Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nesibonelelo-mali senkxaso yomntwana
Ukuba uswele, ungafumana isibonelelo-mali sokukuncedisa ekukhuliseni umntwana omgcinileyo.
Uzazi njani ukuba ufanelekile?
Kufuneka:
- Ube ngumlondolozi okukuphela kwakhe lo mntwana axhomekeke kuye (umz., umzali, umakhulu/utatomkhulu womntwana okanye umntwana oneminyaka engaphezulu kweli-16 oyintloko yosapho). Qaphela: Ukuba awunguye umzali womntwana, kufuneka uze nesiqinisekiso sokuba nguwe kuphela ongumlondolozi walo mntwana ngokuza nenkcazelo efungelweyo emapoliseni, ingxelo yoonontlalo-ntle, inkcazelo efungelweyo evela kumzali womntwana okanye ileta evela kwinqununu yesikolo afunda kuso umntwana.
- Ube ngummi woMzantsi Afrika okanye ummi osisigxina
- Ungamkeli umvuzo ongaphezulu kwama-52 800 eerandi ngonyaka ukuba awutshatanga. Ukuba utshatile, umvuzo wenu udibene akufuneki ube ngaphezulu kwama-105 600 eerandi ngonyaka.
Umntwana kufuneka:
- abe neminyaka engaphantsi kweli-18 ubudala
- angabikho phantsi konakekelo lweziko lukarhulumente
- ahlale nomntu omongayo okukuphela kwakhe axhomekeke kuye ongakuhlawulelwa ukugcina lo mntwana.
Wena kunye nomntwana lowo kufuneka nibe nihlala eMzantsi Afrika.
Qaphela: Awukwazi ukusifumana esi sibonelelo-mali ngabantwana abangaphezulu kwesithandathu abangengobakho okanye ongabamkelanga njengabantwana bakho ngokusemthethweni.
Uza kufumana malini?
Uza kufumana ama-R560eerandi ngenyanga ngomntwana ngamnye. (Top-up R560 + R280)
Uza kuhlawulwa njani?
I-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) iza kukuhlawula esi sibonelelo ngenye yezi ndlela zilandelayo:
- ngokunika imali esandleni kwindawo eyodwa ekuhlawulelwa kuyo ngosuku oluthile
- ngokuyifaka kwi-akhawunti yakho yebhanki ngokusebenzisa i-intanethi okanye kwi-akhawunti yePostbank (ibhanki isenokuhlawulisa ngalo nkonzo)
- kwiziko elisebenza njengomlawuli wesibonelelo-mali.
Qaphela: Ukuba awukwazi ukuyilanda ngokwakho le mali, ungazichongela umntu kwi-ofisi yakwa-SASSA oza kumnika ilungelo lokwamkela imali egameni lakho, okanye unike omnye umntu ilungelo lokulanda imali yesibonelelo egameni lakho.
Singahlaziywa nini isibonelelo-mali somntwana?
Abakwa-SASSA bangathatha isigqibo ngokwabo ukuba isibonelelo-mali somntwana kufuneka sihlaziyiwe. Umvuzo wakho njengoko ubuwazisile ngela xesha ubufaka ngalo isicelo sesibonelelo-mali kuza kujongwa wona xa kuthathwa eso sigqibo. Uza kwaziswa kwisithuba seenyanga ezintathu phambi komhla wokuhlaziywa kwesibonelelo-mali okanye umhla esilindeleke ngawo isatifikethi sobomi (ixwebhu eliqinisekisa ukuba usaphila na). Ukuba imali yakho uyifumana ngebhanki, ngeziko okanye kulo mntu wakwa-SASSA umchongileyo, uyakulindeleka ukuba ugcwalise isatifikethi sobomi kwi-ofisi yakwa-SASSA qho ngonyaka.
Singarhoxiswa nini isibonelelo-mali somntwana?
Oku kulandelayo kungakhokelela ekurhoxisweni kwesibonelelo somntwana:
- ukutshintsha kwemeko yakho
- iziphumo zohlaziyo
- ukuba khange kufunyanwe ntsebenziswano kuwe ngethuba kuhlaziywa isibonelelo-mali somntwana
- xa uthe wenza ubumenemene okanye wanikezela ngolwazi olungeyonyani malunga nomntwana
- ukuba kwathi kanti bekukho impazamo ekuvunyweni kwesibonelelo-mali somntwana.
- ukuba umntwana akasekho phantsi kwakho.
Siphelelwa nini lixesha isibonelelo-mali sakho?
Isibonelelo-mali siyakuphelelwa lixesha:
- ukuba umntwana uswelekile
- ukuba umntwana ungeniswe wamkelwa kwiziko likarhulumente
- ukuba umntu owamkela le mali ungumongi womntwana akasilandanga isibonelelo-mali kwade kwadlula iinyanga ezintathu zilandelelana
- ukuba umntwana akekho kweli lizwe
- ekupheleni kwenyanga umntwana agqibe ngayo iminyaka eli-18.
Kokuphi omawukwenze
- Yiya kwi-ofisi ye-Arhente yeszBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) ekufutshane nalapho uhlala khona uze noku kulandelayo:
- Icwadi-sazisi (i-ID) enebha khowudi (enamanani ali-13 kunye nesatifikethi sokuzalwa somntwana. Ukuba awunayo i-ID okanye isatifikethi sokuzalwa somntwana:
- kufuneka ugcwalise ifomu yakwa-SASSA elungiselelwe ukwenza inkcazelo efungelweyo phambi koMfungisi ongelilo igosa lakwa-SASSA.
- Yiza nala maxwebhu alandelayo:
- inkcazelo efungelweyo etyikitywe ngumntu obekekekileyo (umz. uceba, inkokheli yezemveli, unontlalo-ntle, umfundisi wakwalizwi) omaziyo umfaki-sicelo kunye nomntwana
- isiqinisekiso sokuba usifakile isicelo se-ID okanye nesatifikethi sokuzalwa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
- i-ID yakho yethutyana ekhutshwe liSebe leMicimbi yezeKhaya (ukuba iyachaphazeleka).
- Isatifikethi sokuphehlelelwa ukuba sikhona.
- Ikhadi lasekliniki ukuba likhona
- Ingxelo yesikolo ukuba ikhona.
- Isiqinisekiso sayo nayiphi na imali yesondlo oyifumanayo ngalo mntwana.
- Isiqinisekiso somvuzo wakho.
- Isatifikethi sakho somtshato (ukuba utshatile).
- Ukuba ungumntu owaqhawula umtshato, umyalelo wenkundla ochaza ukuba umntwana unikezelwe kuwe.
- Ukuba omnye okanye bobabini abazali bomntwana basweleka okanye balahleka, isatifikethi sokusweleka salowo uswelekileyo okanye isiqinisekiso sokuba umzali ulahlekile, umz, ingxelo yomntu olahlekileyo evela emapoliseni.
- Icwadi-sazisi (i-ID) enebha khowudi (enamanani ali-13 kunye nesatifikethi sokuzalwa somntwana. Ukuba awunayo i-ID okanye isatifikethi sokuzalwa somntwana:
- Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo phambi kwegosa lakwa-SASSA (qaphela ukuba nguwe kuphela njengomfaki-sicelo okanye igosa lwakwa-SASSA abanokugcwalisa ifomu yokufaka isicelo).
- Uza kunikwa irisiti. Yigcine njengesiqinisekiso sokuba usifakile isicelo.
Ukuba asivunywanga isicelo sakho?
Ukuba isicelo sakho asivunywanga, abakwa-SASSA bayakwazisa ngembalelwano ukuba kutheni isicelo sakho singaphumelelanga.
Ukuba awuvumelani neso sigqibo, ungafaka isibheno kuMphathiswa woPhuhliso loluNtu kwi-ofisi yesizwe yeSebe loPhuhliso loluNtu, ucacise ukuba kutheni ungavumelani nokungaphumeleli kwesicelo sakho. Kufuneka ufake isibheno zingadlulanga iintsuku ezingama-90 emva kokuba wazisiwe ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.
Sithatha ixesha elingakanani
- Inkqubo yokuqwalasela isicelo ingathatha iinyanga ezingafika kwezintathu.
- Ukuba isicelo sakho sivunyiwe, uza kuhlawulwa ukususela ngomhla owafaka ngawo isicelo.
Kubiza malini
Le nkonzo isimahla.
Iifomu emazigcwaliswe
Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki ku-intanethi, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yakwa-SASSA ekufutshane nawe.
Ungaqhagamshelana nabani
I-Arhente Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA)
SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email: GrantEnquiries@sassa.gov.za