Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla wo-01 kweyeNkanga 2023.

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. IiNtshatsheli zeNdebe yoMhlaba yeBhola yoMbhoxo yama-2023

1.1. IKhabhinethi ivuyisene neqela lama-Springboks kwimpumelelo yalo yeNdebe yoMhlaba yeBhola yoMbhoxo yama-2023 eyenze ukuba uMzantsi Afrika ube lilizwe ekukuphela kwalo ukuphumelela iNdebe yoMhlaba yeBhola yoMbhoxo amaxesha amane (4) kunye nelesibini ukuyiphumelela amaxesha elandelelana.

1.2. Kwimbali yebhola yombhoxo eMzantsi Afrika, eli qela le-Springboks lelona lineyantlukwano ngokwentlanga eMzantsi Afrika. Ukwakhiwa kweqela elineyantlukwano enjalo ibingesosenzo sebhaqo, kodwa ibingumzamo wangabom wabaphathi kunye nabasebenzi abaqeqeshayo be-Springboks abaye bakhetha iqela eliquka zonke iintlanga.  Eso sigqibo sokuthatha umngcipheko somqeqeshi welo xesha u-Rassie Erasmus kunye neqela lakhe sisaqhuba ukubonisa abantu baseMzantsi Afrika kunye nehlabathi ngokubanzi, ukuba wonke umntu onesakhono, xa enikwe ithuba nenkxaso, angagqwesa – oku kusisiqiniseko sokuba soMelele xa Sikunye.

1.3. Okubaluleke kakhulu, ukunyamezela kunye nokuzimisela kwe-Springboks kwibala lezemidlalo ngumfuziselo wokuba ngumNtu waseMzantsi Afrika wokwenene, oko okwenza ukuba esi sizwe sikhulu kangaka silwe noloyiso nangona sijongene neenzingo, ekugqibeleni siphume soyisile.  Abathile kwabona badlali bagqwesileyo beli qela le-Springboks kuye kwafuneka  endleleni yabo ebhekise empumelelweni boyise iinzingo zobomi babo.

1.4. IKhabhinethi ivakalise ukuvuyisana kwayo noSiyamthanda “Siya” Kolisi, ikapteni ebikhokele i-Springboks iqela eliphumelele iNdebe yeHlabathi kabini ngokulandelelana de labe lifikelela kwiwonga lokuba liqela eliphambili elake Laba liKhulu ngeXesha lalo i-Greatest of All Time (i-GOAT) mayiqhube ke imibhiyozo.

2. I-Forum ye-AGOA

2.1. IKhabhinethi isamkele isiqinisekiso esisuka kulawulo lwase-United States kunye nenkongolo esimalunga nenjongo yokolula i-AGOA, nto leyo izisa isiqinisekiso kuluntu lotyalomali kumazwe afanelekileyo ukuxhamla kwi-AGOA.

2.3. Kanajalo iKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa kwe-forum ye-AGOA yama-2023 ebibanjelwe e-Johannesburg ngomhla we-2 ukuya mhla we-4 kweyeNkanga 2023 nebizinyaswe ngabathathi nxaxheba abavela kumazwe ase-Afrika angama-32 avela kurhulumente, uShishino, uluntu ngokubanzi kunye nabezemisebenzi ebebehambele lo msitho okokuqala kuquka kunye nabameli bakarhulumente wase-United States.  

2.4. IKhabhinethi isoloko ikuqinisekisa ukuba i-AGOA ibonelela i-United States of America ngethuba lokomeleza ubudlelwane bayo bezoqoqosho ne-Afrika yiloo nto ke kufuneka le AGOA yolulwe ukuze ibenethuba eloneleyo lokuthela iziqhamo,  kwaye yenziwe luqilima ukuze ibe neempembelelo ezintle  kananjalo ibenawo nomtsalane.  

3. INtlanganiso yobaPhathiswa bezoKhenketho be-BRICS

3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa ngempumelelo kweNtlanganiso yabaPhathiswa bezoKhenketho be-BRICS yama-2023 ebibanjelwe eKapa, apho amazwe angamalungu azibophelele kwintsebenziswano enzulu kunye nasekukhuthazeni ukhenketho phakathi kwi-BRICS, ukuphuhlisa iindlela zokuhamba nonxulumano phakathi kwamazwe angamalungu. 

3.2. Oku kuza komeleza nangakumbi icandelo lezokhenketho laseMzantsi Afrika esele libonisa iimpawu zokuvuka ke noko. Kwiinyanga ezisi-8 zokuqala zika-2023, ilizwe lamkele i-5.5 yezigidi zabantu abafikayo oko okubonakalise ukonyuka ngama-63.4% xa kuthelekiswa neli thuba linye lango-2022.

4. UkuBhalisela ukuVota

4.1. I-IEC yabhengeza umhla we-18 nowe-19 kweyeNkanga 2023 njengempelaveki yokuqala yokubhalisela ukuvota kuNyulo Jikelele luka-2024.

4.2. IKhabhinethi imema bonke abavoti abafanelekileyo ukuba babhalisele ukuvota kuNyulo Jikelele luka-2024 kwizikhululo zokuvota ezikufutshane nabo.   

4.3. Ukubhalisela ukuvota nge-intanethi kuvulwe ukususela ngeyoMdumba wama-2023 kwaye abemi bayabongozwa ukuba basebenzise esi sibonelelo ukubhalisa okanye ukuhlaziya iinkcukacha zabo.

4.4. Abantu baseMzantsi Afrika abafake izicelo zabo zee-ID bayakhuthazwa ukuba bazilande ngokuthi batyelele i-Ofisi yeSebe leMicimbi yezeKhaya. Angaphezulu kwama-500 000 amakhadi ee-ID ekusafuneka ukuba ayolandwa kwii-ofisi zeSebe leMicimbi yezeKhaya elizweni ngokubanzi.

5. Umbane

5.1. UMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli onoxanduva lokujonga imicimbi yezoMbane unike amagqabantshintshi abanzi ngemeko yombane elizweni.

5.2. IKhabhinethi iziqhwabele izandla iinzame zikaRhulumente wePhondo lase-Gauteng zokusebenza ne-Eskom ukubuyisela umbane kwimimandla yase-Gauteng ebithwaxwa kukucima kombane ngenxa yokwebiwa okanye umonakalo kwizixhobo ezihambisa amandla ombane.

5.3. Izolo ebusuku, kuye kwalayitwa izixhobo ezihambisa amandla ombane ezithandathu eKagiso, kummandla weNtshona Randi emva kokuba uluntu lwashiyeka lungenambane isithuba esingaphezulu kweminyaka emithathu.

5.4. IKhabhinethi imema olu luntu ukuba luzikhusele iziseko zophuhliso ezibalulekileyo ekwebiweni, ekonakalisweni kunye nomonakalo obangelwa luqhagamshelo olungekho mthethweni.

6. UkuTyhefeka kokuTya

6.1. IKhabhinethi ixhalabile yindlela ekonyuke ngayo iziganeko zabantwana abatya ityhefu ngenxa yokutya ukutya okuphelelwe lixesha kunye nokutya okungcolisekileyo kwasespaza kunye nokwabathengisi basesitalatweni.

6.2. IKhabhinethi ikhuthazwa ziinzame ezenziwa ngabanyanzelisi bomthetho zokunyanzelisa ukuthotyelwa kokhuseleko ekutyeni.   

7. INtlanganiso yeeNgxoxo nooSodolophu kunye neenkokeli zeMveli

  ngeMfuduko yeHlabathi

7.1. IKhabhinethi yanikwa amagqabantshintshi malunga nentlanganiso yeengxoxo ngemfuduko yehlabathi eyayisingethwe liSebe leMicimbi yezeKhaya ngothatho nxaxheba lwe-DSBD, i-COGTA, iSebe leeNdawo zokuHlaliswa kwabaNtu kunye neenkokeli zemveli noosodolophu abavela koomasipala abambhaxa kunye nabezithili eyayijolise ekunqandeni iziphumo zemfuduko engekho mthethweni, kuquka noshishino lwezipaza.

7.2. Iziphumo ezingundoqo ziquka ukwaziswa kwemithetho equka konke kamasipala ukuze ithathele ingqalelo imingeni enxulumene nokunyanzeliswa kokusetyenziswa kwemithetho yendawo inyanzeliswa ngoomasipala kunye nabasemagunyeni kulawulo lwemveli.  Kuza kubakho uhlolo nophando olukhawulezileyo oluza kuqhutywa ngokuhlanganyelweyo lokujonga ukusetyenziswa kwemithetho yamashishini, ingakumbi izipaza lisebe lezemisebenzi, elezempilo, elophuhliso lwamashishini amancinci kunye namaqela ahlola imfuduko eSebe leMicimbi yezeKhaya, ukunyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho elindelekileyo kumashishini.   

7.3. Ukuphicothwa kwezipaza ezilalini nasezilokishini, kunye neendlela zokuzibhalisa ezingasetyenziswa ziinkokeli zemveli kunye noomasipala nako kuza kwenziwa. Kukwakho neenzame zokuxhasa oogunyaziwe bemveli ukuba bagcine uluhlu lwamagama abemi bangaphandle kwiindawo abahlala kuzo.

7.4. Kulungiswa umthetho wokunikwa kwelayisenisi kumashishini ngelo kuxhasa bonke abo banqwenela ukurhweba kwicandelo lweshishini elingekho sikweni.  

8. UMlo woLwaphulomthetho oHlanganyelweyo

8.1. IKhabhinethi iyincomile i-SAPS ngokufumana iqela elithubelezisa iziyobisi kumazwe angaphandle kulandela ukufunyanwa kwe-cocaine exabisa ama-R80 ezigidi ebanjwe ngowama-20 kweyeDwarha 2023 kumzi wokugcina impahla i-Dube Trade Port kwisikhululo seenqwelomoya i-King Shaka International Airport. Kwiintsuku ezimbini eziphambi koku, kubanjwe enye i-cocaine exabisa ama-R70 ezigidi kwiZibuko laseThekwini. 

8.2. IKhabhinethi iyiqhwabela izandla i-SAPS ngomsebenzi wayo ekuphazamiseni kunye nasekunqandeni ulwaphulomthetho oluququzelelweyo lwamazwe amaninzi olusisigrogriso esikhulu kwiindawo zethu esihlala kuzo nakwisizwe siphela.

8.3. IPhulo le-Operation Safer Festive Season sele liveza iziphumo ngamapolisa abambe ngaphezulu kwe-140 yabarhanelwa, kuquka norhanelwa ngokuba ngungqondongqondo ekumbiweni kwemigodi okungekho mthethweni, kunye nokuthathwa kwemipu engenazilayisenisi.

9. UTyelelo lukaMongameli lokuyoKhangela Ukuqhubekeka koMsebenzi

9.1. IKhabhinethi ilwamkele uTyelelo lukaMongameli lokuyoKhangela Ukuqhubekeka koMsebenzi kuMasipala wase-Emfuleni, obelulandelela ukujonga iziphumo zothetha-thethwano zendibano noluntu elalibanjwe ngo-2022 kwiNkqubo yoPhuhliso lweZithili. 

9.2. Utyelelo luka-2022 Emfuleni lwachonga imiba yokungalungiswa kakuhle kweziseko zophuhliso ngumasipala.

9.3. Ngongenelelo lweSebe lezaManzi noGutyulo, kube khona inkqubela ebonakalayo ekuthatheleni ingqalelo imingeni yeziseko zophuhliso zamanzi nezogutyulo ekhokelele ekuweni kwenkqubo ye-Vaal Waste Water.

9.4. Sowuqalile umsebenzi wokuphukcula unikezelo lwamanzi, ukusebenza ngokufanelekileyo kweziseko zophuhliso zamanzi amdaka kwaye oko kuphelisa ingxaki yemibhobho ehambisa amanzi amdaka ebesele egxagxaza ezitalatweni nakwiiyadi zabantu.

9.5. Inkqubela eqatshelweyo kolu tyelelo iquka uphuculo kwimibhobho yamanzi emininzi kunye nakwizikhululo zeempompo zamanzi, ukulungiswa ngaphezulu kunye nokutywinwa kweendlela, kunye nokufakwa ngobuninzi kwezibane zasesitalatweni ngelokuphucula ukukhanya nokhuseleko.

10. ISicwangciso seNkqubo yoThutho lweMpahla eMzantsi Afrika

10.1. ISebe lezoThutho liqalise iindibano kwiSicwangciso seNkqubo yoThutho lweMpahla eMzantsi Afrika, njengenxenye yamanyathelo okuthathela ingqalelo imingeni ejongene necandelo lokuthuthwa kwempahla kunye nokomelezwa kweenzame zokubuyiselwa koqoqosho eMzantsi Afrika.

11. UPhuhliso nokuGcinwa kweziSeko zoPhuhliso

11.1. IKhabhinethi iyamkele inkqubela eyenziweyo ngophuhliso kunye nokugcinwa kweziseko zophuhliso ngokugqitywa kweebhulorho zasezilalini ezingama-36 phantsi kwenkqubo yeWelisizwe Rural Bridges, kunye nokwakhiwa okuqalayo kweeprojekthi ezingama-20 kwiindawo zokuhlaliswa kwabantu, iindlela, namanzi.

12. UkuPhehlelelwa ngokuTsha kweendlela zehlabathi zeQumrhu leeNqwelomoya loMzantsi Afrika (i-SAA)

12.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa ngokutsha kweendlela zehlabathi ze-SAA ngokubuyiswa ngokutsha kwehambo yayo yenqwelomoya ehamba phakathi kwamazwekazi eya e-São Paulo, e-Brazil, ephawule kananjalo ukubuya kwenkonzo ehamba ihambo ende esuka eKapa nase-Johannesburg.

12.2. Ukubuyela kwe-SAA kwiindlela zehlabathi kuza kufaka isandla ngqo ekuqhubeni  ukukhula kokusetyenziswa kwezithuthi ezihamba kweli lizwe, kunye nokukhula kwecandelo lezokhenketho emva kokuba ligqugqiswe  ngubhubhane we-COVID-19.

13. UMzantsi Afrika uphehlelela eyona drone inkulu e-Afrika

13.1. IKhabhinethi ivuyisene noMkhosi kunye nenkampani yobuchwepheshe bokubhabha emoyeni kweenqwelomoya i-Milkor ngokuphehlelela kwabo ngempumelelo i-Milkor 380 okusisithuthi esizihambelayo emoyeni (i-UAV), oku kubeka uMzantsi Afrika phakathi kwamazwe aqhubayo ukwenza imitsi emide kubuchwepheshe beenqwelomoya ezizihambela emoyeni ii-drone.

13.2. I-Milkor 380 yeyona drone inkulu eyakhiwe e-Afrika kwaye iza kusetyenziswa licandelo lezokhuselo ngeenjongo zokulwa, ulawulo lomda, ulondolozo lwendalo kuquka nokulwa ukuzingela okungekho mthethweni.

14. Iimviwo zeMatriki kunye nezokuphela konyaka ezikolweni

14.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuqala kakuhle kweemviwo zeSatifiketi esiPhezulu seSizwe (iMatriki) zama-2023, eziqale ngowama-30 kweyeDwarha 2023. Abazali nabagcini babantwana bayakhuthazwa ukuba baqhubeleke nokuxhasa abafundi ngeli xesha libaluleke kangaka.  

14.2. IKhabhinethi ithumela iminqweno emihle kubo bonke abafundi abaza kuchophela iimviwo zabo zokuphela konyaka.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IMeko yase-Palestine

1.1. Idanile iKhabhinethi kukwala kukarhulumente wakwaSirayeli ukuthobela umthetho wehlabathi kunye nokuqhubeka kwayo ijongela phantsi izigqibo zeZizwe eziManyeneyo zigqibo ezo ezifuna kubekwe phantsi izikhali ngaphandle kokohlwaywa.

1.2. Iindlela zokunika uncedo kubantu base-Palestine zisavaliwe kuza neziphumo ezimbi ebantwaneni, abasetyhini nabemi abangenatyala.  

1.3. Uhlaselo lwasemoyeni olubulala abantu ngobuninzi olwenziwa ngurhulumente wakwaSirayeli ebantwini base-Palestine, luyaqhuba lubonakala ngamanani okusweleka kwabantu anyukayo aquka abasetyhini nabantwana.  Kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo, ihlabathi liye lahlala lijongile nje kungekhonto linokuyenza, njengoko uhlaselo lwasemoyeni olonyukayo lwase-Gaza nase-West Bank lutshabalalise izikolo, izibonelelo zempilo, iinqwelo zezigulane neziseko zophuhliso zabantu kunye nezo ndlela kuthiwa zikhuselekile eziya kuMzantsi we-Gaza.

1.4. Ngenxa yoku, iKhabhinethi igqibe ekubeni ibuyise bonke oonozakuzaku baseMzantsi Afrika abase-Tel Aviv ukuze kudityanwe nabo. 

1.5. IKhabhinethi iziqaphele kananjalo ngokukhathazeka izimvo ezinyhatshayo ezenziwa ngunozakuzaku wakwaSirayeli eMzantsi Afrika, uMnu Eliav Belotsercovsky, ezibhekisele kubantu baseMzantsi Afrika, ubunkokeli baseMzantsi Afrika kuquka uluntu ekuhlaleni oluthetha phandle ngokubulawa ngobuninzi kwabantu okwenziwa ngurhulumente wakwaSirayeli ebantwini base-Palestine.  

1.6. Ezi zimvo zinyhatshayo zikaNozakuzaku Belotsercovsky ziyaphikiswa ziingxelo zabo babengoonozakuzaku bakwaSirayeli eMzantsi Afrika ababini (u-Illan Baruch noGqr Alon Liel) abo babengangungqi ekuchazeni izenzo zikarhulumente wabo ezichasene nabantu base-Palestine njengezenzo zengcindezelo.  

1.7. Izimvo ezinyhatshayo ezibhekiswe kwabo bathethela phandle kunye nakwiinkokeli zelizwe zenza isikhundla sikanozakuzaku Belotsercovsky singakhuseleki okanye angafumani khuseleko. Ke ngoko iKhabhinethi iyalele iSebe lezobuDlelwane beHlabathi neNtsebenziswano ukuba livakalise ukungoneliseki kukarhulumente waseMzantsi Afrika ngalo nozakuzaku oko kuzakwenziwa kulandelwa amajelo ozakuzo afanelekileyo.

2. INgxelo yoMgaqonkqubo woHlahlo Lwabiwomali leXesha eliPhakathi

2.1. IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yoMgaqonkqubo yoHlahlo Lwabiwomali yeXesha eliPhakathi (i-MTBPS) yama-2023, enike uvavanyo olucacileyo lwemo yezoqoqosho ekhoyo ngoku kwaye yabonisa ukugcinwa kakuhle kwemali yethu yelizwe ngurhulumente nangona ephakathi kwemiqobo enzima.

2.2. Izigqibo ezikwi-MTBPS ziphucula inkqubosikhokelo yethu yezemali; zivuselela ukukhula koqoqosho ngexa ingqinelanisa izibophelelo zethu zasekuhlaleni ezixhasa abo basesichengeni elizweni lethu.

2.3. ISicwangciso soKwakha ngokuTsha eMva kweNtlekele sibe negalelo kwiimpawu zokuqala zokuphucuka kuqoqosho lwethu.   

3. UPhuhliso loMzila wooLoliwe abaHamba ngeSantya esiPhezulu

3.1. IKhabhinethi ivume iNkqubosikhokelo yoPhuhliso loMzila wooLoliwe abaHamba ngeSantya esiPhezulu kwaye iimpembelelo zemali ekuphunyezweni koku kuza kuxoxwa ngazo phakathi kwabaPhathiswa owezoThutho nowezeMali.

3.2. IKhabhinethi ivume ukubekwa phambili komzila osuka e-Johannesburg uya eThekwini ngophononongo olucazululiweyo loko kunokwenzeka, kwaye osuka e-Johannesburg nase-Polokwane uya eMusina, kunye nosuka e-Johannesburg uya eMbombela ziza kubekwa emarikeni.

4. IPhepha leNgcaciso-Nkqubo eliQulunqwayo ngoBumi, iMfuduko kunye noKhuselo lweeMbacu

4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwePhepha leNgcaciso-Nkqubo ngoBumi, iMfuduko kunye noKhuselo lweeMbacu ukuze ulunike izimvo uluntu.  

4.2. UMgaqonkqubo oqulunqwayo ujolise ekunikeni inkqubosikhokelo yokukhokela ekunikweni kobuhlali nobumi kubemi bamazwe angaphandle, ngokunjalo nokukhuselwa kwembacu kunye nabafuni gwiba eMzantsi Afrika, kuthathelwa ingqalelo okubalulekileyo kukhuselo lwesizwe lweRiphabliki kunye nokuthotyelwa kwezivumelwano neeprotokoli zehlabathi ekufudukeni ezo uyinxenye yazo uMzantsi Afrika.   

5. INgxelo yeNkqubela yoNyaka yesi-6 ngokuphunyezwa kwePhepha leNgcaciso-Nkqubo ngamaLungelo abaNtu abanokuKhubazeka

5.1.IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwigazethi karhulumente kweNgxelo yeNkqubela yoNyaka yesi-6 ngokuphunyezwa kwePhepha leNgcaciso-Nkqubo ngamaLungelo abaNtu abanokuKhubazeka.  

5.2. Ukupapashwa kwengxelo yenkqubela kuza kudibana nokukhunjulwa kwihlabathi kweNyanga yokuQondwa kwamaLungelo okuba nokuKhubazeka ukusukela ngowe-3 kweyeNkanga ukuya kowe-3 kweyoMnga.

5.3. Ingxelo yenkqubela ikhombisa kananjalo ukonyuka kujoliso lolingano lobuncinane bengqesho ukusuka kwi-2% ukuya kwi-3% ebantwini abanokukhubazeka ukusukela kunyakamali ka-2024/2025, ngokubhekisele kubuncinane be-7% yojoliso lolingano kwingqesho ebantwini abanokukhubazeka ngowama-2030.

C. ImiThetho eYilwayo

1.  UmThetho oYilwayo weNgxowamali yokuZalwa ngokuTsha kwe-Afrika kunye neNtsebenziswano (i-ARF) 

1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa komThetho oYilwayo oTshintshiweyo we-ARF ePalamente.

1.2. UmThetho oYilwayo ufuna ukutshitsha umThetho we-ARF (umThetho wama-51 ka-2000) kwaye useka i-Arhente yeNtsebenziswano yoPhuhliso loMzantsi Afrika, eza kusebenza njengendlela yokuxhasa uphuhliso loMzantsi Afrika kunye nentsebenziswano namazwe osebenzisana nawo oko kusenziwa ngokukhuthazwa kwentando yesininzi, ulawulo olululo, uphuhliso kunye nokuhlanganisa okunxulumene nezentlalo nezoqoqosho.  

D. Abaqeshiweyo

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

1. Ukuqeshwa kukaMnu. Ebrahim Rasool njengoSihlalo weBhanki yoPhuhliso yamaZantsi e-Afrika.

2. Ukuqeshwa kukaNks. Margaret Mosibudi Phiri njengelungu le-National Nuclear Regulator Board.

E. IMisitho Ezayo

1. INgxoxo emayelana nokuLwa noRhwaphilizo

1.1. INgxoxo emayelana nokuLwa noRhwaphilizo iza kubanjwa ngowe-8 nowe-9 kweyeNkanga 2023 kwiHotele i-Birchwood Ekurhuleni ukuhlanganisa uluntu kumlo ochasene norhwaphilizo ngokungqinelana neSicwangciso esiLwa uRhwaphilizo seSizwe.

1.2. IKhabhinethi, ngeyeNkanga 2020, yasivuma iSicwangciso esiLwa uRhwaphilizo seSizwe (i-NACS 2020-2030). Esi sisicwangciso selizwe esijolise ekudaleni indawo yoluntu engenalo urhwaphilizo ngexa kananjalo sikhuthaza abemi ukuba bangalunyamezeli kwaphela urhwaphilizo kwaye bathobele ulawulo lomthetho.
 

2. IiNtsuku ezili-16 zePhulo lobuTshantliziyo lokuChasa ubuNdlobongela obuBhekiswe kwabaseTyhini nabaNtwana lika-2023

2.1. Lo nyaka uphawula isikhumbuzo seminyaka engama-25 sothatho nxaxheba loMzantsi Afrika kwiiNtsuku ezili-16 zePhulo lobuTshantliziyo ekuChaseni ubuNdlobongela obubhekiswe kwabaseTyhini nabaNtwana eliza kuqwalaselwa phantsi komxholo: “Ukukhawulezisa amanyathelo okuphelisa ubuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwabaseTyhini (i-GBVF): Kungashiywa mntu emva”.

2.2. Eli phulo lehlabathi liqhuba ukusukela kowama-25 kweyeNkanga, uSuku lweHlabathi lokuPheliswa kobuNdlobongela obuBhekiswe kwabaseTyhini ukuya kowe-10 kweyoMnga, uSuku lwamaLungelo oluNtu lweHlabathi. Lijolise ekulweni ubundlobongela obubhekiswe kwabasetyhini ngexa lisagcine amalungelo oluntu. 

3. IQonga leNgxoxo yoMgaqosiseko ye-14

3.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha iQonga leNgxoxo yoMgaqosiseko ye-14 idibene noMsebenzi oWenziwa ngooTitshala kwiMfundo weHlabathi (i-TTF) we-UNESCO ngeyoMqungu ka-2024 phantsi komxholo “Ukuthathela ingqalelo ukunqongophala kootitshala kunye nokuwenza ube nomtsalane ngakumbi umsebenzi lo”.

3.2. Iqonga liza kuhlanganisa kunye amagosa karhulumente, ii-NGO, ootitshala kunye nengcali zemfundo ukuxoxa ngemiba ebalulekileyo ephathelene neemeko zengqesho kootitshala, imiba yokuzimela nokuthatha uxanduva kootitshala ngokunjalo nendlela yokwenza ube nomtsalane umsebenzi wokufundisa.

 F.  Imiyalezo

1. Amazwi Okuvuyisana

IKhabhinethi ivuyisana kwaye idlulisa iminqweno emihle kwaba:

  • Ii-Proteas ngokuzifumanela indawo kwimidlalo eyandulela eyokugqibela kwindebe yeHlabathi ye-ICC ka-2023 e-Indiya. Nangona zingakhange ziphumelele kumdlalo wazo ne-Indiya izolo, ilizwe lisahleli libaxhasa ngamandla kwaye linethemba lokuba ziza kuqhuba ukwakha kwaye zisenze sibe nebhongo. 
  • Umqhubi wemoto yomdyarho ye-Moto GP u-Brad Binder waseMzantsi Afrika ngoku onerekhodi yodidi oluphezulu kwiphodiyam emva kokugqiba kwakhe ephezulu ekwindawo yesithathu kuMdyarho weeMoto wase-Thailand.
  • USozinyama wokuqala ohamba ngesitulo esinamavili waseMzantsi Afrika u-Macethandile Kulati ngokukhusela isitsaba sakhe kwiQumrhu leHlabathi looSozinyama leHlabathi kunye nobuNtshatsheli ekuziLolongeni kwiHlabathi ngo-2023 e-Slovenia.
  • I-South African Chartered Accountants ngokufumana isikhundla esiphezulu kuphando lwehlabathi lokwenza umsebenzi ngokwethembeka olwenziwe yi-Edelman.
  • UGqr Claude Mashego ngokuphumelela ukhuphiswano lokuba nguNkosazana Mzantsi Afrika okokuqala kwaye ke ngoku uza kumela uMzantsi Afrika kuNkosazana Mzantsi Afrika kwiNkosazana yeHlabathi e-New Delhi, e-Indiya ngeyoMnga kulo nyaka.
  • UGqwetha Kholeka Gcaleka kulandela ukuqeshwa kwakhe njengoMkhuseli woluNtu omtsha ixesha leminyaka esixhenxe ukuqala ngowe-1 kweyeNkanga 2023.

2. Amazwi Ovelwano

IKhabhinethi ivakalise uvelwano kusapho nabahlobo baba: 

  • Lowo wafumana imbasa yegolide kwii-olimpiki zaba nokukhubazeka uZanele Situ owaba yi-atleti yasetyhini emnyama yokuqala yaseMzantsi Afrika ukuphumelela imbasa yegolide kwiMidlalo yabanokuKhubazeka e-Sydney ngowama-2000. 
  • Owayesakuba ngusekela mqeqeshi weBafana Bafana nowayengumdlali webhola ekhatywayo u-Phil “Mr Jones” Setshedi. 
  • U-Warrant Officer Sthembiso Mazibuko weYunithi yoNgenelelo yeSizwe owabulawa ngexa lodubulwano nemigulukudu eNtuzuma, KwaZulu-Natal.

Imibuzo:

Nks. Nomonde Mnukwa – IsiThethi sikaRhulumente esiliBambela
Iselula: 083 653 7485
Ikhutshwe: LiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Umhla: UMvulo, umhla we-6 kweyeNkanga 2023
www.gcis.gov.za; www.gov.za

Share this page

Similar categories to explore