Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi NgoLwesithathu, 19 EyeDwarha 2022

A.  Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.  Ugcino lwamanzi

1.1.  IKhabhinethi ibulele abemi boMzantsi Afrika ngokuthobela izithintelo zokusebenzisa amanzi eziphunyezwe kwiindawo ezithile zaseRhawutini, eTshwane nase-Ekurhuleni ngeenzame zokuzinzisa umthamo omumethwe ngoovimba bamanzi. Amadama kunye noovimba banomthamo ongaphantsi koxinzelelo ngenxa yobushushu obukwiqondo eliphezulu e-Gauteng, kwaye ukwanda kwemfuneko yamanzi kunyanzelise i-Rand Water ukuba icuthe ngesaquphe unikezelo lwamanzi kwaba masipala. Eli ziko lamanzi libonelela ngobuninzi bamanzi aselwayo kubantu abangaphezu kwezigidi ezili-11 e-Gauteng, kwiindawo zaseMpumalanga, eFreystata naseMntla Ntshona.
1.2.    Ezi zithintelo esingakwaziyo ukuzibaleka zenzelwe ukuqinisekisa ukuba siyaqhubeka nokuphaka amanzi ngendlela ezinzileyo, kwaye zisezakuhlala zikhona de imeko ibe bhetele. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuluntu ukuba luqhubeleke luyithobela imiqathango yothintelo lwamanzi kwaye ludlale indima yalo ngokusebenzisa ngokonga amanzi kuba abaluleke kakhulu futhi anqongophele. 

2.  Ugwayimbo lakwa-Transnet

2.1.  IKhabhinethi isamkele isivumelwano semivuzo yeminyaka emithathu ekufikelelwe kuso phakathi kuka-Transnet nombutho wabasebenzi i-United National Transport Union (i-UNTU), esi sivumelwano sizosebenza ukusuka kumhla woku-1 kuTshazimpunzi 2022 ukuya kowama-31 kweyoKwindla 2025. IKomishini yoXolelwaniso, kunye noLamlo ingenelele ngokulamla esi sivumelwano esenze ukuba luphele ngoko nangoko ugwayimbo obeluqhutywa ngamalungu e-UNTU. IKhabhinethi ikwasamkele isigqibo sombutho i-South African and Allied Workers Union (i-SATAWU) sokurhoxisa olu gwayimbo.
2.2.  IKhabhinethi ikwamkele ukuzibophelela kuka-Transnet ekubeni agxininise ekugqibeni umsebenzi osemva okuwo wonke amazibuko noololiwe obangelwe lolu gwayimbo, oluchaphazele uqoqosho kunye namacandelo axhomekeke kwiinkonzo zale arhente.
2.3.  IKhabhinethi ivakalise umbulelo wayo kwinkxaso nentsebenziswano ebisuka kwabezoshishino ngethuba logwayimbo. Ikhuthaza ubudlelwane obukhona phakathi kwabalawuli bakwa-Transnet nabasebenzi ukuze kuxhamle inkampani noqoqosho lwelizwe.

3.  Ubudlelwane boMzantsi Afrika ne-Saudi Arabia

3.1.  IKhabhinethi ilwamkele uTyelelo lokuSebenza lukaMongameli u-Cyril Ramaphosa e-Kingdom of  Saudi Arabia olubeyimpumelelo, lwangomhla we-15 nowe-16 kweyeDwarha 2022. Kolu tyelelo, la mazwe mabini atyikitye iZivumelwano Zokusebenzisana (ii-MoU) ezili-17 kumacandelo ohlukeneyo afana nezolimo, ezokuloba, ezemigodi, amandla ombane ohlaziyekayo, ukhuseleko, ezothutho kunye nezolimo lwasemanzini. Ezinye ii-MoU ezityikityiweyo zisekusekweni kweBhunga lezoShishino eliDityanelweyo, intsebenziswano kushishino lomkhosi nokuthengwa kwempahla, kunye nentsebenziswano kuphando lwejiyoloji.
3.2.  UMongameli usebenzise olu tyelelo ukumema amashishini ase-Saudi Arabia kwinkomfa yesihlanu yotyalo-mali eMzantsi Afrika eza kubanjwa ngonyaka wama-2023. I-Saudi Arabia ililizwe elikwindawo yesibini ngokomthamo  wezorhwebo kumazwe arhweba noMzantsi Afrika kummandla woMbindi Mpuma, kwaye eli lizwe lingowona mthombo mkhulu wezinto ezithengwayo ezingena eMzantsi Afrika ezivela kulo mmandla. Ubudlelwane phakathi kwala mazwe omabini bunesiqhamo esihle kurhwebo notyalo-mali.

4.  Utyalo-mali kwiziseko zophuhliso

4.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukuqaliswa kwamalungiselelo okwakha iziko elikumgangatho ophezulu lokuvelisa iiplastiki yinkampani ephambili kwihlabathi, , i-ALPLA Group, e-Lanseria e-Gauteng.
4.2.  Oku kongeza ekuzinikeleni kukaMongameli Ramaphosa ekubekeni uphuhliso lweziseko ezingundoqo njengendlela yokuvuselela uqoqosho nokwandisa imisebenzi.
4.3.  Olu tyalo-mali oluxabisa ama-50 ezigidi zeedola zaseMelika ligalelo elingundoqo kwisicwangciso esikhulu sedolophu yale mihla, ii-Lanseria Smart City esiceba ukuqhuba uzinzo kunye nohlaziyo lweemveliso kwanokudala nokugcina imisebenzi engama-350. Kukwabandakanywe nenkqubo yokuqeqeshelwa umsebenzi kubasebenzi abangama-36 abazakuba ziingcaphephe zokusebenza ngoomatshini neengcali zokuhlaziya iinkunkuma ibeyimveliso entsha kwimisebenzi yeenkampani ye-ALPLA Group kuwo wonke amazwe  akumazantsi e-Afrika. Inkqubo yokuqeqeshelwa umsebenzi iza kuqalisa ngonyaka wama-2023, abafundi bokuqala abali-12 baseMzantsi Afrika bazakuba bephuma kuluntu lwasekuhlaleni.

5.  Ukwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni

5.1.  Ukwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni kulimaza uluntu kunye noqoqosho lwethu, kwaye kukhokelela kwilahleko yengeniso karhulumente nakwicandelo lezemigodi.
5.2.  IKhabhinethi ikwamkele ukuthinjwa kwemipu emininzi kunye nokubanjwa kwabarhanelwa abangama-20 aboyamene nokwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni ngethuba kuqhutywa iphulo lokulwa nolu lwaphulo-mthetho kumgodi wase-Stilfontein eMntla Ntshona.
5.3.  IKhabhinethi ibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke nokusebenzisana nee-arhente zogcino-mthetho ukuze kuqinisekwe ukuba nakwilixa elizayo amaphulo okulwa nolwaphulo-mthetho abayimpumelelo. Oku kuza kuthumela umyalezo ongqongqo wokuba ulwaphulo-mthetho alunanzuzo, kwaye izaphuli-mthetho ziza kubanjwa, zitshutshiswe ngaphandle koloyiko okanye ukwenzelela.

6.  Amandla ombane

6.1.  Kutshanje u-Eskom utyikitye izivumelwano zengqeshiso yomhlaba zeminyaka engama-30 nabatyali-zimali abane abazimeleyo abavelisa umbane ukuze bakhe amaziko amatsha okuvelisa amandla ombane ococekileyo kwizikhululo zombane zaseMajuba naseTutuka eMpumalanga. Ezi zivumelwano zokuqeshisa ngomhlaba ziza kutsala utyalo-mali oluqikelelwa malunga nama-40 eebhiliyoni zeerandi.
6.2.  Abatyali-zimali abane – i-HDF Energy South Africa, i-Red Rocket SA, i-Sola Group kunye ne-Mainstream Power Renewable Developments South Africa – baza kufaka ubuncinane iimegawathi ezingama-2 000 kwiziko lombane lesizwe.
6.3.  La maziko matsha okuvelisa umbane kulindeleke ukuba aqhagamshelwe kuthungelwano lombane kwisithuba seenyanga ezingama-24 ukuya kwezingama-36 ukusuka kumhla wokutyikitywa kwezivumelwano zezimali, kodwa ke konke oku kuzakuxhomekeka kumaphepha-mvume endalo, okucandwa komhlaba kunye neminye imithetho enxulumene nolawulo lomhlaba.

7.  Ukufumaneka kokutya

7.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa kweNkongolo ye-Agri SA yowama-2022 ePitoli ngomhla we-13 nowe-14 kweyeDwarha 2022 phantsi komxholo othi: “Silima Ukutya ekuHlaleni”. Le nkongolo ibishukuxa imiba efana nokwenza izicwangciso eziphambili kwezolimo zisebenzele abalimi basekuhlaleni; iziseko zophuhliso ezizinzileyo zokutya okulinywa ekuhlaleni; ukwenza imo yendalo nokusingqongileyo kwendawo kukwazi ukugcina imveliso yokutya okuveliswa ekuhlaleni nakwixesha elizayo, kunye nokomeleza amandla abavelisi bokutya ukuze bakwazi ukuqhubeka nemveliso elinywe ekuhlaleni.
7.2.  Ekubekeni phambili ukufumaneka kokutya, iKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kweziko lesizwe lezoKhuseleko lwendalo i-National Biosecurity Hub, ngaphantsi kwenkqubo ye-Agricultural Bio-economy Innovation Partnership Programme, okuyinkqubo yeSebe lezeNzululwazi kunye nokuSungulwa Kwezinto eyenziwe ngentsebenziswano neYunivesithi yasePitoli. Eli ziko liza kuxhasa uthintelo, ukuncitshiswa kunye nolawulo lwezifo zezityalo nezilwanyana, nto leyo eza kuba negalelo elihle ekwandeni kwemveliso, ukufumaneka kokutya kunye nophuhliso oluzinzileyo lwasemaphandleni.

B.  Izigqibo zeKhabhinethi

1.  Ukuqinisekiswa koMqulu wokuNabisa amaGunya weManyano ye-Afrika (i-AU)
1.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMqulu we-AU oqulathe iMithetho-siseko yokuNatyiswa Kwamagunya, uLawulo lweeNgingqi kunye noPhuhliso lwaseKhaya. UMzantsi Afrika utyikitye lo mqulu kweyeThupha kowama-2021.
1.2.  UMqulu wokuNabisa amaGunya ubonelela ngoxwebhu olusisikhokelo kuwo onke amazwe angamalungu e-AU, esi sikhokelo simalunga nokunatyiswa kwamagunya nemisebenzi yabasemagunyeni ukusuka kuzwelonke ukuya nakwamanye amanqanaba karhulumente. Lo mqulu ujongene kakhulu nokwaba amagunya nemisebenzi, isikhokelo solawulo lwengingqi kunye nophuhliso lwengingqi.

2.  IBhunga  Lentlanganiso Yamazwe Ngamazwe yoKhuseleko kumzila kaloliwe ebanjwa rhoqo ngoNyaka yama-32  (i-IRSC)

2.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kweNtlanganiso ebanjwa rhoqo ngonyaka ye-IRSC yama-32 ezakubanjwa eRhawutini ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowesi-6 kweyeDwarha 2023 phantsi komxholo othi: “Ukubunjwa ngokutsha koololiwe kwiHlabathi elingenakuqinisekiswa”.
2.2.  I-IRSC liqonga lamazwe ngamazwe elidibanisa iingcali zokhuseleko koololiwe ezivela kwihlabathi liphela ukuze zitshintshiselane ngamava ngeenjongo zokuphucula ukhuseleko lukaloliwe.
2.3.  Njengelungu le-IRSC, uMlawuli woKhuseleko kuLoliwe waseMzantsi Afrika ugqibele ukusingatha le ndibano ngo-2015.

3.    UYilo lwesiCwangciso seSizwe seZiseko zoPhuhliso sowama-2050 (i-NIP 2050) iSigaba sesi-2

3.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koyilo lwe-NIP 2050 iSigaba sesi-2  kwiphephandaba likarhulumente ukuze nalo uluntu luhlomle. Esi sicwangciso sinika umkhombandlela ekomelezeni nasekwandiseni iiprojekthi ezihlangeneyo zeqhinga likarhulumente.
3.2.  Ichonga iiprojekthi ezicwangcisiweyo zokuhlaliswa koluntu; umbane kamasipala; amanzi; inkunkuma nelindle; izithuthi zabakhweli; iziseko zamaziko emfundo nezempilo; iziseko ezingundoqo zobuchwephesha, ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo.
3.3.  Ubume besicwangciso bucacisa ngombono wenkalo ekufuneka kujongwane nayo, bunikezela ngovavanyo lwemeko yangoku, buchaza iimeko eziyimfuneko ukuze kubekho impumelelo kwaye buchaza ekufuneka kwenziwe ukufezekisa umbono lowo.

4.  INkqubo-sikhokelo yeSizwe yokuPhumeza uBungcali beNkonzo kaRhulumente

4.1.  IKhabhinethi ivume iNkqubo-sikhokelo yeSizwe yokuPhumeza uBungcali beNkonzo  kaRhulumente. Le nkqubo-sikhokelo yapapashwa ngowama-2021 ukuze kuboniswane noluntu. 
4.2.  Esi sicwangciso-nkqubo sibonelela ngeentsika ezintlanu ezizama ukungenelela ngoncedo lokwenza iNkonzo kaRhulumente ibe nobungcali. Ezi ntsika zibandakanya ukuhlolwa nokuchongwa kwangaphambi kokungena emsebenzini komntu osele ekwiNkonzo kaRhulumente; uqeqesho loqhelaniso nomsebenzi; ucwangciso nolawulo lwentsebenzo; ukuqhubeka nemfundo kunye nophuhliso lobungcali, kunye nenkqubela phambili yekhondo lomsebenzi kunye nokujonga iimeko zamakhondo emisebenzi.

5.  Utshintsho kwiimeko zengqesho kuBalawuli-Jikelele (ii-DG)

5.1.  IKhabhinethi iyamkele ingxelo ephakamisa amanyathelo okomeleza amandla kunye nokukwazi ukusebenza kwabo bakwisihlalo sika-DG kwiNkonzo kaRhulumente. Ingxelo yenze izindululo ezininzi, kubandakanywa ixesha lokulawula lee-DG kunye nendlela elandelwa ngayo imiyalelo yamaLungu esiGqeba soLawulo  ngamagosa aphendulayo.
5.2.  Le ngxelo ikwandulule ukuba i-DG kwi-Ofisi kaMongameli yonyulwe njengeNtloko yoLawulo Lwemisebenzi kaRhulumente. Kwinqanaba lamaphondo, lo msebenzi uza kunikwa ii-DG kwii-ofisi zeeNkulumbuso. Ingxelo iphinde yaphakamisa amanyathelo okukhokela amasebe kulawulo lwezivumelwano zengqesho zee-DG.
5.3.  Inkqubo ehlaziyiweyo yoLawulo lweNtsebenzo yee-DG iyahlaziywa ukuze ihambelane nolu tshintsho lwenziweyo.
5.4.  UMphathiswa oBambeleyo wezaBasebenzi bakaRhulumente noLawulo, uMnu Thulas Nxesi, kule veki izayo uza kubiza intlanganiso noonondaba ukuze achaze iNkqubo-sikhokelo yeSizwe yokuPhunyezwa kobuNgcali beNkonzo kaRhulumente kunye nokucacisa utshintsho oluvunyiweyo kwiimeko zengqesho yee-DG.

6.  Ingxelo yesihlanu yeNkqubela-phambili engokuphunyezwa kwePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo waMalungelo Abantu abaPhila nokuKhubazeka (i-WPRPD) yama-2020-2021

6.1.  IKhabhinethi iyivumile ingxelo yesihlanu yeNkqubela-phambili engokuphunyezwa kwePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo waMalungelo Abantu abaPhila nokuKhubazeka (i-WPRPD), ibonelela ngohlaziyo lokuphunyezwa kwe-WPRPD. Le ngxelo ibandakanya amagalelo avela kumasebe kazwelonke nawephondo. Ikwanika ingxelo ngomiliselo lomgaqo-nkqubo olubandakanya ulwabiwo lohlahlo-mali.
6.2.  Ingxelo yokuqala yenkqubela-phambili eye inikezwe rhoqo ngonyaka yapapashwa ngowama-2017. Le ngxelo yesihlanu yenkqubela-phambili ivunyiwe ukuba ifakwe kwigazethi ize ipapashwe liSebe labaseTyhini, uLutsha kunye naBantu abaKhubazekileyo.

7.  Ukulungiswa kweSiqendu sama-20(1) seSivumelwano sokuPheliswa Kwazo Zonke iiNtlobo zoCalucalulo Olujoliswe kwabaseTyhini (i-CEDAW)

7.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwesilungiso seSiqendu sama-20(1) se-CEDAW ukuze samkelwe yiPalamente. Ezi zihlomelo zibonelela ngexesha elongezelelweyo leentlanganiso zekomiti ejonga iingxelo zamazwe angamalungu.
7.2.  UMzantsi Afrika wasityikitya esi sivumelwano ngowe-1993 waza emva koko wasiphumeza kweyoMnga ngowama-1995. Ukungeniswa kwesi silungiso ePalamente kujonge ukulungelelanisa isivumelwano esamkelwa ngaphambili kunye nolungiso kwiSiqendu sama-20(1) sesivumelwano.

8.  Isivumelwano seHlabathi sokwaMkelwa kweziQinisekiso zeMfundo ePhakamileyo

8.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa ePalamente kwesiVumelwano seHlabathi soKwamkelwa kweziQinisekiso eziphathelene neMfundo ePhakamileyo ukuze siqinisekiswe yiPalamente. Sakuba sivunyiwe siza kuthunyelwa kuMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi neNkcubeko weZizwe eziManyeneyo  (i-UNESCO) emva koko unikwe amandla okusebenza ngokoMthetho weli lizwe weNkqubo-sikhokelo kaZwelonke yeziQinisekiso, wowama-2008 (uMthetho wama-67 wama-2008).
8.2.  Isivumelwano sehlabathi sisungula imigaqo-jikelele yemfundo enobulungisa, eselubala nengenamkhethe kwiziqinisekiso zemfundo ephakamileyo. Esi sivumelwano senzelwe ukukwamkelwa kweziqinisekiso zemfundo zamazwe angaphandle kumazwe angamalungu e-UN ali-193.

9.  Ukurhoxiswa kwezilungiso kwiSikhokelo saMalungu eSigqeba esiPhezulu

9.1.  IKhabhinethi isivumile isibhengezo esenziwe yi-Ofisi kaMongameli ngoMvulo, umhla we-17 kweyeDwarha 2022 sokurhoxisa izihlomelo ezenziwe kwiSikhokelo saMalungu esiGqeba esiLawulayo, esikwabizwa ngokuba yiNcwadana yabaPhathiswa, yowama-2022.
9.2.  Izihlomelo ezenziwe ngenyanga kaTshazimpuzi kowama-2022 ziphakamise ukuba kongezwe inani labasebenzi kwezinye zee-ofisi zabaPhathiswa abaphethe amasebe amaninzi. Ezi zihlomelo zikwafuna ukuba uRhulumente ahlawule zonke iindleko  ezinxulumene nombane namanzi kwiindawo zikarhulumente ezihlala amalungu esigqeba.
9.3.  IKhabhinethi iziqaphele iinkxalabo eziphakanyiswe luluntu yaze yagqiba ekubeni iphonononge iSikhokelo saMalungu esiGqeba soLawulo. Le nkqubo iza kusingathwa liqela elingathathi cala kwaye emva kokuba igqityiwe, esi sikhokelo siza kwenziwa esidlangalaleni ngewebhusayithi yeSebe lezaBasebenzi bakaRhulumente kunye noLawulo:  www.dpsa.gov.za.

10.  Intsebenziswano Kutshintsho Nobulungisa Kwezamandla (i-JETP) kunye neSicwangciso soTyalo-mali lwe-JETP (i-JETP-IP)
10.1.  Emva kokwamkela intetho nge-JETP kunye ne-JETP-IP, iKhabhinethi yamkele i-JETP-IP yaza yavakalisa umbulelo wayo ngomsebenzi oneenkcukacha ezicacileyo owenziweyo wokuyiphuhlisa.
10.2.  I-JETP-IP ichaza utyalo-mali olufunekayo ukuze kuphunyezwe izibophelelo zokungangcolisi umoya ezenziwe nguRhulumente waseMzantsi Afrika ngelixa ekhuthaza uphuhliso oluzinzileyo, kunye nokuqinisekisa utshintsho olunobulungisa kubasebenzi kunye noluntu oluchaphazelekayo.
10.3.  Kungekudala Ikomiti yabaPhathiswa ejongene noTshintsho lweMozulu iza kubamba indibano noonondaba ukuze inike iinkcukacha ezithe vetshe ngale nkqubo.

C.  Imithetho Esayilwayo

1.  UMthetho osaYilwayo wokuHanjiswa kweeMveliso zoRhwebo  ngeeNqanawa wango-2022

1.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo wokuHanjiswa kweeMveliso zoRhwebo  ngeeNqanawa wango-2022 ukuze uphicothwe. Lo Mthetho usaYilwayo ungena endaweni yoMthetho wokuHanjiswa kweeMveliso zoRhwebo ngeeNqanawa wowe-1951 (uMthetho 57 wowe-1951), obusele uneminyaka engama-70 uqhuba..
1.2.  Wakuba uphunyeziwe, lo Mthetho uYilwayo uza kubonelela ngenkqubo-sikhokelo yomthetho wokuthumela intengiso ngeenqanawa ozakulawula ikhonkco lokuthumela iimpahla ngeenqanawa. Iza kulawula, phakathi kwezinye izinto, ukuyilwa, ukubhaliswa, ukuthiywa kwamagama kunye nokuchithwa kweenqanawa.
1.3.  Olu tshintsho luza kuba negalelo ekuvuseleleni icandelo lezothutho lwaselwandle kunye nokulungelelanisa eli lizwe libe kwizinga leZizwe ngeZizwe loMbutho waseLwandle.
    
2.  UMthetho-sihlomelo osaYilwayo weNkcukacha-manani wowama-2020
2.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weNkcukacha-manani wowama-2022 ukuze uphicothwe. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa isihlomelo kuMthetho weeNkcukacha-manani, wowe-1999 (uMthetho wesi-6 wowe-1999). Ezi zihlomelo zibonelela ngophuhliso nokusetyenziswa kweNkqubo yeNkcukacha-manani yeSizwe exhasa izigqibo ezisekelwe kwiinkcukacha ezinobungqina.
2.2.  Ezi zihlomelo ziqinisa ulungelelwaniso olukhoyo phakathi kweziko leeNkcukacha-manani yoMzantsi Afrika (i-Stats SA) kunye namanye amaziko karhulumente, kwaye zandise ubume bolawulo lwalo Mthetho.

D.  Imisitho Ezayo

1.  Ingqungquthela kaMongameli yeSizwe yamaShishini amaNcinci, amaNcinane naPhakathi (ii-SMME) kunye nooKopolotyeni

1.1.  ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, lisebenzisana namahlakani ecandelo labucala, liza kubamba iNgqungquthela kaMongameli yeSizwe yee-SMME  kunye nooKopolotyeni e-Bryanston, e-Gauteng ukususela ngomhla we-13 ukuya kowe-15 kweyeNkanga 2022.
1.2.  Le ngqungquthela iza kudibanisa ndawonye abathathi-nxaxheba abaphambili becandelo labucala nelikarhulumente kwikhonkco lamashishini amancinci, ukuze baxoxe ngokufumana iindlela zokusebenzisana ekomelezeni eli candelo. Abathathi-nxaxheba abalindelekileyo baquka amagumbi orhwebo, iingcali ze-SMME, izifundiswa, abenzi bomgaqo-nkqubo kunye namaziko emali yophuhliso.
1.3.  Le ngqungquthela iza kuxoxa kwakhona ngeSicwangciso esiDityanisiweyo esiPhambili seSizwe soPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, esibonelela ngesicwangciso-nkqubo sobuchule sokomeleza icandelo le-SMME. Le ngqungquthela kulindeleke ukuba ibamba umsitho wokuqala wokunikezelwa kwamaWonga oNyaka kaMongameli e-SMME eSizwe..

2.  Ukubanjwa kweNgqungquthela kaMongameli yoBundlobongela obuSekwe kwiSini kunye nokuBulawa kwabaseTyhini (i-GBVF) yama-2022

2.1.  UMongameli Ramaphosa uza kubamba iNgqungquthela kaMongameli ye-GBVF yesibini kwiZiko leNgqungquthela lase-Gallagher e-Gauteng ngomhla woku-1 nowe-2 kweyeNkanga 2022. Ingqungquthela yokuqala eyayibanjwe ngowama-2018 yasetyenziselwa ukubophelela ngokutsha urhulumente namahlakani ezentlalo ukuba azibophelele ekupheliseni iziganeko ezikwiqondo eliphezulu zobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini kweli lizwe.
2.2.  Ingqungquthela yesibini iza kusetyenziselwa ukujonga inkqubela esele yenziweyo ekuphunyezweni kweSicwangciso-qhinga seSizwe kwi-GBVF. Iza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Ukuphendula; Ukukhawulezisa kunye noKwandiswa NGOKU”.
2.3.  Le ngqungquthela iza kuxoxa, phakathi kweminye imiba, ukufumana iindlela zokukhawulezisa iintshukumo zokungenelela kunye nokuphendula kwamasebe aphambili kunye nabo bonke abachaphazelekayo ababandakanya uluntu, icandelo labucala kunye nabasebenzi.

3.  Imbizo kaMongameli yesihlanu yaseMntla Koloni

3.1.  IMbizo kaMongameli yoPhuhliso lweSithili yeSihlanu (i-DDM) iza kuqhutywa ngoLwesihlanu, umhla wama-21 kweyeDwarha 2022 kwiBala Lemidlalo lasekuhlaleni i-Mxolisi Dicky Jacobs, e-Upington, eMntla Koloni. 
3.2.  Imbizo kaMongameli ye-DDM iza kuvavanya inkqubela phambili esele yenziwe yonikezelo lweenkonzo nemingeni ekhona eMntla Koloni ngeenzame zokungenelela ngezisombululo. I-DDM iqinisekisa ukuba ucwangciso lonikezelo lweenkonzo, ukuphunyezwa kunye nohlahlo lwabiwo-mali ziyadityaniswa ukuze kuphuculwe unikezelo lweenkonzo eluntwini.
3.3.  Ngaphambi lwale  Mbizo, abaPhathiswa, amalungu amabhunga esigqeba kunye noosodolophu baza kuqalisa imisebenzi yokufikelela eluntwini lwase-Upington nakwiindawo eziyingqongileyo.

4.  Ingxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lweXesha eliPhakathi (i-MTBPS)

4.1.  IKhabhinethi ikholelwa ukuba i-MTBPS yowama-2022 eza kuthiwa thaca nguMphathiswa wezeziMali u-Enoch Godongwana ngoLwesithathu, umhla wama-26 kweyeDwarha 2022 yinxalenye ebalulekileyo yenkqubo yohlahlo lwabiwo-mali oluvulelekileyo nolukwathatha uxanduva loMzantsi Afrika.
4.2.   I-MTBPS inika isiseko kwizibophelelo zikarhulumente ezikwinqanaba lenkcitho  elikwaziyo ukufikeleleka esizweni. Iqhubeka inika iinkcukacha ngendlela urhulumente aza kuwuvala ngayo umsantsa ophakathi kwengeniso nenkcitho, aze asebenzise kangangoko kwimithombo yobutyebi ekhoyo elizweni.

5.  IiMviwo zeMatriki

5.1.  Iimviwo zowama-2022 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ziqala ngomhla wama-31 kweyeDwarha zize ziphele ngomhla wesi-7 kweyoMnga 2022. IKhabhinethi inqwenelela abafundi beMatrikgi boonyaka wama-2022 okuhle kodwa njengoko bekwibanga lokuqqibela esikolweni. Inkxaso engagungqiyo esuka kootitshala, abazali nabagcini babantwana iza kuba nceda kakhulu aba bafundi ukuba bajongane nezi mviwo ngokuzithemba.
5.2.  IKhabhinethi ibongoza abazali kunye nabagcini babantwana ukuba badlale indima yabo ngokukhuthaza abafundi, nokudala imeko efanelekileyo yokufundela ekhaya.

6.  Inkomfa yeSicwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) kunye neZakhono zikaRhulumente

6.1.  ISebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo, lisebenzisana neKomishoni yoCwangciso yeSizwe kunye ne-School of Development Studies seYunivesithi yaKwaZulu-Natal liza kubamba iNkomfa ye-NDP kunye neZakhono zikaRhulumente ukususela ngomhla we-7 ukuya kowe-9 kweyeNkanga 2022 kwiKhampasi yase-Howard College, kwiYunivesithi yaKwaZulu-Natal.
6.2.  Le nkomfa iza kubonakalisa amandla ombuso kunye nokusebenza kule minyaka ilishumi yokuqala ye-NDP, kwaye iza kubanjwa phantsi komxholo othi: “ukuJonga iZakhono zikaRhulumente kunye neNdlela yokuSebenza kukaRhulumente kule minyaka ilishumi yokuqala ye-NDP”.


7.  Ukunikezelwa kwesiQinisekiso sokuWonga nokubekwa ngokusesikweni kukaKumkani uMisuzulu ka Zwelithini.

7.1.  UMongameli Ramaphosa uza kunikezela ngeSiqinisekiso sokuWonga uKumkani uMisuzulu ka Zwelithini kumabala emidlalo i-Moses Mabhida eThekwini ngoMgqibelo, umhla wama-29 kweyeDwarha 2022.
7.2.  Oku kulandela umsitho wesiNtu wokubekwa ngokusesikweni obizwa ngokuba “Kukungena eSibayeni” owawubanjwe ngomhla wama-20 kweyeThupha 2022, nalapho Umntwana weGazi wathi wathatha isikhundla sokuba  yiKumkani yeSizwe samaZulu.


E.  Imiyalezo

1.  Amazwi okuvuyisana 
IKhabhinethi idlulise amazwi ombulelo kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:

  • UMnu Sam Matekane, iNkulumbuso eyonyuliweyo yase-Kingdom of  Lesotho. IKhabhinethi nayo njengoMbutho wokuHlola uNyulo we-AU ukuya kuNyulo lweSizwe lomhla we-7 kweyeDwarha 2022 e-Kingdom of Lesoth income ukuvuthwa ngokwezopolitiko kwabantu base-Kingdom of  Lesotho ngokuthi babambe ulonyulo oluyimpumelelo.

UMzantsi Afrika usazinikele ekomelezeni nasekuqiniseni ubudlelwane phakathi kwamazwe amabini kunye nokukhuthaza intsebenziswano kwimiba yengingqi, yelizwekazi neyehlabathi kwakunye nemiba yemvisiswano emhlabeni jikelele. 

2.  Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo:

  • zikaMshumayeli u-Albert Nolan (88), uMpriste ozinikeleyo wamaKatolika waseMzantsi Afrika owalwisana neembono zonqulo ezazifuna ukuqinisa inkqubo yocalucalulo. Ngowama-2003, owayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki wamwonga nge-Order of Luthuli yesilivere “ngokuzinikela kwakhe ubomi bonke kumzabalazo wentando yesininzi, amalungelo oluntu kunye nobulungisa kwakunye nokucela umngeni kwimfundiso yenkolo kuquka nemfundiso yezakwalizwi yocalucalulo”.

F.  Ingqesho
1.  Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha  emfundo kunye nokunye ukuqinisekiswa okufanelekileyo.

a.  U-Adv James Mlawu – UMlawuli-Jikelele: iSebe lezoThutho.
b.  U-Mnu Shabeer Khan – UMcwangcisi-mali Jikelele: uNondyebo weSizwe.

2.  IKhabhinethi ivumelene nokuqeshwa kwaba balandelayo:

2.1.  Amalungu eBhodi yezoKhenketho yaseMzantsi Afrika:

a.  Gq Nondumiso Maphazi ( USihlalo);
b.  Gq Aubrey Mhlongo (Usekela Sihlalo);
c.  Nks Pretty Ntombela;
d.  Nks Nomahlubi Mazwai;
e.  Mnu Odwa Mtati;
f.  Mnu Ravi Nadasen (uyaqeshwa kwakhona);
g.  Mnu Enver Duminy (uyaqeshwa kwakhona);
h.  Nks Nandipha Mzileni Mbulawa;
i.  Mnu Mduduzi Zakwe (uyaqeshwa kwakhona);
j.  Nks Rosemary Anderson;
k.  Nks Lehlohonolo Rapodile; kunye 
l.  noNks Nonkqubela Silulwane (Omele iSebe).

2.2.  Amalungu eBhodi ye-Road Traffic Management Corporation:

a.   Gq Eddie Mogalefi Thebe (uyaqeshwa kwakhona);
b.   Nks Thandi Clara Thankge (Uyaqeshwa kwakhona);
c.   Njing Maredi Mphahlele;
d.   Nks Nomusa Mufamadi (uSihlalo);
e.   Adv Xola Stemela;
f.   Nks Lerato Magalo;
g.   Njing Chitja Twala;
h.   Mnu Nkumeleni John Kudzingana;
i.   Nks N Jaxa (ilungu elingesosigxina)); kunye
j.   noNks HM Mbanyele-Ntshinga (ilungu elingesosigxina).

2.3.    Mnu Tshepo Monaheng –IGosa eliyiNtloko lesiGqeba (i-CEO): Inkampani yaMahlathi yaseMzantsi Afrika (Ikhontrakthi ihlaziywe iminyaka emithathu (3).
2.4.    Mnu Reginald Lavhelesani Demana – I-CEO: I-Arhente yeSizwe yeeNdlela yaseMzantsi Afrika.
2.5.    Nks Ditebogo Kgomo – CEO: CEO: Umlawuli weNyukliya yeSizwe.
2.6.    Mnu Risenga Maluleka –Usozinkcukacha-manani waJikelele (Uhlaziyo lwekhontrakthi).
2.7.    Nks Kedibone Olga Madiehe – CEO: I-Arhente yoLawulo loMhlalaphantsi kaRhulumente.

Imibuzo: Nks Phumla Williams – ISithethi seKhabhinethi
Umnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore