1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni
1.1. IKhabhinethi imema uluntu ukuba lulwe nokuvumbuluka kolwaphulo-mthetho olunobundlobongela olujoliswe kubemi bamazwe angaphandle abakweli. IKhabhinethi ikulumkele ukuthiya obu bundlobongela njengobundlbongela boloyiko olungenasizathu sivakalayo lokudibana nabantu bamazwe angaphandle kuba ubungqina bokuqala bubonisa ukuba ezi zenzo zisenokuba ziqhutywa lulwaphulo-mthetho.
IKhabhinethi incoma ii-arhente ezinyanzelisa ukuthotyelwa komthetho ngokuthi zisebenze kwakamsinyane nangokugqibeleleyo.
1.2. IKhabhinethi idlulisa uvelwano kwiintsapho nakubahlobo bamakhwenkwe asweleke ngenxa yokwaluswa ngendlela engafanelekanga. IKhabhinethi ingqina ikhwelo elihlatywe nguMongameli uJacob Zuma lobulungisa obukhawulezileyo kwaye ihlaba ikhwelo kwiinkokeli zemveli kunye namalungu oluntu ukuba balwe nokuxhatshazwa okanye ukungahoywa.
Urhulumente uwaxhasa ngokupheleleyo amasiko nenkcubeko yoluntu lwethu olohlukileyo kwaye uqaqambisa ukuba oko kulungelelaniswe namalungelo aqulethwe kuMgaqo-siseko.
1.3. IKhabhinethi yamkele ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwiNtlanganiso yaBaphathi baMazwe yeManyano ye-Afrika, apho uMzantsi Afrika ubeke phambili ukubaluleka kwemiba eliqela kwi-ajenda yale Ntlanganiso yaBaphathi baMazwe Oku kuquka isiCwangciso soBuchule seKomishoni yeManyano ye-Afrika seminyaka yama-2014 – 2017 kunye noHlahlo-lwabiwo-mali lweManyano ye-Afrika lonyaka wama-2014; imeko yoxolo nokhuselo lwe-Afrika; eminye imithombo yenkxaso-mali yeManyano ye-Afrika; i-Ajenda yoPhuhliso olusemva konyaka wama-2015; intlanganiso yaBaphathi baMazwe e-NEPAD kunye neKomiti yokuziQhelanisa kaRhulumente, kunye neNtlanganiso yeQela laBaphathi baMazwe neNdlela i-Afrika eHlaziya ubuHlobo kuwo.
1.4. IKhabhinethi income ubunkokheli boLuntu oluPhuhlayo lwaseMazantsi e-Afrika (SADC) ngokuququzelela inkqubo ekhokelele ukubeni i-Zimbabwe yamkele uMgaqo-siseko omtsha. UMgaqo-siseko wase-Zimbabwe uphawula indima ebalulekileyo ekuphumezeni ngempumelelo iSivumelwano soXolo seHlabathi.
1.5. Kwilanga kanye elandulela iNyanga yoLutsha iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo oluntu ukuba axhome umgangatho weenkqubo zokulwa nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Umxholo weNyanga yoLutsha uthi: “Sisebenza Sisonke ukuPhuhlisa uLutsha noMzantsi Afrika oKhululekileyo kwiZiyobisi.”
Ukusebenza ngokugqibeleleyo kukarhulumente ukushukuxa ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi e-Eldorado Park, eGauteng, kusondeza abantu bale ngingqi kufutshane nokuzalisekisa uluntu olukhululekileyo kwiziyobisi. IKhabhinethi iqaphela kwaye yamkela inkqubela eyenziwe ngamapolisa, iinkokeli zoluntu namanye amaziko e-Eldorado Park ngokukhokelwa nguRhulumente wePhondo laseGauteng. Bebonke benze inkqubela ebonakalayo ekulweni nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. IKhabhinethi iyakuqonda ukuba imeko yase-Eldorado Park ibonisa imiba uluntu oluninzi olujongene nayo kwilizwe lethu jikelele kwaye ihlaba ikhwelo kuluntu kwilizwe lonke ukuba lukhokele kwimfazwe yokulwa neziyobisi kwiindawo abahlala kuzo ukuze uMzantsi Afrika “ukhululeke kwiziyobisi”.
NgeNyanga yoLutsha, masizinikele ekulweni imfazwe nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nokusela utywala ngokugqithisileyo kuyo yonke imimandla yelizwe lethu.
1.6. IKhabhinethi uyakwamkela ukwanda kokuqalisa kokufundiswa kweelwimi zeMveli kwiBanga R kunye neBanga loku-1 apho ezi lwimi zingekafundiswa khona.
IKhabhinethi isekwancoma isibhengezo esenziwe yiDyunivesithi yaKwaZulu-Natal sokwenza ukuba abafundi banyanzeleke bafunde isiZulu kwinqanaba labangekathweswa zidanga, abangasaziyo isiZulu, babhalise kwizifundo zokuphuhlisa izakhono zokuncokola ngesiZulu.
IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba bafunde ulwimi lwase-Afrika njengoko ixhasa ukuthethwa kweelwimi ezininzi njengento ekhuthaza ukwakhiwa kwesizwe.
1.7. IKhabhinethi iqaphela ukuba ukususela ngomhla woku-1 ukuya kowe-3 kweyeSilimela uMongameli uJacob Zuma uza kutyelela ngokusemthethweni nangokwaseburhulumenteni eJapan ukuya kuzimasa iNkomfa yaseTokyo yesiHlanu yaMazwe ngaMazwe engoPhuhliso lwe-Afrika (TICAD V). Umxholo wale nkomfa ye-TICAD V eza kubanjelwa eYokohama eJapan, uthi: “Sibambene ngeZandla ne-Afrika enaMandla ngaPhezulu.”
1.8. IKhabhinethi ilusizi kukushiywa ngumakhwekhwetha wentatheli uVuyo Mbuli kwaye ivakalisa uvelwano kusapho lwakwaMbuli, abahlobo nogxa bakhe abakushishino lwamajelo eendaba. UMnu Mbuli ube negalelo elikhulu ekuvuleni iingxoxo zesizwe kwimiba engundoqo kwaye uthando lwakhe lomsebenzi wakhe luhlabe umxhelo kubemi baseMzantsi Afrika.
1.9. IKhabhinethi ivakalisa olunzulu uvelwano kubemi base-Bangladesh nakwiintsapho nabahlobo babasebenzi bomzi-mveliso wempahla abangaphezulu kwe-1 000 abasweleke ngokudilikelwa sisakhiwo. Sibandakanya abemi base-Bangladesh kwiingcinga nemithandazo yethu.
1.10. IKhabhinethi ilusizi kakhulu ngokusweleka kunye nokwenzakala kwabantu okusisiphumo sezikhukhula emazantsi e-China.
1.11. IKhabhinethi ivakalisa intlungu nosizi ngokusweleka kwabafundi abahlanu abaphuma kwilali yaseLwandile eNgqeleni, eMpuma Koloni, abasweleke kwingozi yebhasi. Abafundi abangama-30 bonzakele kule ntlekele yengozi. URhulumente udlulisa uvelwano kwiintsapho, abahlobo, abafundi kunye nootitshala bala maxhoba. “Ngumzuzu olusizi kakhulu xa uMzantsi Afrika ulahlekelwa ziinkokheli zangomso.”
2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo
2.1. IKhabhinethi ivume ukuba iPhepha loGayo-zimvo ngobuPolisa lipapashwe kwincwadana karhulumente esihloko sithi Government Gazette ukuze uluntu luphawule ngokwenza amanqaku.
Okoko kwathi kwasekwa iiNkonzo zamaPolisa zaseMzantsi Afrika (SAPS) ngowe-1994, kubekho iinguqu ezininzi ngaphakathi nangaphandle kwezi nkonzo ezithe zanefuthe ekuqondeni kunye nasekusabeleni kweeNkonzo zamaPolisa kwimiba yolwaphulo-mthetho kunye nokhuselo.
Emva konyaka we-1994, urhulumente wajongana nokushukuxa iinjongo ezimbini zokudala umbuso ophuhlayo lo gama esekwaguqula ubupolisa bube liziko lolawulo.
Eli Phepha loGayo-zimvo lisabela kwimingeni echongwe emva kokuhlolwa kokufaneleka koBuchule bokuThintela uLwaphulo-mthetho ngowe-1996 (NCPS) kunye nePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo woKhuselo noKhuseleko we-1998. Kwendelisiswe kule migaqo-nkqubo ingcamango yokushukuxa ukhuselo kunye nokhuseleko ngendlela egqibeleleyo ngophuhliso kunye nokuphumeza iinkqubo ehlangeneyo yamacandelo ohlukileyo. Le migaqo-nkqubo ijonge ukumisela inkqubo-sikhokelo ngokubanzi yokujongana nemiba yokhuselo nokhuseleko ngokubanzi kude kube ngunyaka wama-2004.
IPhepha loGayo-zimvo lijongene “nokuJongana ubuso ngobuso nolwaphulo-mthetho kuMzantsi Afrika weNtando yesininzi, uBupolisa eMzantsi Afrika, iNtsingiselo eyiNtloko yobuNgcali bamaPolisa kunye namaLungiselelo amaZiko”. Oku kujolise ekubekeni iiNkonzo zamaPolisa zaseMzantsi Afrika ekugqibeleni kwisikhundla sokusabela kulwaphulo-mthetho olukhulayo noluguquguqukayo kwangaxeshanye nokuphumeza iimfuno zoMbuso osaphuhlayo.
2.2. IKhabhinethi ivume isiCwangciso seSizwe sokuSebenza saBantwana sama-2012-2017 njengesicwangciso ngokubanzi sokukhokela kunye nokukhomba indlela kumasebe karhulumente, kuluntu kunye namanye amaqabane kwicandelo labantwana esisingise ekuphumezeni amalungelo abantwana.
Esi sicwangciso samkela uMgaqo-siseko, izivumelwano zamazwe ngamazwe nezengingqi, imithetho emitsha nevelayo yabantwana eMzantsi Afrika, iiNjongo zoPhuhliso zeNkulungwane kunye nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe soMbono wonyaka wama-2030.
Esi sicwangciso sinemixholo emihlanu: ukusinda kwabantwana (umzekelo, ukuncitshiswa kokusweleka kwabantwana); ukukhula kwabantwana (umzekelo, iinkonzo zophuhliso lwabantwana kwangethuba); ukhuseleko lwabantwana (umzekelo, ukukhuselwa kubundlobongela kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo); umgangatho wokuphila kwabantwana (umzekelo, iimeko abahlala phantsi kwazo abantwana) kunye nokuthatha inxaxheba kwabantwana (umzekelo, abantwana babe noxanduva lo gama besonwabela amalungelo abo).
Esi siCwangciso seSizwe sokuSebenza saBantwana sowama-2012-2017 siza kucaciswa ngokubanzi kwintlanganiso yamabal’engwe nemfutshane yamajelo eendaba.
2.3. IKhabhinethi ivume ukuba iPhepha lokuVuselela iNkcubeko yase-Afrika lifakwe ePalamente ukuze kuvunyelwe isiqinisekiso ngokwemiqathango yeCandelo lama-231 (92) loMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika.
Isiqinisekiso sephepha ngurhulumente yimpendulo kwisiBhengezo sokuVuselelwa kweNkcubeko kunye neXabiso noButyebi bokwaBelana seSeshoni eQhelekileyo yaBaphathi baMazwe eManyano ye-Afrika kunye noRhulumente eyayibanjelwe e-Equatorial Guinea, kweyoMqungu wama-2011, kunye nokusungulwa kwephulo leManyano ye-Afrika kwiPhepha lokuVuselela iNkcubeko ye-Afrika eyabanjwa ekupheleni konyaka wama-2011 eMzantsi Afrika.
Isiqinisekiso sePhepha siqaqambisa ukhuseleko nexabiso nobutyebi benkcubeko yase-Afrika kunye namagugu kwakunye nokuxhasa umoya woBumbano nokuzingca ngobu-Afrika.
Iphepha lixhasa ubunye benkcubeko, ubugcisa, ixabiso lenkcubeko, ulwimi, amagugu kwakunye noshishino lwenkcubeko nobugcisa njengobusembindini wophuhliso oluzinzileyo. Oku kunamandla okwenza igalelo ekuhlumeni koqoqosho kunye nobunye besizwe. Iphepha lilungelelaniswe noMgaqo-nkqubo oMtsha wokuHluma koQoqosho, isiCwangciso soPhuhliso seSizwe, iPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo wezoBugcisa, iNkcubeko kunye namaGugu kunye nesiCwangciso soBuchule soQoqosho olubugolide lwaseMzantsi Afrika. UMphathiswa woBugcisa neNkcubeko uza kusindleka intlanganiso yamabal’engwe nemfutshane yamajelo eendaba ngokuphathelele kulo mba.
2.4. IKhabhinethi iqaphele ukusindlekwa kweNtlanganiso yokuqala yaBaphathi bamazwe engeNzululwazi, ubuChwepheshe kunye nokuNgenisa nokwenziwa kwezinto ezintsha ukususela ngomhla wama-20 ukuya kuma-21 KweyeKhala kowama-2013.
Ingxoxo ezicwangcisiweyo ngexesha leNtlanganiso yaBaphathi bamazwe zibonelela ngeqonga lokuphonononga iindlela zokuqaqambisa intsebenziswano phakathi kukarhulumente noshishino lwabucala.
INtlanganiso iza kwenza abathathi-nxaxheba baphonononge iindlela inzululwazi, ubuchwepheshe kunye nokungenisa nokwenziwa kwezinto ezintsha ezingadlala indima kuhambo oluya kuqoqosho olusekwe kulwazi kunye nokuzalisekisa uMbono wonyaka wama-2030.
3. IMithetho esaYilwayo
3.1. IKhabhinethi yamkele izihlomelo zoMthetho osaYilwayo woLawulo lwaBasebenzi bakaRhulumente oluYilwayo eziza kupapashwa ukuze uluntu luphawule ngokwenza amanqaku.
UMthetho osaYilwayo ufuna ukudala inkqubo-sikhokelo esemthethweni nefanayo yabasebenzi kunye nemiba ethile karhulumente nemibutho yesizwe, eyamaphondo kunye nolawulo loomasipala. Oku kujoliswe ekuqaqambiseni ukuziswa kweenkonzo ngenkqubo efanayo yolawulo lwabasebenzi bakarhulumente, ukusetyenziswa kwabasebenzi okuphucukileyo kunye nokudala umnyango omnye wokuziswa kweenkonzo zikarhulumente kubemi beli.
3.2. IKhabhinethi yamkele uMthetho osaYilwayo weKomishoni yaBasebenzi bakaRhulumente ukuze uluntu luphefumle ngokwenza amanqaku kunye nokwazisa lo Mthetho osaYilwayo ePalamente.
Injongo yalo Mthetho osaYilwayo kukulungelelanisa uMthetho weKomishoni yaBasebenzi bakaRhulumente we-1997 kunye noMgaqo-siseko ukunika umkhombandlela malunga nemithetho-sisekelo elawulo ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente.
Oku kuhambelana nendima eyomeleziweyo nengumbono wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe kwiKomishoni.
3.3. IKhabhinethi yamkele uMthetho osaYilwayo weeNkonzo zeMozulu zaseMzantsi Afrika wama-2013 ukuba upapashwe ukuze uluntu luphefumle ngokwenza amanqaku.
Lo Mthetho osaYilwayo ufuna ukuhlomela uMthetho weeNkonzo zeMozulu zaseMzantsi Afrika, wama-2001 (uMthetho Nombolo 8 wama-2001) obonelela ngokusekwa, iinjongo, amagunya kunye nemisebenzi yeeNkonzo zeMozulu zaseMzantsi Afrika.
Okubalulekileyo kukuba ezi zihlomelo ziza kubonelela iiNkonzo zeMozulu zaseMzantsi Afrika ngegunya elisemthethweni lokuphumeza umsebenzi wolawulo lolwazi ngomgangatho womoya osingqongileyo.
Oku kunegalelo ekukhuseleni kunye nasekuqaqambiseni okusingqongileyo nemithombo eluncedo yendalo.
3.4. IKhabhinethi yamkele uMthetho siHlomelo osaYilwayo woPhuhliso lweMithombo yeziMbiwa nePetroliyam, wama-2012 ukuba ufakwe ePalamente.
Lo Mthetho siHlomelo osaYilwayo woPhuhliso lweMithombo yeziMbiwa nePetroliyam, wama-2012 (uMthetho osaYilwayo) ufuna ukuhlomela uMthetho siHlomelo osaYilwayo woPhuhliso lweMithombo yeziMbiwa nePetroliyam, wama-2012 (uMthetho Nombolo 28 wama-2002) njengokuba uhlonyelwa nguMthetho siHlomelo osaYilwayo woPhuhliso lweMithombo yeziMbiwa nePetroliyam, wama-2008 (uMthetho Nombolo 49 wama-2008).
Eyona njongo ingundoqo yalo Mthetho siHlomelo osaYilwayo, phakathi kwezinye, kukuqaqambisa ukubonelelwa kokunyityilikiswa kwezimbiwa ngeenjongo zokwenza ubucwebecwebe ukuze kuxhaswe ushishino kunye negalelo leenjongo zesizwe zokudala imisebenzi kunye nokuhluma koqoqosho njengoko oko kungumbono wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe. Intlanganiso yamabal’engwe nemfutshane yamajelo eendaba iza kubanjwa ngeenjongo zokucacisa malunga nolu phuhliso.
4. Izikhundla
IKhabhinethi yamkele ezi zikhundla zintsha zilandelayo:
4.1. Mnu Sithembiso Freeman Nomvalo njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba le-Arhente yoBuchwepheshe boLwazi loMbuso kunye nelungu lesigqeba kwiBhodi yaBalawuli ixesha elingangonyaka.
4.2. Mnu Trevor Gordon njengoSekela Mlawuli Jikelele: woLawulo lweMichiza kunye neNkunkuma kwiSebe lezeNdalo.
4.3. Nks Yoliswa Makhasi njengoSekela Mlawuli Jikelele: uLawulo lwezoShishino kwiSebe lezamaShishini kaRhulumente.
4.4. Nks Rose Mbono njengoSekala Mlawuli Jikelele: iFuthe lezoQoqosho noLungelelaniso loMgaqo-nkqubo kwiSebe lezamaShishini kaRhulumente.
4.5. IKhabhinethi yamkele ezi zikhundla zilandelayo kwi-Arhente yoKhuselo loLuntu yaseMzantsi Afrika (SASSA):
a) Nks Emmarentia Dianne Dunkerley kwisikhundla sokuba nguMlawuli wesiGqeba: uLawulo lweziBonelelo zikaRhulumente.
b) Mnu. Frank Earl kwisikhundla sokuba nguMlawuli wesiGqeba: Ukugqithiselwa nokuxhamla iziBonelelo.
4.6. IKhabhinethi iqaphele ukwandiswa kwexesha lokusebenza, ngeenyanga ezintandathu kwamalungu angama-20 eBhunga laseMzantsi Afrika lobuNgcali kwiNzululwazi ngezeNdalo kude kube ngumhla wama-30 kweyoMsintsi wama-2013.
Imibuzo:
Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139