Intetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-15 kuCanzibe wama-2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi ivakalise ukukhathazeka kwayo yimigushuzo yabasebenzi baseLonmin kumgodi oseMarikana kutshanje, ekhokelele ekubeni bazibeke phantsi izixhobo zokusebenza nto leyo iphazamise imveliso. Kukho ingxelo yokuba oku kungaboni ngasonye kumalunga nemiba yokumelwa kwiiManyano ezibizwa ngokuthi yiNational Union of Mineworkers (NUM) kunye ne-Association for Mining and Construction Union (AMCU).

IKhabhinethi ibongoza iinkokeli zezi manyano (i-NUM kunye ne-AMCU) ukuba zikusombulule ukungaboni ngasonye ngoxolo zicingele ilizwe nabasebenzi ngaphezu kwayo yonke into. Abasebenzi kufuneka baqonde ukuba ugwayimbo olungekho mthethweni lunganeziphumo ezimandundu kungekho kubo kuphela, kodwa kuchaphazele nekamva lomgodi kunye nemisebenzi yabo.

IKhabhinethi isekwabongoza abalawuli baseLonmin ukuba benze konke abanakho ukuqinisekisa ukuba iingxaki zisonjululwa kamsinyane kangangoko nangaphandle komonakalo. Kubalulekile kakhulu kwilizwe lethu ukuba zombini ezi manyano kunye nabalawuli baseLonmin babonise ubunkokeli obufunekayo nobufanelekileyo kunye nolawulo lobudlelwane kwezoshishino.

1.2. IKhabhinethi izixhasa ngokupheleleyo iziphumo eziyintshayelelo ezivela kuphando lokuchopha ngokungekho mthethweni nangokungagunyaziswanga kwenqwelontaka yokuthwala abantu abangewona malungu ombutho womkhosi kwisikhululo soMkhosi woKhuselo iWaterkloof Air Force Base.
Ikhabhinethi igxininisa ukuba ukhuseleko nokuzimela koMzantsi Afrika kubaluleke kakhulu. Ukophulwa kwemithetho nemiqathango elawula amazibuko okungena kweli kunye neendawo zobuchule besizwe ezibalulekileyo kufuneka kujongwane nako ngqongqo nangaphandle kokoyika nokwenzelelelwa. Abo bafunyaniswe njengabophule imithetho nemiqathango baza kujongana nengalo yomthetho.

1.3. IKhabhinethi iyawamkela umsebenzi wamaSebe kaRhulumente njengoko iingxelo zawo zithiwe thaca ngaBaphathiswa abohlukileyo ngexesha leeVoti zoHlahlo-lwabiwo-mali. IKhabhinethi iqaphela ukuba usasazo olwenziwayo lwezi Voti lunceda ekuxhobiseni abemi ngolwazi kunye nokunyanzela urhulumente athathe uxanduva anike neempendulo.

1.4. IKhabhinethi iyazamkela iingxoxo phakathi kweSebe lezeMfundo esiSiseko kunye nemanyano yootitshala i-South African Democratic Teacherr’s Union ezikhokelele ekuxhonyweni  koqhankqalazo.
IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abachaphazelekayo kwicandelo lezemfundo ukuba basombulule ukungaboni ngasonye ukuze imfundo yabantwana bethu ingabi sengozini.

1.5. IKhabhinethi iqaphele uPhando lwekota lwaBasebenzi (i-QLFS) olubonisa ukwanda kwentswela-ngqesho ukusuka kwiipesenti ezingama-24,9 ukuya kwezingama-25,2.
URhulumente ukhawulezisa amanyathelo afana nephulo leziseko eziluncedo nezophuhliso elikhokelwa ngurhulumente ukwandisa imisebenzi ngokungenelela kwamaCandelo kaRhulumente.
URhulumente esebenzisana nezabasebenzi kunye noshishino basungule iSivumelwano sokuQeshwa koLutsha kuTshazimpunzi wama-2013. Oku kusekwabonisa ukuzinikela ngokuhlangeneyo ekushukuxeni umba wentswela-ngqesho. Kucacisa ukuzinikela kwecandelo ngalinye ekwenzeni igalelo ekulweni nokungaphangeli kolutsha ngokujolisa kokubonakalayo kunye nexesha eliza kuthathwa ukuze kuphunyezwe ngempumelelo, ukongamela kunye nokuhlola kokungenelela okuchongiweyo.
IKhabhinethi isaqinisekile ukuba amanyathelo asele ethathiwe aza kuncedisa ilizwe lidale imisebenzi emitsha kunye nokufikelela kokujoliswe kuko okuyimisebenzi ezizigidi ezintlanu ungekafiki owama-2020.

1.6. Ikhabhinethi yamkele ukutyikitywa kwesicwangciso sokusebenza ukuphumeza iMemorandam yokuQondwa nokuLondolozwa kweNdalo eyoHlukahlukileyo phakathi koMzantsi Afrika kunye neVietnam.
IsiCwangciso sokuPhumeza siza kuqhuba kude kube ngonyaka wama-2017 kwaye siza kuncedisa kwiinzame zokulwa ulwaphulo-mthetho oluquka izilwanyana zasendle, ingakumbi ukubulawa kwemikhombe ngokungekho mthethweni. Ikhabhinethi iyaphinda igxininisa ukuba uRhulumente uzinikele ekushukuxeni ukubulawa kwemikhombe kwaye ungqina ukuba abo bophulimthetho baza kutshutshiswa.

1.7. Ikhabhinethi yamkele isibhengezo esenziwe liSebe leMicimbi yezeKhaya lokuqalisa iphulo lokusebenzisa inkqubo yesazisi esilicwecwe, nto leyo isimanya njengesizwe esinye kunye nokhuseleko lwesizwe.
Eli linyathelo elingundoqo nelinamandla okukhawulezisa iinkonzo zikarhulumente, lo gama linciphisa ulwaphulomthetho norhwaphilizo olubandakanya izasizi.
Ikhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase le nkqubo ukuze ngonyaka wama-2020 sonke sibe sesilifumene icwecwe lesazisi njengendlela yokuzazisa kwesizwe.

1.8. Ikhabhinethi ilugxeka kakhulu uhlaselo lwezithuthi ezikhaphayo zeZizwe eziManyeneyo e-Abyei, eSudan, olube neziphumo zokusweleka kwenkokeli yemveli kunye nomgcinixolo wase-Ethiopia. Esi sehlo silusizi sibeka emngciphekweni uzinzo lwase-Abyei kwakunye nenkqubela ezuzwe kutshanje yiSudan noMzantsi Sudan.

1.9. Ikhabhinethi ichasa uhlaselo lwaseSyria ngamajoni omkhosi wokhuselo akwaSirayeli. Ikhabhinethi ihlaba ikhwelo kwiZizwe eziManyeneyo ukuba zicenge imikhosi yangaphandle ukuba ihloniphe ukuzimela kweSyria kunye nokuvumela abemi baseSyria basebenze bebonke ukusombulula ukungaboni ngasonye kwabo.

1.10. Ikhabhinethi yamkele ukumiselwa nokubekwa kuka-Advocate Lawrence Mushwana njengomtsha uSihlalo weKomiti yaMazwe ngaMazwe (ICC) yamaZiko eSizwe okuXhasa nokuKhusela amaLungelo Oluntu. Esi sisihlandlo sokuqala ukuba i-Afrika ikhokele i-ofisi kaSihlalo wale komiti. Isikhundla sikaSihlalo wale komiti siqinisekisa ukwandiswa kwengqalelo kwimbali yamalungelo oluntu eli lizwe kunye nokuthotyelwa kwembophelelo zamalungelo oluntu ngamazwe ngamazwe.

1.11. Ikhabhinethi yamkele isikhumbuzo sama-50 eminyaka yoMbutho weManyano yaMazwe ase-Afrika (i-OAU) esiza kubhiyozelwa ngoSuku lwe-Afrika umhla wama-25 kuCanzibe wama-2013.
IKhabhinethi iqaqambise ukuba ubunye be-OAU nokumkhetha urhulumente wengcinezelo ukuba ungabi lilungu lawo kwawuphakamisa umzabalazo wenkululeko kunye nokufumaneka kwentando yesininzi.

UMzantsi Afrika uza kuzimanya nelizwekazi ekubhiyozeleni isikhumbuzo seminyaka engama-50 yeMbumba yase-Afrika. Imibhiyozo iquka umbukiso wobugcisa bale mihla oza kuthatha inyanga yonke kwingingqi yaMazantsi e-Afrika ukususela ngomhla wama-24 kuCanzibe ukuya kowama-28 kweyeSilimela wama-2013. IZiko le-Afrika eliseMzantsi Afrika liza kuhlanganisa uluntu oluzingcungela kwezemfundo kunye nezizwe zase-Afrika njengenxalenye yemibhiyozo yesikhumbuzo ngomhla we-19-21 kuCanzibe wama-2013. Ngaphaya koko, kuza kubakho umbukiso kwiziko lamagugu iDitsong (kwisiXeko saseTshwane) ukukhumbula uSuku lwe-Afrika ngomhla wama-21 kuCanzibe wama-2013 phantsi komxholo osihloko sithi “Iminyaka engama-50 emva kokusekwa koMbutho weManyano yaMazwe ase-Afrika – i-Afrika mayimanyane okanye iTshabalale” Oku kuza kulandelwa yikonsathi yomculo woSuku lwe-Afrika kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla wama-25 kuCanzibe wama-2013.

1.12. Ikhabhinethi yamkele ukusabela ngokukhawuleza kukaMongameli uJacob Zuma kwisimemo selungu loluntu sokundwendwela abahlali base-Eldorado Park kunye nabaseKliptown ngoLwesibini, umhla we-14 kuCanzibe. Isicelo sabahlali yayisesokuxoxa ngokwanda kokuthutyeleziswa kweziyobisi okungekho mthethweni kunye nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kulo mmandla.
URhulumente, kunye nolu luntu, luzinikele ekukhawuleziseni inkqubo yongenelelo ukuphelisa olu lwaphulo-mthetho lutshabalalisa abantu abatsha.  
1.13. Ikhabhinethi yamkele utyelelo olulandelayo olwenziwe nguSekela Mongameli uMotlanthe, ekhatshwa ziinkokeli zamanqanaba amathathu karhulumente besiya eDe Doorns eNtshona Koloni ngoMgqibelo umhla we-11 kuCanzibe wama-2013. Utyelelo nengxoxo kunye nabachaphazelekayo kuquka abasebenzi basezifama sisiphumo sotyelelo lokuqala lukaSekela Mongameli ngomhla we-12 kweyoMdumba wama-2012. Kuqatshelwe inkqubela eluqilima evela kwiqela lamaSebe kaRhulumente ekuphuculeni ukuziswa kweenkonzo kulo mmandla. Oku kuzinikela kubonakaliswe ngawo onke amaqela kwakha isiseko esiluqilima sothethathethwano olusingise kwicandelo lezolimo elizinzileyo. 

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi yenzelwe amagqabantshintshi ngamalungiselelo eVeki yoKhuseleko lwaBantwana (i-CPW) phakathi komhla wama-27 kuCanzibe kunye nowe-2 kweyeSilimela wama-2013, phantsi komxholo osihloko sithi “Sisebenza sisonke ukukhusela abantwana.”
Iingxoxo ngabantwana nolutsha ziyaqhuba kuwo onke amaphondo njengentshayelelo esingise ekusungulweni kweVeki yoKhuseleko lwaBantwana kunye neNkomfa Njengenxalenye yokuhlumisa ukuqondwa, iVeki yoKhuseleko lwaBantwana iza kusungulwa kunye neNkomfa yeeNkedama, aBantwana noLutsha olusesiChengeni (OVCY) ngomhla wama-27 kuCanzibe kwiZiko leeNkomfa zaMazwe ngaMazwe Inkosi Albert Luthuli KwaZulu-Natal.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba babe negalelo ekukhuseleni abantwana bethu kunye nokudala iindawo ezisingqongileyo ukuba zibe zezinokhuselo nezikhuselekileyo. Abemi baseMzantsi Afrika bangayibonakalisa inkxaso yabo ngokuqhoboshela umtya weribhoni oluhlaza njengophawu lobomi, ukukhula, ithemba, inkathalo kunye nenkxaso yeenkokeli zexesha elizayo.
Ingqalelo yeVeki yoKhuseleko lwaBantwana neNkomfa yeeNkedama, aBantwana noLutsha olusesiChengeni isekuthatheni kwabantwana inxaxheba kuluntu lwethu kunye nasekuhlaleni ukuze abantwana bakwazi ukumanyelwa kwimiba ebachaphazelayo.

2.2.  IKhabhinethi yamkele iNkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo weNkcubeko yaseManzini yeSizwe (i-NAPF). Lo mgaqo-nkqubo ubonelela ngenkqubo-sikhokelo yomanyano yokusekwa nophuhliso loshishino olunegalelo ekudalweni kwemisebenzi ezinzileyo kunye nokwanda kotyalomali.
I-NAPF yasekwa kujongwe kwimvelaphi yecandelo lenkcubeko yasemanzini kwihlabathi ethe yaphantsi koxinzelelo lokufunwa kweemveliso ezilotyiweyo. EMzantsi Afrika, inkcubeko yamanzi aselwandle nahambayo izisa ithuba elihle kakhulu lwemveliso yeentlanzi ezohlukileyo ukwanelisa iimfuno zasekuhlaleni, ukuze zibe negalelo ekubeni kubekho ukutya, ukudala imisebenzi, uphuhliso lwezoqoqosho nolwasemaphandleni kunye namathuba okuthumela le mveliso kwamanye amazwe.

2.3.  IKhabhinethi yamkele ithuba loMzantsi Afrika lokusindleka iNkomfa yeHlabathi yesiThathu kwezoLimo, ukubaKho koKutya kunye noGuquguquko lweMozulu kwikota yesine kunyaka wama-2013, ikhokelwa liSebe lezoLimo, amaHlathi  nezokuLoba.
Ukubakho kokutya kusengumngeni okhathazayo kwaye le Nkomfa iza kuba nefuthe eliphilileyo kwindlela yokuvelisa, ulawulo kunye nokusetyenziswa kokutya.
Okoko kwange--COP17/CMP7, uMzantsi Afrika lelinye lamazwe akhokeleyo ekuxhaseni ezolimo kusetyenziswa imozulu ngobukrelekrele, nelithi lisabele kwimingeni yobukho bokutya kunye noguquguquko lwemozulu. INkomfa yeHlabathi ijolise ekuphuhliseni iintlobo zokuhluma ezizinzileyo xa kujongwe ekuhlaleni nakokusingqongileyo.

2.4.  IKhabhinethi yamkele isiqinisekiso soMzantsi Afrika seSihlomelo soCoceko kunye noCoceko oluhlanganisiweyo kwiCandelo loPhuhliso lwaMazwe ase-Afrika eseMazantsi (i-SADC) kwezoRhwebo ukuba sifakwe ePalamente.
ISivumelwano soMnqophiso se-SADC apho uMzantsi Afrika uvume khona sinceda ekuxhaseni intsebenziswano kunye nokuhlangana kwezizwe ezingamalungu ukuze zirhwebelane ngempahla neenkonzo kwingingqi, kuquka iimveliso zezolimo.
Isihlomelo se-SADC SPS kwiSivumelwano soMnqophiso se-SADC kwezoRhwebo sibonelela ngenkqubo-sikhokelo esebenzayo yentsebenziswano. Sisekwaxhasa amanyathelo emvisiswano yeSPS asekwe kwimigangatho yamazwe ngamazwe kunye nesikhokelo ukuze kuququzelelwe urhwebo lweemveliso zezolimo olukhuselekileyo nolunobulungisa kwingingqi.

2.5.  Ikhabhinethi ifumene uhlaziyo ngenkqubela yeentlanganiso ezimalunga nokusindleka koMzantsi Afrika iNkqubo yokuQinisekiswa eKimberley yowama-2013 (KPCS) eziquka intlanganiso yeseshoni eKimberley ukususela ngomhla we-4 ukuya kowe-7 kweyeSilimela kunye neNtlanganiso eseGauteng ukususela kumhla wama-26 ukuya kowama-29 kweyeNkanga wama-2013. Ukusindlekwa kweentlanganiso zeKPCS kuza kuba negalelo ekuxhaseni ushishino lwedayimani kunye nokhenketho.
Isikhundla soMzantsi Afrika njengoSihlalo weKPCS sinakana indima engundoqo edlalwa nguMzantsi Afrika kwicandelo ledayimani lamazwe ngamazwe. Njengosihlalo, uMzantsi Afrika unenjongo zokomeleza ubudlelwane borhwebo kumazwe ngamazwe, kujongwe ekuhlanganiseni nasekwandiseni umzila we-Afrika kwiKPCS kunye nokwenza igalelo kukhuseleko lokusingqongileyo ehlabathini.

3. IMithetho esaYilwayo

3.1.  IKhabhinethi yamkele ukupapashwa koMthetho Sihlomelo wokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba kubaniniwo wama-2013, kunye neMemorandam yeeNjongo zoMthetho osaYilwayo ukuze uluntu luphefumle. 
Oku kunika ifuthe kwisibhengezo esenziwa kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yowama-2013 sesindululo sokuhlomela uMthetho wokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba kubaniniwo. Oku kunxulumene nokwandiswa kwexesha lokufaka amabango okubuyiselwa komhlaba ukwenzela ukuba abo bangazange bawafake amabango abo ngomhla wokuvala umhla wama-31 kweyoMnga we-1998 okanye abo bavalelwa ngaphandle kule nkqubo bafake amabango abo.

Ukuvulwa kokufakwa kwamabango kukhokelwa ngumbono wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe kwakunye neNkqubo eBanzi yoPhuhliso lwaMaphandle kunye nobunye ubuchule bokukhula ekulindeleke ukuba buxhase uxolelwaniso lwesizwe kunye nobunye kwezentlalo.

3.2.  IKhabhinethi yamkele ukufakwa koMthetho Sihlomelo woNxibelelwano ngeKhompyutha ePalamente. 
Esi Sihlomelo sibangelwe yinkululeko kwicandelo lonxibelelwano ngeekhompyutha kunye nokuhambela phambili kobuchwepheshe ngokukhawuleza okuthe kwabangela ubukho bezinye izibonelelo zoMthetho zingasebenzi. Esi Sihlomelo sinqwenela ukujongana nokhuphiswano oluxhasa imida, ukufikelela kwiziseko eziluncedo nophuhliso lonxibelelwano ngeekhompyutha, iindleko zonxibelelwano kwakunye nokuphuculwa kwexesha elithathwayo kwinkqubo yothethathethwano.
Esi Sihlomelo silungelelanisa uMthetho kunye noMthetho olawula uqoqosho ngokubanzi lwamashishini abantsundu, uhluza imiba yokunikezelwa kwempephamvume, uphucula ukubonelelwa kokhuphiswano, ususa ukungahambeli ndawo okubangelwa yimiqathango kwaye ubonelela ngemiba enxulumene noko.

3.3.  IKhabhinethi yamkele ukufakwa koMthetho Sihlomelo weGunyabantu loNxibelelwano oluziMeleyo laseMzantsi Afrika (ICASA) ePalamente. Lo Mthetho Sihlomelo usabela kweminye imiba equlethwe kwi-NDP.  
Ezi zihlomelo zoMthetho we-ICASA zixhasa iingxoxo zemfuneko yokuphuculwa kwamaziko ukomeleza iGunyabantu eliziMeleyo. Oku kuza kwenziwa ngokubonelela ngengcaciso kwimiba ephathelele kwigunya lalo; ukulungelelanisa uMthetho ukhawulelane neemfuneko zoMthetho woLawulo LweziMali zikaRhulumente (PFMA) kunye nokuphucula ukusebenza kakuhle kwawo. Oku kungenjongo yokuphucula ukusabela nokuphendula kunye nokusebenza elubala okuya kuba negalelo kwindlela yolawulo olusemgangathweni kwi-ICASA.
Urhulumente unqwenela ukudlala indima enkulu ukuqinisekisa ukuba icandelo lonxibelelwano ngekhompyutha lilawulwa ngendlela exhasa iinjongo zesizwe ngokubanzi. Oku makungafundwa ngendlela ecebisa ukuba kukho nawuphi na umda kwindlela i-ICASA isebenza ngayo.
Ukubaluleka kolawulo oluzimeleyo kunye nolungenamkhethe kumacandelo onxibelelwano akunakugxininiswa ngaphezulu.

4. Izikhundla

4.1.  IKhabhinethi yamkele ukuqeshwa kukaMnu Ebrahim Mohamed njengoMkomishinala weKomishoni yeSizwe yaBathengi isithuba seminyaka emihlanu.

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela )
Umnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore