Isicelo sokubhalisela VAT

Kufuneka ubhalisele ishishini lakho iRhafu eyoNgezelelwe kwiXabiso (i-VAT)  ukuba ngaba ixabiso lempahla ehlawuliswa irhafu okanye iinkonzo lingaphezulu kwe-R1 sezigidi kwixesha leenyanga ezi-12, okanye kulindeleke ukuba idlule kwesi sixa semali.

Ishishini lisenokubhalisa ngokuzithandela ukuba ngaba ingeniso eliyizuzileyo kwinyanga ezi-12 ezidlulileyo ingaphezulu kwama-R50 000.

Irhafu ye-VAT yerhafu engahlawulwa ngokuthe ngqo ekusetyenzisweni kwempahla neenkonzo kuqoqosho.

Faka iifomu zakho zokubhalisa kwisebe lika-SARS lendawo yakho zingadlulanga iintsuku ezi-21 ukususela ngomhla wokudlula kwi-R1 sezigidi.

I-VAT ihlawuliswa kumlinganiselo we-15% ekuhanjisweni kwempahla  neenkonzo ngabathengisi ababhalisiweyo. Kunoluhlu oluqingqiweyo lweempahla ngeenkonzo ezifanele ukuhlawulelwa i-VAT kumlinganiselo ongu-ziro okanye ezixolelweyo ekuhlawulisweni i-VAT.     

Ungafaka isicelo sokucinywa kobhaliso lwakho lweRhafu eyoNgezwe kwiXabiso (i-VAT)  ukuba ngaba ixabiso lobonelelo oluhlawuliswa irhafu luwa ngaphantsi kwe-R1 sezigidi eziqingqiweyo, okanye ukuba ngaba yonke imisebenzi yeshishini imile.

Ubhaliso lwakho lwe-VAT luyakucinywa kuphela ukuba ngaba uMkomishinala wanelisekile ukuba ingeniso yakho ehlawuliswa irhafu ayidluli kwi-R1 sezigidi okanye uliyekisile ishishini lakho.

Kufuneka ulazisile iZiko leeNkonzo zeRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS) zingadlulanga iintsuku ezi-21 uluyekisile ushishino.

Ishishini lakho liyakuhlala linoxanduva lalo naliphi na ityala le-VAT elingekahlawulwa elenziwe ngoko belisabhalisiwe njengomthengisi.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokuba uyibhalisela njani i-VAT okanye ukucima ubhaliso lwakho okanye qhagamshelana ne-SARS.

 

Share this page