Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-4 kweyoMsintsi 2019

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla wesi-4 kweyoMsintsi 2019 eTuynhuys eKapa

A.  Imiba engundaba-mlonyeni

Emva kokuba iKhabhinethi ihlalutye imiba engundaba-mlonyeni, iye yavumelana ngoku kulandelayo:

1.  UbuNdlobongela obuJoliswe kwiSini (i-GBV)

1.1.  IKhabhinethi nayo njengesizwe iyangqukruleka ziziganeko ezithe gqolo kweli lizwe lakuthi zokubalawa, ukudlwengulwa nokuphathwa kakubi kwabantu basetyhini ngamadoda. Iziganeko ezihlasimlisa umzimba zokuhlaselwa kwabantu basetyhini zibonisa ukuba thina sisonke asisabeli ngokufanelekileyo kwizijwili nezililo zabantu abasemngciphekweni ombi wokuba ngamaxhoba ezehlo ezibuhlungu ezifana nezi kweli lizwe.

1.2.  Eyona ntsusa yalo mkhuba kukungathathi amanyathelo afanelekileyo okulwa ingxaki eyambethe eli yokuxhatshazwa kweentsana, abantwana, abantu abadala, abantu basetyhini abakhubazekileyo, abantu ababhinqileyo abathandana nabanye ababhinqileyo, abangamadoda abathathanda namanye amadoda, abathandana nezini zozibini, abanamalungu obufazi nawobudoda, abatshintshe isini sabo, abo bazikhethela ukuphila njengamadoda kodwa babe benamalungu obufazi kunye nabantu ababhinqileyo abangabafudukeli kweli.

1.3.  IKhabhinethi icele ukuba abenzi bezi zenzo banikwe izigwebo eziqatha xa begwetywa. Nangona bebaninzi abantu abafunyaniswa benamatyala e-GBV baze bagwetywe (bangama-74%) futhi bengaphezulu kwama-4 000 abo bafumene izigwebo zobomi bethothoza kwezimnyama izisele, kusekuninzi ekufuneka kwenziwe. Nokuba mnye umntu wasetyhini obuleweyo,  odlwenguliweyo okanye oxhatshaziweyo, oko kugqithisile futhi akwamkelekanga kwaphela.

1.4.  ULuhlu lweSizwe lamaTyala ezeSondo liza kuthiwa thaca phambi kwePalamente ukuze luqwalaselwe kulungiselelwa ukuba kutshintshwe uMthetho wamaTyala ezeSondo. Ezi zilungiso ziza kuqinisekisa ukuba olu luhlu luyandiswa ukuze lufake nabophuli-mthetho ababandakanya zonke iintlobo zamatyala ezesondo. Ngokwangoku, olu luhlu lufake kuphela abantu asele befunyaniswe benetyala baze bagwetywa ngenxa yokuba bexhaphaze ngokwesondo (bedlwengule) umntwana okanye umntu ogula ngengqondo.

1.5.  IKhabhinethi ithi tutwini kusapho nezihlobo zika-Uyinene Mrwetyana, Leighandre Jegels, Nolunde Vumsindo, Meghan Cremer, Jess Hess, Ayakha Jiyane kunye nabantwana abeza emva kwakhe abathathu kunye nabo bonke abantu basetyhini nabantwana ababulewe kabuhlungu nangolunya ngamadoda.

1.6.  IKhabhinethi iye yanqumama ithutyana yaze yakhulula igqiza labaPhathiswa abebekwintlanganiso yesiqhelo yeKhabhinethi ukuba baye kudibana namakhulu-khulu abantu abebeqhankqalaza ePalamente bekhalazela i-GBV.  

1.7.  IKhabhinethi ikwamisele nekomiti yabaphathiswa abahlukeneyo eza kusebenzisana nemibutho yoluntu ukuphelisa i-GBV. Amalungu ale komiti nguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uMnu Jackson Mthembu, uMphathiswa wezamaPolisa, uMnu Bheki Cele; uMphathiswa wezobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano, uGq Naledi Pandor; uMphathiswa weeNdawo zokuHlaliswa kwabaNtu, ezaManzi noGutyulo, uNksz Lindiwe Sisulu; uMphathiswa wezoKhuselo namaGqala eMfazwe, uNkskz Nosiviwe Mapisa-Nqakula; uMphathiswa wezobuLungisa neeNkonzo zoLuleko, uMnu Ronald Lamola; uMphathiswa woKhuseleko lweLizwe, uNksz Ayanda Dlodlo, uMphathiswa wezoPhuhliso loluNtu, uNksz Lindiwe Zulu kunye noMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli wezabaseTyhini, uluTsha nabaNtu abanoKhubazeko,  uNksz Maite Nkoana-Mashabane.

Le Komiti iza kukhokela amaphulo esizwe okulwa le ngxaki ixakileyo ye-GBV, ize inike ingxelo rhoqo kwiKhabhinethi nakuluntu ngokubanzi ngemisebenzi namalinge ayo okulwa i-GBV. Le Komiti iza kuqinisekisa ukuba iintsapho kunye namaxhoba e-GBV zifumana inkxaso kangangoko.

1.8.  IKhabhinethi iwugwadlile umsebenzi osele wenziwe malunga nokuzalisekiswa kwesithembiso esasenziwe kwisiBhambathiso seNgqungquthela kaMongameli engokuLwa i-GBV nokuBulawa kwabaseTyhini eyayibanjelwe eCenturion ngomhla woku-1 nowesi-2 kweyeNkanga 2018 sokuqulunqa isicwangciso sesizwe samanyathelo okulwa i-GBV. IQumrhu leThutyana laye lasekwa ngeyoMqungu 2019. Amalungu eli qumrhu aquka abantu abamele imibutho yoluntu kunye namasebe karhulumente. IsiCwangciso-qhinqa seSizwe esiyidrafti sele sibhaliwe. Umongo waso usekelwe kwizigqibo zeentlanganiso zokufakana imilomo ezazibanjiwe zona ezisusela kwisiBhambathiso esamkelwayo. Iindibano zokufakana imilomo nokubonisana ziyaqhuba kungoku nje kulo lonke eli kwaye zona ziza kuzala eli Bhunga leSizwe lokuLwa i-GBV nokuBulawa kwabaseTyhini silifunayoo, lona eliza kunikwa zonke izixhobo elizifunayo ukuze likhokele amaphulo okulwa i-GBV.

1.9.  Nangona kukho imithetho emininzi esele iphunyeziwe yatyikitywa yokulwa amatyala obundlobongela obenziwa kubantu ababhinqileyo nabantwana, kwaye siwubulela futhi siwuncoma nomsebenzi owenziwa ngamapolisa nezinye ii-arhente zogcino-mthetho – eziquka abatshutshisi, oomantyi kunye neejaji – wokubamba nokugweba ezi zihange zenza olu lwaphulo-mthetho luhambisa umzima, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke ubani kweli, ingakumbi amadoda, ukuba abhinqe omfutshane achase esilwa abo bathe gqolo bedlwengula, bexhaphaza futhi bebulala iintyatyambo zeli lizwe, oko kukuthi, abantu basetyhini.

1.10.  Iityalike kunye neenkokeli zakwaLizwi nazo kufuneka zithi unotshe, zisebenzise amagunya azo njengeenkokeli zikhuthaze abantu ukuba bancedise kumaphulo okwakha intsebenziswano phakathi koluntu kuliwe nesi sihelegu se-GBV. Amajelo eendaba nawo kufuneka ancedise kangangoko ukulwa le mikhuba inuka ukutsha kwisizwe sethu ikhokelela kwi-GBV, neenkokeli kwezoshishini nazo ngokunjalo ziyacelwa ukuba zizeke mzekweni zincedise, ziphose igade kumaphulo okuzama ukusiphula neengcambu zonke iintlobo zobundlobongela emisebenzini zixhase namalinge esizwe okugxotha ishwangusha le-GBV eligubungele esi sizwe. IKhabhinethi ikholelwa ukuba eli shologu le-GBV lingahewulwa likhatshelelwe apho belivela khona, kwaSathana, kuphela ukuba sonke sisisizwe singathatha izikrweqe siyilwe le GBV inezothe, siphelise nesihelegu sokubulawa ngolunya kwabantu ababhinqileyo.

1.11.  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwisizwe soMzantsi Afrika ukuba siqinisekise ukuba abantwana abangamakhwenkwe bakhuliswa ngendlela egxininisa nebethelelela ukuhlonitshwa kwamalungelo abo bonke abantu, ingakumbi abantu basetyhini kwisizwe sethu. Umntwana oyinkwenkwe kufuneka akhuliswe ngendlela eza kubethelela ukuba abantu basetyhini bayalingana nabo, abangobantu abangaphantsi kubo ekufuneka benziwe izigculelo zokuxhatshazwa, into leyo iye iphelele ekubulaweni kwabo.

2.  Ubundlobongela nezixholo-xholo esidlangalaleni

2.1.  IKhabhinethi izigxeka kabukhali iziganeko zobundlobongela ebezisenzeka kwiindawo ezithile kwiphondo laseGauteng nelaKwaZulu-Natal. UMzantsi Afrika ulilizwe elilawulwa ngokwentando yesininzi esekelwe kumgaqo-siseko futhi ulilizwe elinemithetho ke ngoko, bonke abantu beli abathanda uxolo kufuneka bazigxeke kabukhali izenzo ezinobundladiya nezingekho mthethweni ezifana nezi. UMzantsi Afrika umamkela ngezandla ezishushu wonke umntu ongena kweli ngokusemthethweni futhi oyithobelayo imithetho yeli. Akuko sikhalazo sinokusetyenziswa njengesizathu sokuhlasela abanye abantu, sokutyhuthula iivenkile nokonokalisa impahla kunye nokuvala iindlela, izinto ezo zingekho mthethweni kwaye zingamatyala olwaphulo-mthetho futhi umntu ofunyenwe ezenza unokusiwa emthethweni ukuze ohlwaywe ngokufanelekileyo.

2.2.  IKhabhinethi iyayithanda indlela uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) oshukume ngayo ngokukhawuleza waze wabamba abantu abangama-483 ekurhaneleka ukuba banendima abayidlalileyo kumkhuba wokutyhuthula, ubundlobongela esidlangalaleni kunye nokonakaliswa kwempahla eGauteng. Bona abanye abangama-21 babanjwe KwaZulu-Natal ngezityholo ezinxulumene nokutshiswa kwezigadla. Ukusweleka kwabantu abali-10, abasibhozo kubo abangabemi boMzantsi Afrika baze ababini ibe ngabemi bangaphandle ngenxa yezixholo-xholo zaseGauteng, kuzisusile esihlalweni iintliziyo zamalungu eKhabhinethi. IKhabhinethi ithi ukufa kwadalwa kwasendalweni ke ngoko mazilale ngenxeba iintsapho zabo basanduleleyo.

 2.3   IKhabhinethi ivakalise ukuxhalaba yingxaki yokutshiswa kwezigadla kwiphondo laKwaZulu-Natal okusukela kwizityholo zokuba kukhethwa abemi bangaphandle kuqala kwimisebenzi yokuqhuba izigadla ezikhulu ezilayisha impahla nemithwalo emikhulu. Urhulumente kungoku nje uqhuba ugqogqo ezindleleni egxininisa kakhulu kwizigadla, aze athi ukuba ufumanise ukuba abaqhubi ngabemi bangaphandle abangenamaphepha afanelekileyo, ababuyiselwe kumazwe abo okuzalwa ngoko nangoko.

2.  INgqungquthela yezoQoqosho yeHlabathi (i-WEF) e-Afrika
2.1.  UMzantsi Afrika uza kundwendwelwa ziinkokeli zemibuso ezahlukeneyo kwakunye neenkokeli zemimandla nezehlabathi, ukusuka kwiinkokeli zezopolitiko, ezamashishini, ezimibutho yoluntu ukuya kwizifundiswa ngethuba kuza kube kubanjwe i-WEF e-Afrika yama-28 eKapa ukususela ngomhla wesi-4 ukuya kowesi-6 ngeyoMsintsi 2019.

2.2.  Umxholo wale ngqungquthela, apho uninzi lwamahlakani esizwe noqoqosho loMzantsi Afrika aza kube ethatha inxaxheba, uthi: “Ukutshintsha uHlumo neKamva eliXhanyulwa Nguye Wonke kwiXesha lobuChwepheshe Bale Mihla”.

2.3.  I-WEF e-Afrika iza kugwadla imiba eli lizwekazi elijamelene nayo ngokugxila kumacebo okukhawulezisa iingunqu kumaziko alo mmandla asebenzisa ubuchwepheshe bale mihla, utyalo-mali, amashishini kunye noyilo lwezinto ezintsha. Le ndibano iza kuxoxa nangomba weNkqubo yowama-2063 yeMbumba ye-Afrika (i-AU), esisikhokelo nesicwangciso esingundoqo sokutshintsha i-Afrika ibe lilizwekazi elingumakhonya nelihlonitshwa lihlabathi liphela.

2.4.  Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwi-WEF e-Afrika, edibanisa iinkokeli eziphezulu ukuze kudalwe iimeko ezikhuthaza utyalo-mali lwezoqoqosho nolwezentlalo, kuza kuba negalelo elihle kakhulu kwiinkqubo namanyathelo ethu okungenelela kumngeni ontlantlu-ntathu, oyintswela-ngqesho, ukungalingani nendlala. Oku kuza kusisondeza kufutshane ekuzalisekiseni uMbono wama-2019 wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), isikhokelo sethu sokulwa indlala nokuphungula ukungalingani ngowama-2030.

2.5.  IKhabhnethi ibanqwenelela iingxoxo ezakhayo nezityebileyo njengoko nathi siza kube sibatenda ngobubele obushushu kunye nobuntu babantu beli.

3.  UMthetho-sihlomelo oYilwayo woLingwano emiSebenzini

3.1.  IKhabhinethi ivakalise ukuxhalaba sisantya solovane ezihamba ngaso iinguqu emisebenzini emva kokuba ibone ingxelo ye-19 ekhutshwe yiKomishini yoLingwano emiSebenzini. Le ngxelo ibonisa ukuba ambalwa ngolu hlobo ludanisayo amaqumrhu athobela uMthetho woLingwano emiSebenzini, wowe-1998 (uMthetho 55 wowe-1998) owenzelwe ukulungisa umonakalo owashiywa ngumbuso wocalu-calulo wengxaki yokungalingani kwimisebenzi yeli.

3.2.  Njengelinge lokuzama ukunyanzelisa ukuba uthotyelwe uMthetho woLingwano emiSebenzini wowe-1998, urhulumente uza kuthi thaca ePalamente uMthetho oyiLwayo woLingwano emiSebenzini.

3.3.  Lo Mthetho uYilwayo uza kohlwaya abo bophula lo Mthetho kwaye uza kwenza ukuba kube sisinyanzelo kubaqeshi abafuna ukunaniselana norhulumente ukuba babe nesatifiketi sokuthotyelwa komthetho wolingwano emisebenzini.

4.  Ukwakha isizwe

4.1.  IKhabhinethi nayo njengabemi boMzantsi Afrika iyasamkela isigwebo seNkundla yezoLingwano sokuba zincitshiswe kakhulu iindawo enokuxhonywa okanye ibonakaliswe kuzo iflegi yorhulumente wocalu-calulo waphambi kowe-1994, emele uMzantsi Afrika wangaphambili owawucalu-calula. IKhabhinethi iyasixhasa esi sigwebo sithi le flegi yombuso wangaphambili “ivuselela izivubeko zangaphambili futhi isisithuko nesinyeliso kubantu abantsundu kwaye abo bayisebenzisayo le flegi yorhulumente wocalu-calulo bakhetha, ngabom futhi besazi, ingcinezelo kunenkululeko”.

4.2.  Izinto ezimele iintsuku nexesha uMzantsi Afrika wawusebumnyameni, ingakumbi le flegi yangaphambili, azincedi kumalinge okwakha isizwe esimanyeneyo, esingenabuhlanga nesingacaluli ngokobuni njengoko usitsho uMgaqo-siseko woMzantsi Afrika wowe-1996 okhuthaza inkqubela. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bakhuthaze futhi balwele ukuba sibe sisizwe esisengela ethungeni elinye njengoko usitsho uMgaqo-siseko weli.

4.3.  Iflegi yangaphambili yombuso wocalu-calulo kufuneka isetyenziswe kuphela kwimisebenzi yobugcisa, kwizifundo zamabanga aphezulu nangamajelo endaba ngeenjongo zokufundisa okanye ukugxininisa umba othile oza kuba luncedo kuluntu ngokubanzi.

B.  IziGqibo zeKhabhinethi

1.  INgxelo yowama-2018/19 yeeNkcukacha-mani zoLwaphulo-mthetho zeSizwe

1.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kweNgxelo yowama-2018/19 yeeNkcukacha-manani zoLwaphulo-mthetho zeSizwe.

1.2.  Iinkcukacha-manani zonyaka zolwaphulo-mthetho zinceda urhulumente ukuba abeke phantsi kweliso imida ebezibekele yona, ingakumbi ukuphungulwa kolwaphulo-mthetho olunobundlobongela, njengoko kutshiwo kwisiCwangciso-sikhokelo esiQiqiqisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF). Zingasetyenziswa nasekuphuculeni amaphulo okuthintela ulwaphulo-mthetho futhi zibe sisikhokelo sezicwangciso zamasebe ahlukeneyo karhulumente.

1.3.  UMphathiswa wazamaPolisa, uNjengele Bheki Cele, uza kubamba intlanganiso namajelo eendaba apho aza kunika ingxelo yeenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho.

2.  INkqubo yokuNikezela amaLungelo okuLoba (i-FRAP) yowama-2020

2.1.  IKhabhinethi inike imvume yokuba iSebe lezeNdalo, amaHlathi nezokuLoba (i-DEFF) liqwalasele kwakhona la maxesha abekiweyo okukhutshwa kwamaphepha-mvume okuloba iintlobo zentlanzi ezili-12. Ukulandela koku, uMphathiswa wezeNdalo, amaHlathi nezokuLoba uBarbara Creecy uza kupapasha kwigazethi kungekudala amaxesha amatsha okukhupha la maphepha-mvume eNkqubo yokuNikezela amaLungelo okuLoba (i-FRAP) yowama-2020.

2.2.  IKhabhinethi ikholelwa ukuba kubalulekile ukuba le nkqubo ingabangi makhwiniba, iqhutywe elubala kwaye incedise kumalinge okuzisa iinguqu kweli candelo lilonke. Amaxesha amatsha okunikezela la maphepha-mvume aza kunika i-DEFF ithuba lokuba ilungise bonke ubucukubhede obunxulumene nemithetho ye-FRAP, kuquka ukutyunjwa kwequmrhu lezengcebiso nelezobunzululwazi, eliza kuqhuba uphando ngomthamo weentlanzi kuze kwenziwe uphando lwezentlalo nezoqoqosho ngohlobo lwentlanzi ngalunye.

C.  ImiThetho eyiLwayo

1.  UMthetho-sihlomelo oYilwayo weMiba yezeNkundla wowama-2019

1.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwalo Mthetho oYilwayo.

1.2.  Lo Mthetho oYilwayo uneenjongo zokulungisa le miThetho mibini ingezantsi ukuze kulungiswe ezi zikroba zibonwe yiNkundla yoMgaqo-siseko:

  • UMthetho woQhawulo-mtshato, wowe-1979 (uMthetho 70 wowe-1979) – isilungiso esiza kwenziwa ngulo Mthetho oYilwayo silawula nendlela ekufuneka yahlulwe ngayo impahla kunye nemali yokondlana kwabo baqhawula umtshato ngokwesigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko; kunye
  • NoMthetho weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA), wowe-1998 (uMthetho 32 wowe-1990 – isilungiso esenziwa ngulo Mthetho oYilwayo singemiba enxulumene neminyaka yesivumelwano sengqesho soMlawuli weSizwe weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NDDP) kunye noSekela-Mlawuli weGunyabantu lezoTshutshiso ngokuhambelana nesigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko.

D.  Imiyalezo
1.  Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba
1.1.  usapho nezihlobo zeGqala loMkhonto we Sizwe kunye nelungu leCandelo lamaNina le-African National Congress, usomashishini wasetyhini onguvulindlela, uGq Thandi Cynthia Ndlovu, osutywe kukufa ngomhla wama-24 kweyeThupha 2019. Lowo ebeyasakuba nguMongameli oBambeleyo uMnu David Mabuza uthe eli gqala lomzabalazo nelilijoni lenkululeko liza kukhatshwa ngoMngcwabo wasebuRhulumenteni wePhondo oKhethekileyo okuDidi lwesi-2. UGq Ndlovu wawongwa ngeembasa ezininzi ezahlukeneyo ngenxa yemisebenzi yakhe ehloniphekileyo nengenachaphaza kwaye waqhubeka engumzekelo omhle kwabanye, ezifundweni zakhe nanjengosomashishini ohlonitshwayo. Uphile ubomi obuzukileyo nobungenasiphene njengetshantliziyo lezopolitiko nelilwela uphuhliso nokuxhotyiswa kwabasetyhini ngezakhono. NgeyoMdumba, wayekhona ngethuba kutyikitywa nguMongameli uCyril Ramaphosa uMthetho-sihlomelo wezoKhuphiswano wowama-2018 (uMthetho 18 wowama-2018) ukuba ube ngumthetho ogcweleyo.

1.2.  usapho nezihlobo zegqala lentatheli, umbhali nomphandi-nzulu, uMnu Harry Mashabela. NgeyeKhala ngowe-1976, waye wabanjwa kunye nezinye iintatheli ezingoomakhwekhwetha kweli lizwe phantsi koMthetho wezobuNqolobi owawudume kakhulu. Wasebenzela amaphepha-ndaba amaninzi, aquka i-Rand Daily Mail, The Star, Drum kunye ne-Financial Mail. Futhi ubhale neencwadi ezininzi eziquka ethi: Townships of the PWV, a People on the Boil (ngowe-1988) kunye nethi: Mekhukhu: Urban African Cities of the Future (ngowe-1990).

1.3.  usapho nezihlobo zentatheli kunye noMlawuli weCandelo leeNdaba e-eNCA, uMnu Ben Said kunye nomhlalutyi wezemidlalo we-SABC uMnu David Kekana. Icandelo lezeendaba loMzantsi Afrika lilahlekelwe ngoophopho abebesebenzisa izakhono zabo zobuntatheli ukwazisa uluntu nokwenza uMzantsi Afrika ilizwe elingcono.

1.4.  UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya, uGq Aaron Motsoaledi nalo lonke usapho lakwaMotsoaledi, ngokusweleka kukamama wakhe, uMama Sina Sekeku Motsoaledi.

2.  Amazwi ovuyiswano neminqweno emihle

IKhabhinethi ibaqhwabele izandla:
2.1.  abadlali abangama-31 abatyunjwe kwiqela le-Springbok abaseJapan uyokumela eli lizwe kwiNdebe yeHlabathi yoMbhoxo (i-RWC). Sibakhuphe ngokubathemba kwaye siqinisekile ukuba baza kusimela ngebhongo neqhayiya, futhi sibanqwenelela okuhle kodwa xa beza kube besilwela ukubuyisela indebe ye-RWC ekhaya.

2.2.  INdlovu Youth Choir, entyiloze kwahlokoma kamnandi yada yachukumisa iintliziyo zabaninzi kwihlabathi liphela yaze ngolo hlobo yaphumelela ukufikelela kumagqibela kankqoyi kukhuphiswano lwe-America's Got Talent.

E.  Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.  UNksz Mapatane Elizabeth Kgomo njengeSekela-Mlawuli-Jikelele: INkxaso yoLawulo lokuHanjiswa kweziSeko zoPhuhliso kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore