Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokuthenga utywala kwamanye amazwe
Ukuba ufuna ukuthenga utywala kwamanye amazwe okanye imveliso zotywala ngobuninzi okanye ngeebhotile (kungaqukwangwa ibhiya) uzifaka kweli loMzantsi Afrika, kufanele ube nesiqinisekiso sokuthenga kumazwe angaphandle phambi kokuthi imveliso yakho yotywala ikhululwe kwizibuko lokungena.
Ufaka isicelo sokuthenga kumazwe angaphandle kanye kuphela, emveni koko inombolo yesosiqinisekiso ingasebenziswa kwakhona ukuba akhukho tshinsho kumxube, okungaphakathi, ubukhulu bebhotile negama lemveliso lingajiki.
Ofanele kukwenza
- Fumana uxwebhu lwesicelo kwikhompuyutha uze ulugcwalise.
- Faka uxwebhu lwesicelo kunye nomzekelo womlinganiselo wobucinane i750 ml wemveliso leyo ufuna ukuyithenga emazweni angaphandle kwiofisi yecandelo lemveliso yotywala ngeposi kuledilesi Private Bag X5015, Stellenbosch, 7599 okanye uyihambise ngesandla kwisitishi sokuthintela ukuthisaa kwezifo zezityalo, FSQA Polkadraai Road, eStellenbosch.
- Ukuba ufuna ukufaka kweli utywala obusezibhotileni, kufanele ufake isampule ekwiqobelo lebhotile ezakusetyenziswa xa kuthengiswa. Igama lemveliso kwibhotile ezakuvavanywa ukuqinisekisa ukuthi uyahambisana nemigaqo yoMthetho wemveliso zotywala wonyaka ka 1989.
- Ukuba ufaka utywala kweli ngobuninzi kufanele ufake isampule kumlinganiselo we 750 ml webhotile noba yeyiphi. Akunyanzelekanga ukuthi ibeliqobelo le bhotile ezakusetyenziswa xa kuthengiswa kuba kokungaphakathi kuphela okuzakuvavanywa.
- Bhatala imali emisiweyo (ngeqobelo lemali kuphela).
- Phambi kokuba ufake imveliso zotywala kweli loMzantsi Afrika, kufanele ufake isaziso iyure ezingamashumi amane anesibhozo kwiCandelo Lwabacwaningi Bomgangato.
- Ezibukweni lokungena, faka isicelo semvume yokuhambisa utywala ukusuka ezibukweni lokungena ukuya apho ufuna buyothengiswa khona eMzantsi Afrika.
Ixesha elimiselweyo
Akuho xesha elimiselweyo kule nkonzo.
Ingaba kubiza malini na
Imali ehlawulwayo yowama 2025/26
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Regional offices
Tel 021 809 1660
Fax 021 887 9457
E-mail jeswaynen@dalrrd.gov.za
Physical address: Plant Quarantine Station, Polkadraai Road, Stellenbosch 7600
Postal address: Inspection Services – Stellenbosch, Private Bag X5015, Stellenbosch 7599
Web address: https://www.dalrrd.gov.za/Branches/Agricultural-Production-Health-Food-Safety/Inspection-Services/About-Us