Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nesicelo sokukhululwa kwimiqathango yokuthenga utywala
Kufanele ufake isicelo sesiqinisekiso sokuthenga utywala kumazwe angaphandle ukuba ufuna ukufaka kweli iilitha ezingaphezulu kwezilishumi elinambini zotywala uzakuzisebenzisa ngokwakho. Umlinganiselo ophezulu ongawufaka kweli ngonyaka ziilitha ezilikhulu namashumi asibhozo.
Akunyanzelekanga ukuba ufake isicelo sesiqinisekiso xa:
- Utywala bunephesenti ezingaphezulu kwenye enxilisayo kwaye buyinxalenye yomthwalo wakho kwaye buzakusetynziswa mguwe.
- Utywala obungadluli iiphesenti ezilishumi nambini ngomthamo.
Awuvumelekanga ukuthi uthengise okanye wabe obutywala.
Ofanele kukwenza
- Fumana kwikhompuyutha uxwebhu lwesicelo sokukhululwa kwimiqathango yokuthenga utywala kumazwe angaphandle uze usigcwalise. Awufanelanga kuncamathelisa nto kuxwebhu lwakho kwaye awuzufunwa isampule yotywala bakho ofuna ukubufaka kweli.
- Xa ufika ezibukweni lokungena , kufanele unike umhloli osuka kwiSebelezolimo, Amahlathi nezokuloba uxwebhu okanye uthumele nge e-mail kule dilesi jeswaynen@nda.agri.co.za phambi kokuba uye ezibukweni lokungena.
Regional office
Tel: 021 809 1660
Fax: 021 887 9457
E-mail: jeswaynen@nda.agric.za
City/town: Stellenbosch
Province: Western Cape
Physical address: Plant Quarantine Station, Polkadraai Road, Stellenbosch 7600
Postal address: SAAFQIS – Stellenbosch, Private Bag X5015, Stellenbosch 7599