Bhalisela imbuyiselo yemali yamafutha edizili

Ungafaka ibango lokubuyiselwa imali yamafutha edizili ukuba ngaba ungumthengisi obhalisele i-VAT kwaye ishishini lakho libandakanyeka kolunye lwalamashishini: 

  • ukufama emhlabeni
  • izimbiwa emhlabeni
  • ezamahlathi
  • imisebenzi yangaphandle kwemida.

Le dizili ufuna ukufaka ibango layo kufuneka ibe ithengwe yaze yasetyenziswa ngaphakathi kwemida yoMzantsi Afrika.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokufaka ibango kwingxowa-mali yamafutha edizili okanye qhagamshelana ne-SARS ukufumana ulwazi oluthe vetshe.

 

Share this page