Ukuba ungutitshala onamabakala emfundo afanelekileyo okhangela umsebenzi eMzantsi Afrika, kufuneka ubhalise neBhunga labeFundisi-ntsapho laseMzantsi Afrika (i-SACE) .
Iziqinisekiso zamabakala wakho ezemfundo kufuneka zivunywe ukuba ngenene zezokusebenza kwezemfundo libhunga i-SACE phambi kokuba ubhalise. Ukuba iziqinisekiso zamabakala wakho ezemfundo uzifumene kumazwe angaphandle, kuza kufuneka ukuba zivavanywe nguGunyaziwe woQinisekiso lwamaBakala ezeMfundo waseMzantsi Afrika (i-SAQA) kuqala.
Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokubhalisa njengotitshala:
- kwiBhunga labeFundisi-ntsapho laseMzantsi Afrika (SACE) okanye tsalela kule nombolo: 012 663 9517 / 086 1007 223.
- kwiSebe leMfundo esiSiseko okanye tsalela kule nombolo: 012 357 3000.