INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla we-26 kuCanzibe 2021 

A.    Imiba kokusiNgqongileyo 
1.    Ukukhutshwa kwechiza lokugonyela iNtsholongwane yeSifo se-Corona (i-COVID-19) 


1.1.    IKhabhinethi ivuyiswa kukuba isiGaba sesiBini senkqubo yoMzantsi Afrika yokukhutshwa kwechiza lokugonya siqalise kakuhle nakukuba amawaka abantu abafanelekileyo sele begonyiwe.   
1.2.    Zonke iindawo zokugonya kwilizwe liphela zikulungele ukunceda abo sele benikwe isithuba sokugonywa. IKhabhinethi ikhumbuza bonke abantu abandwendwela iindawo zokugonya ukuba balandele imithetho yezempilo eqatha yokunxiba isigqubutheli-buso, ukusebenzisa isibulali-ntsholongwane nokuchasela kwabanye abantu ukuzikhusela bona kunye nabanye abantu. Ezi ndawo zifumaneka ku: https://sacoronavirus.co.za/2021/05/12/active-vaccination-sites/. 
1.3.    Njengokuba sichwechwela kufutshane nokufumanela indalo iphela impilo, iKhabhinethi iyakhuthazwa kukuba abantu abangaphaya kwezigidi ezibini sele bebhalisile kwiNkqubo ye-Intanethi yeeNkcukacha zokuGonya (i-EVDS) ye-COVID-19 ku: https://vaccine.enroll.health.gov.za. 
1.4.    Ukuqinisekisa ukuba akakho umntu oshiyekela ngasemva, kukho inani lamaqonga abangabhalisa kuwo abantu. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu abaneminyaka engama-60 nangaphezulu ukuba babhalise kwi-EVDS. Amalungu eentsapho nabahlobo babantu abaneminyaka engama-60 nangaphezulu bayakhuthazwa ukuba babakhuthaze nokuba babancedise ukuba babhalise. 
1.5.    Abantu bangabhalisa ngo-WhatsApp ngokuthumela igama elithi ‘REGISTER’ ku-0600 123 456 okanye nge-SMS ngokudayala u *134*832*inombolo yesazisi bese ufaka u-#. Le nkonzo isimahla kuzo zonke iinethiwekhi zeselula zoMzantsi Afrika. Abantu bangabhalisa nangokutsalela inombolo yasimahla esebenza imini nobusuku: 0800 029 999. 
1.6.    IKhabhinethi iphinde yakhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika ngetyeli lesithathu elisondeleyo yathetha kwakhona ngokubaluleka kokuthintela ukosuleleka yi-COVID-19 ngokulandela zonke iindlela ezingezizo ezonyango eziquka ukunxiba isigqubutheli-buso xa usesidlangalaleni, ukugcina umgama wobuncinane obuyimitha enesiqingatha kwabanye abantu, nokuhlamba izandla rhoqo ngesepha namanzi okanye ukusebenzisa isibulali-ntsholongwane esine-alkhoholi engama-70%.  
 
2.    UVuselelo lweNgqesho lukaMongameli


2.1.    IKhabhinethi iyamkele ingxelo emalunga nokuhambela phambili kokuphunyezwa koVuselelo lweNgqesho lukaMomgameli, enjongo yalo ikukudala imisebenzi emitsha ukunika inkxaso yeendlela zokuziphilisa nokukhusela imisebenzi esele ikhona kumacandelo asesichengeni. 
2.2    Le ngxelo ibonisa ukuba ngethuba kuphela eyoKwindla ku-2021, bangama-532 180 abantu ebebesele bezuze ngqo kolu vuselelo kwaze kwadalwa okanye kwagcinwa imisebenzi engama-422 786, kwaxhaswa iindlela zokuziphilisa zabantu abangama- 109 394. 
2.3.      Kusenziwa amanye amathuba emisebenzi angama-161 972 njengenxalenye yesiGaba soku-1 sovuselelo lwengqesho, nto leyo eyenza inani elipheleleyo lamathuba axhaswayo libe ngama-694 152. 

3.    INgqungquthela yase-Paris engokuTyala iMali kuQoqosho lwamazwe ase-Afrika 

3.1.    IKhabhinethi ixhase ikhwelo elihlatywe ziinkokheli zeNgqungquthela engokuTyala iMali kuQoqosho lwamazwe ase-Afrika ebibanjelwe e-Paris, kwilizwe laseFransi ngoLwesibini, umhla we-18 kuCanzibe 2021, ethi amazwe ase-Afrika kumelwe ukuba abe namalungelo akhethekileyo okutsala ubuncinane bebhiliyoni ezili-100 zeedola zaseMelika (be-US$100) kwiimali ezigcinwe kwi Ngxowa-mali yeZizwe ngezizwe.
3.2.    Olu lwabiwo luza konyusa amathuba okuchacha okomeleleyo nokungenasiphelo koqoqosho kumazwe ase-Afrika atsala nzima ngenxa yobhubhane we-COVID-19 ze enze inkqubo yezezimali yehlabathi ikwazi ukumelana nokuhlawula amatyala.
3.3.    Le ngqungquthela ingqine uluvo oluxhaphakileyo lokuba ukukwazi ukufumana amachiza okugonya kufuneka kwandiselwe kuwo onke amazwe, ingakumbi i-Afrika nawo onke amazwe asakhulayo, ngenxa yezibophelelo zokuba amachiza okugonya kufuneka athatyathwe njengesenzo sokunceda ihlabathi.
3.4.    Ikwathabathele ingqalelo indima yokuthintela ngokubanzi kwi-COVID-19 njengesenzo sokunceda ihlabathi. Iphinde yazibophelela ekuqinisekiseni nasekukhawuleziseni ukulingana ekufumanekeni kwamachiza, unyango kunye noxilongo olukhuselekileyo nolufikelelekayo ngokwezezimali e-Afrika isebenzisa isiKhawulezisi soMbutho weHlabathi wezeMpilo sokuFumana iziXhobo ze-COVID-19 (esaziwa ngokuba yi-ACT-A) kunye neziko layo le-COVID-19 lokuFumana amaChiza okuGonya eHlabathi (elaziwa ngokuba yi-COVAX).  
3.5.    IKhabhinethi iphinde yahlaba ikhwelo likaMongameli Ramaphosa lokuba inkxaso yokuyekwa okwethutyana kweMimiselo yoMbutho woRhwebo lweHlabathi emalunga noKhenketho ixhaswe ngumntu wonke. Ungenelelo olunje ngolu luza kuqinisekisa ukwanda kokuveliswa kwamachiza okugonya kunye nobunye ubugcisa bezempilo njengenxalenye yempendulo efanelekileyo. 

4.    Ukunikezelwa kweetayitile ase-Tafelkop 

4.1. IKhabhinethi ikwamkele ukunikezelwa komhlaba oziihektare ezili-189 kunye neetayitile ezingama-30 kubalimi abamnyama base-Tafelkop kwisithili sase-Groblersdal eLimpopo. 
4.2. Lo ngumphumela wenkqubo yohlaziyo lwezemihlaba kunye nenxalenye yomsebenzi oqhubekayo weKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) emalunga noHlaziyo lwezemiHlaba.
4.3.     Aba balimi baneminyaka engama-25 belima iindidi ezahlukeneyo zeemveliso zomhlaba kulo mhlaba kwaye bathengisela iivenkile, iinkqubo zokutyiswa kwabantwana ezikolweni kunye neemarike zeziqhamo nemifuno ezisePitoli naseGoli. 

5.    Iivoti zohlahlo lwabiwo-mali 

5.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqalisa kweevoti zohlahlo lwabiwo-mali, ezinika amasebe ithuba lokuba anike inkcaza ezeleyo malunga nezicwangciso zawo kunye nezinto ezihamba phambili kuwo kuloo nyaka. IPalamente, emele abantu, ibamba iingxoxo ezishushu ngeevoti zohlahlo lwabiwo-mali ze iqinisekise ukuba iimali zoluntu zisetyenziswa ngendlela eyenza ukuba kuzuze uluntu.
5.2.    Iivoti zohlahlo lwabiwo-mali zongeza phezu kwezinto ezibalulekileyo ezichazwe ngoHloniphekileyo uMongameli Cyril Ramaphosa kwiNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) ngeyoMdumba 2021. Zikwasekelwe phezu kwesiCwangciso soPhuhliso lweSizwe: uMbono 2030 kunye nesiCwangciso-sikhokelo sesiGaba esiPhakathi se-2019-2024.  
5.3.    Kulo nyaka urhulumente ugxila ekukhuliseni uqoqosho lwethu, ekonyuseni ukukhula koqoqosho nasekudaleni imisebenzi edingeka ngokwenene. Ngokukodwa, siza kube sigxile kwiindawo ezine ezibalulekileyo ezaqaqanjiswa kwi-SoNA: (a) Ukoyisa ubhubhane we-COVID-19; (b) Ukukhawulezisa ukuchacha koqoqoqsho; (c) Ukumisela uhlaziyo loqoqosho ukuze sidale imisebenzi ezinzileyo siqhube ukukhula okubandakanya wonke umntu; (d) Ukulwa urhwaphilizo nokomeleza uRhulumente.

6.    Ukulwa ulwaphulo-mthetho 

6.1.      IKhabhinethi izibandakanya neKomishoni yokuLingana ngokoBuni ekwamkeleni isigwebo sobomi obuthandathu esiwiselwe uMnu Nowa Makula (32) ngokubulala isinqanda-mathe sakhe, uNks Nomzamo Mhlathi, nabantwana abahlanu. Oku kuthumela umyalezo ongqongqo wokuba bonke abenzi bolwaphulo-mthetho olucekisekayo ngolu hlobo baza kujongana nengalo yomthetho ngokupheleleyo.
6.2.     IKhabhinethi ikugxekile ukubulawa kwakutsha nje okungenasizathu kwaseKhayelitsha eNtshona Koloni nase-Zandspruit eRhawutini okuye kwathabatha ubomi babantu abangama-21. IKhabhinethi iwancomile amapolisa ngokuphendula ngokukhawuleza ngokuthi abambe abarhanelwa yaza yacela uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ukwenza izitalato zethu zikhuseleke kumntu wonke.  
6.3.      IKhabhinethi iyamkele intsebenziswano phakathi kwee-arhente zonyanzeliso-mthetho zakweli nezamanye amazwe eye yakhokelela ekuthinjweni kweziyobisi e-Afrika nakuMbindi-Mpuma. Le misebenzi, ebikhokelwe yi-Interpol, ibandakanye amazwe angama-41 yaza yakhokelela ekuthinjweni kweziyobisi ezixabisa phantse ikhulu lezigidi zeeyuro. Njengenxalenye yalo msebenzi ubeyimpumelelao, amapolisa aseMzantsi Afrika athimbe iziyobisi ezixabisa malunga nezigidi ezingama-32 zeeyuro kwinqanawa yokuloba aza abamba abantu abali-10. 

7.    Ubalo lwabantu lokulinga

7.1.     EzeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stats SA) ziza kuqhuba ubalo lwabantu lokulinga kwiindawo ezikhethiweyo njengendlela yokuzilolongela ubalo lwabantu olukhulu ukuvavanya iinkqubo zazo.
7.2.     Ukubhalisela ubalo lwabantu lokulinga kuvuliwe ukususela ngomhla we-17 kuCanzibe ukuya kowe-30 kweyeSilimela 2021. Imizi namaziko akhetha ukugcwalisa uluhlu lwemibuzo yobalo lwabantu lokulinga ngomnxeba aza kutsalelwa umnxeba ngamagosa eziko leminxeba ye-Stats SA. 
7.3.     IKhabhinethi ikhuthaza imizi namaziko ukuba abhalise ukuqinisekisa ukuba bayabalwa. Abemi beli bayakhuthazwa ukuba bandwendwele u-getcounted.statssa.gov.za ukubhalisa kwi-intanethi. Umhla wokubalwa kwabantu okukhulu uza kukwaziswa ekuhambeni kwexesha.

8.    Uncedo lokuzondelela amalungelo oluntu eZimbabwe 

8.1.    IKhabhinethi ivume uncedo lokuzondelela amalungelo oluntu kubantu baseZimbabwe. Oku bekuyimpendulo kwisicelo esenziwe kweyoKwindla 2019 ngurhulumente waseZimbabwe emva kweNkanyamba i-Idai eyaye yadala izikhukhula ezimandla ezaye zatshabalalisa amaseko zabulala nabantu.
8.2.    UMzantsi Afrika, usebenzisa iNgxowa-mali yokuvuselelwa kobu-Afrika neNtsebenziswano yamaZwe ngamaZwe, yazibophelela ekuncedeni ngezigidi ezingama-50 zeerandi eyinkxaso yokuzondelela amalungelo oluntu eZimbabwe. Kodwa, ukuqhambuka kobhubhane we-COVID-19 kwihlabathi kuye kwakulibazisa ukumiselwa kwale projekthi.  
8.3.    Umthwalo wokuqala weengxowa ezingama-450 000 zee-12,5 kg zomilimili ezizakusiwa kwiintsapho ezidinga uncedo lokutya zihanjisiwe ngoSuku lwe-Afrika ngolwesiBini, umhla we-25 kuCanzibe 2021. 

B.    IZigqibo zeKhabhinethi 
1.    INkqubo yeNyanga yoLutsha 


1.1.    IKhabhinethi iphumeze iNkqubo yeNyanga yoLutsha ka-2021 phantsi komxholo othi: UNyaka ka-Charlotte Maxeke: Sikhulisa ingqesho yolutsha ukuze sibe noluntu olubandakanya wonke umntu nolunenguqu. USuku loLutsha ngomhla we-16 kweyeSilimela 2021 luza kukhunjulwa kwisiThili sase-Harry Gwala KwaZulu-Natal. Lo msitho uza kuquka ukusungulwa kweNkonzo yobuMongameli yoLutsha nokukhutshwa kweQhinga eliyiNdibanisela loPhuhliso LoLutsha (2021-2023), ezinika ubume bokukhula nokuphuhla kolutsha eMzantsi Afrika. 
1.2.    Izinto ezicetywayo ezizakuthabatha inyanga yonke kweyeSilimela ukukhumbula iNyanga yoLutsha ziza kwenzeka kulandelwa imimiselo yemithetho ye-COVID-19.

2.    Inkqubela-phambili kungenelelo lukarhulumente wesizwe kuMntla Ntshona 

2.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nenkqubela-phambili esele yenziwe malunga neengenelelo zikarhulumente wesizwe kuRhulumente wePhondo lakuMntla Ntshona phantsi kweCandelo 100(1) loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika ka-1996. IKhabhinethi iye yavuyiswa yinkqubela-phambili enkulu ekuzinziseni amasebe ephondo ebephantsi kolawulo.  
2.2.    Le ngxelo iza kupapashwa kwiKomiti yeThutyana yeBhunga lamaPhondo leSizwe ukuze iqhutyelwe phambili. Le komiti iza kuxoxa ngale ngxelo kwintlanganiso yayo ehlelelwe umhla we-24 kweyeSilimela 2021.  

3.    Ingenelelo kuMasipala weNgingqi wase-Emfuleni 

3.1.    IKhabhinethi ivume ingenelelo karhulumente wesizwe ukusombulula imiceli-mingeni yamanzi nelindle ebezijongene noluntu oluphantsi koMasipala weNgingqi yase-Emfuleni kwiSithili saseSedibeng eRhawutini. Olu ngenelelo luphantsi kweCandelo 63(2) loMthetho weeNkonzo zamanzi, ka-1997 (uMthetho 108 ka-1997). 
3.2.    Imeko emaxongo yolongamelo nolawulo lwezezimali kuMasipala weNgingqi yase-Emfuleni zikhokelele ekubeni lube luncinci uhoyo kumaseko amanzi nelindle. Oku kukhokelela ekubeni kusoloko kuchithakala ilindle kwiindawo ezingqonge lo mmandla nakuMfula i-Vaal, nto leyo ebeka umgcipheko omkhulu wezempilo kumakhaya angaphaya kwama-120 000 ahlala ngakule ndawo. 
3.3.    ISebe lezamanzi neLindle liyalelwe ukuba longamele olu ngenelelo ze linike ingxelo kwiKhabhinethi rhoqo ngonyaka. IKhabhinethi iphinde yaphumeza ukusekwa kwe-IMC eza kujongana nomceli-mngeni omkhulu wamanzi ojongene noomasipala abaliqela. Indlela ekuza kugangathwa kuyo namalungu ale IMC ziza kwaziswa ekuhambeni kwexesha.

C.    IMisitho Ezayo 
1.    UTyelelo lukaRhulumente waseFransi 


1.1.    NgoLwesihlanu, umhla we-28 kuCanzibe 2021, uMongameli Ramaphosa uza kusingatha oHloniphekileyo uMongameli Emmanuel Macron weRiphabhlikhi yaseFransi kuTyelelo lukaRhulumente waseFransi kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli. 
1.2.    Utyelelo lukaMongameli Macron lokuqala eMzantsi Afrika ngokumenywa nguMongameli Ramaphosa lujolise ekomelezeni intsebenziswano yobuqhinga phakathi kwala mazwe mabini, exhaswa zizivumelwano eziliqela phakathi kwalamazwe mabini kwiindawo ezininzi zentsebenziswano.
1.3.    Olu tyelelo luza kugxila kwimiba emalunga nempendulo yehlabathi kwi-COVID-19 kunye neempendulo zezoqoqosho, ezempilo, uphando kunye neemveliso kulo bhubhane ukhoyo ngoku nasemveni kwawo.
1.4.    Ezi nkokheli ziza kuphinda zixoxe malunga nokwandiswa kwamathuba orhwebo notyalo-mali aza kuba nenzuzo kuwo omabini la mazwe. UMzantsi Afrika ngoyena mlingane mkhulu worhwebo weFransi e-Afrika, ukanti iFransi ngumlingani wesibini omkhulu worhwebo noMzantsi Afrika kwingingqi yorhwebo yeManyano yamazwe aseYurophu.

2.    UTyelelo lweNkulumbuso yase-Sudan 

2.1. INkulumbuso yeRiphablikhi yase-Sudan, uGqr Abdalla Hamdok, ngokumenywa nguMongameli Ramaphosa, uza kuthabatha uTyelelo lokuSebenza eMzantsi Afrika, ngomhla we-17 kweyeSilimela 2021. 
2.2. Kolu tyelelo, ezi nkokheli zimbini kulindeleke ukuba zixoxe malunga nezimilo zokuphucula ubudlelwane bala mazwe mabini ze babelane ngezimvo malunga nemiba ejongene neli lizwekazi. 

3.    IQela likaMongameli lokuFunda le-Intanethi 

3.1. IKhabhinethi imeme abemi boMzantsi Afrika ukuba babe yinxalenye yeseshoni yesithandathu yeQela likaMongameli lokuFunda le-Intanethi ngoLwesine, umhla we-27 kuCanzibe 2021 ukususela ngo-16:30 ukuya kutsho ngo-18:30. Lo msitho uza kwenzeka ku-Zoom kwaye abathabathi-nxaxheba abanomdla bangabhalisa ku-www.nrc.org.za. Le seshoni iza kuxoxa ngencwadi ka-Frantz Fanon emalunga nokunika isithanga umazilawule ethi, The Wretched of the Earth. 
3.2. IKhabhinethi ikhuthaze abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase isiko lokufunda kuba lisisakhono esisisiseko ekuthi konke okunye ukufunda kwakhiwe phezu kwako kwaye kudala amathuba okufumana amathuba emisebenzi.   

D    IMiyalezo 
1.    UVuyiswano


IKhabhinethi igqithise amazwi ovuyiswano ku: 

  • Njng. Pitika Ntuli, umkroli, imbongi nombali woMzantsi Afrika ophumelele imbasa ye-“You-2”, enye yeembasa ze-People’s Choice zobuGcisa zeHlabathi zesixhenxe e-Paris, eFransi. I-Melrose Gallery yaseGoli isingethe umboniso kaNjng Ntuli we-intanethi wemikrolo yamathambo, i-Azibuye Emasisweni (Return to the Source). 
  • UBhishophu Naledzani Sikhwari, emveni kokuba onyulwe njengeBhishophu yokuqala yasetyhini ye-Northern Diocese Evangelical Lutheran Church kuMazantsi e-Afrika emveni kwamashumi amathandathu eminyaka ooBhishophu abangamadoda. Ukuchongwa kukaBhishophu Sikhwari ukuba akhokele icawa eneminyaka engama-503 luphawu lokulingana ngokubuni notshintsho kuluntu.  
  • Nks Nolitha Fakude, emveni kokuba echongwe njengoMongameli wokuqala wasetyhini weBhunga leZimbiwa loMzantsi Afrika kwiminyaka eli-131. IKhabhinethi inqwenelela uNks Fakude, okwanguSihlalo we-Anglo American South Africa, konke okuhle kwinjongo yakhe yokuqinisekisa ukuba izimbiwa ziba negalelo elihle ekubeni yinguqu yokukhula koqoqosho kwilizwe lethu.  

2.    Amazwi ovelwano 
IKhabhinethi igqithise amazwi ovelwano kusapho nabahlobo baka: 

  • Mnu Emmanuel Mojalefa ‘Mjokes’ Matsane, othe wasweleka kwingozi yemoto ngeCawa, umhla we-23 kuCanzibe 2021, xa ebesuka kuyocula eSoweto. Njengelungu leqela le-Kwaito elidumileyo nekudala labakho, i-Trompies, ebeyinxalenye yabantu abaqala uhlobo lomculo olwahlukile eMzantsi Afrika. 
  • Njng Stanislaus (Stan) Skumbuzo Mzilankatha Sangweni (87), othe wasweleka ngoLwesibini, umhla we-18 kuCanzibe 2021. Unikele ubomi bakhe kumzabalazo wenkululeko waza wachitha iminyaka engama-30 elubhacweni ehlala kumazwe ohlukeneyo. Uye waphinda wasebenza njengoMbhexeshi obambeleyo weKomishoni yoQoqosho yeZizwe eziManyeneyo e-Afrika akube ebuyele eMzantsi Afrika, waye wachongwa njengoSihlalo weKomishoni yeNkonzo yoLuntu.
  • Urhulumente kunye nabantu beRiphablikhi yeDemokhrasi yase-Congo emva kogqabhuko-dubulo lwe-Mount Nyiragongo ngoMgqibelo, umhla we-22 kuCanzibe 2021. Kukholeleka ukuba kusweleke malunga nabantu abali-15 kwaye amawaka abantu alahlekelwe ngamakhaya ngenxa yolu gqabhuko-dubulo lwentaba-mlilo.  
  • Nozakuzaku Ismael Coovadia, owayesayakuba ngunozakuzaku wakwaSirayeli, osweleke ngoMvulo, umhla we-24 kuCanzibe 2021. Ube negalelo elikhulu kumzabalazo wenkululeko eMzantsi Afrika. 

E    Ukuqeshwa 

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.    Nks Elizabeth Rhulani Ngwenya njengoSekela Mlawuli-Jikelele (DDG): KuLawulo lweQumrhu kwiSebe lezoKhenketho. 
2.    Nks Irene Nomalungelo Mpolweni njengo-DG kwiSebe lezamaGqala eMfazwe. 

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore