Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla wama-24 kweyoMdumba 2021

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni
1.    Abafundi beMatriki bowama-2020


1.1.    IKhabhinethi ivuyisana nabafundi abebebhala imatriki ngowama--2020 abye banyamezela nangona bekunzima baza baphumelela emagqabini kwiziphumo zabo zematriki. Iimviwo zowama-2020 zibhalwe ngabafundi abaninzi ebebebhala iimviwo zabo zokugqibela xa kuthelekiswa no-2019, kwaye ziphinde zaba nochatha kwinani labafundi abapase ngamanqaku avumela ukuba bavunywe ukuba bayokufunda eyunivesithi. 
1.2.    IKhabhinethi inqwenelela bonke abafundi konke okuhle xa beza kungena kumaziko emfundo ephakamileyo. Ngaphaya kwezifundo zaseyunivesithi, abafundi bayakhuthazwa ukuba bakhangele nolunye uqeqesho lwezakhono zobizo olufumanekayo ngeekholeji zoQeqesho Lwezakhono i-Technical and Vocational Education and Training (i-TVET) eziyinxalenye yokomeleza isiseko soMzantsi Afrika sezakhono zobugcisa ezingundoqo kuqoqosho lwethu. Abafundi abangakulungelanga ukungena kwiikholeji ezizi-TVET neeyunivesithi bayakhuthazwa ukuba bakhangele iNkqubo yeThuba lesiBini likaMatriki.
1.3.    IKhabhinethi ikwavuyisene nawo onke amagosa nabaphathi beSebe leMfundo esisiSeko abathe – phezu komsebenzi wokuqinisekisa ukuba kuthathwa amanyathelo ezempilo nokhuseleko ezikolweni ngo-2020 ukukhusela ootitshala nabafundi kubhubhane weSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19) – basebenza nzima ukufikelela kwiziphumo zematriki ezincomekayo.
1.4.    IKhabhinethi inqwenela ukuvakalisa umbulelo wayo kubo bonke ootitshala, abalawuli bezikolo, amagosa esebe lemfundo esisiseko, kwimibutho yootitshala, imibutho yabafundi, abafundi nabazali babo ngokusebenza kwabo nzima nokuzinikela kwabo xa bebonke ekuqinisekiseni ukuba sifumana iziphumo esingazingca ngazo nangona besijamelene nobunzima ku-2020.
1.5.    IKhabhinethi iyavuyiswa kukuqala ngokusesikweni konyaka wokufunda ka-2021 kwaye iqinisekile ukuba amanyathelo abekiweyo akwanele ukufundisa nokufunda. Wonke umntu unoxanduva lokuhlala ethe qwa nokulandela imithetho yempilo nokhuseleko, eyilelwe ukugada impilo nokhuseleko lootitshala nabafundi, ngendlela engqongqo. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase abafundi bethu nokuba baqinisekise ukuba bayaphumelela.

2.    INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA)
2.1.    IKhabhinethi iyamkele i-SoNA ka-2021 eyenziwe ngoHloniphekileyo, uMongameli Matamela Cyril Ramaphosa, kwiNdibano yezindlu zombini zePalamente – iNdlu yoWiso-Mthetho yeSizwe (i-NA) neBhunga lamaPhondo leSizwe (i-NCOP) – eKapa ngoLwesine, umhla we-11 kweyoMdumba 2021.
2.2.    I-SoNA neMpendulo kaMongameli kwiNgxoxo enge-SoNA zinike ingxelo malunga nenkqubela-phambili yesiCwangciso soKwakhiwa ngokuTsha nokuVuselelwa koQoqosho (i-ERRP) nendlela eya ekuphumezeni izicwangciso zikarhulumente ngendlela enefuthe. IKhabhinethi izimisele ngokupheleleyo ukuphumeza zonke izithembiso ezenziwe nguMongameli.
2.3.    Nangona iyithathela ingqalelo imiceli-mingeni yentlalo noqoqosho esijongene nayo, iKhabhinethi isaqinisekile ukuba iza kulungiswa ngokuphunyezwa kwe-ERRP neNkqubo yokuSebenza (i-PoA) karhulumente, igxile kakhulu kumba wokuqinisekisa ukuba kukho uhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke futhi kufezekiswe neenjongo zoMbono wango-2030 wethu ezikwiSicwangciso soPhuhliso lweSizwe (i-NDP).
2.4.    Nangona i-COVID-19 eqale ngo-2020 iye yasibuyisela emva, uninzi lwe-PoA luqhubeka ngendlela nangona lucotha. NgoLwesithathu, umhla wama-24 kweyoMdumba 2021, uMphathiswa wezeziMali uTito Mboweni uchaze uhlahlo lwabiwo-mali lokuhlawulela izicwangciso zalo nyaka. 

3.    INgxelo yoPhononongo lwe-NDP
3.1.    IKhabhinethi iyiqwalasele ingxelo engeziphumo zophononongo lwe-NDP kwaye iza kuzama ukubuyisela inkqubela-phambili kumnikelo karhulumente woMbono wango-2030. IKomishoni yeSizwe yokuCwangcisa iza kukhupha iNgxelo yoPhononongo lwe-NDP.

4.    Ukuveliswa kwamachiza okugonya kweli
4.1.    IKhabhinethi izamkele iinzame nenkqubela-phambili ezenziwe ziinzululwazi, abaphandi neengcali zezonyango ngakumanyathelo okuvelisa awethu amachiza okugonya ukumelana nalo bhubhane nabanye abanokuthi bavele. Iinzululwazi, abaphandi neengcali zethu bahamba phambili ekumelaneni nobhubhane we-COVID-19 kwaye bakhokele ukubekwa iso kwemfuza yentsholongwane ye-COVID-19, ethe yakhokelela ekufunyanweni kohlobo oluyi-501Y.V2. Kulo mba, iKhabinethi ingathanda ukuthi huntshu kuzo zonke iinzululwazi nabaphandi boMzantsi Afrika abaye bakwazi ukuyivelisa kwakhona le ntsholongwane elabhoretri ngenjongo yokuphucula uphando malunga nonyango lobhubhane we-COVID-19.
4.2.    IKhabhinethi ikholelwa ekubeni icandelo lethu lezobunzululwazi nokwakha izinto ezintsha lingumthombo oxabiseke kakhulu ekufuneka ukuba lixhotyiswe ngezakhono lize uphuhliswe.
4.3.    Nangaphaya kophando olumalunga ne-COVID-19, iinzululwazi nabavelisi boMzantsi Afrika abadume kwihlabathi jikelele beze neteknoloji engayiwayo efana nomatshini wokusika ngelitha wokuqala ehlabathini osebenza ngamanani kunye neskena se-xray somzimba wonke sakwa-Lodox.

5.    Ukukhutshwa kwechiza lokugonyela i-COVID-19
5.1.    IKhabhinethi iyakuvuyela ukuqaliswa kwenkqubo yokugonya kuzwelonke, ngamathamo okuqala echiza lokugonya lakwa-Johnson & Johnson anikwa abasebenzi bezempilo (ii-HCW) kwicandelo likarhulumente nelabucala.
5.2.    Oko kwaqala ubhubhane we-COVID-19, ii-HCW zethu zibe likhakha eligcine isizwe sethu sikhuselekile. Ziye zajongana ngqo nale ntsholongwane zanyamezela zisilwa nentsholongwane engapheli mandla. Ukuzinikela kwazo zingazicingeli kusindise iimpilo ezingenakubalwa kwaye isizwe sethu sibabulela ngokungazenzisiyo.
5.3.    Ukugonywa kwazo kuza kunceda ukuba zikhuseleke ukuze zingosuleleki zize ekugqibeleni zibuyisele isizwe sethu kwimeko yesiqhelo. IKhabhinethi iyavuya kuba izigidi ezongezelelekileyo zamachiza okugonya ezifumaneke kwezinye iindawo ezininzi ziza kufika ngamaxesha ohlukeneyo kwezi nyanga zizayo, ukususela kweyoKwindla 2021.
5.4.    Zakube zigonyiwe ii-HCW njengenxalenye yesiGaba sokuQala senkqubo yokugonya, isiGaba sesiBini siza kujolisa kubasebenzi abasebenza kumacandelo angundoqo kunye nabantu eabasemngciphekweni ngenxa yempilo enkene-nkene, abaquka abantu abaneminyaka engaphaya kwama-60, abantu abanezigulo abaphila nazo, kunye nabantu abahlala kwiindawo ezifana namakhaya onyango neehostele.
5.5.    Abemi beli bayakhunjuzwa ukuba ukugonya kusimahla kwaye umntu akanyanzelwa, kwaye kuseyeyona ndlela isebenzayo yokuzikhusela kule ntsholongwane, kuhamba nokuqhubeka nokulandela imithetho yempilo yokulumkela iindibano ezineenginginya, ukunxiba isigqubuthelibuso esidlangalaleni, ukubulala iintsholongwane ngamanzi nesepha okanye ngesibulali-ntsholongwane esinomlinganiselo we-alkhoholi oyi-70% nokugcina umgama obubuncinane beemitha eziyi-2,5 phakathi kwabantu.

6.    UPhando lweSine lweKota lwaBasebenzi (i-QLFS)
6.1.    I-QLFS yeSine ekhutshwe licandelo leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA) ngoLwesibini, umhla wama-23 kweyoMdumba 2021 iqhubeka nokusikhumbuza ngemiceli-mingeni yentswela-ngqesho ejongene neli lizwe. Kodwa iKhabhinethi iyakhuthazwa kukuntshula okuqhubeka nokukubonisa uqoqosho lwethu naphakathi kobu bunzima siphantsi kwabo kwezoqoqosho. 
6.2.    Ngokwamanani akutsha nje, ingqesho yonyuke ngemisebenzi engama-333 000, apho icandelo elisesikweni ilelona linikele kakhulu (ngemisebenzi engama-189 000) phakathi kweKota yesithathu neKota yesine. Ngaphaya koko, kuye kwabakho ukwehla kwinani labo bangenaNtsebenzo kwezoQoqoqsho ngama-890 000 kwiKota yesine ngo-2020 xa kuthelekiswa neKota yesithathu ku-2020.
6.3.    IKhabhinethi isaxhalabile kuba izinga oluvelisa ngalo imisebenzi uqoqosho lusacotha kunezinga eliphelisa ngalo imisebenzi ngama-710 000 phakathi kweKota yesiThathu neyeSine. Nangona iKota yeSine iye yabonisa ukonyuka kwizinga lentswela-ngqesho, ukonyuka ngokweepesenti kwe-1.7% kusacotha kuneKota yesiThathu yokonyuka kwezinga lentswela-ngqesho nge-9%.
6.4.    Ibuhlungu into yokuba abantu abatsha ngabona baninzi kubantu abangenamisebenzi. Abemi boMzantsi Afrika abaMnyama nabangabantu bebala kunye nabasetyhini basengawona maqela asemngciphekweni kuqoqosho lwelizwe, kwaye oku kwenza ukuba urhulumente azondelele nangakumbi kwisigqibo sakhe sokukhawulezisa amanyathelo okuxhasa nokwenza ukuba ulutsha, abasetyhini nabantu abamnyama bathabathe inxaxheba enentsingiselo nebonakalayo kuqoqosho lwelizwe. Oku kuhambelana nokuzibophelela kwakhona kumba wokwenza utshintsho neenguqu kuqoqosho okwenziwe nguMongameli kwi-SoNA ka-2021.

7.    UHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe luka-2021
7.1    Ukuthiwa thaca koHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe kubalulekile kwinkqubo ebonakalayo nephendulayo yolawulo lwentando yesininzi yoMzantsi Afrika. UHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe olulandela i-SoNA kaMongameli Ramaphosa, luchaza izicwangciso zikarhulumente zezezimali zokuxhasa ukuphunyezwa kwe-PoA yesizwe ngokuchazwe kwi-SoNA ka-2021.
7.2    IKhabhinethi iyalwamkela uHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe luka-2021 njengeyona ndlela ihamba phambili yokulungelelanisa ukuzinza kwezezimali ngethuba kuxhaswa izinto ezihamba phambili kurhulumente ngezimali, ezifana namachiza okugonyela i-COVID-19, ukuxhasa abona bantu basemngciphekweni ekuhlaleni ngenkqubo ebanzi yokunceda ekuhlaleni ne-ERRP ukuze sakhe uqoqosho kwakhona, sixhase ukuveliswa kwemisebenzi, sitsale utyalo-mali, naphantsi kwemeko yoqoqosho engumceli-mngeni. 

8.    Ukwebiwa kweentambo zobhedu
8.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukugwetywa iminyaka eyonyuswe yaya kuma kwi-1 250 yiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni kwamalungu amahlanu ombutho wolwaphulo-mthetho afunyenwe enetyala lokweba iintambo zobhedu. Sithi huntshu kwii-arhente zethu zonyanzeliso-mthetho ngokubanjwa nokutshutshiswa ngempumelelo kwabo babandakanyeka ekwebiweni kweentambo zobhedu.
8.2.    IKhabhinethi inethemba lokuba oku kubanjwa nokugwetywa kusandula ukwenzeka kuthumele umyalezo ongqongqo wokuba bonke abo bonakalisa uqoqosho nabophula umthetho baza kujongana nengalo ende yomthetho ngokupheleleyo. Sicela uluntu ukuba luxele abophuli-mthetho kwii-arhente zonyanzeliso-mthetho.
 
9.    Ubundlobongela obugxile kwezesini nokubulawa kwabasetyhini (i-GBVF)
9.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa kwendoda ehlasele ngolunya uNks Dimakatso Ratselane ongunondaba we-Lesedi FM.
9.2.    IKhabhinethi ikwamkele ukugwetywa kombulali kaTshegofatso Pule owayekhulelwe nokubanjwa kukaNthuthuko Shoba, iqabane lakhe nongutata womntwana wakhe owayengekazalwa, ekutyholwa ngokuba nguye owayengungqondongqondo wokucetywa kokubulawa kwakhe.
9.3    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwinkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho ukuba iqinisekise ukuba kubakho ubulungisa egameni lika Nks Ratselane, ongasekhoyo uNks Pule kunye namanye amaxhoba e-GBVF. Ukuphelisa ubundlobongela ngakwabasetyhini nabantwana kufuna ukuba sonke sizimisele ukuphelisa esi sibetho.

10.    IiMbasa zooNondaba zoMbutho woPhuhliso lwamaZwe aseMzantsi e-Afrika (i-SADC)
10.1.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo koonondaba boMzantsi Afrika ukuba bafake amangenelo abo kukhuphiswano lweeMbasa zooNondaba ze-SADC. Oonondaba abanomdla bangafumana iinkcukacha ezithe vetshe malunga nokhuphiswano ku-www.sadc.int naku-www.gcis.gov.za.
10.2.    Ezi mbasa zikhuthaza umanyano nentsebenziswano kule ngingqi ngokukhuthaza abasebenzi bezendaba kumazwe angamalungu e-SADC ukuba asasaze imiba ephathelene nengingqi.

B.    IziGqibo zeKhabhinethi
1.    IMeko yeSizwe yeNtlekele

1.1.    IKhabhinethi iphumeze isigqibo sokubhengeza iMeko yeSizwe yeNtlekele emva komonakalo owenziwe sisaqhwithi esaziwa ngokuba ngu-Eloise kunye neemvula zohlobo ezishiye izixhobo nezakhiwo zelizwe kunye namakhaya zonakele kumaphondo ngamaphondo. Oku kwenziwe ngokweCandelo 27(1) loMthetho woLawulo lweNtlekele (uMthetho 57 ka-2002).
1.2.    Esi sibhengezo siza kunceda urhulumente ukuba aqinise amanyathelo asele ekhona athatyathwa ngamaziko ohlukeneyo aseburhulumenteni ukuthomalalisa ifuthe lentlekele yesizwe.

2.    INgxelo yeKomishoni kaMongameli yoPhononongo lweMivuzo (i-PRRC)
2.1    IKhabhinethi ifumene yaza yaphumeza iNgxelo ye-PRRC. I-PRRC yachongelwa ukuphanda imivuzo neemeko zokusebenza kwiNkonzo kaRhulumente nakumaziko karhulumente kazwe-lonke nawamaphondo ezikwiCandelo A no-C, kwiShedyuli yesi-3 yoMthetho wokuLawulwa kweziMali zikaRhulumente (i-PFMA), ka-1999 (uMthetho 1 ka-1999).

2.2    Amacandelo ekugxilwe kuwo ngokubalulekileyo kule ngxelo ngootitshala, ezempilo, icandelo lokhuseleko namaziko karhulumente (Shedyuli 3A no-3B ze-PFMA ka-1999. Le ngxelo iza kupapashwa kwiwebhusayithi yeSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo (www.dpsa.gov.za).

3.    INgxelo yoMzantsi Afrika kwiZizwe eziManyeneyo (i-UN) malunga nokuPheliswa kwazo Zonke iintlobo zoCalucalulo ngokobuHlanga
3.1.    IKhabhinethi ivume ukungeniswa kwengxelo yamaxesha athile yethoba ukuya kweye-11 yoMzantsi Afrika yesiVumelwano seHlabathi sokuPheliswa kwazo Zonke iiNtlobo zoCalucalulo ngokobuHlanga se-UN (i-ICERD). UMzantsi Afrika watyikitya i-ICERD ngo-1994 waza wayiqinisekisa ngomhla we-10 kweyoMnga 1998.
3.2.    Le ngxelo ichaza inkqubela-phambili eyenziwe nguMzantsi Afrika ekumiseleni amanyathelo omthetho, ubulungisa nawolawulo ekupheliseni zonke iintlobo zocalucalulo ngokobuhlanga.
3.3.    Le ngxelo yamaxesha athile igxila kwinkqubela-phambili eyenziweyo ukuqhubela phambili ukulingana, ukulwa ucalucalulo lwabantu abasuka kwamanye amazwe ase-Afrika nokunye ukunganyamezelani okufana noku, ukuthintelwa kolwaphulo-mthetho lwentiyo, kwaye iqaqambisa eminye imiceli-mingeni esekhona. Emveni kokuba inikwe umbutho ofanelekileyo, le ngxelo iza kusasazwa eluntwini.
 
4.    Ukuba yinxaleye yesiVumelwano seHlabathi esingeNgcinezelo nokoHlwaywa koLwaphulo-Mthetho lweNgcinezelo Ngokobuhlanga

4.1.    IKhabhinethi ivume ukuba isiVumelwano seHlabathi esingeNgcinezelo nokoHlwaywa koLwaphulo-Mthetho lweNgcinezelo Ngokobuhlanga sithiwe thaca ukuze eli lizwe libe yinxalenye yaso. Oku kwenziwa ngokweCandelo 231(2) loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika ka-1996. Esi sivumelwano, phakathi kwezinye izinto, sibhengeza ukuba ingcinezelo ngokobuhlanga lulwaphulo-mthetho ngakubuntu nokuba ibeka uxolo nokhuseleko lwehlabathi phantsi komngcipheko oqatha.
4.2.    Sakube sivunywe zizo zombini izindlu zePalamente, iSebe lezobuDlelwane baMazwe ngamazwe neNtsebenziswano liza kulisa kwi-UN olu xwebhu luchaza ukuba eli liyinxalenye yesi sivumelwano ngokusesikweni.

5.    Isilungiso sesivumelwano esiphakathi koMzantsi Afrika ne-Netherlands esimalunga nesibonelelo soluntu
5.1.    IKhabhinethi ivume isilungiso sesivumelwano esiphakathi korhulumente woMzantsi Afrika norhulumente weKingdomo of  Netherlands esimalunga nentsebenziswano kusibonelelo soluntu.
5.2.    Esi sivumelwano sentsebenziswano kusibonelelo soluntu satyikitywa e-The Hague kwekaCanzibe 2001. Esi sivumelwano siququzelela ukusiwa kweenzuzo zesibonelelo soluntu kwelo lizwe kusenzelwa abo bemi bachaphazelekayo. UMgaqo-nkqubo wesiBonelelo soLuntu wase-Netherlands wenze izilungiso kwizibonelelo zoluntu zokuwelisa ngokuhambelana nabantwana baseNetherlands. Esi silungiso siphakanyiswayo senzelwa ukuhambelana nezivumelwano zezi nguqu.

6.    UKuqinisekiswa kweNkomfa yeHlabathi yonxibelelwano ngoNomathotholo ka-2019 (i-WRC-19)
6.1.    IKhabhinethi ivume ukufakwa kweMithetho yokuGqibela ye-WRC-19 ePalamente ukuze iqinisekiswe, ngokuhambelana neCandelo 231(2) loMgaqo-siseko. I-WRC-19 sisiphumo senkomfa yeManyano yezoNxibelelwano yeHlabathi (i-ITU) ye-UN ehlala rhoqo ngonyaka ukuphonononga nokuhlaziya imithetho kanomathotholo, phakathi kwezinye izinto. UMzantsi Afrika ulilungu elityikityayo le-ITU. Yakube iPalamente iwuqinisekisile uMthetho wokuGqibela we-WRC-19, uMzantsi Afrika uza kulungisa isiCwangciso seSizwe saMaza eezokuSasaza kaNomathotholo ngendlela efanelekileyo.

7.    Iphepha eliHlaziyiweyo eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezoThutho weSizwe 
7.1.    IKhabhinethi ivume iphepha elihlaziyiweyo elicacisa uMgaqo-nkqubo wezoThutho weSizwe. Lithatha indawo yoMgaqo-kqubo wezoThutho weSizwe ka-1996. Umgaqo-nkqubo ohlaziyiweyo ulungisa iinguqu ezithe zavela apha eminyakeni kwizithuba zothutho ngendlela, oololiwe, ngolwandle nangeenqwelo-moya. Yoyamanisa banzi ilizwe lethu neendlela ekwenziwa ngazo kwezothutho kwihlabathi, kwingingqi yethu nakwizwekazi.
7.2.    Lo mgaqo-nkqubo uhlatywe amahlongwane kakhulu ngabo bonke abachaphazelekayo. Lakube lishicilelwe kwiphepha-ndaba lombuso, olu xwebhu luza kufumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezoThutho (www.transport.gov.za).

C.    IMithetho eYilwayo
1.    UMthetho oYilwayo weNkundla yezoMhlaba

1.1.    IKhabhinethi yamkele ukuba uMthetho oYilwayo weNkundla yezoMhlaba ungeniswe ePalamente ukuba uphunyezwe. Lo Mthetho oYilwayo umisela iNkundla ekhethekileyo yezoMhlaba, apho izigwebo, imiyalelo nezigqibo zayo zizakubhenwa kwiNkundla ekhethekileyo yeziBheno yezoMhlaba ecetywayo.
1.2.    Lo Mthetho oYilwayo uza kusombulula imiceli-mingeni ebikhona phantsi koMthetho wokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba ka-1994 (uMthetho 22 ka-1994), efana nengxaki yezicelo ezininzi zamabango omhlaba ezingekusonjululwa kunye nezixhobo zokusombulula iimpikiswano neembambano xa zithe zabakhona. Uza kuba negalelo elikhulu ekumiselweni kweNkqubo yokuHlaziywa kwezoMhlaba.

2.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo weRhasi ka-2020
2.1.    IKhabhinethi yamkele ukufakwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo weRhasi ka-2020 ePalamente. Phakathi kwezinye izinto, lo Mthetho oYilwayo ocetywayo ufuna ukulungelelanisa icandelo lerhasi neeteknoloji ezintsha zokuthuthwa kweerhasi zendalo neerhasi ezingaqhelekanga ebezingabalwanga kuMthetho weRhasi, ka-2001 (uMthetho 48 ka-2001) okhoyo ngoku. Ezi zilungiso, ezixoxwe ngokupheleleyo nabo bonke abachaphazelekayo, ziza kuba negalelo kutyalo oluqhubekekayo kwizixhobo nezakhiwo ukuqinisekisa ubukho beendidi ezahlukeneyo zamandla kwilizwe lethu.
2.2.    Lo Mthetho oYilwayo useza kuhlatywa amahlongwane epalamente ukuqinisekisa ukuba uvunywa ntlangothi zonke ukuba uphunyezwe xa sele upasisiwe wangumthetho.

3.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo wokuKhuthazwa koLingano nokuThintelwa koCalucalulo oLungenabulungisa ka-2021
3.1.    IKhabhinethi ivume ukuba uMthetho-sihlomelo oYilwayo wokuKhuthazwa koLingano nokuThintelwa koCalulalulo olungenaBulungisa ka-2021 ungapapashwa ukuze uluntu lukwazi ukunika izimvo zalo ngawo. Ezi zilungiso zicetywayo zifuna ukulungisa iindawana eziqhwalelayo kuMthetho wokuKhuthazwa koLingano nokuThintelwa koCalucalulo olungenaBulungisa, ka-2000 (uMthetho 4 ka-2000). Izilungiso eziphakanyiswayo ziza komeleza ukwazi kwawo ukuthintela ucalucalulo nokukhuthaza ulingano lwabo bonke abemi boMzantsi Afrika, njengoko kuqulethwe kwiCandelo 9 loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika ka-1996.
3.2.    Lo Mthetho oYilwayo uza kushicilelwa kwiphepha-ndaba lombuso ze wenziwe ufumaneke kwiwebhusayithi yeSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko (www.justice.gov.za).

4.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo we-Postbank yoMzantsi Afrika ka-2020
4.1.    IKhabhinethi ivume ukuba uMthetho-sihlomelo oYilwayo we-Postbank yoMzantsi Afrika ka-2020 upapashwe ukuze uluntu lukwazi ukunika izimvo zalo ngawo. LoMthetho oYilwayo ulungisa uMthetho we-Postbank Limited yoMzantsi Afrika, ka-2010 (uMthetho 9 ka-2010) okhoyo ngoku.
4.2.    Lo Mthetho oYilwayo wenza ukuba kwazeke ukusekwa kwe-Postbank Holding Company yoMzantsi Afrika ngokwemigaqo yoMthetho weeBhanki ka-1990 (uMthetho 94 ka-1990). Le nkampani iza kwenza ukuba kwazeke ukubandakanya amalungu oluntu akhutshelwe ngaphandle ngenxa yezezimali akwazi ukuthabatha inxaxheba enentsingiselo kwiintshukumo zoqoqosho.

D.    Imisitho Ezayo

1.    USuku looMama lweHlabathi
1.1.    IKhabhinethi nayo njengehlabathi iza kubhiyozela uSuku looMama lweHlabathi ngomhla we-8 kweyoKwindla 2021. Olu suku lusetyenziselwa ukujonga emva kwinkqubela eyenziweyo ukufikelela kulingano ngokobuni kwaye lukwangqamana nesikhumbuzo sama-25 sokwamkelwa koMgaqo-siseko woMzantsi Afrika ka-1996.
1.2.    Ukususela ngo-1994, sithabathe amanyathelo okuphumeza imigaqo-nkqubo neenkqubo ezijolise ekuphuculeni amalungelo abantu basetyhini kwaye sisazimisele ukuqinisekisa ukuba abantu basetyhini banikwa amandla kwezoqoqosho.
1.3.    Njengelinge lokuhlonipha igalelo legqala loMzabalazo wenkululeko yoMzantsi Afrika uMama u-Charlotte Maxeke, eyedwa nanjengenxalenye yeqela,, urhulumente ubhengeze ukuba u-2021 nguNyaka ka-Charlotte Maxeke, ukuphawula isikhumbuzo sonyaka we-150 wokuzalwa kwakhe. Wayelitshantliziyo lwezentlalo nopolitiko enesibindi nobukrelekrele obumangalisayo.

2.    INtlanganiso yaBaphathiswa yeQonga looMama base-India, Brazil naseMzantsi Afrika (i-IBSA)
2.1.    UMzantsi Afrika – ukhokelwa nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli wooMama, uLutsha naBantu abaPhila nokuKhubazeka uNks Maite Nkoana-Mashabane – uza kuthabatha inxaxheba kwiNtlanganiso yabaPhathiswa yeQonga looMama ye-IBSA ngomhla we-16 kweyoKwindla 2021. Lo msitho ungobalulekileyo kuMzantsi Afrika kuba ngethuba enguSihlalo weMbumba ye-Afrika ngo-2020, uMongameli Ramaphosa ebebeke phambili ukuxhotyiswa kwabasetyhini, ushishino nedabi lokulwa i-GBVF.
2.2.    Eli qonga, elisekwe ngo-2017, liza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba uphumeze imigaqo-nkqubo yawo nayo yonke imiba engundoqo echaphazela abasetyhini.
2.3.    Lo msitho uzayo uza kwenziwa kumxholo wesicwangciso sokuvuselelwa kwelizwe enxulumene ne-COVID-19. Yinto eyaziwayo ukuba abantu basetyhini baye bathwala owona mthwalo unzima weziphumo ezibangelwe yintshabalalo yalo bhubhane.

3.    INyanga yamaLungelo oLuntu
3.1.    UMongameli Ramaphosa uza kwenza intetho ephambili nge-Intanethi xa kukhunjulwa uSuku lwamaLungelo oLuntu lweSizwe ka-2021 ngomhla we-21 kweyoKwindla 2021 phantsi komxholo othi: “UNyaka ka-Charlotte Maxeke: Ukuphakamisa nokukhusela amalungelo oluntu kwixesha le-COVID-19”.
3.2.    Isikhumbuzo salo nyaka seNyanga yamaLungelo oLuntu singqamene nesikhumbuzo sokwamkelwa koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika ka-1996, kwaye sisinika ithuba lokujonga emva kubugorha bamadoda nabasetyhini abaqhankqalaza ngomhla we-21 kweyoKwindla 1960 ukuze kupheliswe nya imithetho yepasi.
3.3.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise olu suku ukukhumbula nokunika imbeko kwabo balwa emzabalazweni besilwela inkululeko nolawulo lwentando yesininzi lwethu.

E.    Imiyalezo
1.    Uvuyiswano

IKhabhinethi igqithisa uvuyiswano neminqweno emihle: 

  • Kubenzi bemiboniso-bhanyabhanya boMzantsi Afrika ngomboniso-bhanyabhaya othi- Address Unknown, othe wangena kuLuhlu oluseSikweni lwe- Pan African Film Festival ka-2021, nongowona msitho udumileyo wemiboniso-bhanyabhanya yabantu abamnyama eMelika. Lo mboniso-bhanyabhanya omfutshane, nowenzelwe abantu base-District Six, ufumene inkxaso-mali kwi-National Film and Video Foundation, eyi-arhente yeSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, phakathi kwezinye. 
  • Ku-Gqr Ngozi Okonjo-lweala owazalelwa e-Nigeria, onyulwe ngesivumelwano somntu wonke ngomhla we-15 kweyoMdumba 2021 njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) wesixhenxe woMbutho woRhwebo weHlabathi, ukususela ngomhla we-1 kweyoKwindla 2021. Ungowasetyhini nomAfrika wokuqala ukuba kwesi sikhundla sokuba ngu-DG wombutho wehlabathi osebenza ngemithetho yehlabathi yorhwebo phakathi kwamazwe.
     

2.    Amazwi ovelwano
     IKhabhinethi ithumele amazwi ovelwano kwiintsapho nabahlobo:

  • BakaThovhele Ranwedzi Gilbert Tshikalange (obeneminyaka engama-87) wobukhosi bakwaMphaphuli eLimpopo, itshantliziyo lomzabalazo wenkululeko elakulwa ngamandla ukuphunyezwa koMthetho woLawulo lwabaMnyama ka-1927. Wakhokela uQhankqalazo lweRhafu ukususela ngo-1964 ukuya kutsho ngo-1969. Waye wagxothwa waze wathuthelwa eKuruman kuMntla Koloni ukususela ngo-1969 ukuya kutsho ngo-1974.
  • Ekubeni ebuyele kumhlaba wakhe, waye waphinda wabekwa phantsi kovalelo lwasendlini kwilokishi yaseMakwarela kwiSithili seMantyi yaseSibasa ukususela ngo-1974 ukuya kutsho ngo-1976. Ngo-1987, ekunye namanye amagorha oMzabalazo neenkokheli zemveli ezinenkqubela baseka i-Congress of Traditional Leaders of South Africa (i-Contralesa) waza wonyulwa ukuba abenguMququzeleli kaZwe-lonke.
  • Babasebenzi abathathu base-ArcelorMittal – Mnu Lesenyeho Mofokeng (obeneminyaka engama-31), Mnu Thami Sampo Molefe (obeneminyaka engama-52) no-Mnu Mpho Meshack Madumisa (obeneminyaka engama-29), abaye basweleka kalusizi ngethuba isakhiwo esise-Vanderbijlpark apho bebesebenza khona siye sawa emva koqhushumbo ngoLwesithathu, umhla we-17 kweyoMdumba 2021. IiNkonzo zoHlolo noNyanzeliso zeSebe lezeNgqesho naBasebenzi lisungule uphando lwesi sehlo. IKhabhinethi ibongoza zonke iinkampani ukuba zilubeke phambili ukhuseleko lwabasebenzi nokuba zizivavanye rhoqo izixokelelwano zazo ukuqinisekisa ukuba abasebenzi ababekwa emngciphekweni. 
  • BakaNozakuzaku u-Themba Muziwakhe Nicholas Kubheka (obeneminyaka engama-72), osweleke ngeyoMqungu e-Pietermaritzburg, KwaZulu-Natal. UNozakuzaku Kubheka usebenze njengoNozakuzaku woMzantsi Afrika ePeople’s Republic of China, Denmark nase-Angola. Ukwasebenze njengengcali kwezoBudlelwano kuRhulumente noLawulo lweNtsebenziswano kwi-Ofisi kaSihlalo weBhunga lamaPhondo leSizwe ePalamente. Waye waya elubhacweni ngoo-1970 waza waqeqeshwa e-Angola ngo-1977 njengelungu loMkhonto we Sizwe, esaziwa ngegama laselubhacweni elingelolakhe elingu-Aaron Mnisi.
     

F.    Ukuqeshwa
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo
1.    IBhodi yabaLawuli be-Amatola Water
a.    Mnu Mncedisi Malotana;
b.    Nks Buhle Tonise;
c.    Mnu Abraham Pieter le Roux;
d.    Gqr Mosidi Makgae;
e.    Mnu Zamikhaya Xalisa;
f.    Nkosazana NomaXhosa Jongilanga;
g.    Gqr Gaathier Mahed;
h.    Nks Tabiso Wana;
i.    Mnu Mxolisi Joe Skosana; 
j.    Mnu Makgobi Ramushu; no
k.    Nks Lebogang Letsoale.

2.    USihlalo noSekela Sihlalo beBhodi eLawula iNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela: 
1.    Nks Thembi Msibi; no
2.    Gqr Nomonde Mabuya.

3.    Nks Nomkhita Mona – UMlawuli oyiNtloko weQela (i-CEO) lePosi yoMzantsi Afrika.
4.    Mnu Moegamat Ishaam Abader – i-CEO weNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika.
5.    Mnu Zolani Kgosietsile Matthews – i-CEO weQela le-Arhente yooLoliwe babaKhweli yoMzantsi Afrika. 
6.    Nks Melanie Rambally – UMlawuli oyiNtloko wezeziMali we-SENTECH.
7.    Mmeli Boyce Mkhize – INtloko ye-Ofisi yeziKhalazo zabaThengi: INkonzo yeziKhalazo yeeNkqubo zoLuntu, iSebe lokuHlaliswa kwaBantu, aManzi noCoceko. 

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – USomlomo weKhabhinethi 
ISelula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore