INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhineth yomhla wama-26 kweyeSilimela yowama-2019

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla wama-26 kweyeSilimela e-Tuynhuys eKapa.

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. INtetho kaMongameli engoBume beSizwe (i-SoNA)

1.1. I-SoNA yokuqala yolawulo lwentando yesininzi lwesithandathu kaMongameli u-Cyril Ramaphosa kule veki iphelileyo, ivuselele yakhuthaza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba basebenzele ekwakheni ingomso eliqaqambileyo. I-SoNA yowama-2019 icwangcisa indlela yokufezekiswa kwesigunyaziso sabavoti esinikwe umbutho olawulayo esivela kubantu bethu. 

1.2. Oku kuhlengahlengisa ukuba xa sisebenzisana, singabuphucula njani ubomi babantu baseMzantsi Afrika size silukhulise njani uqoqosho lwelizwe lethu, ngokubonisana ngobunyani obuzingisileyo bentswela-ngqesho, indlala nokungalingani. Isimemo sikaMongameli uRamaphosa semanyano kwezentlalo sifuna igalelo lentsebenziswano yabo bonke abantu boMzantsi Afrika ukoyisa yonke imingeni yethu nokubeka ilizwe lethu kwindlela yohlumo oluqhakazileyo.

1.3. Oku kuquka ukwandisa icandelo lezoshishino, ukomeleza ishishini lezemigodi, ukuxhasa icandelo lezolimo, ukuphucula isiseko sezakhono solutsha lwethu nokwenza kube lula kubakhenkethi ukuba batyelele ilizwe lethu. Njengabantu baseMzantsi Afrika, kufuneka siqhubeke ukukhuthaza nokuxhasa amashishini alapha ekhaya kwaye sithenge iimveliso zasekhaya. 

1.4. Umsebenzi onzima aza kuwenza urhulumente uzinze kwimiba esixhenxe engundoqo ephambili naza kuyenza kule minyaka mihlanu  ilandelayo, nokunika intsingiselo kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) kunye nephulo lethu lokufezekisa uMbono  wowama-2030.

1.5. Ingxoxo-mpikiswano nge-SoNA ibalule ukubaluleka kokuba silungise uqoqosho nokulungisa ezo ndawo zimoshakeleyo kurhulumente ekufezekisweni kwesigunyaziso esivela kubavoti. Oku kuza kusikhokelela ekufikeleleni kulo Mzantsi Afrika siwufunayo nonguMzantsi Afrika wamaphupha wethu njengoko uchaziwe kuMbono wowama-2030 we-NDP.

1.6. IKhabhinethi imema onke amahlakani kwezentlalo, abezoshishino, ezabasebenzi, imibutho yoluntu nemibutho yezopolitiko, ukuba ixhase amalinge entsebenziswano ekukhawuleziseni indlela yohlumo lweli lizwe.

1.7. Kwelethu icala njengorhulumente siza kuwaphindaphinda kabini nakathathu amalinge wethu njengoko eyalele uMongameli ukuba kususwe imiqobo esendleleni yohlumo loqoqosho lwethu nokwakha amandla wamaqumrhu karhulumente ukuba akwazi ukubasebenzela abantu bakuthi. Ngenyanga yeKhala, abaPhathiswa abohlukeneyo baza kuthi thaca iintetho zoHlahlo lwabiwo-mali lwabo, apho kuza kuqhutyekwa khona ukutyhilwa kokusebenza kwezicwangciso khona ukuze kufezekiswe kombono obekwe phambi kwesizwe nguMongameli.

2. INyanga yoLutsha

2.1. INyanga yoLutsha yeSilimela sisikhumbuzo nje esicacileyo sendima eyadlalwa lulutsha lwethu ekudaleni iimeko ezakhokelela kwinkululeko yethu. I-SoNA kaMongameli ikubeka phambili kumsebenzi wolawulo lweSithandathu ukuhluma koqoqosho nokudalelwa kolutsha imisebenzi. UMongameli uthethathene namacandelo awohlukeneyo wolutsha kuquka nabo bakhubazekileyo kulo, ulutsha olukwezoshishino, olukwezobugcisa  noluphuma kumaziko ezemfundo ephakamileyo ngaphambi kwe-SoNA yakhe noluququzelelwa yi-Arhente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe (i-NYDA) phantsi komxholo othi: “Iminyaka engama-25 yolawulo lwentando yesininzi – ukuvuselela ubuntsha-ntliziyo bolutsha” Olu Thethathethwano lukaMongameli noLutsha lungqinisise iinzima eziqhubekayo nemingeni ulutsha lwethu olujongene nayo oludinga ungenelelo olungxamisekileyo lukarhulumente wethu.

2.2. Kule meko sifuna ukungqina ukuba iinkqubo zikarhulumente ezahlukeneyo, kuquka neNkqubo yesiHlandlo seSibini yeSebe lezeMfundo esiSiseko, iNkonzo yoLutsha yeSizwe kunye nePhulo leNkonzo yeNgqesho yoLutsha, ziza kuhamba indlela ende ekulungiseleleni ulutsha lwethu ukuba luyilungele imeko yempangelo.

2.3. Noxa kunjalo sidinga ukuwaphindaphinda kabini nakathathu amalinge wethu njengelizwe ekudaleni imisebenzi imisebenzi edingeka kakhulu yolutsha lwethu. Ukuze sikwazi ukwenza njalo sinyanzelekile ukuba sikuqale ngokwethu ukukhulisa uqoqosho lwethu njengoko siyalelwe nguMongameli wethu. Siyakuqonda ukuba akuzokuba lula oko, siyakuqonda ukuba akuzokubakho zisombululo zikhawulezileyo ekuguquleni uqoqosho kodwa siyakuqonda ukuba oko kufuneka kwenzekile ngenxa yelizwe nolutsha lwethu. 

2.4. IKhabhinethi imema onke amacandelo ukuba mawaxelise uMongameli aze ababandakanye ngokuvakalayo abantu abatsha ekusebenzisaneni ukufumana isisombululo ezibonakalayo kwimingeni abahlangana nayo. Nathi siza kuyidlala eyethu indima ekuphuculeni ukusebenza koqoqosho lwethu ukudalela ulutsha lwethu imisebenzi.

3. Ukuhlelwa ngokutsha kukarhulumente

3.1. Abemi baseMzantsi Afrika banike olu lawulo lwesithandathu isigunyaziso esicacileyo sokukhawulezisa uhlumo loqoqosho oludibeneyo, ukusebenza ngokukhawuleza ukulwa indlala, ukuphucula iinkonzo zikarhulumente, ukulwa urhwaphilizo nokuphelisa ukubanjwa ngobhongwana kwamaqumrhu karhulumente ngabezoshishino.

3.2. IKhabhinethi iyangqina ukuba ukuhlelwa ngokutsha kukarhulumente wesizwe kuza kwenza ukuba unikezelo-nkonzo kubantu lube lula kwaye lukhawuleze ngokudibeneyo, ngokungenazindleko zibiza kakhulu nangorhulumente osebenza kakuhle nosabela ngokuthe chatha kwizidingo zabantu baseMzantsi Afrika. 

4. Izivumelwano zezorhwebo

4.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa kwezivumelwano ezingamashumi alithoba anesithathu (93) phakathi kwabarhwebi baseMzantsi Afrika neenkampani zase-China, ukuthenga iimveliso zalapha ekhaya ukuze zizithumele kushishino lwase-China, oko kusinika ixabiso lesivumelwano esibetha kumashumi amabini anesixhenxe eebhiliyoni zeerandi (R27 eebhiliyoni), oko kuza komeleza uhlumo nokudalwa kwemisebenzi.

Ukongeza apho, esinye sezivumelwano esityikityiweyo sisivumelwano sotyalo-mali esiquka iQumrhu lezoShishino lweeMoto lase-Beijing esingotyalo-mali lwesikhululo sokuveliswa kweemoto kummandla wophuhliso lwezoshishino waseNgqurha (i-Coega IDZ). Lutyalo-mali lokuvelisa izithuthi apha eMzantsi Afrika ukwenzela urhwebo lwaseMzantsi Afrika kodwa ke norhwebo lwamanye amazwe. Ezi zivumelwano zentengiselwano ziyinxalenye yezibophelelo eziphuma kwisivumelwano sobudlelwane bobuchule esidibeneyo esikhoyo sowama-2010, nezivumelwano zezibophelelo ezisibhozo ezikhulu ekwavunyelwana ngazo kwiQonga leNtsebenziswano ye-China-ne-Afrika (Forum on China-Africa Cooperation).

5. Iinkcukacha-manani zezengqesho zangekota

5.1. Iziko leeNkcukacha-manani laseMzantsi Afrika likhuphe uPhando-nzulu lwezeNgqesho lwangeKota lekota yokuqala yowama-2019 kule veki idlulileyo.

5.2. Iziphumo zibonakalsa ukwanda kwemisebenzi engama-22 000(+02%) ukusuka kwi-10 152 000 ukuya kwi-10 174 000 kwicandelo elisesikweni elingelilo ushishino lwezolimo. Oku kubangelwe ikakhulu kukwanda kolu shishino lulandelayo: iinkonzo zezoluntu, elezezimbiwa nezekwari, ezokuvelisa neenkonzo zezoshishino.

5.3. Ingqesho epheleleyo yande ngama-76 000 okanye i-0,8% unyaka nonyaka phakathi kweyoKwindla yowama-2018 neyoKwindla yowama-2019.

5.4. IKhabhinethi ikuqaphele oku njengokuncomekayo kodwa isahleli ikholelwa ukuba isende indlela ekufanele ihanjiwe ukuphucula ukusebenza kwalo lonke iqoqosho lethu ize idale imisebenzi edingeka kakhulu kwilizwe lethu. Ukuza kuthi xhaxhe ngoku iKhabhinethi iyazibophelela ukuba isebenze nawo onke amacandelo oluntu lwethu lwaseMzantsi Afrika kuquka necandelo labucala.

6. IXesha leRhafu

6.1. Imali efumaneke kwirhafu yengeniso iqinisekisa ukuba urhulumente unawo amandla okubonelela ngeenkonzo ezidingeka ngamandla nangenkxaso yezentlalo kwizigidi-ngezigidi zabo bangathathi ntweni kuluntu lwethu.

6.2. IKhabhinethi ikhuthaza abantu baseMzantsi Afrika ukuba balungiselele ukungenisa amaxwebhu wabo wexesha lerhafu lowama-2018/19. Ukuqokelelwa kwemali yerhafu ngokufanelekileyo nakakuhle kwenza ukuba urhulumente akwazi ukuqinisekisa ngokuzimela kwezezimali.

6.3. Abahlawuli-rhafu ababhaliselwe i-eFiling okanye abasebenzisa i-MobiApp entsha yeNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika bangawangenisa amaxwebhu wabo erhafu ukususela ngomhla wo-1 kweyeKhala yowama-2019. Abantu baseMzantsi Afrika abamkela ngaphantsi kwama-R500 000 ngonyaka nabafikelela kwezinye zeenqobo zokugweba, akukho mfuneko yokuba bangenise maxwebhu erhafu.

7. Ukulwa ulwaphulo-mthetho

7.1. IKhabhinethi ikuqaphele ngenkxalabo ukuqhambuka kokubulawa kwamalungu angamagosa onyanzelisa-mthetho. KweyoMsintsi yowama-2018, ngamalungu ezobupolisa angamashumi amabini anesibhozo (28) ekubikwe ukuba abulewe. Ukususela ekuqaleni kowama-2019, ngamashumi mabini anesithandathu (26) amagosa ezobupolisa abuleweyo.

7.2. Ezona zehlo zakutsha nje zezo zingokubulawa kukaSajini Zephania Dladla, uKonstabheli Nomasonto Mhlanga noKonstabheli Nhlamulo Vukeya. IKhabhinethi ivakalisa uvelwano olunzulu kwiintsapho, abahlobo nakoogxa babo.

7.3. IKhabhinethi ilugxeka ngawona mazwi arhabaxa olu hlaselo nokubulawa. Amagosa ezobupolisa abeka ubomi bawo emngciphekweni ukuze akhusele uluntu lwethu. Sonke kufanele sisebenzisane kunye namaziko onyanzelisa-mthetho ukuqinisekisa ukuba abenzi bolu lwaphulo-mthetho lukhohlakeleyo bayabanjwa baze bajongane nengalo yomthetho.

7.4. IKhabhinethi iyayincoma inkqubo yezobulungisa ethe yakhokelela ekubeni abenzi bolu lwaphulo-mthetho abalithoba bathiwe jize ngezigwebo zokuchitha ubomi babo bonke entolongweni, kulo nyaka nje wodwa. 

8. Isehlo sokudubulana sasemdeni waseMozambique

IKhabhinethi  iphawule ngokuba uRhulumente waseMzantsi Afrika uthumele igqiza elikwizinga eliphezulu eMozambique emva kwesehlo sokudubulana apho kuye kwasweleka khona amagosa ezobupolisa amabini aseMozambique kumda waKwaZulu-Natal.

8.1. Eli qela liquka amalungu oMkhosi wezoKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (i-SANDF) naweNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS), kwaye aza kudibana kunye noogxa bawo baseMozambique. Likhokelwa yiNtloko yeMisebenzi eDibeneyo ye-SANDF iBamba-Njengele (Lieutenant-General) u-Barney Hlatshwayo noSekela Mkhomishinala we-SAPS iBamba-Njengele (Lieutenant-General) uSehlahle Masemola.

8.2. Eli qela likumsebenzi wokuphanda ngesehlo sokudubulana. Phakathi kokunye, kulindeleke ukuba, lixoxe ngeqela lophando elidibeneyo phakathi kweMozambique noMzantsi Afrika.

8.3. IKhabhinethi icela bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba balindele ukuqukunjelwa neziphumo zolu phando ludibeneyo. Sihleli sizibophelele ekusebenzisaneni norhulumente waseMozambique njengabamelwane abalungileyo ekuphuculeni intlalo-ntle yabo bonke abemi bethu.  

9. INgqungquthela yoMbutho wezabaSebenzi weZizwe-ngezizwe

9.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuthatha inxaxheba kukaMongameli uRamaphosa kwiSeshoni ye-108 (isiKhumbuzo seminyaka elikhulu) seNgqungquthela yoMbutho wezabaSebenzi weZizwe-ngezizwe ebibanjwe phakathi komhla we-10 nowama-21 kweyeSilimela yowama-2019. UMongameli uyifake ngokusesikweni, kwingqungquthela, ingxelo yeKhomishini yeHlabathi malunga neNgomso loMsebenzi (Future of Work), abengomye woosihlalo kuwo ngokubambisana neNkulumbuso yaseSweden, oHloniphekileyo (H. E.) uStephan Lofven.       

9.2. UMphathiswa wezeNgqesho nezemiSebenzi, uThulas Nxesi, ube pheleke uMongameli ekwakhokela negqiza lamaqela amathathu elithathe inxaxheba kwiikomiti ezahlukeneyo zengqungquthela neengxoxo zentlanganiso epheleleyo ebezixoxa ngengxelo yoMlawui Jikelele woMbutho wezabaSebenzi weZizwe-ngezizwe.

9.3. Iziphumo ezibalulekileyo zale ngqungquthela ziquka isiBhengezo semiNyaka eliKhulu esidibeneyo sala maqela. Ukongeza apho, ingqungquthela yamkele isiNdululo esitsha malunga noGonyamelo nokuTshutshisa okubhekisele kwezesondo eMsebenzini esiyilwe ngendlela yokukhusela abasebenzi ababuthathaka. Ezi ziphumo zibalulekile ekumisweni kwemigangatho yezizwe-ngezizwe nemigaqo yokuphakamisa nokukhusela amalungelo nemigangatho. 

B. Izigqibo keKhabhinethi

1. IMbizo ye-12 engaQhelekanga

1.1. IKhabhinethi yazisiwe ngokuba iMbizo ye-12 engaQhelekanga iza kumisela isigaba sokusebenza soMmandla woRhwebo oluKhululekileyo kwiliZwekazi lase-Afrika (AfCFTA) kunye neNtlanganiso yokuQuquzelela yaPhakathi eNyakeni yokuqala yeManyano yase-Afrika (AU) noLuntu loQoqosho loMmandla (RECs).

1.2. UMongameli uRamaphosa umiselwe ukuba akhokele igqiza loMzantsi Afrika xa kubanjwa iMbizo ye-12 engaQhelekanga ngomhla we-7 kweyeKhala yowama-2019 eNiamey, eNiger.

1.3. UMzantsi Afrika uza kuthathela kuwo ukuba nguSihlalo we-AU ngexesha elibalulekileyo xa ilizwekazi lifezekisa i-AfCFTA, nokuza kwenza ukuba i-Afrika ibe yeyona inkulu enorhwebo oludibeneyo ehlabathini. I- AfCFTA iza kuphucula urhwebo oluphakathi kwamazwe ase-Afrika, ivuselele kwakhona ukwanda kwemizi-mveliso, nokuvula indlela yokudityaniswa okusebenzayo kwe-Afrika kushishino oluthungelanayo lwehlabathi nakuqoqosho lwehlabathi ngokuthe gabalala. 

1.4. UMzantsi Afrika uhleli uzibophelele kwi-Ajenda ye-Afrika, kwaye uyakuxhasa ukudityaniswa koqoqosho nepolitiki yommandla we-Afrika. Oku kuquka ukomelezwa kothungelwano lokuququzelela phakathi kweKhomishoni ye-AU ne-RECs ukufezekisa uphuhliso oluzinzileyo kwi-Afrika enoxolo nezinzileyo njengoko kulindelekile kwi-Ajenda yowama-2063.

1.5. UMzantsi Afrika uzinikele ngokupheleleyo kwinkqubo i-AfCFTA ngokubona ukubaluleka kwayo kobuchule kwi-ajenda yendibanisela yezoqoqosho lwelizwekazi le-Afrika ne-ajenda yophuhliso yoMzantsi Afrika.                            

2. UNyulo looMasipala lowama-2021

2.1. Ukulungiselela uNyulo looMasipala lowama-2021, iKhabhinethi, ikuphumezile ukusekwa kweKomiti yabaPhathiswa (IMC) malunga noNyulo looMasipala, kwakunye neqonga lezobugcisa ukwenzela inkxaso yalo.

2.2. UNyulo looMasipala lowama-2021 luza kuba lolwesihlanu olukumila kunje ukususela oko kwathi kwafika ulawulo lwentando yesininzi. I-IMC iza kusebenza neKhomishoni eziMeleyo yoNyulo (IEC) kunye nezinye iibhodi ezibandakanyekayo ekuqinisekiseni ukuba inkqubo ekhokelela kunyulo loorhulumente basekhaya iqhubeka ngaphandle kwamagingxigingxi.

2.3. Amalungu e-IMC aza kuquka aba baPhathiswa balandelayo: oweNtsebenziswano kuLawulo neMicimbi yezeMveli (uSihlalo); oweMicimbi yezeKhaya; owezobuLungisa neeNkonzo zezoLuleko; owezeZimali; owoKhuseleko loMbuso kunye noMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli. Iqela leNkxaso yezobuGcisa liza kuba ngabaLawuli Jikelele abaphuma kwakula masebe.

C. IMisitho eZayo

1. IMbizo yeeNkokheli zeQela lamaZwe angamaShumi amaBini (i-G20)

1.1. UMongameli uRamaphosa ukhokela igqiza loMzantsi Afrika – eliquka uMphathiswa wezobuDlelwane neZizwe-ngezizwe neNtsebenziswano, uGq Naledi Pandor; uMphathiswa wezeZimali, uMnu Tito Mboweni, noMphathiswa woRhwebo noShishino, uMnu Ebrahim Patel – eliza kuthatha inxaxheba kwiMbizo yeeNkokheli  ze-G20 yowama-2019.

1.2. UMongameli uRamaphosa kwakhona uza kukhokela igqiza lamagosa namalungu ezigqeba zamashishini aseMzantsi Afrika kwiingxoxo zothethathethwano kunye namalungu ezigqeba zamashishini aphambili aseJapan. Olu thethathethwano lugxile ekukhuliseni ulwazi ngamathuba ezorhwebo notyalo-mali eMzantsi Afrika, lisabele kwiinkxalabo zeqela elinokuba ngamahlakani wezoshishino lwaseJapan, lize lichonge liphuhlise izalathiso zamathuba ezorhwebo notyalo-mali. 

1.3. Olu thethathethwano lwenziwa ngobudlelwane beBhunga lezoShishino lokuQondana kweZizwe-ngezizwe (BCIU), isiseko sezoshishino esiphambili saseMelika sezizwe-ngezizwe, kunye noMbutho woRhwebo lwangaPhandle waseJapan (Jetro).

1.4. Olu thethathethwano lubonwa njengenyewe yababini yezehlo zexesha elizayo, eza kuqhubeka kwimida yeNgqungquthela yeZizwe-ngezizwe yaseTokyo kuPhuhliso lwase-Afrika (TICAD) eza kubanjwa ukususela ngomhla wama-28 ukuya kowama-30 kweyeThupha yowama-2019 eYokohama, eJapan. IJapan lihlakani lesihlanu ngobukhulu lokuthunyelwa iimveliso nguMzantsi Afrika iphinde ibe lihlakani lesithoba ngobukhulu ukuthumela iimveliso zalo eMzantsi Afrika.

1.5. Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kukhokelwa zezi ntsika zilandelayo: Ukuqhubela phambili iimfuno zesizwe ukuze sifikelele kwiinjongo zangaphakathi ekhaya; Ukunyusa i-Ajenda yase-Afrika nokukhulisa uphuhliso oluzinzileyo lwase-Afrika; Ukuphembelela ubugcisa bokwakha behlabathi obuzindidi ngeendidi; nokuQhubela phambili i-ajenda yaseMzantsi ngokomeleza iNtsebenziswano yoMzantsi-noMzantsi noThethathethwano loMntla –noMzantsi.

2. INyanga kaMandela

2.1. Njengokuba sisondela isikhumbuzo sonyaka we-10 soSuku lukaMandela lweZizwe-ngezizwe kwinyanga yeKhala, iKhabhinethi imema bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba basebenzise le nyanga ukuxhasa ilifa likaMandela, phantsi komxholo othi: “Thatha iNyathelo, Vuselela inguqu, Yenza zonke iintsuku zibe luSuku lukaMandela”, ngokuthatha amanyathelo adibeneyo okulwa indlala.

2.2. Abantu baseMzantsi Afrika bangathatha inxaxheba kubummi obusebenzayo ngokuzibandakanya noluntu nemibutho eyahlukahlukeneyo eza kwenza amaphulo okuncothula indlala nokuba ngoogobityholo, ukwakha iindawo zasekuhlaleni ezikhuseleke ngokuthe chatha baze baqinisekise ukuba bayafikelela kwimfundo.

2.3. Sonke masithathe inxaxheba kweli phulo lehlabathi nelithiywe ngomnye weenkokheli zethu ezingamaqhawe size sakhe iinkqubo ezizinzileyo eziqhuba kude kube ngaphaya kwenyanga yeKhala. Masithathe inyathelo, sivuselele inguqu, size senze zonke iintsuku zibe luSuku lukaMandela 

D. Imiyalezo

1. Uvelwano

1.1. IKhabhinethi ithumela imiyalezo yovelwano olunzulu kuzo zonke iintsapho nabahlobo abathe bashiywa ngabo bebebathanda ngenxa yendyikitya yokufa eyenzeke endleleni. Kwingozi eyenzeke kwindlela engu-R81 eMaphalle, eLimpopo apho siphulukene nabantu abasebatsha, ngenxa yendyikitya yokufa eyenzeke endleleni into leyo esoloko ifunyanwa ngabantu baseMzantsi Afrika kwilizwe jikelele. IKhabhinethi ibongoza bonke abasebenzisi bendlela ukuba bathobele imithetho yendlela, okudinga ubutsha-ntliziyo nokubaphatha ngenkathalo abanye abasebenzisi ndlela.

2. Ukuvuyisana

IKhabinethi incoma aba balandelayo:

2.1. Iqela lesizwe labasetyhini, iBanyana Banyana, ngokuphakamisela phezulu ibhanile xa beliqala ngqa ukuvela nokuthatha inxaxheba kwiNdebe yeHlabathi yabaseTyhini ye-FIFA.

2.2. UMnu Botha Msila, umlandeli wezemidlalo waseMzantsi Afrika, nothe wafika ngexesha eYiphutha elungiselela ukuqala komdlalo wokuvula weNdebe yeZizwe zase-Afrika yowama-2019. UMnu Msila, oxhomekeke ikakhulu ekubetheni ubhontsi ukusuka eKapa, uye wancedwa ngumsasazi wezemidlalo, uMnu Robert Marawa, ukufumana inqwelo-moya esuka eKenya ukuya eCairo ukuyokuxhasa iBafana Bafana.

2.3. Imvumi nombali womculo waseMzantsi Afrika uNks Sho Madjozi, ophumelele eyona iGqwesileyo iMbasa yokuDlala eQongeni yeZizwe-ngezizwe eNtsha kuNikezelo-mbasa lwe-BET lowama-2019 eLos Angeles, e-USA.

2.4. Iqela labafundi abathandathu abangekathweswa zidanga baseMzantsi Afrika (abaphuma kwiDyunivesithi yaseKapa nedyunivesithi yaseWitwatersrand) ngokuphumelela indawo yokuqala emva kokukhuphisana namaqela ali-13 kwiNgqungquthela ye-Supercomputing yeZizwe-ngezizwe eFrankfurt, eJamani.

Eli qela beliphantsi kweliso leZiko lokuSebenza ngeZinga eliPhezulu kweKhompyutha leBhunga lezeNzulu-lwazi noPhando-nzulu kwezoShishino, neliliphulo leSebe lezeMfundo ePhakamileyo, iNzulu-lwazi nobuChwephetshe, kwaye liyenye yeentsika ezintathu zeNkqubo yeziseko ezingundoqo ezibizwa cyberinfrastructure yaseMzantsi Afrika.

2.5. AmaBhoko-bhoko amaNcinci (Junior Springboks), nathe ngesibindi sawo sokudlala ngokuzijula ijacu afumana imbasa yobhedu (bronze) kuKhuphiswano leHlabathi labangaPhantsi kwemiNyaka enga-20 yeBhola yoMboxo.  

IKhabhinethi inqwenela la maqela alandelayo okuhle kodwa:

2.6. Iqela lesizwe lamadoda, iBafana Bafana, kwiNdebe yeZizwe zase-Afrika yowama-2019 eYiphutha.

2.7. Iqela lebhola yomnyazi lesizwe iiProteas, njengoko likhuphisana kwiNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi eqhubeka eLiverpool, eNgilandi, ukususela ngomhla we-12 ukuya kowama-21 kweyeKhala yowama-2019. Iqela lebhola yomnyazi lesizwe sithetha nje liphezulu kuluhlu lwase-Afrika lize libambe indawo yesihlanu ngokoluhlu lwehlabathi. UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uMnu Nathi Mthethwa, ulikhaphile eli qela leProteas ukuyokulinika inkxaso kwakunye nokuyokwamkelwa ukunikezelwa njengoko uMzantsi Afrika ulungiselela ukusingatha iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi ye-16 ngowama-2023.

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – iSithethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselulae: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore