INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wesi-5 kweyeThupha yowama-2020 ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo

A.  Ukugxila kuRhwaphilizo

1. Ukusetyenziswa gwenxa kwezixhobo zokulwa iNtsholongwane i-Corona (i-COVID-19)

1.1.    IKhabhinethi ithethile ngokudana kwayo zingxelo zakutsha nje ezimalunga nezenzo zorhwaphilizo nobusela bokubiwa kwezixhobo ezidingeka kakhulu ezabelwe ukuba zisetyenziselwe ukusindisa ubomi neempilo zabantu  ngeli xesha lobhubhane we-COVID-19.

1.2.    Abantu abathile abangenasazela kunye neenkampani ezikwanjalo bezihlalele ukutyhuthula imithombo karhulumente ebilungiselelwe ukuba ibonelele ngokutya iintsapho ezisokolayo kunye namagosa angawona aphambili edabini ngezixhobo zokuzikhusela (ii-PPEs), ngokukodwa abasebenzi becandelo lezempilo.

1.3.    Izenzo ezinje zolwaphulo-mthetho nenkohlakalo eziquka ukunyuswa kwamaxabiso amiselweyo, ukuthintela nokutshintshwa kweendawo iipasile zokutya ezenzelwe abantu abahluphekileyo eziya kuzo, nezenzo zobuqhetseba ezibandakanya imali ebimiselwe ukudambisa inzima kubasebenzi namashishini achatshazelwe kukuvalwa kwemisebenzi yezoqoqosho ngexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwisizwe.

1.4.    IKhabhinethi ibongoze onke amaziko karhulumente ukuba axhase umgangatho ophezulu wemfezeko nokukwazi ukucacisa, aze afezekise isigunyaziso sawo ngokugqibeleleyo nangokubonakalayo. IKhabhinethi isahleli izinikele ekwakheni umbuso onezakhono, obonisa intsulungeko nogxininisa kuphuhliso. Iyasixhasa isimemezelo esenziwe nguMongameli u-Cyril Ramaphosa kutsha nje sokuba ii-arhente zokunyanzeliswa komthetho mazenze konke okusemandleni ukubamba abo bachaphazeleka kurhwaphilizo, nokuba bangoobani na kwaye ziqinisekise ukuba ziyayifumana loo mali ithotywe nemilenze.

1.5.    Urhulumente kule minyaka idlulileyo uvelise amangenelelo awohlukeneyo ukulwa esi sibetho sorhwaphilizo, nesiluchaphazela kakubi unikezelo lweenkonzo kwabahluphekileyo nabasesichengeni.

1.6.    Iziko lokuququzelela elikhethekileyo elisanda kusekwa kutsha nje lijolise ekomelezeni amalinge adibeneyo phakathi kwee-arhente zokunyanzeliswa komthetho ukuba zithintele, zicuphe, ziphande zitshutshise naluphi na urhwaphilizo olunxulumene ne-COVID-19. Liquka iZiko lezobuNtlola kwezeZimali; uLawulo oluZimeleyo loPhando lwezobuPolisa (i-IPID); uGunyaziwe wezoTshutshiso weSizwe (i-NPA); uLawulo loPhando lwamaTyala aPhambili kwiNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (ooKhetshe), iNkonzo yezobuNtlola kuLwaphulo-mthetho nobuCuphi; iNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika; iCandelo loPhando oluKhethekileyo (i-SIU) kunye ne-Arhente yoKhuseleko lweSizwe.  

1.7.    Izityholo zorhwaphilizo eziphandwayo ziquka ukukhutshwa ngobuqhetseba kokutya okusisibonelelo, isibonelelo senkxaso yezentlalo, intengo ye-PPEs nezinye izibonelelo zezonyango, nokubiwa kwemali yeSkimu seThutyana seNkxaso yabaSebenzi/yabaQeshi kwiNgxowa-mali ye-Inshorensi yokuPhelelwa yiNgqesho ye-COVID-19. 

1.8.    Ukukhawulezisa nokomeleza inkqubo yokuqubisana norhwaphilizo, uMongameli uRamaphosa utyikitye isibhengezo kutsha nje esigunyazisa ukuba i-SIU iphande nakuphi na ukuphathwa ngokungafanelekanga kwenkqubo yentengo yazo naziphi na iimpahla, imisebenzi neenkonzo ngexesha lesimo sentlekele sesizwe okanye ngokunxulumene naso kulo naliphi na iziko likarhulumente.

I-SIU inegunya lokuphanda naziphi na izityholo ezinxulumene nokusetyenziswa kakubi kwemali ye-COVID-19 kuwo onke amanqanaba kaRhulumente ize iqalise iinkqubo zeembambano kwinkundla yamabango ukuze kulungiswe nawuphi na umonakalo okanye kubuyiswe nayiphi na ilahleko uRhulumente abengene kuyo. Ukuqinisekisa ukuba amanyathelo athathwa ngokukhawuleza, uMongameli uza kufumana iingxelo zethutyana malunga nalo lonke uphando rhoqho emva kweeveki ezintandathu. Uza kufumana neengxelo ezivela kwiQonga lokuLwa uRhwaphilizo leCandelo lezeMpilo elinikwe umsebenzi wokuphanda ngezenzo ezinxamnye nomthetho nolawulo olugwenxa kwicandelo lezempilo.  

1.9.    Kwakhona iKhabhinethi iyazamkela izihlomelo kwimimiselo yakuqala ezenziwe yiKhomishini yoPhando kwiziTyholo zokuBanjwa kukaRhulumente ngoBhongwane ngamaQumrhu abuCala, uRhwaphilizo nobuQhetseba kwiCandelo likaRhulumente, kuquka namaQumrhu kaRhulumente. Le mimiselo ihlonyelweyo ngoku iza kuvumela ukwabelana ngolwazi kwekhomishini kunye nezinye ii-arhente zokunyanzeliswa komthetho. Oku kuza kukhawulezisa ukuphandwa nokutshutshiswa kwamatyala anxulumene norhwaphilizo. 

1.10.    Njengenxalenye yokomeleza olu ngenelelo, iKhabhinethi ikwamkele ukumiselwa kweqela labaPhathiswa abahlanu ukuba, phakathi kokunye, bajongane nayo yonke intengo enxulumene ne-COVID-19 eyenziwa ngeli xesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile nokomeleza iinkqubo zentengo ezikhoyo ngoku. Eli qela liquka uMphathiswa wezobuLungisa neeNkonzo zezoLuleko, uMnu Ronald Lamola (uMququzeleli); uMphathiswa wezeZimali, uMnu Tito Mboweni, uMphathiswa weeNkonzo zikaRhulumente noLawulo, uMnu Senzo Mchunu, uMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli, uGq Nkosazana Dlamini-Zuma kunye noMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uMnu Jackson Mthembu.

1.11.    Onke amasebe karhulumente alindeleke ukuba angenise zonke izivumelwano zentengo ezinikezelwe ngeli xesha kweli qela labaphathiswa ukuze zipapashwe uluntu lukwazi ukuzibona.

1.12.    IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo sokuba ngamatyala angama-36 ubuncinane anxulumene norhwaphilizo asele ekwizigaba ezahlukeneyo zophando notshutshiso. La matyala athumela umyalezo ongqongqo wokuba urhulumente akasayi kunyamezela naziphi na izenzo zorhwaphilizo, ingakumbi phakathi kwamagosa akhe, kwaye bonke abo babandakanyekayo baza kubanjwa batshutshiswe. 

1.13.    Urhwaphilizo lulwaphulo-mthetho olukhulu kakhulu olukhuthuza abahluphekileyo luze lubahluthe iinkonzo ezingundoqo. Njengoluntu, sinoxanduva lokululwa urhwaphilizo kwaye kufanele siluveze ngaphandle koloyiko okanye mkhethe. IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba lusebenzise iminxeba engavalwayo yokulwa urhwaphilizo eyahlukeneyo yesizwe namacandelo eyenzelwe ukuxhasa amalinge okuveza nokulandela izityholo ezinxulumene norhwaphilizo.

B. IZigqibo ezinguNdoqo
2. IsiCwangciso-qhinga seDijithali neZakhono zeXesha eliZayo seSizwe


2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kwesiCwangciso-qhinga seDijithali neZakhono zeXesha eliZayo seSizwe. Esi sicwangciso-qhinga sisiphumo sePhepha loMgaqo-nkqubo ongoLwazi oluDibeneyo lweSizwe nobuChwepheshe noshicilelwe kweyoMsintsi yowama-2016.
2.2.    Esi sicwangciso-qhinga sihlangabezana nenkqubo-sikhokelo elungelelanisiweyo ukuxhasa uxhotyiswa ngezakhono kuwo onke amacandelo ezoqoqosho phantsi komxholo wokuguqukela kwidijithali nokuqhutyelwa phambili kobuchwepheshe beli Xesha lobuChwepheshe Bale Mihla. Ibonelela ngendlela yokufezekisa elungiselela ixesha elizayo nentsebenziswano eza kuquka icandelo labucala, iinkcuba-buchopho noluntu ngokupheleleyo.

3. IsiCwangciso-qhinga sokuQhelanisa nokuGuquka kweSimo seZulu seSizwe (i-NCCAS)

3.1    IKhabhinethi ikwamkele ukuba kufezekiswe i-NCCAS. Esi sicwangciso-qhinga sisebenza njengesiCwangciso sokuQhelanisa seSizwe njengoko iNkqubo-sikhokelo yesiVumelwano sokuGuquka kweSimo seZulu seZizwe eziManyeneyo silindele njalo. IsiCwangciso-qhinga sokuQhelanisa nokuGuquka kweSimo seZulu seSizwe (i-NCCAS) sinika amagqabantshintshi eqela leenjongo, ungenelelo kunye neziphumo ukuvumela ilizwe lethu ukuba linikezele iimvakalelo kwisibophelelo soMzantsi Afrika kwisiVumelwano sase-Paris malunga nokuguquka kwesimo sezulu. 
3.2    Esi siCwangciso-qhinga siqulunqwe ngokufakana imilomo norhulumente, abecandelo labucala noluntu lwasekuhlaleni sijongise ekunciphiseni ukuba sesichengeni koluntu, uqoqosho nokusingqongileyo kwiimpembelelo zokuguquka kwesimo sezulu. Ikwabonelela ngendlela edibeneyo nelungelelanisiweyo ukulawula amanyathelo okuqhelanisa ukuhlangabezana neempembelelo zokuguquka kwesimo sezulu. 

Njengokuba sele samkelwe, iSebe lezokusiNgqongileyo, amaHlathi nezokuLoba liza kulungelelanisa onke amanqanaba karhulumente, abezoshishino nemibutho yoluntu ekusifezekiseni. Esi sicwangciso seminyaka eli-10 siza kuhlaziywa qho emva kweminyaka emihlanu.

4  IsiKhumbuzo seNyanga yabaseTyhini, eyeThupha yowama-2020.

4.1     IKhabhinethi iyamkele inkqubo yesikhumbuzo seNyanga yabaseTyhini phantsi komxholo othi: “Ukuphumeza amalungelo wabasetyhini ukwenzela ingomso elilinganayo”. INyanga yabaseTyhini yalo nyaka igxile ekumemezeni amanyathelo okuvula indlela yamalungelo wabasetyhini nokulingana kwezesini. 
4.2     Urhulumente uzibophelele kumlo wokuncothula ubundlobongela obugxile kwezesini nokubulawa kwabasetyhini ngamadoda (i-GBVF). Kule veki iKhabhinethi yamkele iMithetho esaYilwayo emithathu eza komeleza inkqubo yethu yezobulungisa ukuba ixhase ikhusele amaxhoba e-GBVF, ukuze ingeniswe ePalamente.
4.3     Le nkqubo ibude bungangenyanga iza kuxhobisa ukuvuselelwa kwabasetyhini ize yomeleze imibutho yabasetyhini ngokubhekisele kwindlela yokusebenza ezinzileyo ngemiba ebachaphazelayo. NgeCawa, umhla we-9 kweyeThupha yowama-2020, uMongameli uRamaphosa uza kuqhuba umsebenzi esizweni jikelele kumabonakude, kunye negqiza lezithethi zembeko.  

C. IMithetho esaYilwayo
5  IMithetho esaYilwayo ye-GBVF yamkelwe


5.1    IKhabhinethi iyakwamkela ukungeniswa ePalamente kwemiThetho esaYilwayo enge-GBV emithathu – uMthetho-sihlomelo woMthetho woLwaphulo-mthetho (uLwaphulo-mthetho ngezeSondo neMiba eNxulumeneyo) wowama-2020; iRejista yokuBhalisa uLwaphulo-mthetho lwezeSondo yeSizwe) kunye noMthetho-sihlomelo wobuNdlobongela baseKhaya. Le Mithetho isaYilwayo iphendula iqela lemiba ebiphakanyiswe kwiNgqungquthela kaMongameli engokuLwa i-GBVF eyayibanjwe ngowama-2018 ngokumalunga nenkqubo yezobulungisa kulwaphulo-mthetho.
5.2     Ezi zihlomelo zibonelela ngokusabela okugxile kumaxhoba kwinkqubo yezobulungisa kulwaphulo-mthetho ngokumalunga namatyala ezesondo. Ziqinisa imiqathango yebheyile kubenzi bobubi kumatyala ezesondo. Uxwebhu olugunyazisa ukubanjwa alusayikudingeka phambi kokuba ii-arhente zokunyanzeliswa komthetho zisabele ngokuya kubamba abo babandakanyeka kulwaphulo-mthetho lwezesondo olubikiweyo. Nemiqathango yengqawule nayo iqinisiwe zaza ezona zigwebo zincinane umntu anokugwetywa zona zinkundla zenyuswa. Ezi zihlomelo zikwaqinisa nemiphumela yokophula imimiselo yomyalelo wenkundla wokukhusela lowo ulixhoba.  
5.3     UMthetho-sihlomelo woMthetho woLwaphulo-mthetho (uLwaphulo-mthetho ngezeSondo neMiba eNxulumeneyo) wowama-2020 uhlomela iRejista yeSizwe yabanamaTyala okuXhaphaza ngokweSondo ngokwandisa umhlaba wokusebenza kwayo ekusebenzeni kuphela ngabantwana nabantu abakhubazekileyo, koko unabele ukuba ukhusele nabo bonke abantu abakumaqela asesichengeni. Abantu abakule rejista bayanyanzeleka ukuba baluveze olo lwazi xa befaka izicelo zokusebenza nabo bakolu didi lwala maqela.
5.4     UMthetho-sihlomelo ongobuNdlobongela baseKhaya wenza kube lula ukufumana umyalelo wenkundla wokukhusela lowo ulixhoba kwizenzo zobundlobongela basekhaya ngobuchwepheshe be-elektronikhi. Unyanzelisa ukuba iSebe loPhuhliso loluNtu neSebe lezeMpilo ukuba abonelele abo bangamaxhoba obundlobongela basekhaya ngeenkonzo ezithile aze alungelelanise imimiselo yoMthetho wobuNdlobongela baseKhaya, wowe-1998, (uMthetho 116 wowe-1998) nemimiselo yoMthetho woKhuseleko kwiMpatho-mbi, wowama-2011 (uMthetho 17 wama-2011).

6. UMthetho osaYilwayo weNtsangu ngeeNjongo zokuyiSebenzisa Bucala wowama-2020

6.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa koMthetho osaYilwayo weNtsangu ngeeNjongo zokuyiSebenzisa Bucala wowama-2020 ukuba kusetyenzwe ngawo. Lo Mthetho usaYilwayo wenza ukuba isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko sokuba iindawana ezithile kuMthetho weziYobisi nokuHanjiswa kweziYobisi, wowe-1992 (uMthetho 140 wowe-1992) noMthetho wezaMayeza neziThako eziNxulumeneyo wowe-1965 (uMthetho 101 wowe-1965) sisebenze.
6.2.    Eso sigwebo saye sarhoxiswa isithuba seenyanga ezingama-24 ukunika iPalamente ixesha lokuba ilungise lo macandelo. Lo Mthetho usaYilwayo ulawula ukusetyenziswa nokuba nayo intsangu kuwe kunye nokulinywa kwezityalo zayo ngabantu abadala ukwenzela ukuba bazisebenzisele. Ubonelela ngokuqingqwa kobungakanani bentsangu umntu omdala anokuba nayo kuye kwaye ukwenza kube lulwaphulo-mthetho ukutshaya intsangu kwiindawo zikawonkewonke. 

7. UMthetho-sihlomelo ongokuNyuswa kweNgxowa-mali wowama-2017

7.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa kwalo Mthetho usaYilwayo ePalamente. Lo Mthetho usaYilwayo wenza ukuba uMthetho wokuNyuswa kweNgxowa-mali, wowe-1978 (uMthetho 107 wowe-1978) uqiqe, ngokudibanisa iingxowa-mali ezintathu esezikho – iNgxowa-mali yoNcedo lweNtlekele, iNgxowa-mali yoMkhosi woKhuselo waseMzantsi Afrika kunye neNgxowa-mali yoNcedo lweeMbacu – zibe yiNgxowa-mali yoNcedo neyoPhuhliso lwezeNtlalo yeSizwe enye.
7.2.    Le ngxowa-mali emva koko iza kugxila kumanyathelo okuthomalalisa iintlekele zingekenzeki ize ixhase uphuhliso lwezentlalo yoluntu. Le ngxowa-mali idibeneyo iza kunceda ukuhlengahlengisa iinkqubo zezolawulo, ize incedise ngeenkonzo ezigqibeleleyo kuluntu oluhluphekileyo ize inciphise neendleko. Iza kudibanisa ezi bhodi zintathu zibe yibhodi enye.

D. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo. 
8.1.      INkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika
a.    U-Brigadier Ebrahim Ahmed Kadwa – iNtloko yePhondo laseGauteng: uLawulo loPhando lwamaTyala aPhambili (i-DPCI); kunye-  
b.    No-Brigadier Moiki Obed Ngwenya – iNtloko yePhondo laseMpuma Koloni: kwi-DPCI.
8.2.    Mnu Collins Letsoalo – iGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) leNgxowa-mali yezeNgozi eziNdleleni (i-RAF).
8.3.    AmaLungu angengawo awesigqeba kwiBhodi ye-Arhente yoLwaphulo-mthetho lwezeNdlela:
a.    Nksz Bongekile Zulu (uSihlalo);
b.    Mnu Tshikane Owen Mtsetweni;
c.    Gq Prittish Dala;
d.    Nksz Dorcas Khosa-Shikwambana; kunye-
e.    noMnu Bonolo Molemo Ramokhele.
8.4.    Abalawuli abangengawo amalungu esigqeba kwiBhodi yeNkampani yeziKhululo zeeNqwelo-moya yaseMzantsi Afrika
a.    Nksz Dudu Hlatshwayo; kunye-
b.    noGq Kgabo Badimo. 
8.5.    Amalungu angengawo awesigqeba kwiBhodi yoLawulo loKhuseleko kooLoliwe:
a.    Mnu Boy Johannes Nobunga; (uSihlalo);
b.    Nksz Yongama Pamla (uSekela-sihlalo);
c.    Mnu Sisa Lunga Mtwa;
d.    Adv Nokuzola Gloria Khumalo;
e.    Nksz Nompumelelo Ekeke;
f.    Nksz Dineo Mathibedi;
g.    Nksz Salome Chiloane-Nwabueze;
h.    Adv Frans Johannes van der Westhuizen; kunye-
i.    No-Adv Johannes Collen Weapond.
8.6.    Mnu Khathutshelo Ramukumba – iGosa eliyiNtloko kwezeZimali zeePosi zaseMzantsi Afrika.
8.7.    Mnu Mlamli Booi – i-CEO ye-SENTECH SOC Limited (uqeshiwe kwakhona).  
8.8.    Gq Mzubanzi Bismark Tyobeka – i-CEO yeQumrhu leSizwe loLawulo lweNyukliya (uqeshiwe kwakhona).
8.9.    IBhodi yeQumrhu leSizwe loLawulo lweNyukliya
a. Gq Thapelo Motshudi (uSihlalo);
b. Nksz Dineo Peta (uSekela-sihlalo);
c.    Mnu Protas Phili; 
d.    Nksz Devinagie Bendeman;
e.    Gq Nomusa Qunta;
f.    Mnu Bernard Pelei Petlane;
g.    Mnu David Mamphitha; kunye
h.    noNksz Lindelwa Dlamini. 
8.10.    IBhodi yabaLawuli ye-National Radioactive Waste Disposal Institute:
a.    Nksz Thandeka Zungu (uSihlalo);
b.    Mnu Mogwera Khoathane (uSekela-sihlalo);
c.    Gq Kgaugelo Chiloane;
d.    Gq Cornelius Ruiters; 
e.    Nksz Leandra Vilakazi;
f.    Nksz Lerato Makgae (kwiSebe leMithombo yezeziMbiwa naMandla); kunye 
g.    noMnu Trevor Mark Gordon (kwiSebe lezeNdalo, amaHlathi nezokuLoba).
8.11.    ULwandiso: iXesha loLawulo leBhodi yeThutyana yabaLawuli be-Arhente yeNkxaso-mali yamaShishini amaNcinci (i-SEFA):
a.    Mnu AM Mahosi (uSihlalo);
b.    Mnu M Radebe (uSekela-sihlalo);
c.    Mnu J Kganyago;
d.    Nksz N Dlamini;
e.    Nksz NR Mlonzi;
f.    Nksz DL Mabuza;
g.    Nksz M Makara; kunye
h.    Nommeli weQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC).
8.12.    Mnu Mlindi Mashologu – uSekela-Mlawuli-Jikelele (u-DDG): kwi-Information Society Development and Research, kwiSebe lezoNxibelelwano nobuChwepheshe beDijithali.
8.13.    Nksz Thabitha Constance Mametja – i-DDG: kwiNkonzo yeQumrhu, kwiSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore