INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-21 kweyeThupha wowama- 2019

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-21 kweyeThupha ngowama-2019 eTuynhuys, eKapa.

Imiba engundaba-mlonyeni

1. I-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI)

1.1 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kumlisela nomthinjana weli ukuba uthathe inxaxheba kumaphulo okugwadla uMthetho oYilwayo we-NHI, oxovulwa yiPalamente kungoku nje. Le nkqubo yepalamente iza kunika uluntu ngokubanzi elinye ithuba lokuba luhlalutye lo Mthetho uYilwayo.

1.2 Wakuba lo Mthetho uYilwayo uphunyeziwe wangumthetho, uza kunika wonke ummi weli lizwe ilungelo lokufumana iinkonzo zezempilo ezisemgangathweni kungajongwanga kufumana kwepokotho yomntu. Eli lungelo ligxininiswa ngamandla kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996.

1.3 IKhabhinethi iqinisekile futhi inethemba lokuba i-NHI iza kuqaliswa ngezigaba nangendlela enenkathalo. Indlela eza kuqaliswa ngayo iza kubhalwa ize ipapashwe xa lo Mthetho uYilwayo sele uphunyeziwe wangumthetho. 

2. Utyelelo lwasebuRhulumenteni oluya eTanzania nakwiNgqungquthela ye-SADC

2.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo ngoTyelelo lwasebuRhulumenteni obelwenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa lusiya kwi-United Republic of Tanzania apho ebekhatshwe ligqiza loosomashishini bona ebebeye kuqinisa ubudlelwane bezorhwebo notyalo-mali phakathi kwamazwe ase-Afrika. Njengenxalenye yephulo lokuncedisa kuphuhliso loluntu, uMongameli uye waya naseMorogoro, indawo leyo eyayilikhaya lamajoni omzabalazo wenkululeko oMzantsi Afrika ngethuba eselubhacweni. Uye wabeka inkatha yeentyatyambo eMazimbu Tower ngelokuhlonipha nokukhumbula bonke abemi boMzantsi Afrika abaswelekela elubhacweni.   

2.2 UMongameli Ramaphosa ebekwakhokele negqiza loMzantsi Afrika ebeliye kwiNgqungquthela yesiQhelo yeeNtloko zemiBuso zoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) apho ugxa wakhe waseTanzania, uMongameli John Pombe Magufuli, ethe wathatha isikhundla sokuba nguSihlalo we-SADC.

2.3 UMongameli Ramaphosa, njengoMthunywa we-SADC eKingdom of Lesotho, uya wanika nengxelo ngokuqhubekayo kumalinge okungenelela kwingxubakaxaka yaseLesotho ngethuba kubanjwe iNgqungquthela ye-Troika (uSihlalo wangaphambili, osesikhundleni ngoku nalo uza kungena) ye-SADC yeCandelo lezoPolitiko, ezoKhuselo neNtsebenziswano kwezoKhuseleko ebibanjwe ngoLwesihlanu, umhla we-16 kweyeThupha 2019.

3. INdibano ye-BASIC yama-28

3.1 IKhabhinethi iyibulele intlanganiso yama-38 yeBrazil, uMzantsi Afrika, India kunye neChina (i-BASIC) engoTshintsho lweMozulu ebibanjelwe eBrazil ukususela ngomhla we-14 ukuya kowe-16 kweyeThupha 2019.

3.2 IKhabhinethi ilamkele inyathelo lokulwa ingxaki yotshintsho lwemozulu elithathwe ngamazwe angamalungu e-BASIC lokuxhasa izivumelwano zehlabathi zexesha eliphambi konyaka wama-2020 nelisemva kwawo. Eli linyathelo elithathwe zicingelwa neengxaki zoqoqosho nezentlalo la mazwe ajongene nazo. 

3.3 IKhabhinethi iyalixhasa ikhwelo elihlatywe ngamazwe angamalungu e-BASIC lokuba amazwe atyebileyo ancedise ngezimali nobuxhaka-xhaka bobuchwepheshe nezinye izixhobo ezifanelekileyo ukuze kuzalisekiswe isiVumelwano sesiCwangciso-sikhokelo se-UN esingoTshintsho lweMozulu (i-UNFCCC), isiVumelwano saseKyoto kunye nesiVumelwano saseParis ngendlela engazikufaka amazwe anoqoqosho oluhlumayo ematyaleni amakhulu.  

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. INkqubo yokuHanjiswa kweeNkonzo eQhutywa ziziThili

1.1IKhabhinethi iyivumile le Nkqubo intsha yokuHanjiswa kweeNkonzo iQhutywa ziziThili, njengecebo elihlakaniphileyo lokuqinisekisa ukuba iinkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo zisebenza kakuhle. Le nkqubo, ekungoku nje iqhutywa kwizithili ezingama-44 kunye nezixeko ezimbaxa ezisibhozo, iza kuqinisekisa ukuba kukho ukuhambelana nokunxibelelana kwindlela ekwenziwa ngayo izicwangciso, ekuhlahlwa ngayo imali kunye nekuqaliswa ngayo iiprojekthi zokuhanjiswa kweenkonzo kuzo zonke izithili kuwo onke amanqanaba namaqoqo karhulumente - oko kukuthi, urhulumente kazwelonke, owamaphondo noomasipala.

1.2 Le nkqubo isekelwe kuMthetho wesiCwangciso-sikhokelo sobuDlelwane Phakathi kwamaQoqo kaRhulumente wowama-2005 (uMthetho 13 wowe-2005) onesicwangciso esicacileyo sokulungelelanisa ngendlela edibeneyo nequka konke imiba yophuhliso ekufuneka ikhokeliswe phambili kunye neenjongo zamaqoqo amathathu karhulumente. Ikwalungiselelwe nokuphucula amaphulo okuqinisekisa ukuba kukho intsebenziswano, umzekelo, kwizicwangciso zophuhliso oludibeneyo kugxininiswa kumba wokuqalisa isicwangciso esinye kwisithili ngasinye esiza kuqhutywa ngawo onke amaqoqo karhulumente. 

1.3 UMongameli Ramaphosa uza kukhokela le nkqubo, encediswa nguSekela-Mongameli uDavid Mabuza kunye naso sonke isigqeba solawulo (abaphathiswa namasekela abo). IiNkulumbuso zamaPhondo kunye neziGqeba zazo zoLawulo kunye nooSodolophu boomasipala bengingqi nabezithili, kunye neziKomiti zabo zoLawulo bonke aba baza kuba yinxalenye yamaqela akhokela amaphulo okuqalisa le nkqubo yokuhanjiswa kweenkonzo iqhutywa zizithili. 

2. IBhunga lokuLungelelanisa likaMongameli (i-PCC)

2.1 UMongameli ubambe intlanganiso ye-PCC ngoLwesibini, umhla wama-20 kweyeThupha, ebiyintlanganiso yokuqala yalo Mbuso wonyulwe ngoCanzibe kulo nyaka. INkqubo yokuHambisa iiNkonzo eQhutywa ziziThili iye yathiwa thaca ngethuba kubanjwe intlanganiso ye-PCC yaze yamkelwa zizo zonke iiNkulumbuso zamaPhondo.

2.2 Kule ntlanganiso kuye kwaphindwa kwavunyelwana ngeeprojekthi eziqhutywa zizithili eziza kuhanjelwa nguMongameli. Ezi projekthi ziquka le ikwiSithili sase-OR Tambo, eMpuma Koloni; ekwiSithili saseWaterberg eLimpopo kunye nekuMasipala oMbaxa waseThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal.

2.3 Ezi projekthi ziqhutywa zizithili zintathu ziza kuhanjelwa ziquka isithili esikwindawo engamaphandle, esikwindawo engummandla onemigodi kunye naleyo ikwindawo esisixeko esimbaxa. Nangona kuza kuqalwa kwezi projekthi zokuhambisa iinkonzo ziqhutywa zizithili, ezinye izithili ezingama-42 kunye noomasipala abambaxa abasixhenxe nazo ziza kuhanjelwa nguMongameli Ramaphosa norhulumente wakhe kunye neenkokeli zoorhulumente bamaphondo lingekapheli ixesha elisikelwe lo mbuso wonyulwe kulo nyaka usabambe iintambo zomkhala.

2.4 Kule ntlanganiso kuye kwathiwa thaca futhi kwaxovulwa nomba wokulungelelanisa izicwangciso zoPhuhliso loHlumo lwamaPhondo asithoba kunye nesiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sowama-2019-2024.

3. IsiVumelwano seNgxowa-mali ye-India, Brazil kunye noMzantsi Afrika (i-IBSA)

3.1 IKhabhinethi ivumile ukuba ingeniswe ePalamente iNgxowa-Mali ye-IBSA yokuLwa iNtsokolo neNdlala (iSivumelwano seNgxowa-mali ye-IBSA) ukuze ityikitywe ibe ngumthetho. Esi sivumelwano siphakathi kukaRhulumente we-Republic of India, uRhulumente we-Federative Republic of Brazil kunye noRhulumente weRiphablikhi yoMzantsi Afrika. 

3.2 Le Ngxowa-mali ye-IBSA yasekwa ngowama-2004 njengengxowa-mali yokuqala egxininisa kwiziphumo neqhutywa luluntu ngeenjongo zokukhuthaza iNtsebenziswano Yamazwe aseMazantsi asaHlumayo.

3.3 Le ngxowa-mali incede uMzantsi Afrika wakwazi ukwenza igalelo elibonakalayo nelimandla kumalinge ehlabathi okulwa indlala nentsokolo embi ethwaxa amazwe asahlumayo. Ikwancedise ngempumelelo ekukhuthazeni ukuba kuzalisekiswe zonke iiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo (ii-SDG) ezili-17 kumazwe angama-21 esisebenzisana nawo.

4. INtlanganiso yabaPhathiswa yesi-4 engoMkhosi we-Afrika wokuSabela ngokuKhawuleza kwiNgxwaba-ngxwaba (i-ACIRC)

4.1 IKhabhinethi ikuvumile ukuba kubanjwe intlanganiso yeengcali yokwenza amalungiselelo eNtlanganiso yabaPhathiswa yesi-4 yaMazwe Ayinxalenye ye-ACIRC ngokuziThandela ukususela ngomhla wama-30 kweyeThupha ukuya kowesi-3 kweyoMsintsi ngowama-2019.

4.2 Oku kuxhasa futhi kwenza igalelo kwimiba ekhokeliswa phambili ngurhulumente yokulwela uxolo nozinzo kulo mmandla nakwilizwekazi liphela, ngokuqinisekisa ukuba ziyafezekiswa izigqibo zeMbumba ye-Afrika (i-AU) ezinxulumene nokudityaniswa kwamaphulo oMkhosi we-ACIRC kunye noMkhosi we-Afrika wokuLalelisela (i-ASF). Oku kuza kuphinda kuqinisekise ukuba i-African Peace Security Architecture iyalungiswa futhi iyasebenza. 

4.3 UMzantsi Afrika kunye namanye amaZwe ali-12 Athatha iNxaxheba ngokuziThandela ayinxalenye ye-ACIRC yona eyasekwa ngowama-2013 njengomkhosi wethutyana wokubambisa ukulinda ide i-ASF imiselwe ngokuzeleyo. 

C. ImiThetho esaYilwayo

1. UMthetho oYilwayo wokuKhusela abaThengi beziNdlu wowama-2019

1.1 IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe kwiGazethi kaRhulumente uMthetho oYilwayo wokuKhusela abaThengi beziNdlu wawama-2019 ukuze uluntu luhlomle kuwo.

1.2 Lo Mthetho uYilwayo ungena endaweni yoMthetho wamaNyathelo okuKhusela Abathengi beziNdlu, wowe-1998 (uMthetho 95 wowe-1995). Lo mthetho mtsha uza kulawula abakhi bezindlu; wandisa imithetho ekhusela abathengi bezindlu; ungenisa izixhobo ezitsha zokunyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho uze ucacise nezohlwayo nezigwebo ezifanelekileyo ukuthintela ukuba abakhi bezindlu bangophuli imithetho.

1.3 Lo Mthetho uYilwayo uza kwenza ukuba kube lula kwabo baqalayo ukungena kweli shishini lokwakhiwa kwezindlu ngokuthi uqalise ukuba kubekho izivumelwano zokusebenza eziza kuqinisekisa ukuba ababetheki nje bengena kweli shishini.

1.4 Amaphulo okwakha izindlu ezizizibonelelo zikarhulumente ngoku alawulwa ngulo Mthetho uYilwayo, ngeenjongo zokukhusela abathengi nabanikazi bezindlu ezilolu hlobo.

D. Imisitho ezayo

1. INgqungquthela yesi-VII ye-TICAD

1.1 UMongameli Ramaphosa uza kuzimasa iNgqungquthela yesi-7 yeNkomfa yaMazwe ngaMazwe yase-Tokyo engoPhuhliso lwe-Afrika (i-TICAD VII) eza kubanjelwa eJapan ngomhla wama-29 nowama-30 kweyeThupha 2019. Umxholo wale ngqungquthela othi: UkuQhubela Phambili uPhuhliso lwe-Afrika ngokuSebenzisa ubuChwepheshe, uYilo naBantu" uyambelana ne-Ajenda yowama-2063 ye-AU kunye nemiba yokudibanisa eli lizwe ephambili kweli lizwekazi. 

1.2 INgqungquthela ye-TICAD VII yalo nyaka iza kugwadla, phakathi kwezinye izinto, imiba emithathu eyiyona ingoondoqo: (i) ukukhawulezisa iinguqu zezoqoqosho nokuphucula iimeko zokuqhuba ushishino ngokusebenzisa uyilo kunye nokufakana imilomo necandelo labucala; (ii) ukuqinisekisa ukuba iyagxininiswa imiba emalunga nokwakha izizwe ezizinzileyo nezikwaziyo ukumelana neenkqwithela; kunye (iii) nokuqinisekisa ukuba uzinzo noxolo luhamba phambili.

1.3 Intsebenziswano neJapan kwimiba yengingqi neyehlabathi ibalulekile kumalinge okuqinisekisa ukuba iiNkqubo zoPhuhliso lwe-Afrika zikhokeliswa phambili nokuzalisekisa amaphulo eNtsebenziswano yaMazwe aseMazantsi Asahlumayo.

2. INgqungquthela yaMazwe asiXhenxe aTyebileyo (i-G7)

2.1 UMongameli Ramaphosa uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliya kwiNgqungquthela ye-G7 eza kubanjelwa eFrance ukususela ngomhla wama-24 ukuya kowama-25 kweyeThupha 2019, oku kulandela ukumenywa koMzantsi Afrika ukuba uzimase le Ngqungquthela njengelinye lamazwe abalulekileyo.

2.2 INgqungquthela ye-G7 yindibano yamazwe asixhenxe angawona atyebileyo kwihlabathi jikelele aquka iFrance, Germany, Italy, Japan, United States, United Kingdom kunye neCanada. Le Ngqungquthela ibanjwa rhoqo ngonyaka futhi kulapho ezi nkokeli zigwadla imiba engoqoqosho, ezepolitiko, ezentlalo kunye nokhuseleko lwehlabathi. Le Ngqugquthela ye-G7 izayo iza kugxininisa kumba wokulwa ukungalingani, ukukhuthaza ulingwano ngokwesini, imiba yokuqinisekisa ukuba abantu abaninzi bayayifumana imfundo kunye neenkonzo zempilo ezisemgangathweni ophezulu.

2.3 Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kule Ngqungquthela ye-G7 yowama-2019 kusekelwe kwimiba engundoqo emine yomgaqo-nkqubo wezangaphandle weli, eyile: (i) ukulwela ukuba imiba ebalulekileyo kweli lizwe ikhokeliswe phambili ukuze kufezekiswe iinjongo zalapha ekhaya; (ii) ukubethelela i-Ajenda yase-Afrika nokufuna inkxaso yamaphulo ase-Afrika ophuhliso oluzinzileyo; (iii) ukufaka isandla kwizivumelwano zehlabathi zentsebenziswano ezihlaziyiweyo; kunye (iv) nokugxininisa izinto ezibalulekileyo zamazwe asemazantsi e-Afrika ngokuqinisa iNtsebenziswano Yamazwe aseMazantsi asaHlumayo kunye naphakathi kwaMazwe aseMantla Atyebileyo naseMazantsi asaHlumayo.    

3. INdibano yeQumrhu lezoQoqosho lweHlabathi (i-WEF) e-Afrika

3.1 INdibano yama-28 yeQumrhu lezoQoqosho lweHlabathi e-Afrika iza kubanjelwa eKapa ukususela ngomhla wesi-4 ukuya kowesi-6 ngeyoMsintsi 2019 phantsi komxholo othi: Ukutshintsha uHlumo oluXhanyuwa Nguye Wonke kunye neKamva loMntu wonke ngobuXhakaxhaka bale Mihla". Le ndibano ineenjongo zokutshintsha iinkqubo zengingqi nezamashishini zalo nyaka siya kuwo.

3.2 Le nkqubo iza kugxininisa kwiindlela zokukhawulezisa iinguqu kule ngingqi ezimayelana namaziko asebenzisa ubuxhakaxhaka be-intanethi, utyalo-mali, ukuhlanganisa, amashishini kunye noyilo ukuze kuqhutyelwe phambili amaphulo okuzisa ubuxhaka-xhaba be-intanethi bale mihla.

3.3 Ukuza kweeNkokeli zezoQoqosho zaMazwe eHlabathi kunye neeNtloko zemiBuso kweli lizwe kuza kunika uMzantsi Afrika ithuba elinqabe kakhulu lokuzithengisa kunye nokugxininisa umba ophambili kuthi wokukhulisa uqoqosho lweli lizwe.  

4. INdibano eNkulu ye-ISO yama-42

4.1 IQumrhu loMzantsi Afrika lezemiGangatho (i-SABS) elizinze eKapa liza kubamba iNdibano eNkulu yama-42 yoMbutho weHlabathi wokuBeka imiGangatho (i-ISO) ukususela ngomhla we-16 ukuya kowama-20 kweyoMsintsi 2019.

4.2 I-ISO idibanisa iingcali apho ziza kwabelana ngolwazi zize ziqulunqe imigangatho yehlabathi esetyenziswayo neyamkelwa ngokuzithandela ekuvunyelwenwe ngayo emva kokuba igwadliwe.

Inkqubo ye-ISO yama-2019 iza kuseka amacebo okulwa neengxaki zokutshintsha kwemozulu, uqoqosho oluxhomekeke kwi-intanethi, uhlumo loqoqosho kunye norhwebo phakathi kwamazwe ngamazwe.

5. INyanga yabaSebenzi bakaRhulumente kaRhulumente oDibeneyo  (i-PSM) ngeyoMsintsi

5.1 Le nkqubo izayo ye-PSM ngenyanga yoMsintsi yinkqubo yokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo into leyo iyinxalenye yeNkqubo yokuVuselela i-Batho Pele (Abantu Kuqala) yona ekhuthaza ukuba iinkonzo zikarhulumente zibe kumgangatho ophezulu oqhubekayo nokuyiphucula indlela asebenza ngayo kuwo onke amaqoqo karhulumente.  

5.2 INkqubo ye-PSM yowama-2019 iza kubanjelwa phantsi komxholo othi: "Khawuleza": Ukusa iiNkonzo eBantwini: Batho Pele "Singabenu, Siyakhathala, Siyanisebenzela". Oku kusabela kanye kwikhwelo elahlatywa nguMongameli Ramaphosa kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe (i-SoNA) yowama-2019 lokuba abasebenzi bakarhulumente basekele imisebenzi yabo kwimigaqo nemithetho ye-Batho Pele ngokukhokelisa abantu phambili.

5.3 Uluhlu lweMisitho yeNkqubo ye-PSM yowama-2019 luquka:

  • INyanga yezoKhenketho - phantsi komxholo othi: "EzoKhenketho nemiSebenzi - ikamva eliqaqambileyo kumntu wonke". Icandelo lezokhenketho lelinye lamacandelo adala imisebenzi. IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhamle iphulo le-Sho't Left baze bakhuthaze ukhenketho kweli lizwe lethu, ngokuthi basebenzise amathuba eza neVeki yemiYezo yeSizwe yoMzantsi Afrika (i-SANParks) ebanjwa minyaka le, kulo nyaka eza kuqala ngomhla wesi-8  ukuya kowe-15 kweyoMsintsi 2019, apho kuza kungenwa simahla kwimiyezo yesizwe yeli. UMzantsi Afrika ulilizwe elineZiza ezili-10 ezingaMafa eHlabathi nelinohlobo lezokhenketho elifana lodwa kwihlabathi.
  • INyanga yamaFa - Icandelo lezamafa nalo lidala amathuba emisebenzi nophuhliso lwezakhono, futhi linika ithuba amagcisa, amachule emisebenzi yezandla kunye namanye amacandelo axhomekeke kulo. Kukwakho nemfuneko yokuba siqhubeke ngamalinge ethu okulondoloza, ukuvuselela nokukhuthaza uphuhliso lweelwimi zomthonyama, njengenxalenye yokukhusela imbali nenkcubeko yethu.
  • INyanga yoKhuseleko lwamaPolisa - eyaqalwa ngoSuku lweSizwe olusisiKhumbuzo olubanjwa ngomhla woku-1 kweyoMsintsi, olulusuku lokukhumbula amagorha namagorhakazi eli asutywa kukufa esemsebenzini.

Le nkqubo idibeneyo izalisekisa amaphupha esiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) esigxininisa ukubaluleka kokuba namaqumrhu karhulumente asebenzisanayo nawenza umahluko obonakalayo futhi anabasebenzi bakarhulumente abanezakhono nabazinikeleyo ekusebenzeleni uluntu kakuhle nabakwaziyo ukuhambisa iinkonzo ezikumgangatho ophezulu ngokuthe gqolo, ngelithuba bakhokelisa phambili amaphulo ophuhliso eli lizwe.

E. Imiyalezo

1. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi tutwini:

  • kurhulumente nabantu baseTanzania emva kokuba kudubule kwatsha iloli ethutha amafutha ezithuthi apho kuthe kwasweleka kabuhlungu abantu abangama-90 kwaye ikwanqwenelela nabo bangxwelerhekileyo ukuchacha ngokukhawuleza.
  • kusapho nezihlobo zegcisa loMzantsi Afrika, umyili nosomashishini, uNksz Carrol Boyes (obeneminyaka engama-65) olandulele eli Phakade ngoLwesithathu, umhla we-14 kweyoMsintsi 2019.


2. Amazwi okuvuyisana nemiNqweno eMihle

IKhabhinethi:

  • inqwenelela uJaji Edwin Cameron okuhle kodwa xa ethatha umhlalaphantsi emva kokusebenza njengejaji iminyaka engama-25. UJaji Cameron, owaqala ukusebenzela iNkundla yoMgaqo-siseko ngowama-2008, wayesebenza njengegqwetha lamalungelo oluntu ngethuba kusaphethe urhulumente wocalu-calulo, wayeligqwetha elalimela abo babesilwa urhulumente wocalu-calulo futhi ebesilwela amalungelo okulingana abantu abathandana nesini esinye. IKhabhinethi imothulelwa umnqwazi ngokuzinikela kwidabi lamalungelo oluntu, kwakunye nokulwela ukuba wonke umntu awafumane amachiza okuthomolalisa iNtsholongwane kaGawulayo (ii-ARV).
  • inqwenelela igqala lemvumi, uMnu Caiphus Semenya, usuku olumyoli xa eza kube efinca iminyaka engama-80 esidla amazimba. UMnu Semenya ube negalelo elikhulu kakhulu kwicandelo lezomculo eMzantsi Afrika. Iingoma zakhe ziquka ezo zidume kakhulu zifana no-Matswale, Angelina, Ziph'nkomo, kwakunye nenye yona eyahlokomisa ihlabathi awayicula nenkosikazi yakhe uMama Letta Mbulu, ethi: Ndiphendule. Wayekhe wasebenza nababhali bomculo behlababathi kwaye wayekhe watyunjwa njengabanye abasethubeni lokuphumelela imbasa i-Primetime Emmy Award izihlandlo ezingama-37, waze waphumelela ezisithoba. Wawongwa nge-Emmy Awards ngenxa yegalelo lakhe ekubhaleni ingoma eyayikhapha umdlalo kamabonakude othi: Roots. Wayekhe wanegalelo nakwingoma ekhapha umboniso-bhabhanya odidiyelwe yinkampani yakwa-Disney othi: The Lion King.
  • inqwenelela uSekela-Mlawuli weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA), u-Advocate Silas Ramaite (SC) okuhlwe kodwa, emva kokuba uMongameli Ramaphosa ethe wasivuma isicelo sakhe sokuba athathe umhlalaphantsi phambi kwexesha, ashiye esi sikhundla. Esi sicelo sakhe sivunywe ngokoMthetho weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) wowe-1998 (uMthetho 32 wowe-1998). IKhabhinethi ibamba ngazibini ku-Advocate Ramaite ngegalelo lakhe kwi-NPA nolawulo lwecandelo lobulungisa ngokubanzi kwiminyaka emininzi esemsebenzini wakhe kwicandelo lezobulungisa.
  • iqhwabela izandla uNkzs Sasha Maria Schwendenwein wenkqubo kamabonakude yeentatheli ezingabaphandi, i-Carte Blanche, ngokuthi igama lakhe lifakwe kwabo bachongelwe ukufumana i-SADC Media Awards, apho athe waphumelela ibhaso lesibini kwicandelo likamabonakude. Eli bali liphumelele le mbasa, lithi: "Follow the Guns", beliyinkqubo edidiyelwe zinkampani ezimbini ebelingomba wokuzingelwa kubulawe imikhombe ngokungekho mthethweni.  
  • iqhwabela izandla ii-Springboks naBanyana Banyana ngokuphakamisela igama loMzantsi Afrika phezulu. Ii-Springboks ziphumelele i-Rugby Championship yaze iBanyana Banyana yona yaphumelela i-COSAFA Women's Championship. La maqela mabini alibhongo neqhayiya lethu ngale misebenzi mihle kangaka kwaye angumzekelo omhle kubantu abatsha nabadlali abasakhulayo kulo lonke eli.    
  • ithi huntshu kuNksz Zozibini Tunzi, osanda kufumana iwonga lokuba ngunobuhle obalaseleyo kweli, u-Miss South Africa 2019, kwaye imnqwenelela okuhle kodwa ngethuba ebambe esi sikhundla. Uza kumela eli lizwe kukhuphiswano lonobuhle lika-Miss Universe kunye nelika-Miss World.  


F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Fundisile Goodman Mketeni njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba (i-CEO) le-SANParks.   

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 83 501 0139

Share this page

Similar categories to explore