Imisebenzi enxulumene nokuphuculwa kwemvelo yemfuzo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuvunywa kwayo yonke imisebenzi enxulumene nokuphuculwa kwemvelo yemfuzo eMzantsi Afrika

Ingaba ufuna imvume ekuvumela ukuba uthathe inxaxheba kwimisebenzi enxulumene nokuphuculwa kwemvelo yemfuzo eMzantsi Afrika Afrika? Faka isicelo semvume kwiGosa lemisebenzi enxulumene nokuphuculwa kwezemvelo yemfuzo.    

Le mvume ikuvumela ukuba:  

  • Ungenise okuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo eMzantsi Afrika   
  • Uthumele okuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo okuvela eMzantsi Afrika kwamanye amazwe
  • Ulawule ukusetyenziswa kokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo kwindlu yophando lwenzululwazi, kwindlu yokukhulisa okanye kwindllu ekhulisa izithole
  • Wazise okuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo kokusingqongileyo eMzantsi Afrika apho uvavanyo luya kuqhutywa khona                 
  • Ukuqhuba nemisebenzi yangaphambili egunyazisiweyo
  • Isiqinisekiso sokukhululwa kwempahla yorhwebo (igunya lokuyisebenzisa njengokutya, ukutya kwezilwanyana okanye ukulungiselelwa ukuze kungonakali) okuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo
  • Ukulinywa nokusetyenziswa kokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo ukwenza inzuzo      
  • Bhalisa iindawo eziza kubandakanywa kwimisebenzi enxulumene nokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo
  • Ubume bomthwalo wokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo. 

Ofanele kukwenza

  • Gqiba ukuba loluphi uhlobo lomsebenzi ofuna igunya lokuwenza uze uzalise uxwebhu lwesicelo olufanelekileyo.    
  • Qaphela ezi mfuneko zilandelayo kwizicelo ezithile:
    • Izicelo zokukhulwa jikelele kufuneka zilandele imisebenzi egqityiweyo kokusingqongileyo eMzantsi Afrika kumaxesha okulima amathathu                                                                                
    • Izicelo zokuqhuba nomsebenzi ziya kwamkelwa ukuba loo msebenzi wawugunyazisiwe ngaphambili                                                                                                                   
  • Faka isicelo kunye nenani leekopi elichaziweyo kwiGosa loBhaliso lokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo.
  • Faka ikopi eyongezelweleyo yesicelo, engenazo iinkcukacha eziyimfihlo zeshishini, kwiGosa loBhaliso lokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo
  • Hlawula umrhumo omiselweyo.
  • Faka ingxelo yemisebenzi yangaphambili eyenziweyo (apho kufanelekileyo)                                                   
  • Faka ubungqina besibhengezo sikawonke-wonke (apho kufuneka khona).
  • Abafaka izicelo kufuneka basebenzise ezi zikhokelo zilandelayo:      

Ixesha elimiselweyo

  • IGosa loBhaliso lokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo limisela ukuthotyelwa kwesicelo ngokwemimiselo yoMthetho yokuPhilayo nokuPhuculwe ngokweMvelo yeMfuzo we-1997.
  • IKomiti yeeNgcebiso ihlalutya iinkcukacha zenzululwazi ezifakwe nesicelo ize icebise malunga nokhuseleko lomsebenzi ocetywayo kwiBhunga leSigqeba.                                      
  • IGosa loBhaliso lifumana igalelo elivela kuluntu kwixesha elivunyelwe oko.
  • IBhunga leSigqeba lifikelela kwisigqibo malunga nesicelo, lize lisichophele, lijonge neengcebiso zeKomiti yeeNgcebiso, igalelo loluntu kunye nefuthe kumacandelo afana nezolimo, ezempilo, ezokusingqongileyo, ezemisebenzi, urhwebo kunye nenzululwazi nophuhliso lwezobuchwepheshe.
  • Ukuba iBhunga leSigqeba liyavuma, iGosa loBhaliso ligunyaziswa ukuba likhuphe imvume.                          
  • Zonke iimvume zikhatshwa ziimeko zolawulo.

Abahloli beSebe lezoLimo babeka esweni ukuqaliswa kwemiqathango yemvume.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama 2021/22

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

(Ezi fom zifumaneka nge PDF. Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.)

Application forms [PDF] 

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page