza kuthi ibe negalelo elihle kakhulu kuqoqosho lwaseMpuma Koloni.

1.5.  IKhabhinethi ibulela ngokungazenzisiyo kubo bonke abatyali-mali kunye nabo bebethathe inxaxheba kule nkomfa yotyalo-mali ibe yimpumelelo enkulu. Ngokusebenzisana, singawuqhubela phambili uMzantsi Afrika.

2.  INkomfa yezeNdalo yabaPhathiswa base-Afrika (i-AMCEN)

2.1.  IKhabhinethi iyakwamkela futhi ikuxhasa ukutyunjwa koMphathiswa wezeNdalo, ezamaHlathi nezokuLoba, uBarbara Creecy njengoSihlalo we-AMCEN kule minyaka mibini izayo.

2.2.  UMzantsi Afrika uthathe esi sikhundla sokuba ngusihlalo we-AMCEN ngethuba lale nkomfa ibanjwa rhoqo emva kweminyaka emibini ebibanjelwe kwiSixeko sase-eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-15 kweyeNkanga 2019. Eli liqonga elibalulekileyo lokuba abaPhathiswa base-Afrika baqulunqe baze bagwadle amacebo okulondoloza iintlobo-ntlobo zezityalo, iziphili nezilwanyana zeli lizwekazi le-Afrika. Eli qonga likwanceda nokuba eli lizwekazi likwazi ukuqulunqa izwi nombono omnye ekuza kuxoxelwa phezu kwawo kwiindibano zehlabathi ezifana neNkomfa yama-25 yoTshintsho lweMozulu (i-COP25) yeZizwe eziManyeneyo eza kubanjelwa eMadrid, eSpain, ukususela ngomhla wesi-2 ukuya kowe-13 kweyoMnga 2019.

3.  INgqungquthela ye-Brazil, iRussia, i-India, i-China noMzantsi Afrika (i-BRICS)

3.1.  IKhabhinethi iyazamkela iziphumo ze-Ngqungquthela ye-11 ye-BRICS ebibanjelwe eBrasilia, eBrazil phantsi komxholo othi: “UHlumo loQoqosho lweNgomso oluSekelwe kuYilo”.

3.2.  UMongameli Ramaphosa nezinye iinkokeli ze-BRICS baye bangqubanisa iintloko neBhunga lezoShishino le-BRICS ukuze kuqiniswe amakhonkco ezoqoqosho, ezorhwebo, ezoshishino nezotyalo-mali phakathi kwamazwe angamalungu e-BRICS. IKhabhinethi ikuchulumancele ukwamkelwa kweSibhengezo seNgqungquthela ye-BRICS ziNtloko zeMibuso.

3.3.  Esi sibhengezo siquka ukuvumelana nokulwa nengxaki yokubiza amaxabiso aphantsi kwiimveliso ezisuka kumazwe angaphandle kunye namanye amanyathelo okuncedisa kuhlumo, nokuba lande inani labantu abanesakhono sokuthenga nokusebenzisa iinkonzo kwihlabathi. Esi sibhengezo siphinda sikhuthaze intsebenziswano esinayo ngemiba, equka utyalo-mali kurhwebo nge-intanethi nakumashishini amancinane, amancinci naphakathi.

3.4.  Ukuba lilungu le-BRICS koMzantsi Afrika kuwubeka endaweni entle kakhulu yokuba wandise urhwebo, utyalo-mali, ukhenketho, uphuhliso lwezakhono kunye nokwabelana ngobuchwepheshe, zinto ezo zingoondoqo kumaphulo okulwa umngeni ontlantlu-ntathu, wentswelo-ngqesho, indlala nokungalingani.

4.  Iminyaka engama-25 yeNkululeko

4.1.  IKhabhinethi iyakwamkela ukupapashwa ngokusesikweni kwengxelo yoHlaziyo lweMinyaka engama-25, esisiphumo sokufakana imilomo nokubonisana nabantu abaninzi kweli lizwe nakwilizwekazi le-Afrika liphela. Le ngxelo izinyathele izinto ezintle esizenzileyo zokubuyisela isidima sabantu bakuthi nokuphucula amathuba okuba bafumane iinkonzo ezisisiseko.

4.2.  Ezinye zezinto esikwazileyo ukuzenza ziquka ukuqinisekisa ukuba wonke umntwana uyayifumana imfundo esisiseko, ukwandisa inani labantwana abafunda kumaziko emfundo ephakamileyo, ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyazifumana iinkonzo zezempilo ezisimahla kumaziko ezempilo karhulumente kunye nokuqaliswa kweenkqubo zezibonelelo-mali zezentlalo. Nangona umkhulu lo msebenzi sele siwenzile, uqoqosho lweli lizwe lusazifuna iinguqu ezimandla lutsho luxhanyulwe ngumntu wonke ngokulinganayo. Futhi alukabikho utshintsho kwindlela ezakhiwo ngayo iindawo ezihlala uluntu kuba zisemi ngolwa hlobo urhulumente wocalu-calulo wayezakhe ngalo.

4.3.  Le ngxelo iphakamisa ukuba eli lizwe kufuneka lakhele kule misebenzi mihle yale minyaka  yenkululeko ingama-25 idlulileyo ingakumbi kumalinge okuzisa iinguqu ezimandla kuqoqosho nakwindlela ezakhiwe ngayo iindawo ezihlala uluntu kweli lizwe. Le ngxelo iyafumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezoCwangciso, ezokuHlola noVavanyo ethi: www.dpme.gov.za.  

5.  Ulawulo lwentlekele

5.1.  IKhabhinethi ithi tutwini kwintsapho zabemi boMzantsi Afrika abali-14 abathe basutywa kukufa ngethuba kukho imvula esisichotho kwiphondo laKwaZulu-Natal kwaye inqwenelela abo bathe bafumana umonzakalo ukuchacha ngokukhawuleza.

5.2.  Icandelo leeNkonzo zoLawulo lweNtlekele lilungisa umonakalo oze nenkanyamba eyonakalise iziseko zophuhliso loluntu yaze yachaphazela amakhaya angaphezu kwangama-798 eNew Hanover naseBergville kwiphondo laKwaZulu-Natal.

5.3.  Abemi boMzantsi Afrika bayacelwa ukuba bahlale bevundlile bathathe amanyathelo afanelekileyo okuzikhusela njengoko asekho amathuba okuba kune iimvula ezinkulu ezineendudumo ezimandla kwiindawo ezithile zelizwe.

6.  U-Eskom

6.1.  IKhabhinethi iyakuxhasa ukuqeshwa kukaMnu Andre de Ruyter njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) yakwa-Eskom. Ukuqeshwa kwe-CEO esisigxina linyathelo lokuqala elibalulekileyo lokuzisa uzinzo kwa-Eskom, nokulungisa gqibelele iingxaki ezinxulumene nolawulo nokuphathwa kwezimali kweli ziko into leyo iza kuthi ikhokelele ekubeni isizwe sifumane umbane ngendlela efanelekileyo.

6.2.  UMnu de Ruyter useyi-CEO yakwaNampak okwangoku. Ukhe wabamba izikhundla zokuba ngumcebisi ophezulu wezomthetho, futhi wayesebenza nakwicandelo lezeentengiso nakwelezokuxhaswa kwemisebenzi yequmrhu kwaSasol apha eMzantsi Afrika, eGermany naseChina – isikhundla sokugqibela awayesibambe kwaSasol sesokuba liGosa eliPhezulu lesiGqeba seMisebenzi yeQumrhu apha eMzantsi Afrika.

6.3.  Kwesi sikhundla uMnu de Ruyter uza namava awafumene kumazwe ehlabathi; amava nolwazi olunzulu malunga nokusebenzisana noorhulumente kunye neengcali zomthetho kumazwe ahlukeneyo; izakhono zokuza notshintsho olusekelwe kumacebo anzima okuphungula iindleko, ukuphucula ingeniso kunye nokutshintsha indlela iqumrhu elihlelwe ngayo, umsebenzi omhle wokwenza amashishini abe nengeniso entle ixesha elide futhi namahlakani abone iziphumo ezincumisayo ngemali esetyenzisiweyo; izakhono ezikudidi oluphezulu zokuqulunqa nokufezekisa izicwangciso kugxininiswa kakhulu kumba wokugwadla iinkqubo eziqiqisisiweyo zokusebenza kwequmrhu kwakunye nokwenza umsebenzi ngokufanelekileyo.

6.4.  IKhabhinethi ikholelwa ukuba uMnu de Ruyter uza kusebenza ngokubambisana nezikhulu zakwa-Eskom aqhubele phambili la manyathelo okungenelela ka-Eskom acaciswe kwiphepha elinesihloko esithi: “Roadmap for Eskom in a Reformed Electricity Supply Industry”.  

6.5.  IKhabhinethi iza kuqhubeleka nokuxhasa u-Eskom kuwo onke amalinge akhe okuzisa uzinzo kwimiba enxulumene nabasebenzi kunye nesakhono sokunikezela ngombane ngendlela engenamagingxi-gingxi.

7.  Uqhankqalazo lwabasebenzi kwiNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (i-SAA)

7.1.  IKhabhinethi icela bonke abo bathatha inxaxheba kugwayimbo oluqhutywa kwa-SAA ukuba basebenzisane ukuze kufunyanwe izisombululo esiza kwanelisa bonke abachaphazelekayo, ingakumbi ilizwe.

7.2.  Nangona uMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996 unika abasebenzi ilungelo lokwala ukusebenza, kodwa kufuneka sikulumkele ukwenza izigrogriso neentetho esidlangalaleni eziza kubeka emngciphekweni ukhuseleko lwabakhweli okanye iintsapho zabo ngeli xesha. Iindlela ezinoxolo nezingenaziphazamiso zokusumbulula iimbambano zizo ezingcono. IKhabhinethi iyathemba ukuba isisombulo esisekelwe kwimvisiswano siza kufumaneka ngolu gwayimbo lwe-SAA selunethuba luqhuba.

8.  IsiFo soChwane neNyebethu (i-FMD)

8.1.  IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi nge-FCD ibisanda kuhlasela kutsha nje kwiindawo ezithile kweli lizwe. Nangona esi sifo singenabungozi ebantwini, sisisifo esosulela kakhulu kwizilwanyana ezinempuphu. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abachatshazelwe sesi sifo eLimpopo ukuba balandele imiqathango yokhuseleko njengenyathelo lokuthintela ukunwenwa kwaso.

8.2.  Amafama ayacelwa ukuba akulumkele ukudibanisa iimpahla efuyiweyo endaweni enye, umzekelo, kwizinto ezifana nefandesi, imiboniso okanye eminye imisebenzi. Ayacelwa ukuba aziqwalasele iimpawu zesi sifo aze aqhakamshelane nogqirha wezilwanyana okanye ingcali yempilo yezilwanyana, ukuba kukho imfuneko.

9.  Uhambo lukaNozaku-zaku oKhethekileyo waseSouth Sudan

9.1.  IKhabhinethi iyawubulela umsebenzi osele wenziwe kwimizamo yokuphelisa nya ungquzulwazo kuziswe uzinzo eSouth Sudan. UMzantsi Afrika uwaxhasa onke amalinge okuba kufezekiswe isiVumelwano esiHlaziweyo saseSouth Sudan ngokwemisebenzi enikwe uNozaku-zaku oKhethekileyo.

9.2.  USekela-Mongameli uDavid Mabuza, njengoNozaku-zaku oKhethekileyo waseSouth Sudan, uye wabamba iindibano zokubonisana noMongameli wase-Uganda, uYoweri Museveni kunye noMongameli we-Transitional Sovereign Council of Sudan, u-Abdalftah Alburhan A. Alrahman, eKhartoum.

9.3.  Le ndibano yokubonisana ibingomba wokufezekiswa kwesiVumelwano esiHlaziyiweyo ngeSisombululo soNgquzulwano e-Republic of South Sudan.

10.  INgqungquthela yezaBantu noPhuhliso

10.1.  Le Nkomfa yaMazwe ngaMazwe yakutsha nje yeNgqungquthela ngezaBantu noPhuhliso (i-ICPD25) ibibanjelwe eNairobi eKenya, iyibethelele nangakumbi iNkqubo yokuSebenza ye-ICPD yaze yanika umfutho wokuba kuqaliswe iNkqubo yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo.

10.2.  UMzantsi Afrika uzibonakalise ukuba uzimisele ukuqinisekisa ukuba awubuyi mva kumalinge okulwela ulingwano phakathi kwabantu bezini ezahlukeneyo ngokuthi uqalise amaphulo ophuhliso lwamanina namantombazana kulo lonke eli loMzantsi Afrika ngeenkqubo eziquka ulwazi neenkonzo ezinxulumene nocwangciso-ntsapho; ukulwa ukuba kungabikho lusana namdlezana usweleka ebeleka okuquka ukukhuselwa kwamalungelo okufumana umntwana nawezesondo kwakunye nokuqinisekisa ukuba enziwa ngqingqwa amanyathelo okulwa ukuxhatshazwa ngokwesondo nobundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF) kunye nayo yonke imikhutyana enobungozi kumanina nakumantombazana.

B.  IziGqibo zeKhabhinethi

11.  Iphulo leeNtsuku ezili-16 zokuLwa ubuNdlobongela Obenziwa kumaNina naBantwana

11.1.  IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ichulumancile zizigwebo zobomi ezithathu ezikhutshwe yiNkundla ePhakamileyo yaseKapa izinika umdlwenguli nombulali obulele umfundi weDyunivesiti yaseKapa, u-Uyinene Mrwetyana. Esi sesinye sezigwebo eziwiswe zinkundla zeli kule nyanga iphelileyo. Asijiki kwelokuba abo benza izenzo zolwaphulo-mthetho ezihambisa umzimba kumanina nabantwana bafanele ukunikwa u-‘phuma-phele’ kweli lizwe kwaye umthetho kufuneka ubeqatha kubo.

11.2.  UMzantsi Afrika nawo njengezizwe zehlabathi uza kuthatha inxaxheba kwiphulo leentsuku ezili-16 zokuLwa ubuNdlobongela oBenziwa kuManina naBantwana (ukususela ngomhla wama-25 kweyeNkanga ukuya kowe-10 kweyoMnga – uSuku lweHlabathi lamaLungelo oLuntu), ukuze kufundiswe isizwe nge-GBVF.

11.3.  IKhabhinethi ikuvumile ukwandiswa kweli phulo leeNtsuku zili-16 zobuTshantliziyo libe leleeNtsuku ezingama-365 eliza kuqhutywa ngeenkqubo zokulumkisa, ukuxhasa nokufundisa ukuze kuliwe ubundlobongela obenziwa ebantwini abasesichengeni sokuba ngamaxhoba obundlobongela kwesi sizwe sethu, ingakumbi amanina nabantwana.

11.4.  IiNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo, ezigxininisa kumaphulo okuvuselela nokufundisa uluntu, ziza kuphehlelelwa ngoHloniphekileyo, uMongameli weRiphabhliki, uMnu Cyril Ramaphosa ngomhla wama-25 kweyeNkanga eGa-Seleka Village eLimpopo. Umxholo othi: “Kwanele: Sibambisene masikhawulezise amaphulo okuqalisa ukuphelisa ubundlobongela obusekelwe kwisini”, wakhela phezu kwalo msebenzi sele wenziwe wokuqulunqa isisombululo esigcweleyo nesamacandelo ahlukeneyo kwi-sokulwa i-GBVF.

11.5.  IKhabinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bangalali emqokozweni endaweni yoko mababhinqe omfutshane babe yinxalenye yabo bakhokela idabi lokulwa nobundlobongela obusekelwe kwisini ngokuthi baqinisekise ukuba kukho ukhuseleko kumakhaya ethu, kwiindawo esihlala kuzo nakwiindawo zikawonke-wonke.

12.  Iziphumo zophicotho-zincwadi zowama-2018/19 zamasebe amaphondo nakazwelonke

12.1.  UMphicothi-zincwadi-Jikelele (u-AG) uKimi Makwetu unike iKhabhinethi amagqabantshintshi ngeziphumo zophicotho-zincwadi zowama-2018/19 zamasebe amaphondo nakazwelonke. IKhabhinethi aziyonwabisi ezi ziphumo zinechaphaza. Kuye kwakhethwa amaqumrhu ali-12 ukuba enziwe uphicotho-zincwadi kukhangelwa izenzo zokusetyenziswa kwemali gwenxa. Amaqumrhu asibhozo kula aye afumana iziphumo zophicotho-zincwadi ezinechaphaza. Asixhenxe ibiliSebe lePhondo lezeMpilo, elezokuHlaliswa koLuntu, nelezeMfundo; iSebe likaZwelonke lezaManzi noGutyulo kunye neSebe likaZwelonke leMfundo esiSiseko kwakunye neQumrhu likaRhulumente i-Passenger Rail Agency of South Africa (u-PRASA).

12.2.  UMthetho-sihlomelo woPhicotho-zincwadi zikaRhulumente, wowama-2018 (uMthetho 5 wowama-2018), owaqala ukusebenza ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2019, ulindeleke ukuba uphucule umsebenzi we-Ofisi ye-AG uqinisekise ukuba urhulumente uwathathela amanyathelo angqongqo amasebe athe gqolo esophula imigaqo yolawulo.

12.3.  Ukuzalisekisa oku, iKhabhinethi iye yakuxhasa ukuba kuthathwe amanyathelo okunyanzelisa ukuthotyelwa kwalo Mthetho, ingakumbi apho kukho izenzo ezigwenxa kakhulu ezifuna u-AG ukuba izenzo ezo ade azigqithisele kwabasemagunyeni, abaquka ii-arhente zogcino-mthetho, ukuba baziphande.

12.4.  IKhabhinethi izimisele ukuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olusemgceni kumaziko aphethwe ngumbuso. ISikolo sikaRhulumente seSizwe (i-NSG) siyalelwe ukuba sincedise ngoqeqesho nenkxaso kumaziko afuna amagosa awo afumane uqeqesho oluthe chatha. Abo bophula ngabom imigaqo yokuphathwa kwemali yombuso kuza kufuneka baphendule ngemisebenzi yabo yokusebenzisa izimali zombuso gwenxa.

13.  IProjekthi yamaZiko amaFa oMzabalazo naweNkululeko (i-RLHR)

13.1.  IKhabhinethi iyifumene ingxelo enika ingcaciso ngomgama osele uhanjiwe malunga neProjekthi ye-RLHR kuMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uNathi Mthethwa.  ISebe lobuGcisa neNkcubeko – lisebenzisana neBhunga lezaMafa leSizwe kunye ne-Arhente yoMzantsi Afrika yeMithombo yaMafa (i-SAHRA) – liza kukhangela, liqokelele lize lilwele ukulondolozwa kwembali yethu kunye nezo ndawo ziyimbali kweli lizwekazi zinxulumene nembali yomzabalazo wenkululeko yoMzantsi Afrika.

13.2.  Le projekthi isisahlulo seli lizwe kwiNkqubo yelizwekazi yeMbali yeNkululeko ye-Afrika. Iziseko neziza eziyimbali sele zityunjiwe kuwo olithoba amaphondo kwaye ezinye zisebenza njengamaziko ezamafa ezokhenketho. IKhabhinethi isamkele isicwangciso ibisinikiwe seminyaka emithathu sokuqalisa lo msebenzi.

C.  IMithetho eYilwayo

14.  UMthetho oYilwayo woLawulo lwezoQoqosho lweziThuthi wowama-2019


14.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo woLawulo lwezoQoqosho lweziThuthi wowama-2019. Lo Mthetho uYilwayo udibanisa imithetho yezoqoqosho yezithuthi ukuba ibe ngumthetho olawulayo omnye. Uphakamisa ukuba kusekwe iQumrhu Elinye eliLawula ezoQoqosho lweziThuthi kunye neBhunga lezoQoqosho leziThuthi. Lo Mthetho uYilwayo uza kusebenza kwicandelo lezophapho, elezithuthi zasemanzini, oololiwe kunye nezithuthi ezihamba endleleni.

14.2.  Ngowama-2018, lo Mthetho uYilwayo uye wathunyelwa izihlandlo ezibini eluntwini ukuba luhlomle kuwo. Izimvo nemibono evela eluntwini zifakiwe kulo Mthetho uYilwayo uhlaziyiweyo. Iziphumo zokuqalisa ukusebenzisa lo Mthetho uYilwayo ziza kuba negalelo kumalinge eKhabhinethi okwenza ukuba kube lula ukuqala nokuqhuba ishishini eMzantsi Afrika. Amashishini aza kubhatala umrhumo ofanayo omnye xa esenza unaniselwano necandelo lezothutho kweli lizwe. Kuphakanyiswe nokuba kubekho iqumrhu elizimeleyo eliza kuba phantsi koMphathiswa wezoThutho neliza kuba liliso lalo msebenzi.

D.  Imisitho Ezayo

15.  INkqubo yoPhuhliso oluKhokelwa ziziThili


15.1.  NgoLwesibini, umhla wama-26 kweyeNkanga 2019, oHloniphekileyo, uMongameli weRiphabhliki, uMnu Cyril Ramaphosa, uza kuphehlelela iNkqubo yesithathu yoPhuhliso oluKhokelwa ziziThili kwisiThili saseWaterberg eShongoane Sports Ground eLephalale, eLimpopo.

15.2.  Ummandla waseWaterberg ngowona mmandla mkhulu uvelisa iplatinamu kweliya phondo, futhi ukuvulwa komgodi wamalahle nowepetroliyamu kwenze lenyuka izinga ezifunwa ngalo ezi zimbiwa kumsebenzi wokuphehlwa kombane. ILephalale ikwangummandla otyebileyo kwezolimo.

16.  INyanga yokuFundisa ngamaLungelo abaKhubazekileyo

16.1.  UMzantsi Afrika uqhuba umsitho weiisikhumbuzo seNyanga yokuFundisa ngamaLungelo abaKhubazekileyo esiqale ngomhla wesi-3 kweyeNkanya size siphele ngowesi-3 kweyoMnga 2019. Umxholo walo nyaka uthi: Sibambisene sakha uMzantsi Afrika okhokelisa phambili amaLungelo abaKhubazekileyo”.

16.2.  Mhle umsebenzi osele wenziwe ngurhulumente mayelana nezibonelelo-mali zabantu abakhubazekileyo kwaye uyaqhubeleka neenkqubo zakhe ezigxininisa ukuba abantu abakhubazekileyo mabaxhamle ngokulinganayo kumathuba ezentlalo nawezoqoqosho.

17.  USuku lweHlabathi lukaGawulayo

USekela-Mongameli uMnu Mabuza, kwisikhundla sakhe sokuba nguSihlalo weBhunga loMzantsi Afrika leSizwe likaGawulayo, uza kukhokela umsitho wokuphawula uSuku lweHlabathi lukaGawulayo ngomhla woku-1 kweyoMnga 2019 oza kubanjelwa e-Orkney, eMntla Ntshona. Umxholo woSuku lweHlabathi lukaGawulayo uthi: “Uluntu lwenza umahluko”.

17.1.  USuku lukaGawulayo lweHlabathi lowama-2019 lulithuba lokuba amazwe kwihlabathi jikelele akhe acamngce ngegalelo lawo kumaphulo okulwa ukwanda kweNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS). Umxholo walo nyaka uhlonipha indima edlalwe luluntu nolusayidlala nanamhlanje ukulwa i-HIV ne-AIDS.

17.2.  UMzantsi Afrika awulali ubusuku nemini ulwa nobhubhane we-HIV, owe-AIDS nowesifo sephepha (i-TB), futhi iziphumo ezincumisayo zoku ziyabonakala kumachiza anolwamvila amatsha okunyanga i-HIV kunye nokunyuka kwenani labantu abasebenzisa amachiza okuthomalalisa i-HIV (ii-ARV).

17.3.  Inani labantu abafumana ii-ARV kumaziko ezempilo karhulumente linyukile lisuka kubantu abangama-45 000 ngowama-2004 laya kutsho kubantu abazizigidi eziyi-4,7 ngowama-2019. Oku kuncediswa nangeenkqubo ezikhuthaza ukutshintsha indlela yokuziphatha equka ukuzihlola rhoqo kunye nokusetyenziswa kweekhondomu zamadoda nezamanina ukuze kuphungulwe inani labantu abosulelekayo.

E.  Imiyalezo

18.  Amazwi ovelwano


IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehlanga:

  • kuSapho lwaseBukhosini beSizwe samaXhosa nakwisizwe samaXhosa siphela, ngokukhothama kweThole leSilo, uKumkani Mpendulo Calvin Zwelonke Sigcawu.
  • usapho nezihlobo zikamakhwekhwetha wezosasazo nenkcuba-buchopho, uMnu Xolani Gwala. UMongameli Ramaphosa wabhengeza ukuba uMnu Gwala uza kukhatshwa ngoMngcwabo oKhethekileyo wasebuRhulumenteni wePhondo okwiNqanaba lesi-2. Waye wabekwa kwikhaya lakhe lokugqibela eMpendle kwiphondo laKwaZulu-Natal ngoMgqibelo, umhla we-9 kweyeNkanga 2019.
  • kusapho nezihlobo zalowo wayesakuba liGosa eliyiNtloko yesiGqeba le-SABC, uMnu Solly Mokoetle.
  • kusapho nezihlobo zikasomashishini, uMnu Allan Gray, owaseka inkampani yolawulo norhwebo ngezabelo. Le nkampani ithiywe ngegama lakhe.
  • kusapho nezihlobo zombhali, itshantliziyo nembongi yodumo, uMnu Sandle Dikeni.
  • kusapho nezihlobo zomdlali wemiboniso kamabonakude, uMnu Andile Gumbi, obedume ngokudlala kumdlalo kamabonakude  othi: Isibaya kunye nothi: The Lion King.
  • kusapho nabahlobo balowo wayengumsasazi we-YoTV nelungu leqela lomculo i-Jozi, uMnu Luther Cohen.


19.  Imiyalezo yokuvuyisana

IKhabhinethi iyavuyisana:

  • noMphathiswa wezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lwamaPhandle uThoko Didiza, ngokuba etyunjelwe ukuba nguSihlalo weKomiti yeMbumba ye-Afrika (i-AU) yeeNgcali eziKhethekileyo zezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle.
  • nabo bonke abemi boMzantsi Afrika abaphume ngendlu ukuya kwamkela iqela lesizwe lombhoxo, i-Springboks, ebelibuye noloyiso kwimidlalo yeNdebe yeHlabathi yoMbhoxo yowama-2019 ebibanjelwe eJapan.
  • no-Brad Binder ngokuphumelela kwi-Moto2 Grand Prix ebibanjelwa eMalaysia. Simnqwenelela impumelelo kulo nyaka uzayo xa eza kube ekhuphisana kudidi lwe-MotoGP phantsi kwe-Red Bull KTM Factory Racing.
  • noChad le Clos ngokuphumelela imbasa yegolide kumgama ozimitha eli-100 nozimitha ezingama-200 kuhlobo lokudada oluyi-butterfly kwiNdebe yeHlabathi yezokuDada ye-FINA ebibanjelwe eDoha, eQatar.
  • noCaitlin Rooskrantz ngokuphumelela ilungelo lokuthatha inxaxheba kwimidlalo yee-Olimpikhi yowama-2020 eza kubanjelwa eJapan emva kokuba ngummi woMzantsi Afrika wokuqala ukuphumelela imbasa yegolide kwitumente yowama-2019 ye-World Artistic Gymnastics Championships.
  • noTeddy Nzama, obekwe njengeNtshatsheli yowama-2019 ye-Starbucks Europe, Middle East and Africa Barista kukhuphiswano lamazwe ngamazwe ebelubanjelwe eLondon.
  • neQela loMzantsi Afrika leembaleki ebelimele uMzantsi Afrika kwitumente i-World Para Athletics Championships, ebibanjelwe eDubai. Ezi mbaleki zibuye neembasa ezili-11 ezimbini zazo izezegolide.  U-Anrune Weyers: Women's 400m T47 (Igolide), Women’s 200m T47 (Isilivere), Women's 100m T47 (Ibronzi); uNtando Mahlangu: Men’s 100m T61 (Igolide); uSimone Kruger: Women's Discus F38 (Isilivere); uMpumelelo Mhlongo: Men's 100m T64 (Isilivere),  Men's Long Jump T64 (Ibronzi); uCharl Du Toit: Men's 400m T37 (Ibronzi); uReinhardt Hamman: Men's Javelin Throw F38 (Ibronzi); u-Anika Johanna Pretorius: Women's 100m T13 (Ibronzi); kunye noSheryl James: Women's 400m T37 (Ibronzi).
  • noLuyolo Yiba, ophumelele ukhuphiswano loNyaka lwe-15 lwe-Idols South Africa.
     

F.  Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuseleko.

20.  IKhomishini yeNkonzo yoMbutho wezoKhuselo:

a.    U-Adv Motlatjo Josephine Ralefatane;
b.    U-Adv Linda Mbana; kunye
c.    No-Nksz Salome Velma Mabilane.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore