Ungalubika njani ulwaphulo-mthetho

Ukuba ngaba ulixhoba lolwaphulo-mthetho, kufuneka eso sehlo usibike kwisikhululo samapolisa oMzantsi Afrika esikufuphi nawe.

Amapolisa aza kuvula idokethi lwetyala elo aze aluphande olo lwaphulo-mthetho.

Usenokulubika ulwaphulo-mthetho ngaphandle kokuzichaza ukuba ungubani ngokutsalela kwa: 08600 10111 okanye utsalele kwa:10111 ngolwaphulo-mthetho olukwimeko kaxakeka. Le nkonzo ifumaneka imini nobusuku.

Fumana ulwazi oluthe vetshe ngokubika ulwaphulo-mthetho.

 

Share this page