Malunga
Ekufuneka ukwenze
Ixesha elimiselweyo
Imali ehlawulwayo
Iifomu ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxibelelwano
Malunga nokubhalisa iziko lemfundo yamabanga abasaqalayo (i-ECD)
Iziko lemfundo yamabanga abasaqalayo okanye isikolo-mpeleso yindawo yokugcinwa kwabantwana abangekayi esikolweni abangaphezulu kwesithandathu ngamaxesha athile emini okanye obusuku. Kufuneka kubekho isivumelwano phakathi komnikazi sikolo-mpeleso kunye nabazali okanye abagcini-bantwana.
Ukuba unabantwana obagcinayo egameni labazali babo okanye abagcini babo, abangaphezulu kwisithandathu (abaneminyaka efikelela kwemithandathu), iiyure ezithile ebusuku okanye emini, okanye ithutyana elifutshane, ungafaka isicelo sokubhaliswa kwi-ofisi ekufutshane nawe yesebe lophuhliso loluntu okanye ekamasipala.
Ukumisela okanye ukuvula iziko le-ECD, iziko kufuneka:
- libhaliswe kurhulumente wephondo elo likulo
- lilawulwe kwaye liphathwe ngokwemiGaqo yamaZiko eMfundo yabasaQalayo (Guidelines for Early Childhood Development Centres)
- lithobele le mimiselo nemigangatho:
- indawo ekhuselekileyo ebantwaneni
- ukongiwa ngokufanelekileyo kwabantwana abagulayo okanye abantwana abathe bagula
- indawo ethe gabalala nebetha umoya ngokufanelekileyo
- amanzi akulungeleyo ukuselwa
- icoceke kwaye ibe nezindlu zangasese
- indawo yokugcina nayiphi na into enokuba nobungozi ebantwaneni
- ibe nayo imigqomo yokufaka inkunkuma kunye nezinye izinto zokufaka inkunkuma eqokelelwe apha kweli ziko
- indawo ecocekileyo yokulungisa nokuphaka ukutya kwabantwana
- iindlela zokwahlula abantwana ngokwamaqela ashiyana ngobudala
- ukwenza isicwangciso samanyathelo aza kuthathwa xa kukho imeko kaxakeka
- ukubhala imigaqo-nkqubo neenkqubo ezimayelana nezempilo kweli ziko.
Amaziko azizikolo-mpeleso zethutyana agcina abantwana abakhabuzekileyo okanye abanezigulo ezinganyangekiyo kufuneka:
- alungiselelwe imeko yaba bantwana
- abe nezixhobo eziza kukwazi ukumelana nezidingo zabantwana abanjalo
- aqeqeshe abantu abasebenza kweli ziko.
Iziko elisisikolo-mpeleso sethutyana lingasifumana isibonelelo senkxaso-mali kwisebe ukuba liyayanezisa imimiselo nemigangatho, nokuba ingingqi leyo likuyo iintsapho azinazimpiko zokukwazi ukuba nezindlu, ukuthenga ukutya nezinye izinto eziyimfuneko kubomi baba bantwana.
Ekufuneka ukwenze
- Faka isicelo sokubhaliswa okanye esokubhaliswa okuxhomekeka kwimiqathango ethile kweziko elisisikolo-mpeleso sethutyana kwi-ofisi ekufutshane nawe yesebe lophuhliso loluntu okanye kamasipala apho uza kunikwa iFomu 11 ukuba uyigcwalise.
- Isicelo sakho kufuneka sibe noku kulandelayo:
- iinkcukacha zakho (inombolo yencwadi-sazisi, idilesi kunye nenombolo yomnxeba)
- inani labantwana abaza kuthathwa kweli ziko
- izifundo oziphumeleleyo, izakhono kunye namava akho omsebenzi
- iinkcaza ngeenkqubo kunye neenkonzo ezikhoyo, kuquka neenjongo nemibono.
- Ngenisa oku kulandelayo:
- isicwangciso seshishini
- amaxesha omsebenzi eli ziko lethutyana
- iimali ezihlawulwayo
- isicwangciso seenkqubo zeziko
- uluhlu neenkcukacha zabasebenzi
- umgaqo woluleko
- umgaqo-siseko
- onegama leziko lesikolo-mpeleso sethutyana
- onoluhlu neenkcukacha zabalawuli, amagunya kunye nemisebenzi yabo
- ikopi engelokhutshelo-kopi yoyilo olungumzobo wesakhiwo
- isicwangciso samanyathelo aza kuthathwa ngethuba likaxakeka
- isiqinisekiso sokwamkelwa
- isiqinisekiso sezempilo esivela kumasipala
Amagosa eSebe loPhuhliso loLuntu nakamasipala aza kundwendwela iziko eli rhoqo aze kuhlola.
Iinkcukacha zonxibelelwano zee-ofisi zephondo zeSebe loPhuhliso loLuntu.