Isicelo segranti yegqala elivela emfazweni

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesibonelelo samagqala oMkhosi

Ukuba wawusakuba lijoni elalisilwa kwiMfazwe yokuQala yeHlabathi (1904-1918), kunye neMfazwe yeSibini yeHlabathi (1939-1945), imilo yaKwaZulu (1906) okanye iMfazwe yaseKorea, kwaye awukwazi kuzixhasa, ungafaka isicelo sesibonelelo samagqala oMkhosi.

Ungazazi njani ukuba uyafaneleka ukusifumana esi sibonelelo?

Ukuze usifumane kufuneka:

  • ube ngummi waseMzantsi Afrika okanye ubengumhlali osisigxina
  • uhlale eMzantsi Afrika
  • unama-60 eminyaka okanye ngaphezulu okanye ukhubazekile
  • wawusilwa kwiMfazwe yeSibini yeHlabathi okanye iMfazwe yaseKorea
  • ungafumani sibonelelo sentlalo esingesinye  
  • ungafumani nakekelo kwiziko likaRhulumente
  • Awamukeli ngaphezu kwama R 86 280  ngonyaka okanye  ukuba utshatile ingeniso yakho notshate naye idibene akufanele ibe ngaphezu kwama R172 560 ngonyaka.
  • Aawunazinto zixabisa ngaphezu kwama R 1 227 600  ukuba awutshatanga. , kwaye wena notshate naye akufanele nibe nempahla exabisa ngaphezu kwama R 2 455 200.

Qaphela ukuba uhlala kwindlu yakho okanye yalo otshate naye, ixabiso layo alithathelwa ngqalelo ngenjongo zokuvavanywa.

Uzakufumana malini?

Imali oza kuyifumana li- R 2 110 rhoqo ngenyanga.

Uzakuhlawulwa njani?

I-Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) izakukuhlawula esi sibonelelo ngenye yezindlela zilandelayo:

  • esandleni kwiziko lentlawulo ngosuku olu chaziweyo
  • kwi akawunti yebhanka, okanye ibhanka yeposi yakho (ibhanki ingakuhlawulisa ngale nkonzo)
  • kwikhaya elidlala indima yokulawula isibonelelo (umzekelo, kumbutho wezentlalo-ntle.

Qaphela: Ukuba akukwazwi ukuyilanda ngokwakho le mali, ungatyumba umntu wokukumela kwii-ofisi zakwa-SASSA, okanye unike mntu wumbi amagunya asemthethweni ukuba akulandele esi sibonelelo.

Singahlaziywa xa kutheni isibonelelo sakho?
 
Abakwa-SASSA ngabo abanokugqiba ukuba siqwalaselwe isibonelelo sakho. Ingeniso yakho edandalaziswe ngoxa ufaka isicelo semali yesibonelelo izakuba yinxalenye yesisigqibo. Uyakwaziswa kwinyanga ezintathu kusengaphambili umhla esiyakuvavanywa ngawo isibonelelo sakho okanye usuku lokukhutshwa kwesitifiketi sobomi. Ukuba ufumana imali yakho ngebhanka, kwikhaya logcino okanye ngomntu omtyumbileyo ukuba akupeyele, kufuneka ugcwalise uxwebhu lwe setifiketi sobomi kwii-ofisi zakwa-SASSA rhoqo ngonyaka.

Singarhoxiswa xa kutheni isibonelelo sakho?

Ezi zinto zilandelayo zingaphumela ekurhoxisweni kwemali yesibonelelo sakho:

  • xa iimeko zakho ziguquka
  • ngokweziphumo zokuqwalaselwa ngakutsha kwesicelo sakho
  • xa usohluleka ukusebenzisana nabasemagunyeni ngoxa kuqwalaselwa ngakutsha isicelo sakho
  • xa wenze ubuqhophololo okanye ungazivezanga zonke iinkcukacha ngawe
  • xa kwaba nempazamo ngethuba isicelo sakho sesibonelelo siphunyezwa.

Singaphelelwa nini isibonelelo sakho?

Isibonelelo singaphelelwa:

  • xa ubhubhile
  • xa ungeniswe kwiziko logcino lakarhulumente
  • xa ungayilandi imali yakho kangangeenyanga ezintathu ezilandelelanayo
  • xa ungekho kweli loMzantsi Afrika.

Ukuba lowo ufamana isibonelelo ungeniswe kwiziko elinesivumelwano norhulumente lokukhathalela nokugcina lowo ufumana isibonelelo, isibonelelo sincitshiswa sibe ngama-25% zesixa mali sesibonelelo ukusuka kwinyanga ye-4 emva kokungeniswa kwalowo ufumana isibonelelo kwelo ziko. Isibonelelo eso sehlisiweyo siye sibuyiselwe ngoko nangoko ukusuka kumhla lowo ufumana isibonelelo akhutshwe ngawo kwelo ziko.

Ofanele kukwenza

  • Ndwendwela kwi- Arhente yoKhuseleko lwezeNtalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) ekufutshane kuwe uphathe ezi zilandelayo:
    • Incwadi yakho yesazisi enamanani ali-13 (ID):
      • Umele ugcwalise uxwebu olufungelweyo kwa-SASSA phambi kumgunyazisi okanye umkomishoni wezifungo ongelilo igosa lakwa-SASSA
      • Zisa ingxelo efungelweyo yaze yatyikitywa ngumntu othembekileyo(ofana noceba wasekuhlaleni, inkokheli yomthonyana, unontlalo-ntle, umfundisi wecawe okanye inqununu yesikolo) okwaziyo kwakunye nomtwana
      • Umele uze nobungqina bokuba ufake isicelo sesazisi okanye isiqinisekiso sokuzalwa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
    • isazisi sethutyana esikhutshwe liSebe leMicimbi yezeKhaya. (ukuba ikhona)
    • ubungqina benkonzo yakho yemfazwe, obufana nesatifiketi senkonzo
    • ukuba ungaphantsi kwama-60 eminyaka, ingxelo yokuphononongwa ngugqirha okanye ingxelo ebonisa ukuba awunako ukusebenza
    • ubungqina bemeko-bume yomtshato. Ukuba:
      • awutshatanga, kufuneka isifungo esichazayo ukuba awutshatanga
      • utshatile, isiqinisekiso sakho somtshato kunye nesazisi salo otshate naye
      • uqhawule umtshato, incwadi yoqhawulo-mtshato
      • otshate naye akasekho, isiqinisekiso sokusweleka kwakhe.
    • ukuba wena okanye  lo otshate naye niyasebenza, yiza nezitikitana zemali eniyamkelayo
    • ukuba awusebenzi, kufuneka ubungqina beNgxowa-mali ye-Inshorensi yokuNgaphangeli (UIF) “incwadi eluhlaza” okanye isiqinisekiso sokuyekiswa emsebenzi esisuka kumqeshi wakho omdala
    • ukuba une-akhawunti yebhanki, kufuneka amaphepha wenkcukacha zemali zeenyanga ezintathu ezidlulileyo
    • ukuba unemali oyibeke bucala, kufuneka iinkcukacha ngengeniso nenzalo oyifumanayo.

Nceda uqaphele: Ukuba umdala kakhulu okanye ugula kakhulu ukuba ungaziyela e-ofisini ukufaka isicelo, ilungu lentsapho okanye ugxa wakho angayokukufakela isicelo. Loo mntu umele aphathe ileta evela kuwe okanye incwadi kagqirha wakho. echaza ukuba kutheni ungakwazi ukuza e-ofisini.

  • Gcwalisa uxwebu lesicelo phambi kwegosa lakwa-SASSA (qaphela ukuba nguwe kuphela njengomceli okanye igosa lakwa-SASSA elinokugcwalisa ifomu yesicelo).
  • Uzakunikwa irisiti. Igcine njengobungqina bokuba ufake isicelo.
  • Ukuba ufuna ukubhalisela ukuhlawulwa esandleni, igosa lakwa-SASSA liza kukunika usuku amawubuye ngalo kunye nezinto ofanele ukuza nazo xa ubuya.

Uthini xa isicelo sakho singa phunyezwanga?

Ukuba isicelo sakho asiphunyezwanga, abakwa-SASSA bazakukwazisa ngembalelwano isizathu sokungaphumeleli kwaso.

Ukuba awuvumelani nesisigqibo, ungenza isibheno kuMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu kwi-ofisi kaNdlunkulu welisebe. Oku kufuneka ukwenzile phambi kokuba kuphela isithuba esizintsuku ezingama-90 emva kokuba waziswe ngesi sigqibo.

Ixesha elimiselweyo

  • Kungathatha malunga neenyanga ezintathu ukuqwalaselwa kwesicelo sakho.
  • Ukuba isicelo semali yesibonelelo sakho siphumelele, uyakuhlawulwa ukususela kumhla owafaka ngawo isicelo.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo ifumaneka simahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki kwi-intaneti, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yokhuseleko lwezentlalo (SASSA) ekufuphi nawe.

Ungaqhagamshela nabani

I -Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA)

 

SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email:  GrantEnquiries@sassa.gov.za  

Share this page