Isicelo sokufumana incwadi yesazisi okokuqala

Ukuba ngaba uneminyaka eli-16 nangaphezulu, ungasifaka isicelo sencwadi yesazisi (i-ID). Uza kudinga i-ID ukubhalisela ukubhala iimviwo zakho zematriki, ukufumana ilayisenisi yokuqhuba okanye ukuvula i-akhawunti yebhanka.

Ukuba ngaba ufumana i-ID yakho kube kukho kuyo iimpazamo kwiinkcukacha  zakho zobuqu, iSebe leMicimbi yezeKhaya liza kwenzela enye i-ID simahla.

Ungafaka isicelo sokuba uphinde ukhutshelwe enye i-ID:

  • ukuba ngaba utshatile ube ufuna ukusebenzisa ifani yeqabane lakho
  • ukuba ngaba ungumntu wasetyhini ube ufuna ukufaka isicelo se-ID entsha ngayo nayiphi na enye yeefani zakho zangaphambili
  • ukuba ngaba i-ID yakho ilahlekile, ibiwe okanye yonakele.

ISebe leMicimbi yezeKhaya livelisa ikhadi leSazisi elizakuthatha indawo ye-ID eluhlaza. Oko kuza kwenzeka kule minyaka isibhozo izayo, ukutsho ukuthi usenokungalifumani ngoku ikhadi xa uyokufaka isicelo ngoku. Ukuba ngaba sele unayo i-ID, uza kumenywa ukuba uze kufaka isicelo sekhadi le-ID.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokufumana incwadi yesazisi, okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page