INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kwi-Intanethi ngoLwesithathu, umhla we-3 kweyeNkanga 2021

A. Imiba enguNdabamlonyeni

1. UNyulo looRhulumente beNgingqi luka-2021 (i-LGE)

1.1. IKhabhinethi ibulele bonke abavoti abafanelekileyo abathe bavota kwi-LGE ka-2021 ngoMvulo, umhla we-1 kweyeNkanga 2021. Olu nyulo belusisikhumbuzo seminyaka engama-21 sokusekwa kwenkqubo yentando yesininzi yoorhulumente bengingqi eMzantsi Afrika.

1.2. Sikuqhwabela izandla ukunyamezela, isidima nomonde abaye baziphatha ngawo abavoti ngoSuku loNyulo. Indlela engenamakhwiniba aye aziphatha ngayo amaqela ezopolitiko abekhuphisana kwi-LGE nokuvela kwabagqatswa abasebatsha, ingakumbi abangamabhinqa, bubungqina bokudlamka nokusebenza kakuhle kwentando yesininzi yethu.

1.3. IKhabhinethi iyincomile iKomishoni yoNyulo yoMzantsi Afrika, onke amaqela ezopolitiko, abantu basekuhlaleni kunye nee-arhente zonyanzeliso-mthetho kweli lizwe ngeenzame zabo ezidibeneyo zokuqinisekisa unyulo olunoxolo. IKhabhinethi ikwancome oonondaba ngendima yabo ebalulekileyo yokunika abavoti ulwazi olufanelekileyo ukubanceda ukuba basebenzise ilungelo labo lentando yesininzi lokukhetha iinkokheli zoorhulumente beengingqi abazithandayo.

1.4. IKhabhinethi ikhumbuze bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bomeleze intando yesininzi yethu ngokuthabatha inxaxheba kumaqonga namaziko aqinisekisa ukuba abo bonyuliweyo benza konke abakuthembisileyo. Icele amagosa asandula ukonyulwa ukuba agcine izithembiso zawo zonyulo, nokuba asebenzele abantu ngokulinganayo nangokufanelekileyo.

2. Umdlandla wokuthathwa kwamachiza okugonya

2.1. IKhabhinethi ibaqhwabele izandla abemi boMzantsi Afrika abakhethe ukuzikhusela bona nabo babathandayo ngokuthi bagonyele ubhubhane weSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19). Ilizwe lethu sele likhuphe ngaphaya kwezigidi ezingama-22 zamathamo echiza lokugonya.

2.2. Abantu abathathu kubantu abahlanu abaneminyaka engaphaya kwama-50 kwilizwe lethu ngoku bagonyile. Sidinga ukuba uthi uphela lo nyaka babe abahlanu kubantu abahlanu beli qela begonyile ukuze sibulale amandla etyeli lesine elilindelweyo.

2.3. Impela-veki yokugonya i-Vooma Vaccination Weekend ezayo ngomhla we-12 ukuya kowe-14 kweyeNkanga 2021 lithuba lokuba abantu abangagonyanga bazibandakanye nomlo welizwe lethu onxamnye ne-COVID-19 ngokuthi bagonye simahla kulo naliphi na iziko lokugonya kwilizwe liphela.

2.4. IKhabhinethi ikhumbuze abantu ukuba baqinisekise ukuba bafumana ithamo lesibini lechiza lokugonya lakwa-Pfizer ukuze bakhuseleke ngokupheleleyo. Amachiza okugonya anceda ukukhusela ekuguleni okuqatha, ukulaliswa esibhedlele okanye ukufa ngenxa ye-COVID-19.

3. Amandla ombane

3.1. IKhabhinethi iyakuqonda ukuphazamiseka nenkxamleko yokumane kucinywa kombane okwenzeka eMzantsi Afrika kutsha nje. ISebe lamaShishini oLuntu lisebenzisana ngokusondelelene kakhulu neBhodi ka-Eskom nabalawuli bakhe ukuqinisekisa ukuba sicutha ubungakanani bokucinywa kombane ngosuku nobungakanani bexesha ekuza kufuneka iqhubeke ngalo le ngenelelo.

3.2. INgxowa-mali yeSizwe isebenza no-Eskom ukunika ukhululo olufanelekileyo lokufumana iiphathi ezisecaleni azidingayo ukulungisa nokugcina yonke into isebenza ngendlela. U-Eskom ukwenza inkqubela-phambili ekuqesheni kwakhona abasebenzi abanezakhono – kuquka nabalawuli bomizi-mveliso – ukunceda ukuba eli ziko lombane libe nekqubela kwizitishi zombane ezinganye nakuzo zonke iinkqubo zolu shishino.

3.3. Kweli xesha liphakathi, urhulumente umisela iingenelelo eziliqela ukusombulula imiceli-mingeni yamandla ombane kwaye senza konke okusemandleni ukuzisa iindlela ezintsha zokuvelisa umbane ngexesha elifutshane kangangoko.

3.4. Ezi ngenelelo ziquka:

  • ukonyusa umlinganiselo weenkampani wokuzivelisela umbane ngaphandle kwephepha-mvume ukuya kutsho kwiimegawathi (i-MW) ezili-100;
  • isibhengeso sababizi-xabiso abali-11 abaphumeleleyo kwiNkqubo yokuNciphisa uMngcipheko wabaVelisi boMbane abaziMeleyo i-Risk Mitigation Independent Power Producer Procurement Programme; kunye
  • ne-Bid Window Five yenkqubo yamandla ombane ahlaziyekayo yokuthenga amandla okuvelisa i-2 600 MW entsha kwiiprojekthi ezivelisa umbane ngomoya nelanga.

3.5. Nangona iKhabhinethi iyiqonda into yokuba imiceli-mingeni yamandla ombane iyatshitshizisa kwaye ayincedisi ekukhuliseni uqoqosho, iqinisekile ukuba amanyathelo athatyathwa ngurhulumente ukuhlengahlengisa nokomeleza inkqubo yethu yombane aza kuphucula amandla ombane eli lizwe ekuhambeni kwexesha.

4. Utyalo-mali

4.1. UMzantsi Afrika uqhubeka nokuba lilizwe elikhethwayo lokutyala imali, unomtsalane kumanye amashishini ahamba phambili ehlabathini ukwandisa imisebenzi yawo kweli lizwe.

4.2. U-Toyota South Africa usungule umzi-mveliso wakhe oxabisa i-R2.6 yebhiliyoni eThekwini KwaZulu-Natal. Lo mzi-mveliso uza kuvelisa isizukulwana sokuqala soMzantsi Afrika seenqwelo ezingumxube eziza kuthengiselwa uluntu eziza kusebenza ngokubini ipetroli nombane. Le yinxalenye yesicwangciso sokuzibophelela kweshishini leenqwelo esenziwa yile nkampani ukonyusa izinga layo lotyalo-mali.

4.3. Olu sungulo lusebenzisana nesibhengezo senkampani yase-Sweden epakisha neyenza ukutya ekumazwe ngamazwe, i-Tetra Pak, sokutyala i-R500 yezigidi ukuphucula amandla ayo okuvelisa njengomzi-mveliso wokupakisha eThekwini.

4.4. U-Aspen Pharmcare uvule imveliso yakhe entsha yechiza lokubulala ukuva iintlungu ngokuvelisa i-Diprivan kweli njengenxalenye yotyalo-mali oluxabisa i-R3.2 yebhiliyoni ukwenza indawo yokuvelisa ecocekileyo ekumgangatho wehlabathi, ibe isenza iziko eliseGqeberha, eMpuma Koloni eyona ndawo yoveliso-mayeza ihamba phambili kwizwekazi i-Afrika. Eli chiza belikade lithathwa kumazwe angaphandle kwaye lisetyenziselwa uluhlu olukhulu lweenkqubo zobuyeza kwizibhedlele zoMzantsi Afrika, kwaye likwasetyenziselwa ukunyanga izigulana ze-COVID-19 ezikoomatshini bokuphefumla kumagumbi abagula kakhulu.

4.5. IKhabhinethi ikwamkele utyalo-mali lwakutsha nje olwenziwe ngabenzi beenqwelo mafutha, u-Isuzu Motors, kuqoqosho lweli lizwe. U-Isuzu Motors South Africa usungule umzi-mveliso e-Struandale, eGqeberha. U-Isuzu utyala i-R1.2 yebhiliyoni kwinkqubo ye-bakkie yesizukulwana esizayo eMzantsi Afrika eyenzelwe iimarike zoMzantsi Afrika nezoMzantsi we-Sahara ye-Afrika.

4.6. Lo mzi-mveliso ka-Isuzu uza kudala imisebenzi engqalileyo eliwaka kwindawo yawo yokusebenzela eGqeberha kunye nakwisixokelelwano sawo kweli nakwihlabathi liphela, kunye nemisebenzi emalunga nama-25 000 kumakhulu abaniki-zixhobo zawo kweli lizwe.

4.7. Lonke olu tyalo-mali luza kuqhubela phambili inkqubo yokuvelisa iimveliso ezifanele eli lizwe eyapapashwa kwisiCwangciso soKwakhiwa ngokuTsha nokuVuselelwa kwezoQoqosho eyasungulwa ngoBekekileyo uMongameli Cyril Ramaphosa ngeyeDwarha ku-2020. Liza kongeza iibhiliyoni zeerandi zoveliso lwaminyaka kwimveliso yelizwe yonyaka yoMzantsi Afrika. Olubini kolu tyalo-mali yayisisithembiso esenziwa kwiNkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika eyayibanjiwe ngaphambili, kwaye ngoku ezi nkampani sele ziqalile ngophuhliso, zabe zidala inani elibonakalayo lemisebenzi.

5. Izicelo zika-2022 zeNkqubo yeNkxaso-mali yabaFundi yeSizwe (i-NSFAS)

5.1. IKhabhinethi ikhumbuze abafundi kunye nolutsha osele luphumile esikolweni oluphuma kumakhaya ahlelelekileyo nawabantu abasebenzayo ukuba bafake izicelo zabo zenkxaso-mali yonyaka wemfundo ka-2022. Izicelo zenkxaso-mali ka-NSFAS ziza kuvala ngomhla we-7 kweyoMqungu 2022.

5.2. Inkqubo yokufaka izicelo ikwavulelwe abafundi abasele bebhalisile kwiziko lemfundo kodwa abangenayo inkxaso-mali nabafanelekileyo ukuba bafumane inkxaso-mali ka-NSFAS.

5.3. Ngeenkcukacha ezithe vetshe malunga nokufaka isicelo senkxaso-mali, tsalela u-08000 67327 okanye undwendwele u-www.nsfas.org.

6. Ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwabasetyhini (i-GBVF)

6.1. IKhabhinethi isamkele isigwebo sobomi obuthathu entolongweni esisandula ukuwiselwa isidlwengu nombulali onguMfanasibili Cornelius Mnisi (29) liCandelo leNkundla ePhakamileyo laseMpumalanga eMbombela kutshanje. Esi sigwebo singqongqo sibonisa indlela engamelani nanto eyivelele ngayo i-GBVF inkqubo yobulungisa lolwaphulo-mthetho.

6.2. Ngokusebenzisana namapolisa kunye nezinye ii-arhente zonyanzeliso-mthetho, singenza izitalato zethu neendawo esihlala kuzo zikhuseleke nangakumbi kumntu wonke. Kumelwe ukuba sisithi qwa ze sixele zonke izehlo ze-GBVF emapoliseni okanye sitsalele iZiko leSizwe eliLawula i-GBVF ku: 0800 428 428 okanye iNombolo yokuPhelisa ubuNdlobongela obusekelwe kwiSini engu: 0800 150 150/*120*7867#.

6.3. Urhulumente uza kuthabatha inxaxheba kwiiNtsuku ezili-16 zeNtshukumo yokuNgabikho koBundlobongela ngakumaNina nabaNtwana – ukususela ngomhla wama-25 kweyeNkanga (uSuku lweHlabathi lokuNgabikho koBundlobongela ngakumaNina) ukuya kumhla we-10 kweyoMnga (uSuku lweHlabathi lwamaLungelo oLuntu) – ukonyusa ukunanzwa kwesibetho esiyi-GBVF kweli lizwe.

7. Ubulungisa ngakumaxhoba okubulawa ngexesha lengcinezelo

7.1. IKhabhinethi isamkele isibhengezo sakutsha nje esimalunga neqela elikhethekileyo labaphandi nabatshutshisi bakarhulumente eliza kumelana ngokukodwa namatyala angazange asonjululwe eKomishoni yeNyani noXolelwaniso esenziwe nguMphathiswa wobuLungisa neeNkonzo zoLuleko uRonald Lamola

7.2. Eli qela likhethekileyo liza kunikwa umsebenzi wokuphanda ukubulala ngaphandle kokugweba okwenziwa ngamapolisa okhuseleko exesha lengcinezelo. Ezi ngenelelo ziza kukhawulezisa inkqubo yokuba iintsapho zamaxhoba okubulawa ngexesha lengcinezelo afumane ukuthula.

8. IMeko yezopolitiko kubuKumkani baseSwatini

8.1. IKhabhinethi iqaphele yaza yamkela ukungenelela koBekekileyo uMongameli Ramaphosa – ngegunya lakhe njengoSihlalo weNtsebenziswano yeLungu elingeePolitiki, uKhuselo noKhuseleko loPhuhliso loLuntu olukuMzantsi we-Afrika (i-SADC) – kwimeko yezopolitiko ekubuKumkani baseSwatini.

8.2. Intlanganiso kaMongameli Ramaphosa noMhlekazi uKumkani Mswati III ngoLwesibini, umhla we-2 kweyeNkanga ilandela utyelelo kobu Kumkani ngabaThunywa abaKhethekileyo ngomhla we-21 ne-22 kweyeDwarha 2021. UMongamaeli waye – ngegunya lakhe njengoSihlalo we-SADC Organ Trioka equka i-Namibia (engenayo), uMzantsi Afrika (ongusihlalo) neBotswana (ephumayo) – yalele ezi ziThunywa ziKhethekileyo ukuba zithethathethane nobuKumkani baseSwatini malunga nokhuseleko kunye nezinto ezenzekayo ezoyamene nezopolitiko kobu buKumkani.

8.3. IKhabhinethi isamkele isivumelwano sokuba ubuKumkani baseSwatini buza kuqala inkqubo yokuseka iqonga lesizwe lokuthethathethana. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abachaphazelekayo kumaSwati ukuba basebenzisane ukuphelisa ubundlobongela nongquzulwano nokugcina uxolo nenzolo kobu buKumkani.

B. UMthetho osayilwayo

1. UMthetho-sihlomelo oyilwayo woMthetho woLwaphulo-mthetho (iiNkqubo Zokuphanda Ngezenzelulwazi) ka-2021

1.1. IKhabhinethi ivume ukuba uMthetho-sihlomelo oyilwayo woMthetho woLwaphulo-mthetho (iiNkqubo Zokuphanda Ngezenzululwazi) ka-2021 ufakwe kwiinkqubo zokuphunyezwa ePalamente. Izilungiso eziphakanyiswayo zinika indlela yokunyanzelisa ukuthathwa kwesampuli yofuzo kumphakathi wesidlele kubantu ababanjelwe amatyala aphantsi koShedyuli 8.

1.2. Amatyala aphantsi koShedyuli 8 aquka amatyala ezesondo, ukuphanga, ukuthengiswa kwabantu nokubulala ungaqondanga. Iisampuli zezidlele eziqokelelweyo ziza kuncedisa ukutshutshisa aboni abaphindayo.

1.3. Lo Mthetho uyilwayo uza kuphinda uncedise ukuseka indawo ebanzi yokugcina iinkcukacha zofuzo ezakusetyenziswa ukuphandeni amatyala ngeenkqubo yezenzululwazi ukomeleza umlo onxamnye nolwaphulo-mthetho ngokunika amapolisa amandla obungqina ukuphanda nokusombulula ulwaphulo-mthetho olubi.

C. UMsitho oZayo

1. INgxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo lwabiwo-mali lweXesha eliPhakathi (i-MTBPS)

1.1. UMphathiswa wezeziMali u-Enoch Godongwana uza kwenza intetho ye-MTBPS ePalamente ngoLwesine, umhla we-11 kweyeNkanga 2021. Le ngxelo iza kunika iinkcukacha zezilungiso ezenziwe kuhlahlo lwabiwo-mali lwesizwe ukuqinisekisa uzinzo lwezezimali zethu.

1.2. I-MTBPS ichaza izindululo zelizwe zokuguqula imiceli-mingeni ekuqoqosho ebekho ngenxa yefuthe le-COVID-19 nokusombulula iingxaki zexesha elide zeziseko.

1.3. I-MTBPS yindlela yokuhlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo asekuhlaleni ukuba asebenzisane ukuqhuba uqoqosho nokuqhubela phambili ukudalwa kwemisebenzi. IKhabhinethi iqinisekile ukuba i-MTBPS iza kuphinda kwakhona ibonise ukuzibophelela kukarhulumente ekwakheni uqoqosho oluzinzileyo ngegalelo lawo onke amacandelo asekuhlaleni.

D. Umyalezo

1. UVuyiswano

IKhabhinethi igqithise amazwi ovuyiswano neminqweno emihle ku:

Nks Lalela Mswane (24), ngokuthweswa kwakhe isithsaba sika-Miss South Africa 2021 ngomhla we-16 kweyeDwarha 2021 eKapa. Uloyiso lwakhe lusisiqinisekiso sokuba impumelelo ingafumaneka ngokuzinikela nokusebenza nzima.

E. Abachongiweyo

1. Mnu Robert Nkuna, owandiselwe ixesha lesivumelwano sakhe somsebenzi ngengoMlawuli-Jikelele (i-DG) yeSebe lokuCwangcisa, ukuBeka Iso noVavanyo ngeminyaka emihlanu.
2. Mnu Robert Mooketsa Ramasodi njengo-DG kwiSebe lezoLimo, uBuyekezo lwemiHlaba noPhuhliso lamaPhandle.
3. Nks Mohlago Flora Mokgohloa njengoSekela DG (i-DDG): weZinto eziPhilayo noLondolozo kwiSebe lezeNdalo, amaHlathi nezokuLoba.
4. Nks Rirhandzu Sharon Mashava ngengo-DDG: woCwangciso lwezoThutho oluDityanisiweyo kwiSebe lezoThutho.
5. Nks Mameetse Primrose Masemola njengo-DDG: woCwangciso loTyalo-mali kumaSeko – amaSeko oMzantsi Afrika kwiSebe lemiSebenzi kaRhulumente neziSeko zoPhuhliso (i-DPWI).
6. Nks Carmen Joy Abrahams njengo-DDG: weNkqubo eYandisiweyo yemiSebenzi yoLuntu e-DPWI.

IKhabhinethi ixhase ukuchongwa kwamalungu eBhodi ngokuxhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha abo emfundo nasekujongweni kwemvelaphi yabo ukufanela iindawo abakuzo.

7. IBhodi yabalawuli beQumrhu loTyalo-mali loLuntu:

(i) Gqr David Masondo (uSihlalo);
(ii) Mnu Frans Baleni;
(iii) Nks Ntombifuthi Mtoba;
(iv) Nks Tryphosa Ramano;
(v) Njng Bonke Dumisa;
(vi) Nks Esther Barbara Watson;
(vii) Nks Beverly Bouwer;
(viii) Mnu Mongwena Mugwena Maluleke;
(ix) Mnu Walter Hlaise;
(x) Mnu Lufuno Mulaudzi;
(xi) Mnu Abel Sithole;
(xii) Mnu Brian Mavuka; kunye no
(xiii) Nks Makano Mosidi.

8. IKhabhinethi ikhethe ukuthobela isigwebo senkundla egqibe kwelokuba kubuyiselwe amalungu eBhodi yabalawuli be-Umngeni Water.

(i) NKs Ziphozethu Mathenjwa (uSihlalo);
(ii) Njng Thandwa Mthembu;
(iii) Mnu Siboniso Shabalala;
(iv) Mnu Mduduzi Eric Zakwe;
(v) Nks Chamane Nompumelelo Beata;
(vi) Mnu Visvin Reddy;
(vii) Mnu William Mapena;
(viii) Mnu Teboho Nkhahle;
(ix) Nks Linda Ngcobo;
(x) Nks Bongekile Zulu;
(xi) Mnu Suleman Badat;
(xii) Nks Mbali Barbara Ndlovu; kunye no
(xiii) Qgw Simosenkosi Chamane.

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – USomlomo weKhabhinethi

Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore