Isicelo sephepha-mvume lokuvelisa ivaselina

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga ukufaka isicelo selayisenisi yokuvelisa ipetroliyamu

Iphepha-mvume lokuvelisa ivaselina liyakuvumela ukuba uvelise izinto ezenziwa ngevaselina uzithengise kwabanamaphepha-mvume okuthengisa ngezixa ezikhulu, nabanye abathengisi ngaphandle kwabathengisa ngaphandle kelizwe.

Qaphela: akukho mntu onokuvelisa ivaselina engenawo amaphepha-mvume.

Ungathathwa njengonalo ihepha-mvume lokuvelisa ivaselina, kodwa kufuneka ufake isicelo zingaphelanga iinyanga ezintandathu zokuqala ukusebenza komthetho xa bowusele usebenza njengomvelisi wevaselina ngaphambi komhla weshumi elinesixhenxe ku Matshi 2006.

Ofanele kukwenza

  1. Kufuneka ugcwalise iFomu yokufaka isicelo selayisenisi yokuvelisa: engu-DE 40.
  2. Thumela ifomu yokufaka isicelo kwi-ofisi yesithili yeSebe lezaMandla.
  3. ISebe liza kuthumela incwadi ecacisa ukuba kufuneka upapashe isaziso sokufaka isicelo kwiSebe kumaphephandaba amane.
  4. Kufuneka unikezele ngesiqinisekiso sokupapasha isaziso sesicelo kwiSebe.
  5. Xa soyifumene ilayisenisi, kufuneka unikezele ngolwazi olumalunga neshishini lakho rhoqo ngonyaka usebenzise uLwazi lonyaka lwelayisenisi yokuvelisa (iFomu yokuFaka), engu-DE 33.

Ixesha elimiselweyo

Isigqibo kufuneka sithathwe zingadlulanga iintsuku ezingama-90 ukususela kumhla iSebe elifumene ngawo isiqinisekiso sokupapasha isaziso sesicelo.

Ingaba kubiza malini na

  • I-R1 000 ukuba ngaba ubusowusebenza ngaphambi kokuba uMthetho siHlomelo weeMveliso zePetroliyam, wama-2003 (uMthetho 58 wama-2003), uqale ukusebenza.
  • Li-R10 000 ukuba ngaba ubungekasebenzi ngaphambi kokuba uMthetho siHlomelo weeMveliso zePetroliyam, wama-2003 (uMthetho 58 wama-2003), uqale ukusebenza.
  • Umrhumo wama-R5 000 rhoqo ngonyaka welayisenisi yeemveliso zepetroliyam ezivela nakweyiphi na i-hydrocarbon kuquka ipetroliyam, i-oli ekrwada, igesi yendalo, ulwelo lweegesi zendalo, okanye nawuphi na umxube wayo. 
  • Umrhumo wama-R500 rhoqo ngonyaka welayisenisi yeemveliso zepetroliyam evela kwezinye iziveliso zendalo.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page