Ungazibika njani iincwadi zobumenemene benkohliso yokuhlawuliswa komntu umrhumo kuqala neenombolo zelotho zenkohliso

Ukuba ngaba ufumene iincwadi zenkohliso yokuhlawuliswa umrhumo wobumenemene kuqala neenombolo zelotho zenkohliso kufuneka ukuba uthumele wonke loo maxwebhu nembalelwano kwiZiko lamaPolisa eZizwe-ngezizwe (i-Interpol).

I-Interpol iza kwaziswa iCandelo loLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo leNkonzo yezobuPolisa yoMzantsi Afrika ngayo yonke imiba emalunga nenkohliso yobumenemene.

Iinkcukhacha zoqhagamshelwano ze-Interpol zezi zihamba ngale ndlela:

Inombolo yomnxeba: (+27) 12 309 3866
Inombolo yefaksi: (+27) 12 309 3003/4
I-imeyli: vdventera@saps.org.za

Inkohliso ikwa yaziwa ngokuba yi-  ‘419 scam’ kwaye iqhutywa yinkuntsela yemenemene, ngokwesiqhelo liba lilungu lombutho wabophuli-mthetho. Obu bumenemene busuka e-Nigeria kodwa imibutho yabophuli-mthetho kwamanye amazwe iye yabandakanyeka kwinkohliso yobumenemene bomrhumo ohlawulwayo kuqala. Ngokwesiqhelo buza njengencwadi, i-imeyli okanye i-SMS enesiphakamiso sezoshishino apho ixhoba licelwa ukuba malifake imali kwi-akhawunti yebhanki.

Obe-Lotto ubumenemene bubandakanya i-imeyli okanye i-SMS apho ixhoba lixelelwa ukuba liphumelele i-Lotto.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngokubika ubumenemene benkohliso yokuhlawulisa umrhumo kuqala nobumenemene be-Lotto.

 

Share this page