INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-12 kweyoMdumba yowama-2020

 INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla we-12 kweyoMdumba yowama-2020 ePalamente, eTuynhuys eKapa

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni
1.  INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yowama-2020


1.1. IKhabhinethi iyayamkela i-SoNA yowama-2020 eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngethuba lendibano yezindlu zombini zePalamente, eKapa, ngomhla we-13 kweyoMdumba 2020. Le ntetho yenziwe kanye emva kwesikhumbuzo seminyaka engama-30 yokukhululwa kukaTata weSizwe, uTata Madiba, kwiNtolongo i-Victor Vester, ngomhla we-11 kweyoMdumba 1990.
1.2. I-SoNA yowama-2020 kaMongameli Ramaphosa inike ingcaciso ebanzi ngeNkqubo yokuSebenza (i-PoA) kukarhulumente equlunqelwe ukuvuselela uqoqosho oludodobalayo lweli lizwe kuba iza kugxininisa kumba weenkqubo zezoqoqosho ezibalulekileyo.
1.3. Kwezi nyanga zimbalwa zizayo kuza kuqaliswa ngamanyathelo neenkqubo eziza kutshintsha indlela umbane ophehlwa nothengwa ngayo kweli lizwe. 
1.4. UMongameli unike ingxelo ngezicwangciso eziza kusetyenziswa ukuze zinyuse umthamo wemveliso ngolo hlobo zincede amashishini asakhasayo, aphakathi namancinane (ii-SMME). Iintlobo zemveliso ezingaphezulu kwe-1 000 eziveliswe kweli ziza kuthengwa kwii-SMME. La manyathelo ayinxalenye yamacebo okuxhasa amashishini olutsha nabo bakumaphulo okuzisebenzela baze baziqashe.
1.5. Iikholeji zeMfundo noQeqesho kwiZakhono zeZandla nobuChule (ii-TVET) eziza kwakhiwa kulo nyaka ziza kunceda kule ngxaki yabantu abatsha abangaphangeliyo kunye nezakhono zabo ezingabavuleli amathuba. IQumrhu lokuQeshwa koLutsha (i-YES), libambisene neekholeji ze-TVET necandelo labucala, liza kuqinisekisa ukuba abafundi abaninzi bafumana ithuba lokuya emisebenzini baqeqeshwe njengenxalenye yezifundo zabo zoqeqesho.  
1.6. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo sokusekwa kwe-SheTradeZA eli    qonga eliza kunceda amashishini amanina ukuba akwazi ukuthatha inxaxheba kurhwebo nonaniswelano namazwe ehlabathi.
1.7. INkqubo yoPhuhliso eKhokelwa ziziThili eyalingwa kulo nyaka uphelileyo kumasipala ombaxa omnye kunye nakoomasipala besithili ababini kulo nyaka iza kuqaliswa kubo bonke oomasipala bezithili nabambaxa. Oku kuza kuzalisekisa amaphupha okuba kubekho inkqubo yokuhanjiswa kweenkonzo equka konke enesicwangciso esinye esixhaswa ngawo omathathu amaqoqo karhulumente. 
1.8. Intetho kaMongameli isivuselele sonke ukuba simanyane sisingise kwindlela eya ekoyiseni imingeni esijamelene nayo sakhe uMzantsi Afrika oqaqambileyo olawulwa ngokwentando yesininzi. IKhabhinethi icela onke amacandelo esizwe ukuba abambisane norhulumente kuzalisekiswe izithembiso ze-PoA karhulumente. 
1.9. Ngethuba kubanjwe ingxoxo-mpikiswano ePalamente kule veki, amalungu eQumrhu loLawulo aza kunika ingcaciso egcweleyo nge-PoA eza kuqaliswa kulo nyaka-mali sikuwo nale ilandelayo. 

2. INgqungquthela yeMbumba ye-Afrika (i-AU)

2.1. IKhabhinethi imqhwabela izandla uMongameli Ramaphosa ngokubamba isikhundla sokuba nguSihlalo we-AU egameni loMzantsi Afrika. UMongameli uza kusebenzisa eli thuba ekwesi sikhundla alwelwe uxolo nozinzo, ulawulo olufanelekileyo, ulingwano ngokwesini kunye nokuxhotyiswa kwamanina ukuze kukhuliswe uqoqosho lwase-Afrika. Ekupheleni kwalo nyaka, isiVumelwano sase-Afrika soMmandla ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-AfCFTA) siza kuqalisa ukusebenza. 
2.2. Esi sivumelwano siza kudibanisa amazwe angama-54 anabantu abasisigidi-gidi esiyi-1,2 nanemveliso yonyaka ezitriliyoni zedola yaseMelika ezi-3 xa edibene ewonke. NjengoSihlalo, uMzantsi Afrika uza kubamba ingqungquthela ukuze kuqukunjelwe isivumelwano se-AfCFTA silungiselelwe ukuphunyezwa. 
2.3. UMzantsi Afrika uza kuncedisa kakhulu kumaphulo okuzisa uzinzo noxolo e-Afrika phantsi komxholo othi: “Ukuphelisa iiMfazwe: Ukudala iiMeko eziFanelekileyo Eziza kuKhokelela kuPhuhliso lwe-Afrika”. 
2.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukuvuselelwa kweNkqubo yokuKhuthaza iNtsebenziswano nemiDaka yase-Afrika engaPhandle kweli liZwekazi. Inani lale miDaka yase-Afrika ikwamanye amazwekazi, kunye neengqondi neengcaphephe eziyinxalenye yayo, liyasinyanzelisa ukuba siqalise iindibano zokufakana imilomo naba bantwana bomgquba ukuze sincedise kumaphulo okuphuhlisa eli lizwekazi.

3. UTyelelo lwasebuRhulumenteni lweJamani

3.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zoTyelelo lwasebuRhulumenteni obelwenziwe yiNgqonyela yaseJamani, u-Angela Merkel, oluthe lwaqinisa ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini. UNgqonyela uMerkel utyelele uMzantsi Afrika ukususela ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-7 kweyoMdumba 2020 emva kokumenywa nguMongameli Ramaphosa.
3.2. UMzantsi Afrika usebenzise eli thuba ukubonisa ngamathuba otyalo-mali akhoyo kweli lizwe. Oku kwenzeke ngethuba leNdibano yooSomashishini ibizinyaswe naziinkokheli zoMzantsi Afrika kunye negqiza loosomashishini ebelipheleke uNgqonyela u-Merkel. Njengelinye lamazwe aphambili atyala imali eMzantsi Afrika, ilizwe laseJamani lineenkampani ezingaphezulu kwama-600 ezirhweba kweli lizwe. 

4. INgqungquthela yesiVumelwano samaHlakani ezeNtlalo ngokuHlalisana ngoXolo nangoKwakha isiZwe

4.1.  IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa iyazamkela iziphumo zeNgqungquthela yesiVumelwano samaHlakani ezeNtlalo ngokuHlalisana ngoXolo nangoKwakha isiZwe ibibanjwe phantsi komxholo othi: “ImiNyaka eliShumi yokuBumba noVuselelo: Sisingise kwisiVumelwano samaHlakani ezeNtlalo kusenzelwa ukuHlalisana ngoXolo noKwakha isiZwe”. 
4.2. Kule Ngqungquthela ibikhokelwa liSebe lezeMidlalo, elezoBugcisa nezeNkcubeko – libambisene ne-Ofisi kaMongameli kunye namanye amahlakani abalulekileyo angala: icandelo lezoshishini, urhulumente, abasebenzi kunye nemibutho yoluntu, la mahlakani aye avumelana ukuba makasebenzisane ukuze kwakhiwe isizwe esinabantu abahlalisana ngoxolo nabaqinisekisa ukuba kukho inkululeko yenene, uxolo nokhuseleko futhi ayahlonitshwa onke amalungelo oluntu. 
4.3. Esi sivumelwano samahlakani ezentlalo sibethelele isiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), yona egxininisa ekubalulekeni kwentsebenziswano kumaphulo okukhulisa uMzantsi Afrika, ingakumbi njengoko esi sizwe sasizintlaba-zahlukane ngaphambili, abantu becalulwa ngokwebala, into leyo eseyiyingxaki exakileyo nanamhlanje.

5. Intsholongwane i-Corona

5.1.  IKhabhinethi iya kubethelela ukuba ilizwe liwenze onke amalungiselelo okulalelisela ukuqhambuka kwentsholongwane i-Corona. Akukabikho zingxelo zithi ukhona umntu onesi sifo okanye okrokreleka ukuba unaso, kwaye neKhabhinethi iyavumelana nomyalezo okhutshwe nguMphathiswa wezeMpilo, uGq Zweli Mkhize, othi onke amalungiselelo enziwe ukuthintela ukuba eli lizwe lingahlaselwa siso nasiphi na isifo.
5.2. Onke amazibuko okungena kweli axhobele nantoni na enokuvela futhi iingcali zezempilo ziyabaxilonga abantu abangena kweli besuka kumazwe angaphandle zijonga iqondo lobushushu bomzimba wabo. Ukongeza koku, uMzantsi Afrika ubanikile oogqirha nabongikazi abakumaziko ezempilo karhulumente nawabucala iinkcukacha zeempawu ekufuneka ziqwalaselwe kunye nohlobo lonyango emalisetyenziswe xa kukho into ekrokrelekayo.
5.3. Onke amaphondo anamaqela eengcali ezihleli zilindile, kwaye zenze onke amalungiselelo okubhaqa kunye nokunyanga umntu onokuthi afunyaniswe enesi sifo kweli lizwe. Ziliqela izibhedlela ezityunjiweyo kulo lonke eli lizwe eziza kusetyenziswa njengamaziko anokusetyenziswa njengeendawo zokugcina nokunyanga naye nabani onokufunyaniswa enentsholongwane i-Corona.
5.4. Ngokusebenzisa iziko lezoZakuzo laseChina eli kweli lizwe, siyibeke phantsi kweliso elibukhali le meko kwaye siqinisekile ukuba sikulungele ukuya kulanda abafundi kunye nabanye abemi boMzantsi Afrika kungoku nje abaseWuhan, eChina xa kunokuthi kubekho imfuneko yoko. 
  
B. IziGqibo zeKhabhinethi

6. IsiVumelwano soXolo neNtsebenziswa kuMzantsi-mpuma we-Asia (i-TAC)

6.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuvuma koMzantsi Afrika ukuba ube yinxalenye ye-TAC, yona eza kungeniswa ePalamente ukuze imiqathango nemimiselo yayo yamkelwe ngokusesikweni. UMbutho wamaZwe oMzantsi-mpuma Asia (i-ASEAN) ngowamazwe akomnye wemimandla enoqoqosho elikhula ngesantya esiphezulu kwihlabathi liphela. Ukuvuma koMzantsi Afrika ukuba yinxalenye ye-TAC kuza kunika amashishini oMzantsi Afrika amathuba amahle kakhulu okurhweba nala mmandla, kuze kunike namazwe aphantsi kwe-ASEAN  amathuba amahle kakhulu okurhweba noMzantsi Afrika kunye namazwe angamalungu oMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC).

7. INkomfa yesi-6 yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) yesiVumelwano seHlabathi seNtsebenziswano kubuChwepheshe boGcino-xolo
 
7.1. IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNkomfa yesi-6 yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) yesiVumelwano seHlabathi seNtsebenziswano kubuChwepheshe boGcino-xolo, ukususela ngomhla wama-23 ukuya kowama-26 kweyeSilimela 2020. Nangona emaninzi amazwe akhe awubamba lo msitho, kuza kuba kokokuqala ukuba ibanjelwe e-Afrika.
7.2. Le ndibano ibanjwa rhoqo ngonyaka iza kufaka isandla kumaphulo okuthintela ungquzulwano, awogcino-xolo, ukhuseleko kunye nawokuphuhlisa akhe ngokutsha emva kongquzulwano. Kulo nyaka kuza kugxininiswa kumba wezisombululo ngokuthi kukhuthazwe ukusetyenziswa kwemibono nobuchwepheshe bala maxesha kumaphulo akhokelwa yi-UN. 

Ukubamba le Nkomfa kubeka uMzantsi Afrika endaweni entle kakhulu ukuze ukwazi ukukhuthaza ukusetyenziswa kwemveliso zobuchwepheshe eziyilwe apha ekhaya futhi kuvuselelwe nemizi-mveliso yeli evelisa izixhobo zemfazwe.

C. IMithetho eYilwayo
8. UMthetho oYilwayo weNtengo kaRhulumente 

8.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo weNtengo kaRhulumente ukuze uluntu luhlomle. Wakuba utyikityiwe wangumthetho ogcweleyo, lo Mthetho uYilwayo uza kurhoxisa uMthetho wesiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo wokuThenga ngeNdlela eyeNzelelayo, wowama-2000 (uMthetho 5 wowama-2000), uze wenze izilungiso nakweminye imithetho enxulumene nokuthengwa kweenkonzo neempahla. 
8.2. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba makubekho umthetho omnye olawula intengo kurhulumente.  Uphakamisa ukuba kusekwe iqumrhu lezentengo ukuze lilawule futhi lilwele nokusetyenziswa ngendlela kweCandelo 217 loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 kurhulumente ephela. Lo Mthetho uYilwayo ufuna kuqaliswe imithetho esebenziseka lula xa kufunwa ukuthengwa ngendlela eyenzelelelayo exhasa amaphulo karhulumente ophuhliso lwezentlalo nezoqoqosho.

9. UMthetho-sihlomelo oYilwayo wobuLungisa kwezeNgqesho

9.1. IKhabhinethi ivumile ukuba uthiwe thaca ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo wobuLungisa kwezeNgqesho, wowama-2020. Ezi zilungiso ziza kunika uMphathiswa igunya lokuba, emva kokuba ebonisene namahlakani akweli candelo, eze nemithetho eza kubekela icandelo ngalinye iinjongo eziza kubalwa ngamanani ekufuneka zaneziswe. Ukwasusa imithetho enobucukubhede obuninzi esokolisa amashishini asakhasayo angabaqeshi. Lo Mthetho uYilwayo ukwagxininisa nakumba wokuba abantu banikwe amathuba afanayo futhi baphathwe ngendlela efanelekileyo emisebenzini ngokuthi kupheliswe ukucalulwa ngendlela engekho mthethweni.

10. UMthetho-sihlomelo oYilwayo wokuPhuculwa kwamaLungelo obuNini-mhlaba

10.1. IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho-sihlomelo oYilwayo wokuPhuculwa kwamaLungelo obuNini-mhlaba, ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo unika igunya lokuba kusetyenziswe inkqubo evumelekileyo ngokomgaqo-siseko yokumisela amalungelo okuba ngumnini-mhlaba nokuwuhlala kulungiswe ingxaki yokungabikho mthethweni ngokomgaqo-siseko kwamacandelo amabini oMthetho wokuPhuculwa kwamaLungelo obuNini-mhlaba, wowe-1991 (uMthetho 112 wowe-1991). Le ndlela kuqhutywa ngayo ngoku iwacalula futhi iwadlela indlala amanina xa abantu benikwa ilungelo lokuba ngabanini-mhlaba. 

10.2.  Lo Mthetho uYilwayo uza kuqinisekisa ukuba lo mthetho usetyenziswa kwilizwe liphela, kuquka ‘nakumazwe ayesakuba ngamaphandle’ angala: Bophuthatswana, Ciskei, Transkei kunye neVenda.

11. UMthetho oYilwayo woRhwebo ngeeNqanawa wowe-2020

11.1. IIKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho oYilwayo woRhwebo ngeeNqanawa wowama-2020 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uneenjongo zokuzalisekisa umbono karhulumente wokuvuselela icandelo lezothutho laselwandle, lize liphucule nomthamo eliwugalelayo kuqoqosho negalelo lalo kumalinge okuzisa iinguqu ezimandla kuqoqosho. Uhambelana namasolotya oMgaqo-nkqubo oGcweleyo wezoThutho lwaseLwandle owavunywa yiKhabhinethi ngowama-2017. Wakuba utyikityiwe wangumthetho, lo Mthetho uYilwayo uza kubhangisa imithetho emininzi engemiba yezolwandle. 

12.  UMthetho wezoKhuseleko kooLoliwe, wowama-2020

12.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho wezoKhuseleko kooLoliwe, wowama-2020. Lo Mthetho uYilwayo uza kuphucula ukhuseleko koololiwe uze uqinisekise ukuba oololiwe baluhlobo lwezithuthi ezithandwayo ngabantu nelinegalelo elihle kuqoqosho lweli.
12.2. Lo Mthetho uYilwayo wavunywa okokuqala ukuba uye eluntwini ngeyoMdumba ngowama-2012 kwaze kwabanjwa iindibano zokufakana imilomo noluntu kuwo onke amaphondo ngeyoKwindla wowama-2018. Lo Mthetho uYilwayo uza kungeniswa ePalamente uzithathele iingqalelo izimvo nemibono engeniswe ngabantu ngethuba kubanjwe iindibano nabo. Iinkqubo zasepalamente ziza kuqinisekisa ukuba lo Mthetho uYilwayo uyacokiswa kubangulwe zonke iziphene phambi kokuba uphunyezwe uze utyikitywe ube ngumthetho ogcweleyo.

13.  UMthetho-sihlomelo oYilwayo weNkundla yeziBheno yezoThutho wowama-2018

13.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weNkundla yeziBheno yezoThutho wowama-2018. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weNkundla yeziBheno yezoThutho, wowe-1998 (uMthetho 29 wowe-1998) ojongana nemiba yezibheno ezimalunga nezicelo zamaphepha-mvume ezithuthi ezihamba ezindleleni (ngoku ekuthiwa ngamaphepha-mvume okusebenza). Esi silungiso sizithathela ingqalelo izinto ezitshintshiweyo kumgaqo-nkqubo, ezintsha kunye nemithetho emitsha ukususela ngowe-1998.
13.2. Lo Mthetho uYilwayo ulungisa uze uphucule iinkqubo zokufaka isibheno, into leyo iza kubangela ukuba kuthintelwe ukusetyenziswa kwemali kwizinto ezingeyomfuneko nokudlala ngexesha, uphucule neemeko ezisebenza phantsi kwazo izithuthi ezinqumla amazwe zihambisa abakhweli ngolo hlobo zizenzele nemali. 
 
D.  Imiyalezo
14.  Amazwi okuvuyisana

14.1. IKhabhinethi iqhwabela izandla:

  • Iqela labafundi boMzantsi Afrika beBanga 11: u-Sureshka Naidoo; Caitlin Schwarer; Nondumiso Ntshangase; Nosipho Dube; Mihlali Precious Stofile; Ondele Bede; Okhela Sigwela kunye noLizalise Dlomo abaphumelele i-5th International School Moot Court Competition e-Poland.
  • Indadi yoMzantsi Afrika u-Natalie du Toit ngokuba akhethwe ukuba abe phakathi kwabantu abahlanu abaya kumagqibeka kankqoyi abaza kuphumelela i- Laureus Sporting Moment Award, ngendima abayidlalileyo kwezemidlalo kule minyaka ingama-20 idlulileyo (2000-2020).
     

15. Amazwi ovelwano
15.1. IKhabhinethi ithi tutwini:

  • kusapho nezihlobo zikaNjingalwazi Joseph Shabalala, igqala lemvumi kunye nomseki weqela lomculo wesicathamiya nelaphumelela ii-Grammy Award, i-Ladysmith Black Mambazo. Umculo wakhe wavuselela abantu abaninzi kwihlabathi liphela waze wamanya abemi boMzantsi Afrika. UMongameli Ramaphosa ubhengeze ukuba uNjingalwazi Shabalala uza kukhatshwa ngoMngcwabo wasebuRhulumenteni oKhethekileyo okwiNqanaba 2.
  • kurhulumente kunye nabantu base-Kenya ngokusweleka kwalowo wayenguMongameli ngaphambili wase-Kenya, oHloniphekileyo, u-Daniel Toroitich Arap Moi, owayenguMongameli wesibini wase-Kenya emva kokuba ifumene inkululeko. 
  • kusapho nezihlobo zikaCaptain Thabiso Collins (obeneminyaka engama-49), u-First Officer Tebogo Caroline Lekalakala (obeneminyaka engama-33) kunye noFlight Inspector Gugu Comfort Mnguni (obeneminyaka engama-36), ethe inqwelo-moya ababehamba ngayo yantlitheka kwiintaba zase-Mossel Bay eNtshona Koloni ngomhla wama-23 kweyoMqungu 2020. Ngethuba besutywa kukufa bebesebenzela i-South African Civil Aviation Authority.
  • kusapho nezihlobo zikaMnu Marcelino dos Santos, ongomnye wabantu abaseka i-Mozambique Liberation Front (i-FRELIMO), osweleke eneminyaka engama-90. Le nkokheli yayihlonitshwa kwakudala ibiyenye yeenkokheli ezingumzekelo wale nto kuthiwa bubuthandazwe. Ebeligqala lomzabalazo wenkululeko waseMozambique, ebekwanguye nosopolitiki kunye nembongi ibisebenzisa igama eliqanjiweyo kwimisebenzi yalo yobugcisa elithi: Lilinho Micaia nelithi Kalungano. 
     

E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
16. UMnu Busani Ngcaweni njengeNqununu yesiKolo seSizwe sikaRhulumente (i-National School of Government).
17. UNksz Yoliswa Makhasi njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezaBasebenzi bakaRhulumente noLawulo.
18. UMnu Ayanda Kanana njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) kunye noMlawuli wesiGqeba weBhanki yoPhuhliso loMhlaba nezoLimo.
19. UMnu Basil Bryan Ford njengeGosa eliPhetheyo lesiGqeba kunye neGosa eliPhendulayo le-Universal Service and Access Agency of South Africa.
20.  UMnu Luvuyo Keyise njengeGosa eliPhetheyo lesiGqeba kunye neGosa eliPhendulayo le-State Information Technology Agency. 
21.  Amalunge eBhodi yeMiyezo yeSizwe yoMzantsi Afrika (i-SANParks) 

a. UMnu Zola Luxolo Fihlani; 
b. UNksz Gertrude Buyelwa Koyana; 
c. UMnu Faizal Docrat; 
d. UMnu Jeoffrey Mashele.

22.  Amalungu eBhodi yeSouth African Biodiversity Institute: 
a. UNksz Phuthanang Cenea Motsielwa;
b.  UNksz Pamela Bulelwa Yako; kunye 
c.  NoGq Kowiyou Yessoufou.

23.  Amalungu eBhodi ye-Isimangaliso Wetland Park Authority:
a. UNjing Antonia Thandi Nzama (uSihlalo);
b. UNksz Nomagcisa Cawe;
c. UNjing Christopher Peter Small; 
d. UMnu Leon Langalibalele;
e. UNksz Letlhogonolo Noge-Tungamirai;
f.  UMnu Gonasagren Ganesh Nair; kunye 
g. INkosi uTembe Mabhudu Israel;
h. Ummeli we-KwaZulu-Natal Tourism Authority;
i.  I-CEO; kunye
j. Nommeli weSebe lezeNdalo, ezamaHlathi nezokuLoba.

Imibuzo ibhekiswa:
kuNksk Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore