Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-23 kweyoMdumba 2022

A. Imiba enguNdabamlonyeni

1. Intetho yoHlahlo lwabiwo-mali lweSizwe
1.1. IKhabhinethi yamkele uHlahlo-lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2022 oluthiwe thaca nguMphathiswa wezeziMali u-Enoch Godongwana ePalamente, eKapa ngoLwesithathu, umhla wama-23 kweyoMdumba 2022.
1.2. Uhlahlo lwabiwo-mali lufake isandla kwizibophelelo ezenziwe nguMongameli uCyril Ramaphosa kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe yowama-2022 (i-SoNA) awayithetha ngoLwesine, umhla we-10 kweyoMdumba 2022.
1.3. Uhlahlo lwabiwo-mali lubonisa ukuzinikela kukarhulumente kulawulo lwemali nolawulo lwezoqoqosho olungaguqukiyo, kunye nenjongo yakhe exabisekileyo yokuxhasa ngezimali izinto ezibalulekileyo eziphambili ezibonelela ngenkxaso yezentlalo noqoqosho kubemmi boMzantsi Afrika abasesichengeni. 
1.4. Amangenelelo abanzi abhengezwe kwiNtetho yoHlahlo lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2022 ajoliswe ekudaleni imeko efanelekileyo yohlumo olubandakanyayo kunye nophuhliso oluhlangabezana neemfuno zangoku. 

2. Iindibano neqela lamajelo eendaba emva kwe-SoNA 
2.1. AbaPhathiswa bamaQela babambe indibano neqela lamajelo eendaba emva kwe-SoNA ukuze bacacise ngeNkqubo yokuSebenza karhulumente yonyaka ozayo nangaphaya, njengoko kucacisiwe nguMongameli Ramaphosa kwi-SoNA yowama-2022 yakutsha nje. 
2.2. Ezi ndibano namajelo eendaba ziqaqambisa ukuzinikela kukarhulumente ekuphumezeni imiba ephambili ejolise ekuphuculeni ubomi babantu, phakathi kwezinye izinto, ngokudala iimeko ezinokuba nempumelelo zokudala imisebenzi efuneka ngamandla.

3. Uhlaziyo ngeSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19) 
3.1. IKhabhinethi iqhwabele izandla abemmi boMzantsi Afrika ngokuzingisa kwabo ngokuqhubekayo kumlo ochasene ne-COVID-19, kwaye ikwalumkisile ukuba amazinga asezantsi osuleleko kunye nokufa akufuneki ukuba alahlekise abantu ukuba bangakhathali.  UMzantsi Afrika sele unikezele ngamathamo angaphezulu kwezigidi ezingama-31 zamayeza okugonya, nto leyo ekhokelele ekubeni abantu abadala abamalunga nezigidi ezili-17 bagonywe ngokupheleleyo.
3.2. IKhabhinethi igxininise ukuba i-COVID-19 ayikakoyiswa kwaye njengoko kusondela ubusika, abantu kufuneka bahlale bethe qwa kwaye baqhubeke namangenelelo angengawo awamayeza okuhlamba rhoqo okanye ukucoca izandla, ukunxiba isigqubutheli-buso esidlangalaleni esivala umlomo kunye neempumlo, ukugcina umgama okhuselekileyo wentlalo kunye nokuvulwa kweefestile ukuze kungene umoya ofanelekileyo.
3.3. Ngaphezu kwayo yonke enye into, ugonyo luhlala lulolona khuselo lubalaseleyo kwi-COVID-19 nakwiindidi zexesha elizayo, njengoko lunciphisa kakhulu umngcipheko wokugula okuxhalabisayo, ukulaliswa esibhedlele kunye nokufa.  
3.4. IKhabhinethi ikwasamkele isibhengezo seenguqu ezongezelelweyo kwinkqubo ekhoyo ngoku yogonyo, ephinda ifune ukuqinisekisa ukufikeleleka kwamayeza okugonya. Ukususela ngoLwesithathu, umhla wama-23 kweyoMdumba 2022, amaxesha okulinda phakathi kwethamo lokuqala kunye nethamo lesibini athotyiwe ukusuka kwiintsuku ezingama-42 ukuya kwiintsuku ezingama-21. 
3.5. Kwakhona, abantu ngoku baya kuba nakho ukusebenzisa iyeza lokugonya lokuvuselela elahlukileyo ukusuka kwiyeza lokugonya lokuqala elisetyenzisiweyo okanye bakwazi ukusebenzisa iyeza lokugonya elifanayo ukusuka kwiyeza lokugonya lokuqala ukuya kwithamo leyeza lokugonya lokuvuselela. 
3.6. Ukubuyela ekugqibeleni kubomi obuqhelekileyo kunye nokuthatha inxaxheba ngokupheleleyo kwimisebenzi yentlalo noqoqosho kuxhomekeke kakhulu kwinani labantu abagonyiweyo. Iphulo elisanda kuphehlelelwa i-#KeReady okanye elithi “I am ready” lifuna ukukhuthaza ulutsha oluninzi oluphakathi kweminyaka eli-18 kunye nama-34 ukuba lugonywe.

4. Ubumbano loluntu kunye nokwakhiwa kwesizwe
4.1. IKhabhinethi izigxekile iziganeko zakutsha nje ezikhwankqisayo zobuhlanga kwezinye izikolo zeli lizwe, ezingahambelaniyo nezithethe ezixelwe kuMgaqo-siseko wethu weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996 odume lihlabathi lonke. 
4.2. IKhabhinethi ibhengeze ukuba ubuhlanga abusoze bunyamezelwe kuluntu lwethu lwentando yesininzi olusaphola kumanxeba ocalucalulo. Ubongoze zonke izikolo ukuba zilwe ucalucalulo ngokulubhentsisa nanini xa luphakamisa intloko yalo embi ukuze lusingathwe ngokukhawuleza. 
4.3. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kubazali nootitshala ukuba babeke iimfuno zabafundi kuqala kwaye basebenzisane ekwakheni uluntu olungacalucaluli ngokobuhlanga nangokwesini.

5. Ukuphangwa kwemoto ethutha imali kuthintelwe e-Gauteng
5.1. IKhabhinethi iliqhwabele izandla igqiza lee-arhente zogcino-mthetho elisebenza ngeendlela ezininzi elikhokelwa yiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika kunye neCandelo lobuntlola kuLwaphulo-mthetho lithintele iqela labarhanelwa emigulukhuthu ebelixhobe kakhulu e-Rosettenville, eRhawutini ngoMvulo, umhla wama-21 kweyoMdumba 2022. Le migulukhuthu ibirhanelwa ukuba iceba ukuphanga imali.
5.2. Abarhanelwa abalishumi babanjiwe kwaye abasibhozo badutyulwa bafa kulandela ukudubulana namapolisa. Abarhanelwa bafunyenwe benemipu engekho mthethweni kunye neembumbulu, iziqhushumbisi kunye nezithuthi ezithinjiweyo. Uphando lusaqhutywa ukuze kufunyanwe imvelaphi yezixhobo.  
5.3. IKhabhinethi inqwenelele igosa lamapolisa elenzakele ngethuba lokudubulana ukuba lichache ngokukhawuleza. Iphinde yahlaba ikhwelo kuluntu ukuba luqhubeke nokusebenza ngokusondeleleneyo nee-arhente zogcino-mthetho ekuqinisekiseni ukhuseleko loluntu lwethu.

6. Ukufuduka
6.1. IKhabhinethi ikhumbuze wonke umntu ukuba ii-arhente zogcino-mthetho kunye nezinye ii-arhente ezifanelekileyo zigunyazisiwe ukuba zijongane nemiba yokufuduka kunye nabemmi bamazwe angaphandle abangenamaphepha. 
6.2. Akukho sithuba sazo naziphi na izenzo ezaphula umthetho ezifana nokugrogrisa, ukutshatyalaliswa kwempahla kunye nobundlobongela. Sihlaba ikhwelo kwabo baneenkxalabo ezisengqiqweni ukuba bazichaze kwabasemagunyeni ukuze kujongwane nazo ngendlela eyakhayo.  
6.3. Ukuqinisekisa ukuba imiba yokufuduka isonjululwa ngocwangco, urhulumente kutsha nje ukhuphe uyilo loMgaqo-nkqubo weSizwe wokuFuduka kwaBasebenzi ukuze uluntu luhlomle, obonelela ngesicwangciso-nkqubo kunye nesiseko esisemthethweni sokulawula ukuba abaqeshi banokuqesha kangakanani na abemmi bamazwe angaphandle kumaziko abo ngelixa bekhusela amalungelo abafuduki.

7. Ingqungquthela yeManyano ye-Afrika (i-AU) kunye neManyano yaseYurophu (i-EU) 
7.1. UMongameli Ramaphosa uzimase iNgqungquthela yesithandathu ye-AU-EU ebibanjelwe e-Brussels, e-Belgium ngomhla we-17 nowe-18 kweyoMdumba 2022, ngokumenywa nguSihlalo weKomishoni ye-AU, oHloniphekileyo u-Moussa Faki Mahamat.
7.2. UMongameli uthathe inxaxheba kwinkomfa yeengxoxo engokutshintsha kwemozulu, utshintsho lwamandla, ubugcisa bedijithali kunye nezothutho. Ukwachophele inkomfa yeengxoxo engeenkqubo zempilo kunye nokuveliswa kweyeza lokugonya.
7.3. IKhabhinethi izamkele iziphumo zale ngqungquthela, nebeke isiseko sobudlelwane obuhlaziyiweyo kunye nobunzulu phakathi kwe-AU kunye ne-EU.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. UYilo lweNkqubo-qhinga lweSizwe lwemiMthombo yaManzi eSizwe-uShicilelo lweSithathu (i-NWRS-3) 
1.1. Ikhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwe-NWRS-3 ukuze uluntu luhlomle. Isicwangciso-qhinga esisayilwayo sandulelwe luhlolo lweminyaka emithathu lwe-NWRS-2 olwavunywa yiKhabhinethi ngowama-2013. Uhlolo lweendawo eziqatshelweyo zempumelelo kunye neendawo ezihlala zingumceli-mngeni.  
1.2. Esi sicwangciso-qhinga siphakamisa ukomelezwa kolawulo lomgangatho wamanzi oluhlanganisiweyo. Sibonelela ngobugcisa obutsha nobufanelekileyo kumanzi kunye nogutyulo. Sazisa ngemfuneko encinane yobungqongqo ekucocweni kwamanzi amdaka. Esi sicwangciso sikwasabela kwiSicwangciso sokuSabela kuTshintsho lweMozulu yeSizwe.
1.3. Amanzi ahlala eyenye yezinto eziphambili kuphuhliso lwentlalo noqoqosho lwelizwe kwaye enza igalelo elibonakalayo kwinkqubo karhulumente yokubuyisela uqoqosho.

2. Ingqungquthela yowama-2005 yoKhuseleko kunye nokuPhakanyiswa kweYantlukwano yeeNgcaciso zeNkcubeko (i-CPPDCE) 
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kweNgxelo yesibini yeXesha leMinyaka emine yoMzantsi Afrika kuMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi kunye neNkcubeko weZizwe eziManyeneyo (i-UNESCO).  Lo mbutho wongamela ukuphunyezwa kwe-CPPDCE ka-2005. 
2.2. Amazwe angamalungu kulindeleke ukuba angenise iingxelo zawo rhoqo kwiminyaka emine.  Iingxelo kufuneka zibonelele ngohlaziyo lwemigaqo-nkqubo kunye namanyathelo athatyathiweyo ukukhusela nokukhuthaza ukubonakaliswa intlantlo-ninzi yenkcubeko kumazwe abo. 
2.3. Ingxelo iza kuba yinxalenye yeNgxelo yeHlabathi ye-UNESCO epapashwa rhoqo kwiminyaka emine.  UMzantsi Afrika uye watyikitya i-CPPDCE ngo-2006. 

3. Ingxelo yengqiqo yoPhononongo ngeProjekthi yeFlegi yeSikhumbuzo yeSizwe 
3.1. IKhabhinethi iyamkele ingxelo yengqiqo yophononongo eqhutywe ekujongeni ulwakhiwo lweProjekthi yeFlegi yeSikhumbuzo yeSizwe yaseMzantsi Afrika.
3.2. Iiflegi zesikhumbuzo zifakwe ngamazwe ukubonisa ubuni kunye nokuzingca kwawo.  Nje ukuba yakhiwe iza kuba luphawu lwesizwe olubekwe kwindawo, kwakhona ibe yindawo yokutsala abakhenkethi eya kuthi ibonise uhlobo lomfanekiso welizwe.
3.3. Le projekthi iza kukhokelwa liSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko njengenxalenye yogunyaziso lwalo lokukhuthaza ukwakhiwa kwesizwe kunye nobumbano loluntu.

4. Inqwelo-moya yoMzantsi Afrika (i-SAA) 
4.1. IKhabhinethi yazisiwe ukuba enye inkqubela esele yenziwe malunga nokuthengiswa kwezabelo ezingama-51% kwi-SAA ukuya kwi-Takatso Consortium, Iqabane loLingano lweSicwangciso-qhinga elikhethiweyo le-SAA.  Iquka i-Harieth General Partners, umtyali-mali ohamba phambili kwiziseko ezingundoqo zase-Afrika kunye nezikhululo zeenqwelo-moya, neliziko lolawulo lwenqwelo-moya i-Global Airways. 
4.2. Inkqubo yokuThengisa nokuThenga ngoku iqukunjelwe yaze yatyikitywa liSebe lamaShishini kaRhulumente kunye ne-Takatso Consortium.  Inyathelo elilandelayo libandakanya ukuvunywa kwale ntengiselwano ngamaqumrhu ahlukeneyo olawulo.  Uluntu luza kwaziswa ngolunye uphuhliso malunga noku. 

C. Imisitho ezayo

1. Inyanga yamaLungelo oLuntu 
1.1. UMzantsi Afrika ukhumbula uSuku lwamaLungelo oLuntu ngoMvulo, umhla wama-21 kweyoKwindla 2022 phantsi komxholo othi:  “Unyaka womanyano kunye nohlaziyo lwesizwe: ukukhuthaza nokukhusela amalungelo oluntu lwethu. 
1.2. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kubo bonke abemmi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise iNyanga yamaLungelo oLuntu ukukhuthaza ubumbano loluntu, ukwakhiwa kwesizwe kunye nokwabelana ngobuzwe.  
1.3. Ngumsebenzi wethu njengesizwe ukuqinisekisa ukuba silwa ubuhlanga, ucalucalulo ngokobuhlanga, ukubukulwa kwabemi bamanye amazwe nako konke ukunganyamezelani okunxulumene noko.  Ngokwahluka kwethu, singaqinisa umanyano lwethu kwaye sakhe uluntu olubumbeneyo.
2. Imbizo kaMongameli   
2.1. UMongameli Ramaphosa uza kuqhuba iMbizo kaMongameli eMntla Ntshona ngoMgqibelo, umhla we-12 kweyoKwindla 2022. Lo msitho unika uMongameli ithuba lokuthethathethana noluntu nokongamela inkqubo yokuhanjiswa kweenkonzo kwinqanaba likamasipala. 

D. Imiyalezo

1. Amazwi ovelwano 
Ikhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka:

  • UNks Nomakula “Kuli” Roberts (49), usaziwayo kumajelo eendaba negqala lenkcubeko yobomi balemihla nosebenze njengomsasazi kamabonakude kunye nonomathotholo. Wayekwangumbhali wenqaku lemagazini kunye nephephandaba.
  • UMnu Ebrahim Patel (70), owayengumongameli wokuqala weManyano yeBhola yoMbhoxo yaseMzantsi Afrika. Njengentshatsheli eyayinyanzelisa umbhoxo ongacalucaluli ngokobuhlanga, usebenze kwiBhodi yoMbhoxo yeHlabathi (i-World Rugby). 
  • UNkosi Ngangomhlaba Matanzima (79), nowayelilungu lokuqala leNdlu yeeNkosi zeMveli eMpuma Koloni nokwasebenze njengosihlalo wayo kangangeminyaka emininzi.
  • UMnu Rikhado Muziwendlovu Makhado, owaziwa ngokuba ngu-Riky Rick (34), owayeyi-rapper, umbhali weengoma, imvumi, umqambi, umlingisi kunye nomyili wefashoni.  Iingoma zakhe ezidumileyo ze-hip-hop ziquka: Amantombazane, u-Boss Zonke, u-Sidlukotini kunye no-Ungazincishi.

    
Imibuzo: UNksz Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi 
Iselfowuni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore