INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-10 kuCanzibe wama-2017

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla we-10 kuCanzibe wama-2017, eTuynhuys, eKapa.

1. IQonga lezoQoqosho lweHlabathi (i-WEF) e-Afrika

1.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukusingathwa ngempumelelo kwentlanganiso yama-27 yeQonga leHlabathi lezoQoqosho (i-WEF) e-Afrika apho uMongameli uJacob Zuma ebekhokela iQhiza loMzantsi Afrika, iiNtloko zemiBuso nooRhulumente zelizwekazi lase-Afrika, iinkokeli zezorhwebo noshishino eziphuma mbombo zone zehlabathi kunye neenkokeli zemibutho yoluntu.

Le nkomfa ibibanjelwe phantsi komxholo othi: “Ukuphumeza uHlumo oluXhanyulwa Nguye Wonke: Iinkokeli eziPhendulayo nezineNkathalo”.

1.2. Le seshoni yama-27 ye-WEF e-Afrika iqinisekise ihlabathi ukuba uMzantsi Afrika uselelinye lamazwe anomtsalane kubatyali-zimali kweli lizwekazi le-Afrika. Abaququzeleli bale ndibano baqinisekisile ukuba abathunywa abangaphezulu kwi-1 000 bebezimase lo msitho, inani elo ekungazange kufikelelwe kulo kwi-WEF e-Afrika ngaphambili.

1.3. Umoya omhle wentsebenziswano phakathi kukarhulumente nabezoshishino ngethuba le-WEF e-Afrika uncomeka kakhulu.

Ezi ngxoxo bezityebile kwaye zishushu zinike uMzantsi Afrika ithuba lokubonisa inkqubela oyenzileyo ukufikelela kuhlumo loqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke nokubonisa ukuba amasango oMzantsi Afrika avuliwe ukuba abatyali-zimali beze kutyala imali.

UMzantsi Afrika usesekhondweni lokuzalisekisa isiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) ukuze kuliwe intlupheko, ukungalinani nentswela-ngqesho.

2. Ezothutho

2.1  Ukuphehlelelwa koololiwe abatsha bakwa-PRASA (i-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe Abakhwelwa ngaBantu) kunye nenkonzo yololiwe, nguMongameli uJacob Zuma ngomhla we-9 kuCanzibe ngowama-2017 eSitishini sasePitoli kuyinxalenye yephulo likarhulumente eliqhubekayo lokuqinisekisa ukuba kukho izithuthi zikawonke-wonke ezifikelelekayo nezithembakeleyo, ngolo hlobo kuphuculwe iziseko zeli lizwe ezingundoqo zezoqoqosho.  

2.2 Aba loliwe bakwa-Metrorail batsha bayinxalenye yoololiwe abatsha abaza kuthengwa ngurhulumente kule minyaka izayo ili-10 ukuya kweli-15 njengenxalenye yeNkqubo ka-PRASA yokuPhucula ooLoliwe.

Eli phulo liza kudala amawaka emisebenzi esigxina nezithuba zemisebenzi, umzi-mveliso wokwenziwa koololiwe abatsha uyakhiwa eNigel e-Ekurhuleni. Oku kukuqala kokusebenza kwesiVumelwano esityikitywe nelizwe lase-France nelaseBrazil phakathi ko-PRASA no-Alstom.

2.3 Aba loliwe batsha bale mihla bakwa-Metrorail (baBantu) abekho abafana nabo ngokuhamba kamnandi nangokubamba ixesha, futhi abakhweli bazo baza kukonwabela kakhulu ukuhamba ngazo.

Eli phulo liyinxalenye yophuhliso lwezoqoqosho oluqhutywa ngurhulumente ngokusebenzisa iphulo elikhulu lophuhliso lweziseko ezingundoqo kwaye aba loliwe balungiselelwe nokuba bakwazi ukukhwelisa abantu abakhubazekileyo.

2.4 IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazingce ngalo msebenzi mngaka futhi babakhusele aba loliwe batsha ukuba bangonakaliswa.

3. Izidube-dube zaSevuwani

3.1  IKhabhinethi iyakwamkela ukungenelela kukaMongameli Zuma eVuwani eLimpopo. UMongameli uye wadibana neThole leSilo, lisiSilo Ngokwalo, uKumkani uToni Mphephu Ramabulana weSizwe samaVenda, kwakunye namanye amahlakani amele uluntu ngelinge lokuzama ukuba kukhangelwe isisombululo esiza kwanelisa wonke umntu kwimiba ibiphakanyisiwe.

3.2 Kule ntlanganiso siye samkelwa isiphakamiso soMntwan’egazi sokuba uMasipala wesiThili saseVhembe kufuneka ibe nguye obonelela abantu baseVuwani ngeenkonzo ngeli thuba ingxaki yomba wokucandwa kwemida isaxoxwayo. Esi siphakamiso sihambelana nemithetho elandelwayo xa kulawulwa oomasipala.

3.3 Kuye kwagqitywa nokuba amasebe afanelekileyo kazwelonke nawamaphondo kufuneka anike inkxaso kulo masipala wesithili ukuze akwazi ukwenza lo msebenzi wongezelelweyo mtsha. Noxa kunjalo, le ntlanganiso iye yagxininisa ukuba esi sigqibo asithethi ukuba umasipala omtsha (i-LIM 345) uyapheliswa.

Esi sigqibo siyinxalenye yamalinge karhulumente okuzibophelela ekuzameni ukufumana isisombululo esiza kwanezisa wonke umntu.

3.4 Le ntlanganiso uMongameli ebeyibambe nabo bonke abachaphazelekayo ekhokelele ekubeni izikolo namashishini abuyele kwimeko yesiqhelo. IKhabhinethi iyawabulela amahlakani ngokunyanzelisa ukuba izivumelwano ebeziphakanyiswe yiKumkani zifezekiswe.

UMongameli uzimisele ukuphinda abuyele kubantu baseVuwani aye kubonisana nabo. Umhla aza kubuyela ngawo kuza kuboniswana ngawo noMhlekazi oBekekileyo uKumkani uToni Mphephu Ramabulana kunye nawo onke amahlakani achaphazelekayo akulaa mmandla.

3.5 IKhabhinethi icela abazali noluntu ukuba bawaxhase amalinge esebe okungenelela ukuze kuqinisekiswe ukuba bonke abafundi babuyela esikolweni bafunde iincwadi zabo nokuzama ukuleqa umsebenzi abasemva kuwo bencediswa ngamanyathelo okungenelela aqhutywayo kuzo zonke izikolo.

4. Uqhankqalazo olunobundlobongela

4.1 IKhabhinethi icela uluntu ukuba lwahlukane nobundlobongela, ukugrogrisa nokutyhuthula iivenkile xa bevakalisa izikhalazo zabo. Ubundlobongela nokutyhuthula iivenkile kunye nokutshabalalisa izakhiwo neempahla zamashishini okwenzeke kutsha nje eColigny, e-Eldorado Park nase-Ennerdale kugxekwa kabukhali yiKhabhinethi.

4.2 IKhabhinethi icela bonke abantu ukuba bavaklise izikhalazo zabo ngendlela eyakhayo, akunyanzelekanga ukuba bade bonakalisa iimpahla zoluntu okanye banyhashe amalungelo abanye abantu.

4.3 UMongameli wenza isimemezelo ngethuba leNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yowama-2015 sokuba iNtlanganiselo yezobuLungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko (i-JCPS) izilwe kangangoko izaganeko zoqhankqalazo ezinobundlobongela nezonakalisa iimpahla zoluntu.

IKhabhinethi iyalibethelela kwakhona ikhwelo eyalihlabayo lokuba umthetho nawo awuzikuhleka kwabo nabo baphula umthetho.

4.4 IKhabhinethi icela onke amahlakani ukuba angqubanise iintloko ngeenjongo zokusombulula imiba ekungabonwa ngasonye ngayo e-Ennerdale, Eldorado Park naseColigny.

5.Umthetho-sihlomelo oyilwayo weziko lolwaphulo-mthetho kwezezimali (i-FICA)

5.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa koMthetho-sihlomelo oYilwayo weZiko loLwaphulo-mthetho kwezeziMali (i-FICA) nguMongameli Zuma ukuba ube ngumthetho. UMzantsi Afrika njengelizwe eliyinxalenye yamazwe alwa unaniselwano ngemali olungekho mthethweni, nawo uza kuzayamanisa namanyathelo ehlabathi okungenelela afuna ukulwa ukuthutyeleziswa kwemali kunye nokuncediswa ngemali kwamaphulo obunqolobi.

5.2 Lo Mthetho uYilwayo uza kuba negalelo ekwenzeni inkqubo yezezimali eMzantsi afrika ukuba ihlonitshwe futhi yenze izinto elubala, futhi oko kuza kwenza ukuba kube nzima kwabo baphula umthetho bayinxalenye yabo bangahlawuli zirhafu, bathubelezisa imali futhi bananiselana ngemali ngokungekho mthethweni ngeenjongo zokufihla imali kusetyenziswa ubuxhaka-xhaka neenkqubo zezimali zoMzantsi Afrika.

Lo Mthetho uYilwayo ungomnye weminye imithetho esinayo njengelizwe lokulwa ulwaphulo-mthetho oluqhutywa zizifundiswa kurhulumente nakumashishini abucala.

5.3 IKhabhinethi ixelelwe nguMphathiswa wezeMali ukuba iintlanganiso zokubonisana ziyaqhuba kwaye ziza kuqukunjelwa kungekudala ukuze kuqinisekiswe ngenkqubo yokubhengezwa kwemithetho nemigaqo eza kuchaphazela uMthetho we-FICA.

6. Izigqibo zekhabhinethi

6.1 UMphathiswa wezeMali unike iKhabhinethi amagqabantshintshi ngeentlanganiso zeNtwasahlobo zeNgxowa-mali yeHlabathi yeziMali (i-IMF) neBhanki yeHlabathi, namaPhulo okuTsala abaTyali-mali kunye neentlanganiso ze-WEFA. 

Uye wanika neenkcukacha ngesiVumelwano se-G20 neziphakamiso ze-Afrika kunye neenkxalabo zabatyali-zimali kunye nee-arhente ezihlela amazwe ngokwesakhono sawo sokubhatala izikweliti.

Kubekho iingxoxo ezinzulu ngemeko yoqoqosho lwehlabathi nolwengingqi nokuba kufuneka senze ntoni ukulungisa le ngxaki yokubekwa kwelona zinga lisezantsi ngokwesakhono sokukwazi ukuhlawula izikweliti.

6.2 IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuba isazimisele nokuqhubeleka nemigaqo-nkqubo yezezimali eyayicaciswe kwiNtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali lowama-2017, ukuqaliswa kwenguqu ukuze kuphuculwe ulawulo kumashishini karhulumente; ukugcina umyinge wemali ebekelwe inkcitho nokuqinisekisa ukuba amatyala karhulumente awanyuki.

Inkqubo karhulumente yokukhawulezisa ukuqaliswa kweenguqu kwiindlela uqoqosho olumi ngayo ukuze lukhule njengoko kutshiwo kwisiCwangciso esiManqaku aliThoba iseyiyo enokusetyenziswa ukusabela kweminye yemiba ephakanyiswe ngabatyali-mali.

6.3 IKhabhinethi iyayamkela ingxelo ebesanda ukukhutshwa yinkampani i-EY Consultancy emalunga noTyalo-mali lwangaPhandle oluza Ngqo e-Afrika. Le ngxelo iwuchaza uMzantsi Afrika njengelinye lamazwe anoqoqosho olukhulu kwaye ubekwa kwindawo yesibini kuLuhlu lowama-2017 lwase-Afrika lokuba Nomtsalane.

6.4 IKhabhinethi iye yaxelelwa nangohambo lwee-Arhente zokuHlela iSakhono sokuBhatala iziKweliti oluzayo oluza kweli ukuze zingqubanise iintloko nemibutho emininzi kunye nezikhulu zikarhulumente.
 
6.5 IKhabhinethi iyivumile iDrafti yesiCwangciso-qhinga esiHlaziyiweyo sezoThutho emaPhandleni.

Esi sicwangciso-qhinga sisabela kanye kwimiba ephambili koomasipala bezithili zasemaphandleni nakumaphondo anemimandla emininzi engamaphandle ngokusombulula umba wokungabikho kweziSeko ezinguNdoqo neeNkonzo ezifanelekileyo zezoThutho emaPhandleni into leyo ephazamisa uphuhliso lezoqoqosho.

Ukuqaliswa kwesi sicwangciso-qhinga kuza kuncedisa ekukhuliseni uqoqosho loomasipala nolwamaphondo ngokwenza izithuthi zikawonke-wonke zifikeleleke.

Oku kuza kwenza ukuba kube lula ebantwini ukusuka emaphandleni baye ezidolophini, ngeenjongo zokunceda imimandla yasemaphandleni ukuba ikwazi ukuthatha inxaxheba kuqoqosho lwelizwe ngobubanzi.

6.6 IKhabhinethi iwuvile uMgaqo-nkqubo oBanzi wezoThutho zaseManzini.  Lo mgaqo-nkqubo ubonakalisa ukuzimisela kukarhulumente kuhlumo, uphuhliso kunye nokutshintsha icandelo lezothutho lwasemanzini loMzantsi Afrika, ukuze luxhase uphuhliso lwezoqoqosho nolwezentlalo ngeli thuba lifaka igalelo kurhwebo lwehlabathi.

Oku kuhambelana nemiba ekhokeliswa phambili ngurhulumente ngokumayelana ne-Operation Phakisa ngokukhuliswa koQoqosho lwaseLwandle.

Futhi kukwahambelana neenjongo ezibanzi zokusebenzela ukukhulisa uqoqosho kunye nokuncedisa kumaphulo okudala imisebenzi, njengoko kucacisiwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) kunye nesiCwangciso seSizwe seziSeko ezinguNdoqo.

6.7 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kweDrafti yesiCwangciso-qhinga seziThuthi Ezingenzi Monakalo kwiNdalo ukuze uluntu luhlomle kuyo. Icandelo lezothutho lidlala indima ebalulekileyo ekwenzeni ukuba urhwebo lwehlabathi luqhutywe ngeendlela engazikuthibaza uqoqosho, futhi yenze umonakalo kwezentlalo nakwindalo.

Icandelo lezothutho liyintsika yoqoqosho nentlalo eMzantsi Afrika kuba linceda abantu batsho bakwazi ukuya kwiindawo abafuna ukuya kuzo neempahla zithuthwe.

Nangona kunjalo, imisi ekhutshwa zizithuthi inegalelo elikhulu kwiigesi ezichaphazela iqondo lobushushu bomhlaba (i-GHG), zona izithuthi ezihamba ezindleleni zikhupha umsi omninzi. 

Esi sicwangciso-qhinga siphakamisa amanyathelo okungenelela aza kunciphisa iigesi ezenza i-GHG ngokwemimiselo yophuhliso oluzinzileyo.

6.8 IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika ube lilungu loMfelandawonye wezobuChwepheshe wase-Afrika.

Eli liphulo lokusebenzisana elikhokelwa ngamazwe ase-Afrika futhi ligxile ekuqambeni izisombululo ezifanelekileyo nokwabelana ngezixhobo zokusebenza ukuze kuliwe imingeni yezophuhliso eli lizwekazi elijamelene nayo.

Eli liphulo likhokelisa phambiil iintlobo zokuxhakaxhaba bobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano kwi-Ajenda yezoPhuhliso yowama-2063 yamazwe ase-Afrika.

UMzantsi Afrika uza kuzuza ngokwezoqoqosho kunye nangokwezopolitiko ngokuthatha inxaxheba kulo Mfelandawonye wezobuChwepheshe wase-Afrika.

Ngokulungelelanisa icandelo lezobuchwepheshe loMzantsi Afrika kunye nobunganga balo neenkqubo zophuhliso zoMfelandawonye wezobuChwepheshe wase-Afrika, uMzantsi Afrika uz a kuncedisa kuhlumo lwamashishini eli lizwekazi.

6.9 IKhabhinethi ikuvumile ukuphunyezwa koMgaqo-nkqubo weSizwe weSebe leMfundo esisiSeko weNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV), iziFo ezoSulela ngokuLalana (ii-STI) kunye neSifo sePhepha (i-TB).

Umgaqo-nkqubo wowe-1999 wawugxininisa kuzo zonke iindlela zokulumkela kunye neendlela zokuzikhusela ezisekelwe kunyango, ungawuseli so kakhulu umba wezinto zeendlela ubomi bethu esibuphila ngayo, iimeko zezentlalo kwakunye neendlela esiziphethe ngazo njengezinto ezibalulekileyo ezibangelala i-HIV.

Lo mgaqo-nkqubo ucebisa ukuba masiyitshintshe yonke indlela esiyibona ngayo i-HIV siyibone njengesifo ekufuneka silawulwe kusetyenziswa indlela esetyenziswa ukulawula iinkonzo zezempilo zoluntu, kunye nokukhokeliswa phambili kwengxaki ye-TB ezikolweni, phakathi kwezinye izinto. 

Lo mgaqo-nkqubo uza kusetyenziswa uquke abantu abaninzi uquke abafundi, ootitshala kunye namagosa kwizikolo zikarhulumente ngokunjalo nakwezizimeleyo.

7. Imithetho Eyilwayo

7.1 IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalammente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkampani yeziKhululo zeeNqwelo-moya wowama-2017, kunye noMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkonzo zezoLawulo lweeNqwelo-moya eMoyeni nobuChwepheshe bokuLawula iiNqwelo-moya eMoyeni.

Izilungiso kule Mithetho-sihlomelo zilungiselelwe ukunika umthetho osisigxina. Ezi zilungiso zinika nethuba lokuba kumiselwe iikomiti zokubhena, eziza kusetyenziselwa ukusombulula iimbambano.

8. Imisitho ezayo

8.1 UMongameli uJacob Zuma uza kwenza intetho yokuvula i-Indaba yezoKhenketho yowama-2017 eza kube ibanjelwe kwiziko i-Inkosi Albert Luthuli International Convention Centre eDurban phakathi komhla we-16 nowe-18 kuCanzibe wowama-2017.

Le yingqungquthela yehlabathi eza kubonisa ngeemveliso zoMzantsi Afrika zecandelo lezokhenketho nelokuntenda. Le Indaba iza kukhuthaza futhi ixhase amaphulo aqhubayo okuzisa iinguqu kunye nophuhliso kwicandelo lezokhenketho loMzantsi Afrika ingakumbi ngokwendima edlalwa ngoosomashishini abasakhasayo kunye nabanikazi bamashishini amancinci.

Ngabakhenkethi abavela kumazwe angaphandle abangaphezulu kwizigidi ezili-10 abangena eMzantsi Afrika ngowama-2016, into leyo ithetha ukuba bangaphezulu nge-13% kwabo bowama-2015.

Eli zinga lingaphezulu kakhulu kumyinge oyi-3% ongumyinge wehlabathi wokunyuka kwamanani wabakhenkethi ngeli xesha linye. Ngeli thuba uMzantsi Afrika uza kube usingathe le Indaba yezoKhenketho uza kuxhamla ngokuza kwenkitha yabathunywa abaza kutyelela eli lizwe lakuthi.

8.2 UMphathiswa wezaMandla uNksz Mmamoloko Kubayi uza kukhokela iphulo leNyanga yaMandla kule nyanga phantsi komxholo othi: “Ukukhuthaza iintlobo zamandla ezahlukeneyo ezifikelelekayo nezizinzileyo ngeenjongo zokuxhasa ingunqu ezimandla zezentlalo nezoqoqosho’.

Eli phulo liza kufundisa, lazise futhi linike namathuba okufakana imilomo noluntu malunga nemiba yokusebenzisa amandla ngobunono, ubukho bamandla aneleyo kunye nezinye iintlobo zamandla nokuba ibaluleke kangakanani indlela amakhaya, abezoshishini kunye nemizi-mvelisi eyisebenzisa ngayo umbane.

8.3 IiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali zamaSebe zowama-2017 eziza kubanjwa kuCanzibe ngowama-2017 ziza kunika amasebe ithuba lokuba axelelele ipalamente kunye noluntu ngobubanzi ngendlela aza kuyisebenzisa ngayo imali ayabelwe ngowama-2017.

Amasebe aza kusebenzisa eli thuba acacisele uluntu ukuba iinkqubo zawo zalo nyaka-mali umiyo ziza kube ziqulathe ntoni na. IKhabhinethi icela uluntu ukuba luzifunde luzicokise ezi Voti zoHlahlo Lwabiwo-mali njengoko ziza kube zinikezelwa epalamente ngokweenkqubo zepalamente. 

8.4 ISebe lezaManzi noGutyulo liza kusingatha iVeki yezoGutyulo phakathi komhla we-16 nowama-22 kuCanzibe ngowama-2017 phantsi komxholo othi: UGutyulo luSetyenziselwa iMpilo neSidima Sabantu”. Urhulumente uzimisele ukubuyisela abemi boMzantsi Afrika isidima sabo ngokubabonelela ngeenkonzo zogutyulo.

Ngale veki kuza kugxininiswa kakhulu ekukhokeliseni phambili iNkqubo yokuPhelisa Amabhakethi.

Ngethuba lale veki kuza kunikezelwa izindlu zangasese ezigungxulwayo kubantu abakuMasipala weNgiqi waseNketoane, eFreyistatha kunye noMasipala weNgingqi iDavid Kruiper eMntla Koloni njengenxalenye yokukhawulezisa iinkonzo zogutyulo ukuze kupheliswe inkqubo yokusebenzisa amabhakethi njengezindlu zangasese.

8.5 UMzantsi Afrika ubhiyozela iNyanga ye-Afrika phantsi komxholo othi: Ukwakha i-Afrika eNgcono neHlabathi eliNgcono. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko liza kukhokela imisitho emininzi eza kugxininisa kubumbano lwe-Afrika.

Le misitho iza kufikela kuvuthondaba ngomhla wama-25 kuCanzibe kowama-2017 apho uMongameli eza kusingatha umsitho osisidlo esisesikweni eSefako Makgatho Presidential Guesthouse.

Abantu abamenyiweyo kwesi sidlo zinkokeli zemibutho yabantu abaphuma kumazwe angaphandle abahlala apha eMzantsi Afrika uMongameli ebekhe wadibana nabo ngowe-2015.

9. Ukutyalwa komkhosi wezokhuselo wesizwe womzantsi afrika (I-SANDF)

9.1 IKhabhinethi iyasamkela isigqibo sikaMongameli uJacob Zuma sokwandisa ixesha elibekelwe amajoni e-SANDF atyalwe eDemocratic Republic of Congo (e-DRC).

Ukwenza oku kukuncedisa kumalinge okudala uxolo nozinzo kweli lizwekazi le-Afrika ingakumbi kulo mmandla ngokuhambelana noxanduva lwethu njengelizwe eliyinxalenye yamazwe ehlabathi kunye nomgaqo-nkqubo weli wezangaphandle wokuncedisa kumaphulo okudala i-Afrika kunye nehlabathi elingcono.

9.2 Ngamajoni e-SANDF angama-1 371 atyalwe e-DRC ukuya kuncedisa kwiPhulo lokuZisa uZinzo loMbutho weZizwe eziManyeneyo. Ixesha aza kulichitha e-DRC la majoni landisiwe lisuka kumhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2017 laya kutsho kumhla wama-31 kweyoKwindla ngowama-2018.

9.3 Ukutyala kwethu amajoni kweli lizwekazi kulilinge lokuxhasa amaphulo alo mmandla naweli lizwekazi okuzama ukulwa izixholo-xholo, ukukhuthaza uxolo nokhuseleko, ukomeleza ubudlelwane phakathi kwemimandla yeli lizwekazi, ukunyusa izinga lokurhwebelana phakathi kwamazwe ase-Afrika kunye nokulwela uphuhliso oluzinzileyo e-Afrika.

10. Iimbasa zesizwe

10.1 IKhabhinethi ibaqhwabela izandla bonke abathe bawongwa ngeeMbasa zeSizwe ngo-ngowama-2017. Kulo nyaka ka-OR Tambo, basibonisile ukubaluleka kokusebenzela uMzantsi Afrika ongcono nesizwe esingcono.

Sifunda kwimisebenzi yabo emihle, ukuzinikela kwabo, ukuthanda nokubonakalisa umdla ongazenzisiyo wokulwela uluntu nobuntu.

I-Order of Ikhamanga yeGolide (mnye), i-Order of Ikhamanga yeSilivere (basixhenxe), i-Order of Ikhamanga yeBronzi (mnye), i-Order of the Baobab yeGolide (mnye), i-Order of the Baobab yeSilivere (babini), i-Order of the Baobab yeBronzi (babini), i-Order of Luthuli yeSilivere (bangama-29), i-Order of Luthuli yeBronzi (mnye), i-Order of Mapungubwe yeSilivere (babini), i-Order of the Companions of OR Tambo yeGolide (mnye).

10.2 Ukukhutshwa kweNgxelo ye-17 yeKhomishini yoLungelelwaniso lwezeNgqesho nguMphathiswa wezabaSebenzi uNksz Mildred Oliphant kubonakalisa indlela esihamba kancinci ngayo isantya sokuzisa iinguqu kwimisebenzi emininzi apha eMzantsi Afrika.

Le ngxelo ibonakalisa ukuba sisekude kakhulu ekufikeleleni kwisizwe apho abasebenzi bebonakalisa iintlanga ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika ngokulinganayo. Abantu abaNtsundu, abantu basetyhini kunye nabantu abakhubazekileyo ngabona bantu bavinjwa amathuba kuwo onke amabakala oLungelelwaniso kwezeNgqesho.

10.3 Le ngxelo ibonisa ukuba abantu abamhlophe ngabo abakwizikhundla eziphezulu ezingama-68% zeli lizwe kurhulumente nakumashishini abucala, inani elo lilinani eliphindwe kathandathu labantu abamhlophe asele bekwinqanaba lokusebenza. Abantu abantsundu bona bakwizikhundla eziphezulu ezili-14.4% kuphela.

10.4  Njengoko umba wokuzisa iinguqu nowohlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke ingxamiseke kakhulu xa kungoku, la manani eenkcukacha zengqesho kwizikhundla eziphezulu awamkelekanga kwaphela. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe nguMphathiswa wezabaSebenzi sokuba baza kuthathelwa amanyathelo aqatha abo bophula umthetho.

11. Imiyalezo

11.1 IKhabhinethi nayo njengoMongameli Zuma ivuyisana noMnu Emmanuel Macron, olindele ukubekwa njengoMongameli waseFrance, kulandela ukuphumelela kwakhe kulonyulo likamongameli lwaseFrance ebelubanjwe ngomhla wesi-7 kuCanzibe ngowama-2017.

UMzantsi Afrika ukulindele ngothakazelelo ukusebenzisana norhulumente welizwe laseFrance okhokelwa nguMnu Macron ukuze uqinise amatyathanga entsebenziswano kwezopolitiko, ezoqoqosho kunye nezorhwebo asele engqingqwa phakathi koMzantsi Afrika neFrance.

11.2 IKhabhinethi ivuyisana nalowo wayengusodolophu waseRhawutini kunye noSihlalo woMbutho wooMasipala boMzantsi Afrika (i-Salga) uParks Tau ngokonyulwa kwakhona njengomnye usihlalo weGqiza eliPhezulu eliziMeleyo leziZwe eziManyeneyo (i-UN) lokujonga ukufezekiswa kwezibambathiso ze-Habitat III.

Le nkqubo yamkelwa yi-UN ukuze ikhuthaze amazwe omhlaba ukuba awuthathele ingqalelo kangangoko umba wofudukelo ezidolophini ngendlela engazikwenza monakalo.

11.3 ISebe lezoRhwebo noShishino (i-dti) lawongwa ngeMbasa yeLona Qumrhu liNomboniso Ogqwesileyo kuMboniso wezoRhwebo weHlabathi waseZimbabwe (i-ZITF).
Oku kubonakalisa ukuba amalinge amandla eGqiza loMzantsi Afrika okwakha ubudlelwano obuhle nelizwe laseZimbabwe eza neziphumo ezincumisayo kwezoqoqosho.

11.4 IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kurhulumente nabantu beRiphablikhi yaseTanzania emva kwengozi yebhasi ehlasimlisa umzimba apho bathe basutywa kukufa abantu abangama-35, abangama-33 kubo ingabantwana.

12. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

12.1 Amalungu eBhodi yeBhodi eziMeleyo yokuLawula Abaphicothi-zincwadi:
a) UNksz Amanda L Mazibuko (uqeshiwe kwakhona);
b) UMnu Abel Dlamini (uqeshiwe kwakhona);
c) UMnu Thiru Pillay (uqeshiwe kwakhona);
d) UNksz Nkabaneng T Mashile;
e) UNksz Zuziwe Ntsalaze;
f) UMnu Mohamad I Motala;
g) UMnu Madoda A Petros; kunye
h) noNksz Martie J Janse van Rensburg

12.2 Ukuqeshwa kwakhona uMnu. Cedric Monwabisi Masondo njengoMlawuli oPhetheyo kunye noMlawuli wesiGqeba se-Special Risk Insurance Association (SASRIA) SOC LTD.

Imibuzo:
Phumla Williams
Inombolo yoqhakamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore