Ingxelo ye-Lekgotla yeKhabhinethi kunye neNtlanganiso eKhethekileyo ebibanjwe kwi-intanethi yeKhabhinethi ngoLwesine, umhla wama-27 nangoLwesihlanu, umhla wama-28 kweyoMqungu 2022

A. I-LEKGOTLA YEKHABHINETHI   

1.1. UMongameli uCyril Ramaphosa ubize i-Lekgotla yeKhabhinethi ngoLwesine, umhla wama-27 kweyoMqungu 2022. Ibizinyaswe zizigqeba zobunkokeli ezimele onke amacandelo karhulumente. Aquka abaPhathiswa, ooSekela baPhathiswa, iiNkulumbuso, aBalawuli-Jikelele kunye neenkokeli zoMbutho wooRhulumente baseKhaya eMzantsi Afrika.  

1.2. UMongameli umeme iinkokeli zikarhulumente njengenxalenye yokuhlanganisa kunye nokulungelelanisa iimpendulo zikarhulumente kwimiceli-mngeni ejongene nelizwe, ingakumbi ukuba kugxilwe ngokukhawuleza ekujonganeni nemiceli-mngeni emithathu yentlupheko, intswela-ngqesho kunye nokungalingani. Ucele iinkokeli ukuba zenze utshintsho olusisiseko ukuze kuvuselelwe ukukhula koqoqosho nokudala imisebenzi efuneka kakhulu ngesantya esiphezulu kakhulu.

1.3. UMongameli ugxininise ukubaluleka koMbono wowama-2030 wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe kunye neSicwangciso soKwakha ngokutsha uQoqosho nokuBuyisa ukukhawulezisa iinzame zokuphucula iimeko zabemmi boMzantsi Afrika.

1.4. Ukongeza kwisimo soqoqosho kunye nohlaziyo lwezakhiwo, i-Lekgotla yeKhabhinethi ikwaxoxe ngophuhliso lweziseko ezingundoqo, ukhuseleko lwamandla, ukwenziwa kwasekhaya kunye noshishino, uhlengahlengiso lomhlaba kunye nezolimo, kunye nohlengahlengiso lwamashishini karhulumente.

1.5. Iinzame zokunciphisa intswela-ngqesho kunye nentlupheko ziza kuquka umxube wokunyuka kwengqesho yecandelo labucala, ingqesho exhaswa ngemali ngurhulumente kunye nokwandiswa kwezibonelelo zikarhulumente kubantu abangaphangeliyo.

1.6. Le ntlanganiso ikwaxoxe ngemiceli-mngeni kunye nenkqubela-phambili yokulwa ulwaphulo-mthetho kunye norhwaphilizo, kunye neenzame zokuqinisa ukhuselelo kunye nokhuseleko loluntu. Ikwaxoxe ngonikezelo lweenkonzo kurhulumente wasekhaya – kuquka ubonelelo lombane, amanzi kunye nogutyulo lwelindle – njengenxalenye ebalulekileyo yokwakha isakhono soMbuso.

1.7. Iingxoxo ze-Lekgotla yeKhabhinethi ziza kwazisa imiba ephambili karhulumente kulo nyaka sikuwo apho uMongameli Ramaphosa aza kuyichaza ngethuba esenza iNtetho kaMongameli yeSizwe ngoLwesine, umhla we-10 kweyoMdumba 2022.

B. IZIGQIBO ZEKHABHINETHI

1. ISigaba sesiBini seSicwangciso se-SA Connect

1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuqaliswa kwesigaba sesibini seprojekthi ye-SA Connect. Esi sicwangciso sinika impembelelo kuMgaqo-nkqubo we-Intanethi ekhawulezayo yelizwe owamkelwa yiKhabhinethi ngowama-2013. ISigaba sokuqala sisebenze njengesigaba sokulinga ukubonelela ngeenkonzo ze-intanethi ekhawulezayo ezili-10 zee-Megabits (i-Mbps) kumaziko karhulumente abalulekileyo amalunga nama-970.

1.2. Isigaba sesibini esivunyiweyo siza kuqaliswa kusetyenziswa amaziko karhulumente (i-Arhente ye-State Information Technology Agency [SITA]); Broadband Infraco kunye ne-Sentech) kunye neshishini elisebenzisa i-intanethi ekhawulezayo. Kwisithuba seenyanga ezingama-36 ezizayo, le projekthi iza kudibanisa amaziko aseleyo karhulumente, uluntu kunye namakhaya.

1.3. Le projekthi iyinxalenye yokuzinikela kukarhulumente ekunciphiseni iyantlukwano yedijithali, ingakumbi kwiindawo zasemaphandleni, nokuqhubela phambili uqoqosho lwedijithali. Ukuthatha inxaxheba kwecandelo labucala nako kuza kujongana neenguqu zecandelo ngokubandakanya bonke abathathi-nxaxheba abafanelekileyo kwicandelo lenethiwekhi ye-eletroniki.

1.4. Iprojekthi ye-SA Connect ijolise ekuphumezeni ufikelelo lwe-intanethi ekhawulezayo lwe-80% eluntwini nakwizibonelelo zikarhulumente kule minyaka mithathu izayo ngesantya esisezantsi se-10Mbps ngomzuzwana kunye ne-100 Mbps kumaziko ayimfuneko kakhulu.

C. UKUQESHWA

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. UNksz Nomthandazo Lichie Moyo njengoSekela Mlawuli-Jikelele (i-DDG): UPhuhliso lwamaPhandle kwiSebe lezoLimo, uBuyekezo loMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle (i-DALRRD).
2. UMnu Clinton Rossouw Heimann njenge-DDG: UCwangciso lweSithuba kunye noLawulo lokuSetyenziswa koMhlaba e-DALRRD.
3. UMnu Michael Currin njenge-DDG: UkuQuquzelela uNxibelelwano kumaQoqo kaRhulumente kunye noLawulo lwamaHlakani kwiNkqubo yoNxibelelwano loLwazi lukaRhulumente (i-GCIS).
4. UNksz Regomoditswe Dorcas Mavimbela njenge-DDG: UkuHlalutywa nokuSasazwa koLwazi kwi-GCIS.
5. UNksz Nomonde Mnukwa njenge-DDG: IiNkonzo zokuXhasa ukuPhathwa kwemiSebenzi yeQumrhu kwi-GCIS.
6. UMnu Nhlanhla Edgar Sishi njenge-DDG: I-Ofisi yoHlahlolwabiwo-mali kuNondyebo weSizwe.
7. UGqr Litha Magingxa njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba  (i-CEO) kunye noMongameli weBhunga loPhando lwezoLimo.   IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kuka-Gqr Litha Magingxa yiBhunga.
8. UNksz Rofhiwa Irene Singo njengeGosa lezeMali eliyiNtloko kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
9. UMnu Luvuyo Keyise njenge-CEO yethutyana ye-SITA (Uqeshiwe kwakhona).

Amalungu ebhodi ye-SITA SOC:

1. UNksz Makano Mosidi (USihlalo );
2. UGqr Stella Bvuma (uSekela Sihlalo );
3. UNksz Shery-Lee Moonsamy;
4. UNksz Nolitha Pieterson;
5. UNksz Zimbini Hill;
6. UNksz Olwethu Ketsekile;
7. UGqr Tshilidzi Ratshitanga;
8. UGqr Rendani Ramabulana;
9. UNksz Jeanette Morwane (Ummeli weSebe lezoNxibelelwano nobuGcisa beDijithali);
10. UNksz Laura Mseme (Ummeli kaNondyebo weSizwe); kwaye
11. UMnu William Vukela (Ummeli weSebe leNkonzo kaRhulumente kunye noLawulo).

Imibuzo: UNksz Phumla Williams – iSithethi seKhabhinethi 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore