INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-09 kweyeDwarha kowama-2013

10 Oct 2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi yamkela ukutyikwa koMthetho-siHlomelo wezoThutho neMiba eNxulumeneyo nayo nguMongameli uJacob Zuma kwakunye nokuchithwa kwesibheno seManyano eChasene nokuRhafelwa kweeNdlela eziDolophini (i-Outa) kwiphulo layo lokuchasa i-e-toll ye-Arente yeSizwe ejongene neeNdlela yaseMzantsi Afrika yiNkundla ePhakamileyo yeziBheno (i-Sanral).

IKhabhinethi ikholelwa ukuba oku kutsha kuvelayo ngoku kuvumela abantu baseGauteng nabemi boMzantsi Afrika ngokubanzi baqwalasele kwizinto eziluncedo esele sizizuzile – nezo siza kuzizuza – ekuphuculeni oohola bendlela kumbindi wezoqoqosho woMzantsi Afrika nowe-Afrika eseMazantsi.

Inkqubo yokurhafelwa kwendlela (i-e-tolling) ngomnye umba weProjekthi yokuPhucula uHola wendlela yaseGauteng exhobise ukuhamba kwabantu nemithwalo kwaye iza kwenza uqoqosho lwephondo nolwesizwe lube namandla ngakumbi kwixesha elizayo.

Izintlu zamaxabiso e-e-toll ancitshiswe ngenxa yoluvo loluntu;abakhweli abahluphekayo babonelelwe ngokukhululwa kwabaqhubi bezithuthi zikawonkewonke ekuhlawuleni imirhumo ye-toll; intlawulo yenyanga eqingqiweyo yazisiwe, nenkqubo yesaphulelo semali ikhona kwiinkampani zezithuthi.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubasebenzisi boohola beendlela baseGauteng ukuba bathobele umthetho, babonise ubumi obulungileyo kwaye benze igalelo labo kuMzantsi Afrika ongcono ngokubhalisela i-e-tag bahlawulele ukusetyenziswa kwezi ndlela zodidi oluphezulu.

IKhabhinethi ibhena kubemi boMzantsi Afrika ukuba bahlangane baze basebenze kunye ekwenzeni iProjekthi yokuPhucula uHola wendlela waseGauteng ibe yimpumelelo baze baxabise uhlumo olubalaseleyo lwezisekelo ezingundoqo zalamaxesha angoku elizweni.

UMphathiswa wezoThutho uza kubhengeza umhla eza sebenza ngayo i-e-tolling. IKhabhinethi iyabhena kubo bonke abaqhubi beemoto abasebenzisa rhoqo oohola bendlela zaseGauteng ukuba babhalise kwinkqubo baze bathenge ii-e-tag zabo ukuze baxhamle kwisaphulelo sezintlu zamaxabiso.

1.2. IKhabhinethi iqhwabela izandla ukuqhubela phambili kokuqaliswa kwenkqubo yezigidi ngezigidi zeerandi yezisekelo ezingundoqo zikawonkewonke, phantsi kwesikhokelo sikaMongameli uJacob Zuma equka ukusungulwa kutshanje kuka-R1 no-R8 ukuba baqhagamshelane nePolokwane ukuya kwidolophu yaseGiyani nokuvulwa kweprojekthi yeBrorho yeSixeko noQhagamshelo loMzila KwaZulu-Natal ngomhla we-19 kweyeDwarha kowama-2013. Uthungelwano oludityanisiweyo lwendlela luyinto ebalulekileyo etsala ukutyalwa kwemali elizweni nakwizwekazi.

Njengoko sisenza iindlela zilungele amaxesha angoku kwilizwe ngokubanzi, iKhabhinethi iyabhena kubo bonke abasebenzisi ukuba babenonophelo xa besebenzisa iindlela. IKhabhinethi ixhalabile ngokwanda kweengozi ezindleleni ezibandakanya abahambi ngeenyawo koohola bendlela abangenelelayo. Abahambi ngeenyawo benza ama-46% ubuncinane babantu abathi baphulukane nobomi babo ezindleleni. Abaqhubi beemoto banoxanduva lokuba bakhathalelane endleleni. IKhabhinethi iyabhena kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babe yinxalenye yeNtshukumo yemiNyaka elishumi yeZizwe eziManyeneyo yoKhuseleko eziNdleleni (2011-2020) ekhokelwa liSebe lezoThutho.

1.3. IKhabhinethi iyabhena kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwiVeki yeMbizo yoGqaliso eqhuba de kube ngumhla we-13 kweyeDwarha kowama-2013.

1.4. Egameni labantu boMzantsi Afrika, iKhabhinethi ibulela iNgxowa-mali yeHlabathi ngenkxaso yabo kuMzantsi Afrika ngexesha apho kukho imfuno exhalisayo yenkxaso-mali eyongezelelweyo. Esi sesona sibonelelo esikhulu esinye seNtsholongwane kaGawulayo (HIV) neTB esisuka kubabinzi abaninzi kwimbali yokusabela kuGawulayo (AIDS).

Ngaphezulu nje kwesiqingatha (esingama-52%) e-R3 bhiliyoni ezakubekelwa iSebe leSizwe lezeMpilo. Phakathi kwezinye iinkqubo, ezi nkxaso-mali ziza kusetyenziselwa oku kulandelayo: Ukufumana amayeza okuthomalalisa i-AIDS ezigulane ezingama-350 000, inkxaso-mali yokuqalisa isibonelelo samayeza athomalalisa i-AIDS ngesigidimi kumakhaya ezigulane okanye kwiindawo athathwa kuyo ekuhlaleni, iinkonzo zokuhlola iTB zawo onke amabanjwa kuzo zonke iitrongo eMzantsi Afrika, nezokuhlola iTB neHIV kubasebenzi-mgodini abangama-100 000 kwimigodi emincinci engenazo iinkonzo zempilo zayo.

1.5. IKhabhinethi incoma iinzuzo eziqhubekayo zeNtsebenziswano elwa i-HIV ne-AIDS, ebibhiyozela iminyaka yayo eli-15 ngomhla kweyeDwarha kowama-2013. Oku kunika uluntu ithuba luthethe nesiGqeba soLawulo ngemiba eluchaphazelayo kananjalo norhulumente anike amagqabantshintshi abantu ngemisebenzi ayenzayo.

UMzantsi Afrika ngoku ufezekisa eyona nkqubo yonyango inkulu yokuthomalalisa i-AIDS ehlabathini. Intsebenziswano kananjalo idlale indima ebalulekileyo ekuphuhlisweni kwesiCwangciso-qhinga seSizwe (i-NSP) 2012-2016.

1.5 IKhabhinethi incoma umoya ezithe zaqhutywa ngawo iingxoxo zemivuzo neziqukunjelwe ngawo kulo macandelo apho kuthe kwafikelelwa kwizisombululo zobuhlobo nezikhawulezileyo.

Ingxoxo yoluntu kwakwisikhokelo-nkqubo somthetho wezemisebenzi ihlala ibalulekile ekuthinteleni ugwayimbo olunobundlobongela.

Njengoko abasebenzi bebuyela emsebenzini, iKhabhinethi idomboza abaqeshi nabasebenzi ukuba basebenze kunye, ingakumbi uqoqosho lwezehlabathi luhlala luphantsi koxinzelelo, benze uqoqosho loMzantsi Afrika lube nempumelelo ngakumbi, lubenemveliso kwaye luzinzise imisebenzi enesidima.

1.6  IKhabhinethi yamkela iNgqungquthela yeSizwe yokuThintela ukuziBulala kwiNkonzo yezobuPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS) ezakubanjwa ngomhla we-16 ukuya kowe-18 kweyeDwarha.  Le nkqubo ijonge ukuphuhlisa isiCwangciso seSizwe sokuThintela ukuziBulala kwi-SAPS.

1.7 UMongameli uJacob Zuma uzakwamkela uMongameli uFrancois Hollande weRiphabliki yaseFransi kuTyelelo lwasebuRhulumenteni kwi-Union Buildings ukusuka ngomhla we-14 ukuya kowe-15 kweyeDwarha kowama-2013.

UTyelelo lukaRhulumente luzakukwandisa ubudlelwane bethu bezopolitiko nezoQoqosho phakathi kwamazwe amabini neFransi; luqinise intsebenziswano yaseMntla Mzantsi kananjalo nokuqhubela phambili i-Ajenda yase-Afrika.

2 Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi ivume iMimiselo yooMatshini bokuKhangela nokuSetyenziswa kwePetrliyam ukuba ipapashelwe kwiPhepha likaRhulumente lokwaZisa, ukuze uluntu lunike izimvo zalo.

2.2 IKhabhinethi yavuma ukusindlekwa koCweyo olungeSivumelwano soThungelwano loKhuphiswano lweZizwe-ngeZizwe (i-ICN) yiKhomishini yoKhuphiswano yoMzantsi Afrika ukusuka ngomhla we-16 ukuya kowe-18 kweyeDwarha kowama-2013, eKapa.

UCweyo lweQumrhu labarhwebi lwe-ICN lwenza kubekho utshintshiselwano lwezimvo nothungelwano kwimiba enxulumene neenkqubo zorhwebo phakathi kwamalungu athatha inxaxheba alo nee-Arhente eziNgezizo ezikaRhulumente kwihlabathi jikelele.

2.3 IKhabhinethi iye yachazelwa ngenkqubela-phambili eyenziwe kwikota yokuqala kweyowama-2013/14 ngeSivumelwano sokuQeshwa koLutsha esisayinwe ngowe-18 kuTshazimpunzi ngowama-2013.

Awona manqaku mathandathu esi Sivumelwano ngala (1) yimfundo noqeqesho, (2) ubhentsiswa kumsebenzi, (3) imikhosi yolutsha, (4) ujoliso kulutsha lubekelwe ecaleni, (5) ubushishini bolutsha nokopolotyeni na (6) manyathelo okuqala ecandelo labucala.

Inzuzo engundoqo yekota yokuqala iquka upicotho-zimali lokuqala lwentshukumo namanyathelo okuqala olutsha kwilizwe ngokubanzi nentshukumo ethile eyenziwa kwicandelo labucala.

3 IMithetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ivume ukupapashwa koYilo loMthetho-siHlomelo wokwaNdiswa kweXesha lokuHlala kuMhlaba oThile ukuze uluntu lunike izimvo zalo.

UMthetho-siHlomelo uhlomela ukwaNdiswa kweXesha loMthetho wokuHlala kuMhlaba oThile, wowe-1997 (uMthetho Nombolo wama-62 wowe-1997) ukuze kuqiniswe, kucaciswe ze kukhuselwe amalungelo okuhlala kumhlaba othile wabahlali (abahlali basefama).

UMthetho oYilwayo ujonge ekufumaneni isisombululo sexesha elide sokungafumaneki komhlaba wokuhlala ngokudibanisa amanyathelo okubuyiselwa komhlaba nokhuseleko lomthetho olusebenzayo neendlela zokusombulula imbambano. UMthetho oYilwayo ufuna ukuphucula amalungelo abasebenzi basefama nabahlali bakhona. Abahlali basefama bodidi lwesibini uninzi lwabo ngabasetyhini nabantwana.

3.2 IKhabhinethi ivume ukupapashwa koYilo loMthetho-siHlomelo osaYilwayo woMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMigodini, wama-2013 kwiPhepha likaRhulumente lokwaZisa, ukuze uluntu lunike izimvo zalo.

UMthetho oYilwayo ufuna ukuhlomela uMthetho wezeMpilo noKhuseleko emiGodini wama-29 we-1996 ukuze kuqwalaselwe kwakhona amalungiselelo onyanzeliso, ngokwenza lula indlela yomrhumo nokuqinisa izohlwayo.

Ekuphuculeni impilo nokhuseleko lwabasebenzi basemgodini, uMthetho-siHlomelo nawo ufuna ukugcina indawo yasemgodini isempilweni nekhuselekileyo enempembelelo elungileyo kuzinzo nokomelela kwendawo ekuhambeleni nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe.

4 Izikhundla

4.1 IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo kwiSebe loPhuhliso lwezeNtlalo:
a) uMnu. uThokozani William Magwaza kwisikhundla sikaSekela Mlawuli Jikelele: Ukhuseleko lwezeNtlalo oluPheleleyo
b) uNksz. Nelisiwe Ignatia Vilakazi kwisikhundla sikaSekela Mlawuli Jikelele: isiCwangciso-qhinga neNguqu kwiSebe.

4.2 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kukaMnu. Caiphus Ramushau kwisikhundla segosa eliyiNtloko leziMali/ iNtloko leeNkonzo zeNtsebenziswano kwiSebe loBudlelwane neNtsebenziswano yaMazwe ngamazwe.

4.3 IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo kwiBhodi yeBhanki yezeMihlaba:
a)  uNksz uDuma Motau
b)  uNksz. uThembekile  Thelma Ngcobo
4.4 IKhabhinethi iqaphele ezi zikhundla zilandelayo kwiBhunga leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika:

KUZWE-LONKE
a) uMnu. u-Ian Assam (uqeshiwe kwakhona)
b) uMnu. uFaldie Esau (uqeshiwe kwakhona)
c) uNjingalwazi uJacky Galpin (uqeshiwe kwakhona)
d) uGq. uMaseka Lesaoana (uqeshiwe kwakhona)
e) uMnu. uMorore Mphahlele (uqeshiwe kwakhona)
f) uGq. uKhangelani Zuma (uqeshiwe kwakhona)
g) uMnu. uKenneth Brown
h) uNjingalwazi uPhillippe Burger
i) uGq. uRashad Cassim
j) uGq. uJaya Josie
k) uMnu u-Etienne le Roux
l) uNjingalwazi uJohn Luiz
m) uNjingalwazi uJulian May
n) uGq. u-Ariane Neethling
o) uGq uSarah Radloff
p) uMnu uSulaiman Salau.

EMAPHONDWENI
a) uGq. uDaniel Plaatjies (eFreyisthathi)
b) uMnu uMonde Nkasawe (eMpuma Koloni)
c) uMnu uGlen Robbins (KwaZulu-Natal)
d) uNksz. uZeenat Ishmail (eNtshona Koloni)
e) uMnu uMveli Maphanga (eMpumalanga)
f) uNksz.uLizell Henney (emNtla Koloni)
g) uGq.uDavid Everatt (eGauteng)

4.5 IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo kwiBhodi yeNgxowa-mali yeeNgozi eziNdleni:
a) uMnu uThokwa Patrick Masobe
b) uNksz. uRefiloe Mokoena
c) uGq. uLinda Kinse Lungelwa Nompumelelo
d) uMnu uDawood Coovadia (uSekela Sihlalo)
e) uMnu u-Ahmed Pandor
f) uGq.uNtuthuko Bhengu (uqeshiwe kwakhona njengoSihlalo)
g) uMmeli uDimakatso Qocha (uqeshiwe kwakhona)
h) uMnu uDesmond Smith (uqeshiwe kwakhona)
i) uNksz. U-Annemarie Steyn (uqeshiwe kwakhona)
j) uMnu uDumisa Hlatshwayo (uqeshiwe kwakhona)

4.6 IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo kwiBhodi yoLawulo loKhuseleko lweMizila:
a) uNksz. uNatalie Skeepers
b) uMnu uMasindi Tshamunwe Herry
c) uMnu u-Andre Bain Harrison
d) uNksz. uMasaccha Khulekelwe Mbonambi
e) uMnu. uNorman Tinyiko Baloyi
f) uGq.uMatodzo Ratshimbilana (uqeshiwe kwakhona njengoSihlalo)
g) uNksz. uJane Barret (uqeshiwe kwakhona)
h) uNksz. uThembelihle Msibi (uqeshiwe kwakhona njengoSekela Sihlalo).

Ikhutshwe ngabeeNkonzo zezoNxibelelwano neNkqubo yoLwazi kaRhulumente (GCIS)
Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Issued by: Government Communications
 

Share this page

Similar categories to explore