INtetho kwiNtlanganiso yeKhabinethi yangomhla we-10 kweyeSilimela ngowama-2015

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo ezingundoqo zikarhulumente

1.1. IKhabhinethi icaciselwe ngeziphumo zengxelo yekota yesine (ukusuka kweyoMqungu ukuya kweyoKwindla ngowama-2015). Yanelisekile ngomgama osele uhanjiwe kwiphulo lokuphumeza inkqubo. Amalungu eKhabhinethi aza kubamba iintlanganiso neendibano kunye noonondaba namanye amahlakani ukuze acacise umgama osele uhanjiwe malunga nokuphunyezwa kweziphumo zekota yesine. Iinkcukacha ziza kwaziswa yakuba nje ishedyuli igqityiwe.

1.2. IKhabhinethi iyakwamnkela ukukhethwa kwabaphehli bamandla ombane ohlaziyekayo abali-13 kwisihlandlo sesine sikarhulumente seNkqubo yokuThenga kubaPhehli abaziMeleyo baMandla oMbane oHlaziyekayo. Aba baphehli bamandla ombane ohlaziyekayo (umbane wesola notsalwa ngamaphiko omoya) ziza kuvelisa ezinye iimegawathi ezili-1 084 ukuxhasa umbane weziko lesizwe ngolo hlobo bancede ilizwe liye lisondela kwinqanaba apho liza kungabi nazo iingxaki zokunqongophala kwamandla ombane.  

1.3. IKhabhinethi iyazamnkela iziPhumo zowama-2013-2014 zoPhicotho-zincwadi zoRhulumente baseKhaya kwaye ibaqhwabela izandla oomasipala ngendlela abaqhube ngayo ethe yabonakalisa ukuphucuka okuzingileyo kuyo yonke imiba echatshazelweyo kwiziphumo zophicotho-zincwadi loomasipala. Ama-96% onke oomasipala namaqumrhu oomasipala angenise iingxelo zezimali kwangexesha, oko okubonakalisa umtsi omhle kakhulu unyuka usuka kuma-93% ngowama-2012/13 nama-78% ngowama-2007/08.

Le ngxelo ibonakalisa ukuba kuthathwe amanyathelo angqingqwa ukulwa ingxaki yokusetyenziswa kwezimali gwenxa. Okuncumisa nangakumbi kukunyuka kwenani loomasipala namaqumrhu oomasipala abeneengxelo zophicotho-zincwadi ezingenachaphaza lisuka kuma-30 ngowama-2012/13 laya kuma-58 ngowama-2013/14, phofu babesixhenxe kuphela ngowama-2007/08, into leyo ebonakalisa oomasipala bathe gqolo besebenzela indlela eya kulawulo olululo kunye neyokuphatha izimali ngobunono okanye ngokungekho gwenxa.

Oomasipala kunye namaqurhu oomasipala ekuphicothwe iincwadi zabo abaneengxelo zophicotho-zincwadi ezingenachaphaza ngoku bangama-76% enkcitho yoorhulumente basekhaya iyonke ezibhiliyoni zeerandi ezingama-350. Oku kuthetha ukuba malunga ne-R8 kwi-R10 nganye echithwa ngoorhulumente basekhaya ichithwa ngoomasipala abaneengxelo zezimali ezingenechaphaza.

Koomasipala namaqurhu oomasipala abangama-335 ekuqhutywe uphicotho-zincwadi kubo, abali-102 babonakilise ukuphucuka, abali-194 ababonakalisanga lutshintsho, abangama-27 babonakalisa ukuqhwayela emva logama ababini bona ingabatsha, bona abalishumi azikho iingxelo zabo. Oku kubethelela indlela yokuhambisa iinkonzo ezisisiseko ecaciswayo neyenza umahluko kanye ngokwemigaqo yendlela ‘yokuBuyela kuNdalashe’. IKhabhinethi iyakwamnkela oku njengenxalenye yeQhinga lokuBuyela kuNdalashe, ngoku kuza kuqwalaselwa oomasipala abangama-50 abafumene iziphumo zophicotho-zincwadi olunechaphaza, ingakumbi abangama-25 bona abathe gqolo befumana iingxelo zophicotho-zincwadi ezinechaphaza kule minyaka mihlanu idlulileyo.

IKhabhinethi ivakalisa ukungonwatyiswa ngoomasipala abaqhubekayo beqesha abantu kwizikhundla abangazifundelanga ngolo hlobo bedelela imigaqo yolawulo olululo. UMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nemiCimbi yezeMveli, esebenzisana noomasipala, uza kuwubeka phambili umba wokusombulula ezi ngxaki.

2. Izigqibo engundoqo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi isamnkele isiCwangciso sokuTshintsha iiMeko kwiPosi yoMzantsi Afrika (i-SAPO). Esi sicwangciso sincedile ekukhombeni kanye oonobangela bezingxaki zambethe i-SAPO saze saza namacebo abalulekileyo okungenelela okuphucula imeko elikuyo eli qumrhu. Uhlobo olutsha lokusebenza luyagwadlwa ukutshintsha olu belukade lusetyenziswa lokuxhomekeka kakhulu ekusebenzeni njengeshishini elihambisa iileta kuphela kuyiwe kwindlela eza kuzama ukufuna imithombo eyahlukeneyo yokuzingenisela imali. IKhabhinethi inethemba ngenene lokuba la macebo aza kuwenza umahluko oncumisayo kwi-SAPO. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, kunye nabalawuli bakwa-SAPO baza kubamba intlanganiso eyodwa noonondaba bacacise esi sicwangciso.

2.2. IKhabhinethi ivumile ukuba impendulo efunyenweyo ngengxelo yoMzantsi Afrika yokuqala ngokuphunyezwa koMqulu we-Afrika ngamaLungelo neNtlalontle yaBantwana (yowama-2000-2003), ithiwe thaca ePalamente. Le ngxelo isuka kwiKomiti ye-Afrika yeeNgcali ngamaLungelo neNtlalontle yaBantwana. IKhabhinethi iwamnkele amanyathelo ezolawulo okuqinisekisa ukuba kukho indlela ehlangeneyo, ehambisanayo kunye nekhuthaza ukuthathwa kweenxaxheba kwindlela oza kuphunyezwa ngawo uMqulu we-Afrika wamaLungelo neNtlalontle yaBantwana eza kuhambisana namalungelo abantwana ngokomgaqo-siseko.

Ukungeniswa kwengxelo yoMzantsi Afrika kuhambelana nemithetho kunye nemigaqo yesivumelwano samazwe ngamazwe. Le ngxelo ikwasebenza nanjengesixhobo sokulinganisa isantya isizwe esihamba ngaso ukuzama ukuhlonela amalungelo nempilo yabantwana.

3. Uluvo lweKhabinethi kwimiba egqubayo

3.1. IKhabhinethi ikuqhwabela izandla ukubanjwa ngempumelelo kweNgqungquthela yezoQoqosho yeHlabathi (i-WEF) e-Afrika eKapa kule veki iphelileyo, ethe yakuqinisekisa ukuba eli lilizwe liyindawo ekumgangatho wehlabathi yokusingatha imisitho ekudidi eliphezulu. I-WEF Afrika inike iqonga urhulumente ukuba abonakalise eqhayisa ngoMzantsi Afrika njengendawo yokutyala imali nokuqhuba ushishino, nto leyo ibaluleke kakhulu kumalinge okufezekisa iinjongo zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

IKhabhinethi iyayamnkela nendima ebalulekileyo edlalwe ngoonondaba ukuqinisekisa ukuba ulwazi ngalo msitho ubaluleke kangaka lusasazwa kumaqonga ngamaqonga ukwenzela ukuba abemi beli bazive ngokwabo izingqi zemiba ebikwi-ajenda.

Indawo eyi-BBB uMzantsi Afrika obekwe kuyo yinkampani yokuHlela yakwaFitch iqinisekisa ukuba eli lizwe liseyindawo enomtsalane nevulelekileyo kubatyali zimali bangaphandle, kwaye ikwabonakalisa nokuba urhulumente uzibophelele ekulawuleni izimali ngendlela ebonakalisa ubulumko nokungadyiwazi. Ngaxeshanye, imiba ebiphakanyiswa ngabakwaFitch ifumana ingqwalasela kumagosa aphezulu karhulumente.

3.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukupapashwa ngokusesikweni kwencwadi i-Media Landscape 2014 – Celebrating 20 Years of South Africa’s Media, ecangcatha kwimiba eyahlukeneyo ekhuthazayo kule minyaka ingama-21 idlulileyo apho oonondaba bathe badlala indima ebalulekileyo. Isicatshulwa ngasinye sigxila kwimiba engoonondaba ukusukela ngowe-1994 kwaye sinaba ngomgama esele siwuhambile ngoku size sinyathela nakwimingeni ezayo. Uninzi lwamahlakani ethu liyavuma ukuba mde umgama osele uhanjiwe kwicandelo loonondaba.

IKhabhinethi iyababongoza oonondaba, abo bafundisa ezidyunivesiti, imibutho yoluntu kunye norhulumente ukuba bafunde i-Media Landscape 2014, eyincwadi elola abantu ukuba baxoxe benolwazi ngemiba engoonondaba yale minyaka ingama-20 idlulileyo uMzantsi Afrika uphantsi kolawulo lwentando yesininzi. Le ncwadi ibalisa ngecandelo labeendaba beli lizwe ngendlela enobunyani nengakhethi cala. Ngethuba isaqalwa ukubhalwa, yaye yakhuthaza intsebenziswano engqingqwa phakathi kukarhulumente abecandelo labeendaba, ngokusebenzisa iinkokeli kunye nemibutho yoluntu.

3.3. IKhabhinethi iyakubethelela ukuba ilithembile iGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) ukuba liza kuwenza umsebenzi walo ngokuzinikela njengoko igunyaziswe nguMgaqo-siseko nangona nje kusandula ukubakho utshintsho kubalawuli balo.

I-NPA ithe chu iqhuba umsebenzi wayo, kwaye inamacandelo nezixhobo zokusebenza ezifanelekileyo ukuba ingaqhubeka nedabi layo lokuluphelisa nya ulwaphulo-mthetho kweli. Ngowama-2014, liye lenyuka inani labo babanjwe yi-NPA baze bagwetywa kuzo zonke iinkundla, eli nani ngama-93,6% (kumatyala angama-273 641) kwiinkundla zezithili, ama-76% (kumatyala angama-27 246) kwiinkundla zengingqi ibe ngama-88% (kumatyala angama-911) kuzo zonke iinkundla eziphakamileyo.

3.4. IKhabhinethi iyakwamnkela ukukhutshwa kwengxelo yoPhando yokuqala ngokuBekana amaBala eMzantsi Afrika. Le ngxelo ibigxile kwindlela ebonwa ngayo iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS) kunye nesifo sephepha (i-TB) kwaye ikhutshwe kwiNkomfa yesi-7 yoMzantsi Afrika ye-AIDS, eqhubayo ngoku e-Durban. UPhando ngokuBekana amaBala, olulelona phando lubanzi kwihlabathi, liza neenkqubo kunye namanyathelo ahlakaniphileyo okulwa ukubekwa amabala kunye nokucalulwa kwabantu abaphila ne-HIV kunye ne-TB.

3.5. IKhabhinethi iyayamnkela indlela eqhube kakuhle ngayo iVeki yokuKhuselwa kwaBantwana (i-CPW) kwaye iyakubethelela ukuba abantwana bethu balikamva leli lizwe lethu kwaye ibongoza uluntu ukuba lukhusele abantwana kwimpatho-mbi nokungakhathelelwa. Okunye, iKhabhinethi ibamba ngazibini kuzo zonke ii-arhente zikarhulumente, imibutho yoluntu, amahlakani karhulumente ekuhlaleni abasebenza imini nobusuku nangoku sele igqithile i-CPW befundisa uluntu ngombandela wokukhuselwa kwabantwana.

3.6. IKhabhinethi iyawamnkela amanyathelo ancumisayo okutshintsha imeko kaTelkom, urhulumente unezabelo ezininzi kule nkampani, ezingama-40%. Isicwangciso esiliqhinga lokutshintsha iimeko kaTelkom sikhokelele ukuba imali eyingeniso nenzala zinyuke ngeesenti ezingama-245 okokuqala ukusukela ngowama-2011.

3.7. IKhabhinethi yazisiwe ngokuqaliswa ukusetyenziswa kwezilungiso kumthetho wezofuduko wakutsha nje kunye nemithetho yofuduko yowama-2014, kuquka nezinto ezifuneka xa kuhanjwa kundwendwelwa nabantwana ungena kumazibuko okungena eMzantsi Afrika, oqale ukusebenza ngomhla woku-1 kweyeSilimela ngowama-2015.

IKhabhinethi, kunjalo, izivile izimvo ezivakaliswa ngamacandelo ahlukeneyo. Ukuze ezi zimvo zifumane ingqwalasela eyiyo, iKhabhinethi igqibe ukuba iseke iqela labaPhathiswa abasuka kwintlanganisela yezoqoqosho neyezokhuselo.  

Eli qela kulindeleke ukuba lixoxe libonisane ngezi zinto zixhalabise la macandelo ngeenjongo zokufumana iindlela zokusumbulula ezi ngxakana bezingalindelwanga zize nokuqalisa kokusebenza kwalo mthetho. Eli qela liza kukhokelwa nguMphathiswa uMalusi Gigaba.  

Ngaphezu koku, iKomiti yabaPhathiswa ngoFuduko nayo iza kuqhuba ngomsebenzi wayo wokuqwalasela ngokutsha yonke imiba enxulumene nabafiki kweli lizwe. Lo msebenzi uza kunceda udale uthungelwano phakathi kofuduko kunye nemithetho yeli.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli uJacob Zuma uza kuzimasa imibhiyozo yoSuku loLutsha ngomhla we-16 kweyeSilimela ngowama-2015 kwiZiko leMisitho laseTshwane, eGauteng phantsi komxholo othi: “Ulutsha luqhubela uMzantsi Afrika phambili”.

UMongameli uza kuqhubeleka nephulo lakhe le-Siyahlola kwiDyunivesiti yobuChwepheshe yaseTshwane, kwiKhampasi yaseSoshanguve, eGauteng ngomhla wama-23 kweyeSilimela ngowama-2015. Olu tyelelo lokuhlola liza kugxininisa kumaphulo namanyathelo okungenelela ukuphucula ubomi bolutsha nokuluxhobisa ukuba luthathe inxaxheba ngcono kuqoqosho lweli lizwe.
 
IKhabhinethi imemelela ulutsha ukuba luwasebenzise la mathuba eza neenkqubo zikarhulumente afana neNkqubo yeMisebenzi yoLuntu, ebonakalisa indlela amaphulo entsebenziswano asebenza ngayo ukwenza umahluko kwiziseko zophuhliso neenkonzo zoluntu, kwaye itshintshe amathuba emisebenzi ibe yimisebenzi esisigxina ngenxa yokukhutshelwa nokuphuhliswa kwezakhono.

Ngokusebenzisa i-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha, abantu abatsha abaninzi naba baye bezibona bethatha inxaxheba kuqoqosho lokwenene ngeenkqubo zabo ezixhasa osomashishini abasakhasayo abangabantu abatsha.

4.2. UMzantsi Afrika uza kuzibandakanya kwimibhiyozo yeli lizwekazi lonke ngomhla wama-23 kweyeSilimela kowama-2015 yokuphawula uSuku lwe-Afrika lwabaSebenzi bakaRhulumente phantsi komxholo othi: “Indima yooRhulumente ekuXhobiseni abaseTyhini, ukuYila kunye noHanjiso lweeNkonzo ngokuFikelelekayo”. I-NDP sele ikuchongile ukuphucula izakhono zoMbuso njengombandela obalulekileyo kumalinge okufezekisa uMbono wowama-2030.

Ukusukela ngowe-1994 eli lizwe lihambe umgama omde kakhulu kwimizamo yokuqinisekisa ukuba kukho abasetyhini abaninzi kangangoko kwizikhundla zolawulo eziphezulu zikaRhulumente, inani labo ibingama-39,8% ngeyoKwindla kowama-2014.

4.3. IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazibandakanye norhulumente ngoSuku lweHlabathi lweeMbacu, ngomhla wama-20 kweyeSilimela ngowama-2015, eliza kuba lithuba lokuba sibonakalise ukuba eli lizwe lizibophelele, njengamanye amazwe ehlabathi, ekuphatheni imbacu ngobuntu nangesidima. Njengelinye lamazwe elatyikitya isiVumelwano saseGeneva seeMbacu sowe-1951 kwaye njengelizwe elisekelwe nelihlonipha amalungelo oluntu, sinoxanduva lokukhusela amalungelo asisiseko eembacu ezikweli lizwe lethu. Kwiimeko ezininzi ezi mbacu ngabantu abangamasizana athwaxwe zinkxwaleko zobomi abaye banyanzeleka ukuba babhace bashiya amakhaya abo kumazwe abo okuzalwa kwaye bekwenza oku phantsi kwamanzithi-nzithi neenzima ezingathethekiyo.

4.4. ISebe leMicimbi yezeKhaya, kunye namanye amasebe nee-arhente zikarhulumente, liza kuphehlelela i-Operation Pyramid ngomhla we-19 kweyeSilimela ngowama-2015 eSkukuza, eMpumalanga phantsi komxholo othi: Sibambisene silwela imida ekhuselekileyo”.  I-Operation Pyramid iza kulungulelanisa ngcono amaphulo, amanyathelo okungenelela kunye neenkqubo zemida zikarhulumente nee-arhente zakhe. Eli linge lilelethutyana liza kusebenza kude kusekwe i-Arhente yoLawulo lweMida ngowama-2017. Indlela ekhuselekileyo, esebenzayo neneziphumo yokulawula ukuhamba-hamba kweempahla nabantu bewela imida yeli iza kuqhutywa ngendlela ehambelana nemiba ephambili kuphuhliso lwesizwe.

4.5. Isikhumbuzo seminyaka engama-60 soMqulu weNkululeko, esiza kuphawulwa ngomhla wama-26 kweyeSilimela ngowama-2015, siza kusetyenziselwa ukubonakalisa inkqubo eyenziweyo kwiphupha lokufezekisa izithembiso zawo, kunye nokubonisa ukuhambelana kwimigaqo-nkqubo karhulumente namasolotya olu xwebhu luyimbali. UMqulu weNkululeko usisiseko uMgaqo-siseko wethu ohlonitshwa ihlabathi liphela osekelwe kuso; namhlanje lo mqulu unefuthe kweli lizwe silakhayo ngemigaqo-nkqubo neenkqubo zethu.

5. Izikhundla

Zonke ezi zikhundla ziza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kobunyani beziqinisekiso zemfundo nobunye ubucukubhede obufuna ukuqondisiswa.

5.1. UMnu Zacharia Isak Modise njengoMkomishinala weSizwe weeNkonzo zezoLuleko.

5.2. UNksz Bernedette Muthien njengeSekela Mlawuli-Jikelele kwiCandelo eliJongene nezoBuni kwiSebe labaseTyhini.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore