Isicelo sokwamkelwa njengommi emva kokuhlala ixesha elithile

Ukuba ngaba uzalelwe eMzantsi Afrika ize mhlawumbi omnye wabazali bakho abe ngummi woMzantsi Afrika okanye umhlali waseMzantsi Afrika osisigxina oneempepha-mvume, okanye ukuba ngaba ummi woMzantsi Afrika ukwamkele njengomntwana wakhe okanye ummi osisigxina, unelungelo elingaxoxisiyo lokuba ngummi.

Ungafaka isicelo sobummi boMzantsi Afrika ngokomnombe okanye ngenxa yokukhulela kwaye uneenjongo zokuphelela apha.

Usenakho nokufaka isicelo sokubugcina ubummi bakho phambi kokuba wamkele ubummi belinye ilizwe. Xa ufumana ubummi belinye ilizwe, ungakhange unikwe ilungelo lokubugcina ubummi bakho phambi kokwenza oko, uyakuphulukana nobumi bakho ngokungaxoxisiyo.  

Ungafaka isicelo sokubuyiselwa kobummi bakho boMzantsi Afrika ukuba ngaba wawungummi ngokuzalwa okanye ngokomnombe uze ube ubuyele eMzantsi Afrika isigxina.

Ungabushiya ubummi bakho boMzantsi Afrika ukuba ngaba uzimisele ukufumana ubummi belinye ilizwe.

Ungafaka isicelo sokuxolelwa ekuphulukaneni nobummi bakho boMzantsi Afrika ukuba ngaba ufumene ubummi belinye ilizwe phambi komhla we-6 kweDwarha we-1995.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nobummi okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page