Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-27 kweyoMsintsi 2023

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

  1. INdibano yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA)

1.1. IKhabhinethi iyamkele intetho kaMongameli u-Cyril Ramaphosa kwi-UNGA yama-78 nebibanjelwe e-New York, e-United States of America ukusuka ngomhla we-18 ukuya kowama-26 kweyoMsintsi ngowama-2023.

1.2. Intetho kaMongameli eyamkelwe ngokubanzi iphinde yaqinisekisa kwakhona isikhundla soMzantsi Afrika ekukhuthazeni umdla, kunye nasekuthatheni inxaxheba okulinganayo kwaye okunentsingiselo kwelizwekazi i-Afrika kunye namazwe akwi-Global South jikelele kwi-UN kunye nakwezinye iiforam zamazwe ngamazwe.

1.3. Le ntetho ikwaphinde yaqinisekise ukuzinza koMzantsi Afrika ekuhlanganiseni inkxaso:

a) ukuzinikela ngokutsha kumanyano lwamazwe ngamazwe, olusekwe kwimithetho ecacileyo kwaye exhaswa ngamaziko asebenzayo.

b) uhlaziyo lweBhunga lezoKhuseleko le-UN (i-UNSC), ukunika intsingiselo kumthetho-siseko wokulingana kwezizwe ezizimeleyo kunye nokwenza ukuba i-UNSC iphendule ngempumelelo kwizinto ezenzekayo ngoku kwiipolitiki zelizwe.

c) izizwe ezityebileyo mazandise inkxaso mali ukuze kuphunyezwe i-Ajenda yama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo kunye nokufezekisa iinjongo zabo zokutshintsha kwemozulu ngendlela ebanzi kwaye edibeneyo, kubandakanywa nesidingo sokusebenza ngokukhawuleza kwengxowa-mali i-Loss and Damage Fund yamazwe asemngciphekweni wokuhlaselwa kakhulu yintlekele yemozulu, njengoko kwakuvunyelwene kwiSeshini yama-27 yeNkomfa yamaQela neyayibanjelwe e-Egypt ngeyeNkanga wama-2022.

1.4. UMongameli Ramaphosa ukuqinisekisile ukuzinikela koMzantsi Afrika ekuqhubekeni kujongana nokutshintsha kwemozulu kunye nokubeka eli lizwe njengenkokeli kumandla ahlaziyekayo, i-hydrogen eluhlaza kunye noshishino oluzinzileyo.

1.5. UMongameli Ramaphosa ukwathethe kwiNgqungquthela eQhubela Phambili ukuThintela, ukuLungela kunye nokuSabela kuBhubhani, kwisikhundla sakhe sobuNtshatsheli kuManyano lwama-Afrika ukuSabela kwiSifo seNtsholongwana i-Corona (i-COVID-19).

2. Inkqubo yamazwe amabini yoMzantsi Afrika esecaleni kwe-UNGA yama-78

2.1. Ecaleni kwe-UNGA yama-78, uMongameli Ramaphosa ukhokele igqiza likarhulumente elibambe iintlanganiso ezininzi zamazwe amabini ezijolise ekuqiniseni ubudlelwane kubuchule, kwezopolitiko, kwezozakuzo kunye nakurhwebo.

2.2. UMongameli udibene nogxa wakhe wase-Ukraine u-Volodymyr Zelensky ukuze baxoxe ngenkqubela phambili eyenziwayo kwiNyathelo lwase-Afrika loXolo - olukhokelwa ngamanyathelo okwakha ukuzithemba kunye nolunye uphuhliso.

2.3. UMongameli Ramaphosa ukwadibene no:

2.3.1.  Mongameli Recep Tayyip Erdoğan wase-Türkiye, malunga nokuqinisa ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika kunye ne-Turkey, kunye nokwazisana ngamaphulo oxolo kungquzulwano oluphakathi kwe-Russia ne-Ukraine.

2.3.2. Mongameli Bola Tinubu we-Federal Republic of Nigeria, malunga nokuqinisa ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika kunye ne-Nigeria. Uye wafumana ezihlaziyiweyo malunga nenyathelo loQoqosho lwaMazwe aseNtshona Afrika elikhokelwa lubhukuqo-mbuso e-Niger kunye neenzame ngokubanzi zokubuyisela ulawulo lwentando yesininzi e-Sahel.

2.3.3. Mongameli Emmerson Mnangagwa weRiphabhlikhi yaseZimbabwe, kumalinge karhulumente waseZimbabwe okuhlanganisa ukwakhiwa ngokutsha kwela lizwe emva kolonyulo olunemvisiswano lwakutsha nje.

2.4. UMongameli Ramaphosa ukwathathe inxaxheba kwiNgxoxo yoShishino ngezoRhwebo kunye noTyalo-mali lweMelika (i-US) noMzantsi Afrika, equka iinkokeli zoshishino zaseMzantsi Afrika kunye nezaseMelika. Ngeenkampani ezingaphezu kwama-600 zase-US ezisebenza eMzantsi Afrika, olu thethathethwano lwalubalulekile ekuqiniseni ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika kunye ne-US.

2.5. Ngeli xesha, kwenziwa isaziso esisesikweni sokuba iForam yama-20 ye-US-Sub-Saharan Africa Trade and Economic Cooperation Forum, (iForam ye-AGOA) iza kubanjelwa eRhawutini ukusuka ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-4 kweyeNkanga wama-2023. Le foram iza kuphinda ibe nomboniso othi ‘Made in Africa Exhibition’ oza kubonisa amakhonkco ewonke eemveliso zommandla kwilizwekazi.

2.6. UMongameli Ramaphosa uphinde wangqina isibhengezo sentsebenziswano phakathi kwe-Novo Nordisk kunye ne-Aspen. Le ntsebenziswano iza kubona ukuveliswa kweyeza leswekile (i-insulin) kwiziko le-Aspen eGqeberha, eMpuma Koloni. Le ntsebenziswano ijolise ekuboneleleni ngamathamo eyeza leswekile angaphezulu kwe-16 lezigidi ngowama-2024, neza kunyuswa ngowama-2026. Oku kuya kuphucula kakhulu ufikelelo kunyango lweswekile, kungapheleli nje eMzantsi Afrika, kodwa nakwilizwekazi liphela.

  1. Ezamandla

3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukunikwa koMlawuli wezaMandla weSizwe woMzantsi Afrika izicelo zempepha-mvume zokurhweba kunye nokungenisa/ukuthumela ngaphandle kwiNkampani yeSizwe yoThumelo lwezaMandla yoMzantsi Afrika, kuvulwa indlela yokuthengwa kwamandla kuwo wonke ummandla.

3.2. Ukusebenza kwakhona kwesiKhululo soMbane saseKusile Yunithi yesi-4 kulungiso olucwangcisiweyo noluthe lwabuyisa iimegawathi ezingama-800 kuthungelwano lwethu lombane. Esi siganeko singundoqo ekuphuculeni umthamo wokuvelisa uthungelwano lwesizwe kunye nasekukhawulelaneni namaxesha okucinywa kombane.

3.3. IKhabhinethi iphinde yachazelwa ngenkqubela yokubuyisela iYunithi yoku-1, yesi-2 kunye neyesi-3 kwiSikhululo soMbane iKusile phambi kwexesha elimiselweyo.

3.4. IKhabhinethi yamkele izinga elizinzileyo lika-Eskom elenziwe yi-Moody’s Investors Service, nto leyo eza kuphucula ukufaneleka kwetyala leli ziko lombane lize likwazi ukucwangcisa kwangaphambili ukuphumeza ulungiso olucetyiweyo lwezithuthi zalo zokuvelisa.

  1. Ukufumaneka kwamanzi

4.1. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi malunga namalinge okujongana nemingeni yamanzi nechaphazela iindawo ezininzi kwilizwe liphela. UMphathiswa wezaManzi noGutyulo, uMnu Senzo Mchunu kunye noosodolophu abalawulayo kwezinye zezixeko zaseRhawutini baza kubonelela ngohlaziyo longenelelo oluqhubekayo lokuzinzisa ukuhanjiswa kwamanzi kweli phondo.

4.2. IKhabhinethi inqwenela ukukhumbuza wonke umntu ukuba uMzantsi Afrika lilizwe elinqongophelelwe ngamanzi. Bonke abemi boMzantsi Afrika kunye naye wonke umntu okweli lizwe kufuneka onge kwaye asebenzise amanzi ngononophelo.

  1. Imiba yezorhwebo

5.1. IKomishoni yeZizwe eziManyeneyo eziMbini yoMzantsi Afrikane-Lesotho (i-BNC) kunye neNtlanganiso yeQela laBaphathiswa

5.1.1 INtlanganiso ye-BNC yoMzantsi Afrika ne-Lesotho kunye neQela laBaphathiswa ebibanjwe ukusuka ngomhla wama-25 ukuya kowama-28 kweyoMsintsi 2023 igxile kwintsebenziswano yezoqoqosho, kwimiba yokuwela imida, kunye nokuhamba ngokukhululekileyo kwabantu, iimpahla neenkonzo phakathi kwala mazwe mabini.

5.1.2 UMongameli Ramaphosa kunye neNkulumbuso u-Samuel Ntsokoane Matekane baza kujongana neSeshoni yokuQalwa kwe-BNC phakathi koMzantsi Afrika ne-Lesotho ngoLwesine, umhla wama-28 kweyoMsintsi 2023. I-BNC iza kubandakanya ubudlelwane kwezozakuzo, kukhuselo nokhuseleko, amanzi, ezothutho, umbane kunye nakwezorhwebo.

5.2 UPhando lweNtengiso kwiQonga elikwi-Intanethi

5.2.1IKhabhinethi ifumene ingxelo evela kwiKomishoni yoKhuphiswano malunga neziphumo kunye namanyathelo okulungisa malunga noPhando lweNtengiso kwiQonga elikwi-Intanethi. IKhabhinethi iwuncomile umsebenzi wekhomishini ekujonganeni neenkxalabo kumaqonga edijithali, kubandakanywa urhwebo lwe-ecommerce, ii-arhente zokuhamba ezikwi-intanethi, ukuhanjiswa kokutya, iivenkile ze-app, ababoneleli abakhethiweyo kunye neenjini zokukhangela.

5.2.2 IKhabhinethi iyalele abaPhathiswa bamasebe karhulumente achaphazelekayo ukuba aqhubele phambili athethathethane ngezindululo zokuphucula, baqwalasele iziphumo zomgaqo-nkqubo baze benze utshintsho oluyimfuneko kumgaqo-nkqubo, oluya kunceda abantu baseMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba ngokufanelekileyo kunye namashishini amancinci naphakathi kushishino olukhulayo olenziwa nge-intanethi.

  1. Umkhuhlane weentaka
     

6.1. IKhabhinethi iqaphele uqhambuko lwangoku loMkhuhlane obangela izifo (i-HPAI) H5 kunye ne-H7 kushishino lweenkukhu eMzantsi Afrika. INtshona Koloni kunye neKwaZulu-Natal ziye zafumana ukuqhambuka kwe-HPAI H5 ngelixa i-HPAI H7 iye yachazwa kumaphondo iRhawutini, i-Limpopo, iMpumalanga kunye naseMntla Ntshona. Amanyathelo okulawula ukusasazeka koku kuqhambuka akhona kwaye amafama ayakhuthazwa ukuba athathele ingqalelo amanyathelo amiselweyo okhuseleko lwendalo.

6.2. Uqhambuko lubeka imingcipheko yokhuseleko lokutya kwaye amanyathelo orhwebo okungenisa elizweni ukuze kulawulwe ukufumaneka kwamaqanda kunye nenyama yenkukhu anokuphunyezwa. ISebe lezoLimo, uHlengahlengiso loMhlaba noPhuhliso lwasemaPhandleni, uGunyaziwe woLawulo lweeMveliso zezeMpilo eMzantsi Afrika kunye noshishino baphonononga izicelo zokubhaliswa kwamayeza okugonya anokubakho, ezi namanyathelo okuthotyelwa kwezinto ezinxulumene nokhuseleko, ukusebenza kakuhle kunye nomgangatho zezona zinto zibalulekileyo ekubhalisweni kwezitofu zokugonya.

7. Umlo odibeneyo wokulwa ulwaphulo-mthetho

7.1. IKhabhinethi iyamkele ingxelo yakutsha yokulwa ulwaphulo-mthetho, nethe yanikwa isizwe nguMphathiswa wamaPolisa, uNjengele Bheki Cele, kunye neCandelo leSizwe lokuSebenza okuDityanelweyo nobuNtlola.

7.2. Iphulo leendidi ngeendidi malunga nokombiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni kunye nofuduko eMntla Koloni kukhokelele ekubanjweni kwabantu abangama-867, uninzi lwabo lusuka e-Lesotho, e-Zimbabwe, e-Mozambique kunye nabemi abathile boMzantsi Afrika. IKhabhinethi ivakalise uluvo lwee-arhente zogcino-mthetho lokuba abemi boMzantsi Afrika abagcine abaphuli-mthetho ababandakanyeka kwizenzo zokombiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni baya kujongana nengalo yomthetho.

8. Imozulu embi kakhulu

8.1. Iimeko zemozulu ezimbi kakhulu zelizwe zigxininisa ifuthe lokutshintsha kwemozulu kubomi bethu kunye nesidingo sokuthatha amanyathelo azinzileyo okuphelisa ikhabhoni kuqoqosho lwethu ngelixa sizama uphuhliso oluzinzileyo.

8.2. IKhabhinethi iyaziswa ngomonakalo obangelwe zizaqhwithi ezimandla kunye nezikhukula ezise Mpuma Koloni, eNtshona Koloni kunye naseRhawutini, nto leyo ebonisa ukuba oku kunganwenwa nakwamanye amaphondo.

8.3 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuluntu ukuba luhlale luphaphile kwaye lujonge izilumkiso ezingakumbi zemozulu, nezinokuzisa umonakalo ongakumbi kwilizwe liphela.

8.4. Urhulumente usaqhubeka nokuxhasa iinkonzo zongxamiseko kunye namaziko olawulo lweentlekele ukulungiselela imisebenzi yokuhlangula kunye nokubonelela ngenkxaso kuluntu.

9. I-Winnie Mandela Avenue

9.1. IKhabhinethi ikuqaphele ukuthiywa ngokutsha kwe-William Nicol Drive e-Sandton ukuba ibe yi-Winnie Mandela Avenue njengenyathelo elibalulekileyo lokubhala ngokutsha imbali yoMzantsi Afrika ukuze ibonise igalelo labo babesilwela inkululeko yethu.

9.2. Lo mnyhadala ubungqamene nomhla wokuzalwa kuka-Winnie Madikizela-Mandela ngomhla wama-26 kweyoMsintsi 2023.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

  1. ISicwangciso-qhinga esiHlaziyiweyo seNyama yeeNyamakazi eMzantsi Afrika

1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga esiHlaziyiweyo seNyama yeeNyamakazi eMzantsi Afrika, esijonge ukumisela ngokusesikweni kunye nokuguqula ishishini lenyama yenyamakazi.

1.2. Esi sicwangciso-qhinga sijolise ekuqiniseni icandelo lenyama yenyamakazi njengomboneleli wokufumaneka kokutya kunye necandelo lohlumo kuqoqosho elinokunceda ekudaleni imisebenzi.

1.3. UMzantsi Afrika ubekwe kwindawo yokuqala kwilizwekazi i-Afrika ngenxa yemveliso yenyama yenyamakazi. Esi sicwangciso-qhinga sijonge ukuqinisekisa ukudalwa kwemisebenzi engama-202 666 ezinzileyo kushishino lwenyama yenyamakazi ngowama-2030.

1.4. Isicwangciso-qhinga siya kupapashwa kwiwebhusayithi yeSebe lamaHlathi, ezokuLoba nokusiNgqongileyo ku: www.dffe.gov.za.

  1. IsiCwangciso esiPhambili seCandelo lezoKhenketho

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukulungelelaniswa kwesiCwangciso sokuBuyisela iCandelo lezoKhenketho kwisiCwangciso esiPhambili soKhenketho esitsha.

2.2. Inxalenye nebalulekileyo yesiCwangciso esiPhambili kukunciphisa iimpembelelo zobhubhani we-COVID-19 kwicandelo lezokhenketho. Ikwabonelela ngemephu yendlela yokubuyisela ngokupheleleyo ukhenketho elizweni. Nangona iSicwangciso soBuyisela seCandelo lezoKhenketho saphuhliswa ukuququzelela ukuchacha ngcono kweli candelo, ukugcina imisebenzi kunye nokukhusela iindlela zokuphila, esi Sicwangciso siPhambili siya kuwuthatha lo msebenzi siwuse kwelinye inqanaba kwaye siququzelele amathuba amatsha kweli candelo.

2.3. Esi sicwangciso siphakamisa izicwangciso-qhinga zongenelelo ezisixhenxe ukuqinisekisa ukuba icandelo lezokhenketho libuyela kwiintsuku zalo zodumo, kwanokuba libe liziko lokudala imisebenzi kunye noshishino.

2.4. Ishishini lezokhenketho linegalelo elibalulekileyo kuqoqosho kwaye lalixhase imisebenzi engama-725 000 phambi kobhubhani we-COVID-19.

 

C. Imithetho eYilwayo

  1. UMthetho oYilwayo weQumrhu loSasazo laseMzantsi Afrika (i-SABC) wama-2023

1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo we-SABC wama-2023.

1.2. Wakuba upasisiwe ube ngumthetho, lo Mthetho uYilwayo uya kukhokelela ekurhoxisweni koMthetho woSasazo okhoyo ngoku, we-1999 (uMthetho wesi-4 we-1999). Ezi zihlomelo ziza kuqinisa ukusebenza kakuhle kosasazo loluntu.

1.3. Lo Mthetho uYilwayo ukwaphakamisa iinguqu kwindlela yenkxaso-mali ye-SABC kunye nenkqubo yokukhutshwa kweelayisenisi zikamabonakude.

  1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zaManzi

2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zaManzi ukuze uluntu luhlomle.

2.2. Iinjongo eziphambili zalo Mthetho uYilwayo kukuqinisa ukuphendula kwababoneleli ngeenkonzo zamanzi kunye nokwazisa ukungafihlwa kwezinto.

2.3. Izihlomelo kuMthetho weeNkonzo zaManzi, wowe-1997 (uMthetho we-108 wowe-1997) ziza kuqinisekisa ukuba ababoneleli ngeenkonzo zamanzi bahambisa amanzi akumgangatho ophezulu njengenxalenye yemiqathango yabo yokufumana iimpepha-mvume.

2.4Ezi zihlomelo ziza kujongana nobuthathaka obuthe bachongwa kwicandelo leenkonzo zamanzi.

2.5. Lo Mthetho uYilwayo ubeka imigangatho emincinane yokusebenza kwababoneleli ngeenkonzo zamanzi, nekufuneka inyanzeliswe ngabasemagunyeni beeNkonzo zaManzi.

  1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo waManzi weSizwe

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo waManzi weSizwe ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho waManzi weSizwe, we-1998 (uMthetho wama-36 we-1998).

3.2. Ezi zihlomelo ziza kuphucula imimiselo kwaye ziza kuqinisekisa ukuba imithombo yamanzi yelizwe ilawulwa kakuhle, iyakhuselwa kwaye iyongiwa.

3.3. Lo Mthetho uYilwayo wenza izindululo zokuphelisa ukungalingani kwangaphambili ngokunxulumene nokwabiwa kwamanzi, kwaye ubonelela ngeendlela ezisebenzayo nezikhawulezayo zokusombulula iingxabano zangaphakathi.

D. Izikhundla

Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekungqinisisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuseleko.

  1. UMnu Kuberndran Moodley njengoMphathi Jikelele: Ukwenziwa kweMveliso nobuNjineli kwi-Government Printing Works.
  2. UMnu Sihle Ngubane njengoMphathi Jikelele: uLawulo lweMisebenzi kwi-Government Printing Works.
  3. UNksz Mmolaeng Mooki njengoMphathi Jikelele: IiNkonzo zeShishini kwi- Government Printing Works.

 

  1. Ukuqeshwa kwabalawuli abangekho kwisigqeba seBhodi ye-South African Special Risk Insurance Association.

4.1. UNksz Deshnie Subbiah; kunye

4.2. noMnu Jannie Venter.

  1. Ukuqeshwa kwabalawuli abangekho kwisigqeba seBhodi ye-Development Bank of Southern Africa.

5.1. UMnu Bongani Nqwabana (uqeshiwe kwakhona);

5.2. UMnu Petrus Matji (uqeshiwe kwakhona);

5.3. UNksz Pinkie Nqeto (uqeshiwe kwakhona);

5.4. UMnu Jonathan Muthige;

5.5. UNksz Chantal Naidoo;

5.6. UNksz Disebo Moephuli;

5.7. UMnu Barry Hore;

5.8. UMnu Joel Netshitenzhe;

 5.9.UNjingalwazi Edgar Pieterse; kunye

5.10. noNksz Zodwa Mbele.

E. Imisitho ezayo

  1. INyanga yezoThutho

1.1. INyanga yezoThutho yalo nyaka iza kukhunjulwa phantsi komxholo othi: “Siyakha - Sakha iziseko ezingundoqo ezingcono ukukhulisa uMzantsi Afrika”.

1.2. INyanga yezoThutho yowama-2023 iza kugxila kutyalo-mali olukhulu kwiziseko ezingundoqo zezothutho, kwaye ihlaba ikhwelo lokuba kukhuselwe iziseko ezingundoqo zezothutho kubusela kunye nasekonakalisweni.

  1. Usuku looTitshala lweHlabathi

2.1. UMzantsi Afrika uza kujoyina ihlabathi liphela ekubhiyozeleni uSuku looTitshala lweHlabathi ngoLwesine, umhla wesi-5 kweyeDwarha 2023, phantsi komxholo othi: “Ootitshala esibadingayo kwimfundo esiyifunayo: Kunyanzelekile kwihlabathi jikelele ukunciphisa ukunqongophala kootitshala”. Olu suku lujolise ekukhuliseni ulwazi, ukuqonda kunye nokuxabisa igalelo elibaluleke kakhulu elenziwa ngootitshala kwimfundo nakuphuhliso kwihlabathi jikelele.

2.2. Olu suku lubhengezwe ngokubambisene noMbutho weHlabathi wezaBasebenzi kunye noMbutho weZizwe eziManyeneyo wezeMfundo, ezeNzululwazi kunye neNkcubeko ukubhiyozela umsebenzi obalulekileyo owenziwa ngootitshala bethu.

F. Imiyalezo

  1. Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi idlulise amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle kwaba:

  • UNjengele Bheki Cele, uMphathiswa wamaPolisa, ofumene iMbasa ye-Great Wall Commemorative evela e-People’s Republic of China ngegalelo leNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika kwintsebenziswano ebanzi yokuthotyelwa komthetho phakathi kwala mazwe mabini.
  • UNks Angie Motshekga, uMphathiswa weMfundo esiSiseko, ekukhethweni kwakhe nguNobhala-Jikelele we-UN, uMnu Antonio Guterres, ukuba asebenze kwi-Global High-Level Panel ukumcebisa ngendlela amazwe angaziguqula ngayo iinkqubo zawo zemfundo. Ukukhethwa kukaMphathiswa u-Motshekga kwiphaneli yomgangatho ophezulu kubonisa inqanaba lobuchule bakhe kwinkalo yezemfundo kwaye kubonakalisa ukuthemba indlela eqhuba ngayo imfundo yaseMzantsi Afrika.
     

Le phaneli ibandakanya abameli abavela kuMbutho weHlabathi wezaBasebenzi, uMbutho waMazwe aManyaneyo ezeMfundo, ezeNzululwazi kunye nezeNkcubeko, i-Teacher Task Force, uManyano looTishala kwiHlabathi jikelele (i-Global Teachers Union) kunye nabaPhathiswa abathathu bezemfundo. Eli gqiza belichotshelwe ngooMongameli ababini bangaphambili.

  • Izitudiyo zemiboniso bhanyabhanya zaseKapa, ​​abadlali beqonga bengingqi kunye nabadlali bemidlalo yeqonga, ngomsebenzi wabo kuthotho lwe-Netflix, i-One Piece, ethe yankqenkqeza kwindawo yokuqala kwihlabathi jikelele kwiqonga le-intanethi.
  • I-Van Ryn's Distillery, ngokuwongwa ngeyona ndebe ye-Brandy eBalaseleyo kwiHlabathi liphela ngebranti yayo ye-potstill eneminyaka eli-12 kukhuphiswano lwe-2023 International Spirits Challenge e-London.
     
  1. Uvelwano

IKhabhinethi igqithise amazwi ovelwano kusapho nabahlobo:

  • bakaMnu Aziz Goolam Hoosein Pahad (82), owayesakuba litshantliziyo elichasene nocalucalulo nowayenguSekela Mphathiswa weSebe leMicimbi yezaNgaphandle kurhulumente wokuqala waseMzantsi Afrika wentando yesininzi ukususela kowe-1994 ukuya kowama-2008.
  • baka-Lieutenant Commander Gillian Elizabeth Hector, u-Master Warrant Officer William Masela Mathipa, kunye no-Warrant Officer Class One Mmokwapa Lucas Mojela, abasweleke besemsebenzini ngelixa bekhwele inkwili, i-SAS Manthatisi, kude neKommetjie eNtshona Koloni.
  • babasebenzi-mgodini abangama-22 boMgodi weDayimane wase-Venetia eLimpopo, abasweleke kwingozi yendlela eMusina (kwiSithili sase-Vhembe).
  • bakaNksz Zoleka Mandela (43), umbhali kunye netshantliziyo, kwaye nongumzukulwana wamaqhawe awayechasene nocalucalulo u-Nelson Mandela kunye no-Winnie Madikizela-Mandela.
  • babantu abalishumi elinanye abathe baphulukana nobomi babo kwiimeko ezimbi kakhulu zemozulu ezithwaxe iindawo ezininzi zelizwe lethu kule veki iphelayo.

 

Imibuzo:
Nksz Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Umnxeba: 083 653 7485

Ikhutshwe: liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)

Umhla: Lwesine, 28 kweyoMsintsi 2023

www.gcis.gov.za; www.gov.za

 

Share this page

Similar categories to explore