INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yoMhla wama-25 kuTshazimpunzi wowama-2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-25 kuTshazimpunzi ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa

A. Imiba EnguNdaba-mlonyeni

1. Imingcwabo yamagqala nezidwangube
1.1. IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abantu behlabathi, ingakumbi abemi boMzantsi Afrika ngokuthumela amazwi ovelwano, baphume ngendlu baye kukhusa imiqolo bekhunga esi sizwe ngethuba kuwe umth'omkhulu, imbokodo ngokwayo, uMama Winnie Madikizela-Mandela, ingwevu yaseMaNtakwendeni nekwaligqala loMzabalazo, uGq Zola Skweyiya kunye netshantliziyo elalilwela amalungelo abasebenzi u-Archie Sibeko.
1.2. Ezi ngangalala zanikela ngobomi bazo kwidabi lokulwela uMzantsi Afrika ongcono kwaye umlisela nomthinjana weli baqamela futhi befunda lukhulu kwimisebenzi yabo.  
1.3. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Cyril Ramaphosa imothulela umnqwazi unkonka kwezozakuzo nongasekhoyo, uNozakuzaku uGeorge Nene, osebenzele eli lizwe ngokuzinikela futhi enomsebenzi ongenachaphaza ngethuba eselubhacweni etyhutyha lo mmandla neli lizwekazi liphela ehambisa ivangeli yomzabalazo wenkululeko yoMzantsi Afrika.

2. Izidube-dube zaseMntla Ntshona
2.1. IKhabhinethi iyigwadlile imeko emaxongo eyambethe iphondo laseMntla Ntshona, echaphazele ukuhanjiswa kweenkonzo ezininzi, ingakumbi iinkonzo zezempilo. Njengorhulumente onenkathalo, iKhabhinethi ivume amanyathelo akhawulezileyo okungenelela amabini ukuze kubuyiselwe uzinzo kweliya phondo.
2.2. IKhabhinethi ivumile ukuba kusetyenziswe iCandelo 100(1)(b) loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 ukuze kulungiswe le ngxaki, ingakumbi kwicandelo lezempilo. Iinjongo eziphambili zeli nyathelo:

  • kukubuyisela ukuthembana phakathi kukarhulumente nabasebenzi
  • kukuncedisa iphondo likwazi ukuphucula iinkqubo zalo zokusebenza zikwazi ukumelana nale mingeni mitsha
  • kukuqinisekisa ukuba indlela ekusetyenzwa ngayo iyahambelana nemithetho karhulumente.
  • kukuzisa uzinzo kwicandelo lezabasebenzi, kubuyiselwe iindlela ezihanjiswa ngayo iinkonzo kwimo yesiqhelo, kuqinisekiswe ukuba abasebenzi bakhuselekile kuze kuphuculwe nendlela eziphathwa zize zisetyenziswe ngayo izimali.

2.3. IKhabhinethi imisele neqela labaPhathiswa eliza kuya eMntla Ntshona liyokusabela lizivele ngokwalo eyona nto iyintsusa nengunobangela wezi zidube-dube. Kulindeleke ukuba eli qela lingenise ingxelo kwezi veki zimbini zizayo. Le ngxelo iza kunceda kutsho kwazeke ukuba ngawaphi na amanye amanyathelo okungenelela afunekayo.  
2.4. AbaPhathiswa abakweli qela nguMphathiswa wezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya (onguMququzeleli); owezeMpilo, owezeziMali, owoLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli kunye nabaPhathiswa abakwiNtlanganisela yezobuLungisa, ukuThintelwa koLwaphulo-mthetho noKhuseleko.
2.5. Nangona iKhabhinethi iziva izikhalazo eziphakanyiswa luluntu, izigxeka kabukhali izenzo zobundlobongela, zokutyhuthulwa kweevenkile kunye nokonakaliswa kweempahla ebezihamba nezi zidube-dube kwezinye iindawo zeli phondo.

3. Iingxoxo zemivuzo yabasebenzi bakarhulumente

3.1 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeendlela eziqhuba ngayo iingxoxo zemivuzo. IKhabhinethi icele iSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo kunye nekomiti egunyazisayo ukuba bagxabha-gxabhise kusonjululwe la maqhina kuxingwe kuwo.

4. Ugwayimbo lwabaqhubi beebhasi.
4.1. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abachaphazelekayo kwicandelo lezothutho ukuba benze konke okusemandleni baphelise ugwayimbo oluqhutywa kuzwelonke lwabaqhubi beebhasi. Sicela onke amaqela achaphazelekayo ukuba abuyele kwizithebe zeengxoxo ukuze kukhangelwe izisombululo eziza kwanelisa bonke abachaphazelekayo kunye nesizwe ngokubanzi.

5. Ubundlobongela eMoses Mabhida Stadium.

5.1. IKhabhinethi izigxeka kabukhali izenzo zobundlobongela kunye nezokonakaliswa kwempahla ngabalandeli bebhola ekhatywayo emva kokuba betyhoboze bangena ebaleni ekudlalelwa kulo eMoses Mabhida Stadium eDurban ngethuba kubanjwe umdlalo we-Premier Soccer League kule mpelaveki sivela kuyo.
5.2. Ii-arhente zogcino-mthetho ziyacelwa ukuba ziqinisekise ukuba bonke abo bachaphazelekayo kwezi zenzo zobundladiya nezobundlobongela ngethuba kubanjwe lo mdlalo bajongane nengqumbo yomthetho.
5.3. IKhabhinethi iphakamisa ukuba kwenziwe uphando olukhawulezileyo nokuba kuqaliswe iinkqubo ezingqingqwa zokuqinisekisa ukuba ababukeli kunye namagosa akhuselekile emidlalweni. Icela bonke abathathi-nxaxheba ukuba baluxhase olu phando ukuze kuthintelwe izenzo ezifana nezi ngenye imini.

6. Izikhululo zosasazo zoluntu
6.1. IKhabhinethi iyasamkela isivumelwano ekufikelelwe kuso sokuba ziphinde zivulwe izikhululo zosasazo zoluntu ezili-15 ebezicinyiwe zanqunyanyiswa nguSentech ngenxa yokuba zingayibhatalanga imali yokufumana amaza osasazo ngeli thuba kusakhangelwa izisombululo eziza kuthintela imeko efana nale.  
6.2. Isivumelwano kuye kwafikelelwa kuso emva kokuba urhulumente edibene noSentech, i-National Community Radio Forum, i-Arhente yoKwahlukahlukana kunye noPhuhliso lwamaJelo eeNdaba (i-MDDA) kunye noMbutho oziMeleyo wezoNxibelelwano waseMzantsi Afrika (i-Icasa),  
6.3. Izikhululo zosasazo zoluntu zingamaqonga onxibelelwano abaluleke kakhulu axhobisa uluntu ngolwazi nasebenza njengezixhobo zokwakha isizwe esinolwazi. Onke la maqela avumile ukuba kuphindwe kubuyelwe etafileni ngokukhawuleza ukuze kuphekwe isisombululo esiza kusebenza ixesha elide nesiza kukhokelela ekubeni ezi zikhululo zosasazo zingaphindi zibe semngciphekweni.

7. INdibano yeeNtloko zooRhulumente baMazwe Ayesakuba ngamaThanga
7.1. IKhabhinethi iyavuyiswa kukwamkelwa kweNkqubo yokuSebenza yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga yale minyaka mibini izayo.
7.2. UMongameli Ramaphosa ebekhokela iGqiza loMzantsi Afrika ebeliye kwiNtlanganiso yeeNtloko zooRhulumente baMazwe Ayesakuba ngamaThanga (i-CHOGM) phantsi komxholo othi: "Ukusebenzela iKamva Lethu Sonke" ebibanjwe ukusuka ngomhla we-19 ukuya kowe-20 kuTshazimpunzi ngowama-2018.
7.3. Ngelinge lokuzama ukwenza uMzantsi Afrika ukuba ube lilizwe eliphambili emazweni asahlumayo elithandwa ngabatyali-zimali, uMongameli Ramaphosa uye wenza intetho kwiQumrhu leeNkokeli zase-Afrika leQonga lezoShishino loMbutho waMazwe Ayesakuba ngamaThanga, waza wabamba neengxoxo kunye nabatyali-zimali neenkokeli eziphezulu zezoshishino. Uye wamema nabatyali-zimali abaphambili kunye neenkokeli zezoshishino ukuba zizimase iNgqungquthela yezoTyalo-mali elindwe ngabomvu eza kubanjwa emaphelo alo nyaka.
7.4. IGqiza loMzantsi Afrika, likhokelwa nguMongameli Ramaphosa, liphinde lasebenzisa i-CHOGM lacela amazwe ebezimase lo msitho ukuba axhase umkhankaso woMzantsi Afrika wokuba lilungu leBhunga loKhuselo leZizwe eziManyeneyo (i-UN) ukusuka ngonyaka wama-2019 ukuya kowama-2020. Ulonyulo lweli lizwe eliza kuba lilungu leli Bhunga luza kubanjwa ngomhla wesi-8 kweyeSilimela ngowama-2018 eNew York, e-USA.

8. Utyalo-mali
8.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuchongwa kwabathunywa abakhethekileyo bezotyalo-mali ukuba bafakane imilomo bebonisana nabatyali-zimali balapha ekhaya nabamazwe angaphandle ngamathuba ezoqoqosho akhoyo eMzantsi Afrika.
8.2. Aba bathunywa banikwe umsebenzi wokupheka amaqhinga okutsala utyalo-mali besebenzisa amacebo angqalileyo nangazikubiza mali ininzi. Eli phulo lokutsalela utyalo-mali kweli liza kufikelela kuvuthondaba xa kubanjwe inkomfa yotyalo-mali ekupheleni kwalo nyaka apho kuza kuqokelelwa imali eyitriliyoni yeerandi kule minyaka mihlanu izayo.

9. Ukuphehlelelwa kweziko elinguNtozonke le-InvestSA laseGauteng
9.1. IKhabhinethi ikhuthaza abatyali-zimali beli kunye nabamazwe angaphandle ukuba bazisebenzisa izixhobo zotyalo-mali ezikumaZiko angooNtozonke amaPhondo avulwa kulo lonke eli - elisanda ukuvulwa yiZiko elinguNtozonke le-InvestSA lseGauteng.-
9.2. Inkqubo yamaZiko angooNtozonke e-InvestSA yinkqubo kamongameli elungiselelwe ukukhuthaza nokuncedisa kumaphulo otyalo-mali eMzantsi Afrika. La maZiko angooNtozonke e-InvestSA avuliwe futhi ayasebenza kwiphondo laKwaZulu-Natal nelaseNtshona Koloni.
9.3. La Maziko oTyalo-mali angooNtozonke aza kuvulwa kuwo onke amaphondo kwaye aza kusebenzisana nemimandla yezoqoqosho ekhethekileyo, ii-arhente zotyalo-mali zamaphondo, oomasipala kunye namasebe karhulumente afanelekileyo aphambili kwimiba yokuqulunqwa kwemithetho, ubhaliso lwamashishini kunye nokukhutshwa kwamaphepha-mvume neelayisenisi.

10. Amakhadi amatsha asePosini, u-SASSA nasePostbank
10.1. IKhabhinethi iyalamkela iphulo elibe yimpumelelo lokukhupha amakhadi amatsha akwa-SASSA kwiiposi ezithile eNtshona Koloni aza kuvumela abantu abamkela imali yenkam-nkam ukuba batshintshe la makhadi banawo ngoku ngamatsha asePosini, kwa-SASSA nasePostbank.
10.2. Abantu abamkela imali yenkam-nkam kunye nabo banamakhadi baza kukwazi ukusebenzisa la makhadi banawo ngoku kude kufike inyanga yoMnga kulo nyaka. Noko kunjalo, iKhabhinethi icela abantu abamkela imali yenkam-nkam ukuba batshintshe amakhadi wabo amadala ngokuthi baye kwii-ofisi yakwa-SASSA okanye ePosini ekufutshane. Bangaqalisa ukwenza oku ukusuka ngomhla wesi-2 kuCanzibe kude kube sekupheleni kweyoMsintsi kulo nyaka wama-2018.

11. EzeMfundo ePhakamileyo
11.1. IKhabhinethi iyawubulela umgama osele uhanjiwe kwiphulo lokuqalisa ngemfundo yasimahla njengoko kucacisiwe nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho. Isibhengezo esenziwe malunga nochatha omhle kakhulu kwimali eyabelwe u-NSFAS yasuka kwiibhiliyoni eziyi-9,849 zeerandi yaya kutsho kwiibhiliyoni ezingama-35,321 zeerandi ngowama-2020/21 kubonakalisa ukuba uRhulumente uzibophelele futhi uzimisele ngenene ukunceda abafundi abaphuma kumakhaya angathathi ntweni nabo banabazali abamkela imivuzo ephantsi.

12. INkqubo yokuXhasa ii-SMME
12.1. IKhabinethi iyakuxhasa ukuphehlelelwa kwephulo lokuDala imiSebenzi kusetyenziswa iNkqubo yokuXhasa amashishini amancinci, aphakathi namancinane (ii-SMME), eyinkqubo eqhutywa ngokubambisana phakathi kweSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci neManyano yaMazwe aseYurophu (i-EU).
12.2. Le nkqubo iza kuncedisa ii-SMME ngeenkonzo zophuhliso lwamashishini, izinike iingcebiso ngeendlela zokukhangela abantu neendawo ezintsha anokuthengisa kuwo iimveliso zawo, iphucule neendlela ezifaka ngayo izicelo zokuncediswa ngemali, ize iwancedise nangeendlela zokulawula nokuphatha kunye nokufunda ngemiba enxulumene nemithetho elawula amashishini amancinci.  
 
13. EzeNzululwazi noboChwepheshe

13.1. IKhabhinethi ibaqhwabela izandla bonke abo badlale indima ngethuba kusakhiwa i-ZACUBE-2, eyiyeyona sathelayithi inobuxhaka-xhaka obuninzi nobona bubobale mihla kwi-Afrika iphela. I-ZACUBE 2, enobunzima obuyi-4kg yayilwa yaze yenziwa yi-Cape Peninsula University of Technology (i-CPUT) kunye ne-French South African Institute of Technology, kwaye iphantsi kolawulo lwe-Arhente yeSizwe yoMzantsi yeNzululwazi ngezaseMajukujukwini - incediswe ngemali ephuma kwiSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe. Yisathelayithi yesibini kwezi ntlobo zesathelayith zincinci ukwakhiwa e-CPUT.  
13.2. Le sathelayithi ithunyelwe e-India ukuze ize kusukela khona ukuya emajukujukwini. Ngethuba isemajukujukwini iza kuqokelela ulwazi neenkcukacha ukuze kuvuleke amathuba ohlumo loqoqosho kuqoqosho lwaselwandle. Le sathelayithi iza kudlala indima emandla kwiphulo i-Operation Phakisa: uQoqosho lwaseLwandle ngokuthi iqokelele ulwazi ngazo zonke izinto ezenzekayo kwiilwandle zeli, futhi ibone neendawo ezisemngciphekweni wokutshiswa yimililo yamadlelo namahlathi.

14. INdibano yezeMigodi ebibanjelwe KwaZulu-Natal
14.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zeNdibano yezeMigodi ebibanjwe KwaZulu-Natal yaqhuba iintsuku ezimbini, apho abathunywa baye bagwadla imiba enokunceda ukuze kuziswe utshintsho kwicandelo lemigodi kuze kuvulwe namathuba akhoyo kweliya phondo lamashishini abandanyekayo kwiimiveliso zemigodi.
14.2. Icandelo lezemigodi lelinye lamacandelo aphambili anokusinceda ukuba sitshintshe uqoqosho lweli kwaye iKhabhinethi ihlabe ikhwelo kwiinkampani zemigodi, abasebenzi kunye noluntu ukuba basebenzisane nangakumbi ukuze eli candelo lizinze.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-sikhokelo sokuHlola nokuVavanya soMgaqo-nkqubo weSizwe wezoLutsha (i-NYP) wowama-2015-2020. Esi sicwangciso-sikhokelo siza kusebenza njengosixhobo sokukhuthaza ukuphendula nokusebenza ngobunono ukuze kuphunyezwe iinjongo ze-NYP 2020. Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuphucula indlela osebenza ngayo kunye nekuhanjiswa ngayo iinkonzo ingakumbi ngokuphathelene neenkqubo zezolutsha.

2. IKhabhinethi ikuvumile ukubanjwa kweNkqubo yoNyaka yeNyanga ye-Afrika ngenyanga kaCanzibe phantsi komxholo othi: "UNyaka kaNelson Mandela - Ukwakha i-Afrika eNgcono neHlabathi eliNgcono". Ngenyanga kaCanzibe kubhiyozelwa imisebenzi emihle neyimpumelelo eyenzekileyo kuphuhliso lwe-Afrika. Imibhiyozo eza kufikelela kuvuthondaba ngoSuku lwe-Afrika ngomhla wama-25 kuCanzibe, umhla owabekwa ngokusesikweni yiManyano yaMazwe ase-Afrika (i-AU) kwaye ubhiyozelwa yi-Afrika iphela.

3. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngengxelo kunye namanyathelo okungenelela enziweyo malunga nemeko yokuxhatshazwa ngokwesondo, impatho-mbi kunye namatyala okuziphatha kakubi kakhulu abekwe amajoni oMbutho weSizwe wezoKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) ayinxalenye yePhulo lwe-UN lokuZisa uZinzo elityalwe eDemocratic Republic of Congo.

3.1. Nangona iKhabhinethi yanelisekile ngamanyathelo okungenelela athathiweyo okulungisa lo mkhuba wokuxhaphaza, ilugxeka kabukhali naluphi na uhlobo lokuxhaphaza ngokwesondo kwakunye nemikhuba yokuziphatha kakubi eyenziwa ngamalungu e-SANDF kwezo ndawo atyalwe kuzo.
3.2. Kuye kwathunyelwa igqiza ukuba liye kuphanda ezi zityholo. Nangona amanye amatyala sele exoxwe agqitywa, amanye sele esezinkudleni zezomkhosi. Lonke uphando olwenziweyo beliqhutywa ngokwemigaqo yomthetho wasemkhosini futhi beluqhutywa ngendlela eselubala neyanelisayo.
3.3. UMzantsi Afrika, njengesiqhelo, uza kuqhubuleka nokuyithathela amanyathelo akhawulezileyo imikhuba efana nale. Ukungaziphathi kakuhle kunye nezenzo zolwaphulo-mthetho kumalungu e-SANDF kulihlazo elibi futhi akusoze kunyanyezelwe. Abo baphula umthetho baza kohlwaywa kulandela imiGaqo yokuziPhatha kunye nemiGaqo yokuziPhatha yaseMkhosini.
3.4. IKhabhinethi iphinde yakuxhasa ukuqukunjelwa koMthetho osaYilwayo wokuziPhatha eMkhosini, olungiselelwe ukujonga nemiba yokuziphatha ngokubanzi kwi-SANDF kuquka nokucaciswa kakuhle kokuxhatshazwa ngokwesondo kunye nesigwebo esisesona sincinci sinyuse siye kutsho kwiminyaka elishumi.  

C. ImiThetho esaYilwayo

1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho osaYilwayo wokuLawulo kweeMveliso zeCuba kunye neeNdlela zokuTshaya ngeziXhotyana zoMbane wowama-2017 kwiPhephandaba loMbuso ukuze luntu luhlomle.

Lo Mthetho uyiLwayo uza kungena endaweni yoMthetho wokuLawulwa kweeMveliso zeCuba, wowe-1993 (uMthetho uNombolo 83 wowe-1993) ukuze usebenzele ukukhusela impilo yoluntu kunye nokulungelelanisa umthetho wokulawula icuba woMzantsi Afrika kunye nesiVumelwano sesiCwangciso-sikhokelo soMbutho weHlabathi wezeMpilo (i-WHO) malunga noLawulo lweCuba. Ulungisa imiba ephathelene nokutshaya ngaphakathi kwizakhiwo zikawonke-wonke, indlela abekwa ngayo amacuba ezishelufini ezivenkileni, ukusetyenziswa kwemidiza yombane kunye nokuqaliswa kweendlela yokuqinisekisa ukuba amaqokobhe ecuba angabinamibhalo namifanekiso ngaphandle.

2. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho osaYilwayo wesiCwangciso-sikhokelo esiHlanganisiweyo sowama-2018 kwiPhephandaba loMbuso ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho usaYilwayo ulungiselelwe ukukhuthaza ukuba kucwangciswe ngendlela ehambelanayo nesebenzisanayo kuwo wonke amaqoqo karhulumente, maqoqo lawo asebenza ngendlela exhomekekeleneyo. Lo Mthetho uyiLwayo wenzelwe nokukhuthaza ukuba makusetyenzwe ngokubambisana ukuze isiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) sibe yimpumelelo.

Ukwenza ukucwangciso kube yinxalenye yemisebenzi yamaziko namaqoqo ahlukeneyo kuhambelana ne-NDP kwaye kulungiselelwa ukuzaliseka isiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi sowama-2014-2019 ukuze kuqulunqwe iindlela zokuxhobisa abasebenzi boMbuso ngezakhono futhi izicwangciso ezenziwayo zilungiselelwe ixesha elide. Uza kwenza ukuba xa kukho iingxaki nemingeni evelileyo uMbuso ukwazi ukuqubisana nayo ngokusebenzisana nangokubambisana indlela iza kuthi ikhuthaze ukuba kubekho utshintsho kumaqumrhu namasebe karhulumente. Olu tshintsho lubalulekile kuqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, kunye nokuphuhlisa abasebenzi beli lizwe senze ulawulo lwentando yesininzi nalo luqine.

D. Imisitho Ezayo
1. USuku lweNkululeko

IKhabhinethi ibaqhwabela izandla bonke abemi boMzantsi Afrika kunye namacandelo athatha inxaxheba ngeendlela ezahlukeneyo kwimibhiyozo yeNyanga yeNkululeko. UMongameli Ramaphosa uza kube esisithethi sembeko kumbhiyozo woSuku lweSizwe leNkululeko oza kubanjwa ngomhla wama-27 kuTshazimpunzi kowama-2018 eDr Petrus Molemela Stadium eBloemfontein, kwiphondo laseFreyistatha phantsi komxholo othi: "UNyaka kaNelson Mandela: sisendleleni ezalisekisa izithembiso zenkululeko yethu sisebenzisa iinguqo ezimandla kwezentlalo nezoqoqosho."

Lo msitho uza kulandelwa ngumsitho wowama-2018 weeMbasa zeSizwe wona oza kubanjwa ngoMgqibelo, umhla wama-28 kuTshazimpunzi ePitoli, apho uMongameli Ramaphosa eza kuwonga abantu abafanelekileyo nge-Order of  the Baobab, i-Order of Ikhamanga, i-Order of Luthuli kunye ne-Order of the Companions of OR Tambo. IiMbasa zeSizwe ngawona mawonga aphezulu akhutshwa nguMzantsi Afrika, usebenzisa uMongameli, enikwa abemi beli lizwe kunye nabo bamazwe angaphandle badlale indima enkulu kwidabi lenkululeko leli, ekuqulunqweni kwalo mbuso ulawulwa ngokwentando yesininzi weli lizwe lethu liqhuba kakuhle; futhi elinabantu abamanyeneyo nangona bahlukene.

2. Imibhiyozo yoSuku lwabaSebenzi

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abasebenzi mbombo zone zeli ukuba babe yinxalenye yemibhiyozo yoSuku lwabaSebenzi eza kubanjwa ngoLwesibini, umhla woku-1 kuCanzibe futhi bahlalutye becamngca ngamalungelo abasebenzi afunyenweyo ukusukela oko eli labaphantsi kolawulo lwentando yesininzi. Olu suku lusetyenziswa njengesikhumbuzo sokuba iindawo ezisebenza abantu kufuneka zikhuseleke nokuba abaqeshi kufuneka benze kangangoko banakho ukuqinisekisa ukuba abasebenzi, ingakumbi kwicandelo lezemigodi, bakhuselekile emisebenzini.  

IKhabhinethi ithi tutwini kwiintsapho, nabahlobo kunye nabo bebesebenza nabasebenzi mgodini abathandathu atshe aluthuthu ngethuba ibhasi ibibasa emsebenzini ithe yagityiselwa itshiswa ngesiqhushumbisi sepetroli ngabantu abangaziwayo.

IKhabhinethi icela uluntu ukuba luncedise amapolisa kolu phando ukuze babanjwe ngokukhawuleza abenzi bobubi.

E. Imiyalezo

IKhabhinethi iqhwabela izandla:
1. Igcisa lesizwe samaNdebele, u-Esther Mahlangu, ofumene isidanga sobugqirha sembeko kwiDyunivesiti yaseRhawutini ngenxa yegalelo lakhe elingenakulinganiswa kwimisebenzi yezenkcubeko nobugcisa eMzantsi Afrika.
2. IQela loMzantsi Afrika lilenzele udumo eli lizwe kwiMidlalo yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga ebibanjelwe eGold Coast, e-Australia apho lithe laphuma kwindawo yesithandathu ngeembaza ezingama-37 (ezili-13 zezegolide, ezili-11 zezesilivere zize ezili-13 zibe zezebronzi). Umsebenzi wabo omhle ungumvuzo wokusebenza nzima, ukuzimisela nokuzingisa. Ezi mbaleki zingumzekelo omhle kwiimbaleki eziselula futhi ziye zasikhumbuza ukuba imidlalo iyinxalenye yezinto zezentlalo ezisimanyanayo singabemi boMzantsi Afrika.

2.1. Imbaleki eziphume emagqabini zaphumelela iimbasa zegolide ziquka:

  • UCaster Semenya – kumdyarho wabasetyhini ongumgama ongama-800m ne-1 500m;
  • ULuvo Manyonga – umtsibo womhlaba wamadoda;
  • UNdodomzi Ntutu –i-T12 100m yamadoda;
  • UHenri Schoeman – iintlobo ezahlukeneyo zombaleko (i-triathlon) kwicandelo lamadoda;
  • UTatjana Schoenmaker – umdyarho weendadi zabasetyhini ongumgama oyi-100m ne-200m, oyi-breaststroke;
  • UChad le Clos – umdyarho weendadi oyi-butterfly ongumgama oyi-50m, 100m ne-200m;
  • UCameron van der Burgh – umdyarho wamadoda oyi-breaststroke ongumgama oyi-50m
  • U-Akani Simbine – umdyarho ongumgama oli-100m wamadoda; kunye
  • noMartin Erasmus – nge-wrestling freestyle yamadoda anobunzima buyi-97kg.
     

3. UNjingalwazi Sibongile Muthwa ngokubekwa ngokusesikweni njengeSekela-Ngqonyela kunye noGq Geraldine Fraser-Moleketi naye ngokubekwa ngokusesikweni njengeNgqonyela yeDyunivesiti iNelson Mandela. 

4. IQela loMzantsi Afrika ngokuphumelela iimbasa ezintathu kwiNkongolo yeHlabathi yezoShishino ye-10 ebibanjelwe e-Instanbul, eTurkey ngoTshazimpunzi wowama-2018, ngenxa yokuzinikela nokuzibophelela kweli lizwe kuphuhliso lwee-SMME. ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci nehlakani lalo, i-22 on Sloane, elona ziko likhulu kwi-Afrika iphela lokuphuhlisa amashishini asakhasayo, ziphumelele imbasa i-Global Entrepreneurship Country of the Year Award. IQela loMzantsi Afrika liphinde laphumelela i-Brand Champions Award kunye ne-Research Champions Award ehlonipha amazwe ayinxalenye ye-Global Entrepreneurship Network kwihlabathi liphela.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. USekela-Mphathiswa uMondli Gungubele njengoSihlalo weBhodi yequmrhu likarhulumente lotyalo-mali, iPublic Investment Corporation SOC Limited.
2. UNksz Thandaza Zenobia Lungile Shandu njengeSekela-Mlawuli-Jikelele: IiNkonzo zokuXhasa iSebe nokuLungelelanisa kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswa neMicimbi yeMveli.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore