Ukufaka isicelo sephepha-mvume lokuthengisa iimveliso ze-oli okanye ipetroleum ngesixa

Malunga
Ekufuneka ukwenze
Ixesha elimiselweyo
Imali ehlawulwayo
Iifomu ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxibelelwano

 

 

Malunga nokufaka isicelo sephepha-mvume lokuthengisa ipetroleum.

Ukuba ufuna ukuthengisa iimveliso zepetroleum kubathengi abaza kuyisebenzisa ngokwabo, kufuneka ufake isicelo sephepha-mvume lokuthengisa ngesixa kwiSebe lezaMandla.

Eli phepha-mvume likunika imvume yokuthenga iimveliso zepetroleum ngesixa (iilitha ezili-1 500, ngexesha) kumvelisi onephepha-mvume, uze uzithengisele abathengi bona abaza kuzisebenzisa.

Iphepha-mvume lisemthethweni ukuba nje ishishini lakho lisaqhuba.

Ekufuneka ukwenze

  1. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo sephepha-mvume lokuthengisa ngesixa, i-DE 38.
  2. Thumela ifomu yokufaka isicelo kwi-ofisi yengingqi yeSebe lezaMandla.
  3. ISebe liza kuthumelela ileta ecacisa ukuba kufuneka upapashe isaziso sokufaka isicelo kumaphepha-ndaba amane.
  4. Kufuneka unike iSebe ubungqina bokupapasha isaziso sokufaka isicelo.
  5. Wakuba ulifumene iphepha-mvume, kufuneka ufake iinkcukacha ezinolwazi ngeshishini rhoqo ngonyaka usebenzisa ulwazi lonyaka lwephepha-mvume lokuthengisa ngesixa (Ifomu Yokungenisa), i-DE 30.

Ixesha elimiselweyo

Ufanele ukuba uyifumane impendulo zingaphelanga iintsuku ezingama-90 ukusuka ngosuku iSebe elibufumene ngalo ubungqina bokupapashwa kwesaziso sokufaka isicelo.

Imali ehlawulwayo

  • I-R1 000
  • Nentlawulo yephepha-mvume yonyaka engama-R500.

Iinkcukacha zonxibelelwano

 

Share this page